Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Bazali​​—Ncedani Abantwana Benu Bazenze Izinto Abazifundiswa NguYehova

Bazali​​—Ncedani Abantwana Benu Bazenze Izinto Abazifundiswa NguYehova

Enye yeendlela ezibalulekileyo abazali abanokunceda ngazo abantwana babo bafumane ubulumko bobuthixo, kukuba xa bekwiintlanganiso babancede babe nento abayifundayo. Into abantwana abayibonayo, abayivayo nabayithethayo xa bephendula kwiintlanganiso, ingabanceda bafunde ngoYehova baze babe ngabahlobo bakhe. (Dut 31:12, 13) Ukuba ungumzali, ungabanceda njani abantwana bakho bafunde okuninzi xa bekwiintlanganiso?

  • Zamani kangangoko ninako ukungenela iintlanganiso eHolweni YoBukumkani.​—Nd 22:22

  • Qinisekani ukuba xa nikwiHolo YoBukumkani niba nexesha enilichitha nikhuthazana nabazalwana noodade ngaphambi nasemva kweentlanganiso.​—Heb 10:25

  • Qinisekani ukuba mntu ngamnye entsatsheni unekopi yencwadi efundwayo kwiintlanganiso, enoba isefownini okanye iprintiwe.

  • Nceda umntwana wakho alungiselele ukuphendula ngamazwi akhe kwiintlanganiso.​—Mat 21:15, 16

  • Thetha kakuhle ngeentlanganiso nangezinto ozifundileyo kuzo

  • Bakhuthaze abantwana bakho bancedise xa kuklinwa iHolo YoBukumkani kwaye bancokole nabo sele bekhulile ebandleni

Ukunceda abantwana bakho basondele kuYehova kufuna usebenze nzima kwaye ngamanye amaxesha kusenokubonakala ingumsebenzi ongapha kwamandla akho. Nangona kunjalo, qiniseka ukuba uYehova uza kukunceda.​—Isa 40:29.

BUKELA IVIDIYO ETHI BAZALI, THEMBELANI KUYEHOVA NAKUMANDLA AKHE, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Ukudinwa kwabachaphazela njani uZack noLeah?

  • Kutheni abazali bemele bawafune kuYehova amandla?

  • UZack noLeah babonise njani ukuba bathembele kuYehova ukuze baphumelele?