Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 1

“Hambani Niyokubenza Abafundi”

“Hambani Niyokubenza Abafundi”

UMXHOLO WONYAKA KA-2020: “Hambani niyokubenza abafundi . . . , nibabhaptize.”​—MAT. 28:19.

INGOMA 79 Zifundise Ukuhlala Ziqinile

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1-2. Ingelosi ibaxelela ntoni abafazi abaye engcwabeni likaYesu, yena uYesu uthini kubo?

KUSEKUSENI ngoNisan 16, 33 C.E. Sekudlule iintsuku ezimbini iNkosi uYesu Kristu ingcwatyiwe. Abafazi aboyika uThixo bayokuqhola umzimba wayo engcwabeni. Bothuswa kukufika ungekho umzimba. Ingelosi ibaxelela ukuba uYesu uvukile ize iphinde ithi: “Sele ephambili, uya eGalili, niza kumfumana apho.”​—Mat. 28:1-7; Luka 23:56; 24:10.

2 Bakumka engcwabeni, badibana noYesu aze athi kubo: “Hambani niyokuxelela abazalwana bam ukuba baye eGalili, baza kudibana nam apho.” (Mat. 28:10) Inoba uYesu wayefuna ukubaxelela into ebaluleke kakhulu abafundi bakhe. Kutheni sisitsho? Emva nje kokuba evusiwe, wafuna kubekho le ntlanganiso.

NGOOBANI ABANIKWA LO MYALELO?

Emva kokuba evusiwe, uYesu wadibana nabapostile nabanye abafundi bakhe waza wathi ‘mabahambe bayokwenza abafundi’ (Jonga inqaku elifundwayo 1, isiqendu 3-4)

3-4. Kutheni siqinisekile ukuba uYesu wayengathethi nabapostile bakhe abayi-11 qha kuMateyu 28:19, 20? (Jonga umfanekiso ongaphandle.)

3 Funda uMateyu 28:16-20. Kwintlanganiso awayenayo uYesu nabafundi bakhe, wabaxelela ngomsebenzi obalulekileyo ekwakufuneka bawenze ngelo xesha. Nathi senza loo msebenzi. Wathi: “Ngoko ke, hambani niyokubenza abafundi abantu beentlanga zonke, . . . nibafundise ukuba benze yonke into endiniyalele yona.”

4 UYesu ufuna bonke abalandeli bakhe bashumayele. Akazange athi mayibe ngabapostile bakhe abayi-11 qha abamele benze lo msebenzi. Yintoni esenza siqiniseke? Ngaba yayingabapostile qha ababekhona kwintaba yaseGalili xa uYesu wayeyalela ukuba makuyokwenziwa abafundi? Khumbula ukuba ingelosi yathi kula mabhinqa: “Niza kumfumana [eGalili].” Ngoko, kusenokwenzeka ukuba namabhinqa ayekhona kula ntlanganiso. Kodwa akuphelelanga apho. Umpostile uPawulos wathi uYesu “wabonakala kubazalwana abangaphezu kwe-500 ngexesha elinye.” (1 Kor. 15:6) Wabonakala phi?

5. Zeziphi izinto ezisenza siqiniseke ukuba kweyoku-1 kwabaseKorinte 15:6 uPawulos wayecinga ngentlanganiso eyayiseGalili?

5 Sinezizathu ezivakalayo ezisenza sithi uPawulos wayecinga ngentlanganiso eyayiseGalili ekuthethwa ngayo kuMateyu 28. Zeziphi ezo zizathu? Esokuqala, abafundi bakaYesu abaninzi babehlala eGalili. Ngoko eyona ndawo wayenokuba nentlanganiso kuyo nabantu abaninzi yintaba yaseGalili kunendlu yaseYerusalem. Esesibini, uYesu wayesele edibene nabafundi bakhe abayi-11 kwindlu yaseYerusalem emva kokuba evusiwe. Ukuba wayefuna ibe ngabo abashumayelayo nabenza abafundi, wayeza kubaxelela eYerusalem endaweni yokuba athi mabaye eGalili nabafazi nabanye abantu.​—Luka 24:33, 36.

6. UMateyu 28:20 ubonisa njani ukuba uYesu wayengayaleli amaKristu exesha lakhe qha ukuba enze abafundi, ibe siwuthobela njani lo myalelo namhlanje?

6 Nantsi enye into ebalulekileyo. UYesu wayengayaleli amaKristu exesha lakhe qha ukuba ayokwenza abafundi. Kutheni sisitsho? UYesu wawugqibezela umyalelo wakhe ngokuthi: “Ndikunye nani yonke imihla de kube sekuphelisweni kweli hlabathi.” (Mat. 28:20) Namhlanje baninzi abantu abenza abafundi kanye njengokuba uYesu watshoyo. Qho ngonyaka kubhaptizwa abantu abaphantse babeyi-300 000 baze babe ngabafundi bakaYesu Kristu.

7. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku, ibe ngoba?

7 Abantu abaninzi abafundelwayo bayabhaptizwa. Kodwa ke, abanye babonakala besoyika ukuba ngabafundi. Bayakuthanda kona ukufunda iBhayibhile nathi, kodwa abade babhaptizwe. Ukuba unesifundo, siqinisekile ukuba uyafuna ukusinceda sizenze izinto esizifundayo size sibe ngumfundi kaKristu. Kweli nqaku, siza kuthetha ngendlela onokusinceda ngayo isifundo simthande uYehova size sizenze izinto esizifundayo. Kutheni sifuna ukuthetha ngale nto? Ngenxa yokuba ngamanye amaxesha kusenokufuneka sibone ukuba simele sisiphelise na isifundo okanye siqhube naso.

NCEDA ISIFUNDO SAKHO SIMTHANDE UYEHOVA

8. Yintoni enokwenza abanye abantu bangayiqondi into yokuba uYehova uyabathanda?

8 UYehova ufuna abantu bamkhonze kuba bemthanda. Ngoko eyona nto iphambili kuthi kukunceda abantu esifunda nabo iBhayibhile baqonde ukuba uYehova ubakhathalele ibe ubathanda kakhulu. Sifuna babone ukuba uYehova “ngutata wabangenatata nomkhuseli wabahlolokazi.” (INdu. 68:5) Xa abantu ofunda nabo iBhayibhile beyibona indlela uYehova abathanda ngayo, nabo baza kumthanda. Abanye abantu basenokungayiqondi ncam into yokuba uYehova nguTata obathandayo kuba bengazange bathandwe ngootata babo. (2 Tim. 3:1, 3) Ngoko, xa uqhuba isifundo seBhayibhile, qiniseka ukuba uyathetha ngeempawu ezintle zikaYehova. Nceda abantu obafundelayo baqonde ukuba uThixo wethu osithandayo ufuna baphile ngonaphakade, ibe angabanceda babufumane obo bomi. Yintoni enye esinokuyenza?

9-10. Zeziphi iincwadi esimele sizisebenzise xa siqhuba izifundo, ibe ngoba?

9 Sebenzisa incwadi ethi “Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?” nethi “Zigcineni Kuthando LukaThixo.” Ezi ncwadi zenzelwe ukuba sikwazi ukunceda abantu bamthande uYehova. Ngokomzekelo, isahluko sokuqala sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile siphendula le mibuzo: Ngaba ngokwenene uThixo akakhathali yaye akanaluvelwano? Uvakalelwa njani uThixo ngokungabikho kokusesikweni? Ngaba unako ukusondela kuYehova? Yona ethi Zigcineni Kuthando LukaThixo ibhalelwe ntoni? Iza kunceda isifundo siqonde indlela esinokuncedakala ngayo xa sisebenzisa imigaqo eseBhayibhileni size sisondele kuYehova. Qho xa uza kuqhuba isifundo ngezi ncwadi, lungiselela kakuhle ucinga ngaloo mntu uza kumfundela.

10 Umele wenze ntoni xa isifundo sakho sinomdla kwinto ekuthethwa ngayo kwenye incwadi? Mhlawumbi unokusicela ukuba sizifundele loo ncwadi nize niqhubeke nifunda enye yeencwadi esiqhuba ngazo izifundo zeBhayibhile.

Sivule ngomthandazo isifundo (Jonga isiqendu 11)

11. Simele siqale nini ukuvula isifundo ngomthandazo, ibe singazicacisela njani izifundo zethu indlela ekubaluleke ngayo ukuthandaza?

11 Sivule ngomthandazo isifundo. Kubalulekile ukukhawuleza ukusivula uze usivale ngomthandazo isifundo. Mhlawumbi le nto unokuyenza emva kweeveki ezimbalwa usiqalile. Simele simcacisele umntu esimfundelayo ukuba ngumoya oyingcwele onokusinceda siliqonde iLizwi LikaThixo. Xa abanye abavakalisi becacisela izifundo zabo indlela ekubaluleke ngayo ukuthandaza ngaphambi kokuba bafunde, baye bazibonise uYakobi 1:5 othi: “Nabani na odinga ubulumko, makaqhubeke ebucela kuThixo.” Emva koko, baye babuze: “Singabucela njani ubulumko kuThixo?” Mhlawumbi izifundo zingatsho ukuba simele sithandaze kuThixo.

12. Singayisebenzisa njani iNdumiso 139:2-4 xa sifundisa izifundo zethu indlela yokuthandaza?

12 Fundisa isifundo sakho indlela yokuthandaza. Sixelele ukuba uYehova uyafuna ukuyiva imithandazo yaso esuk’ entliziyweni. Sixelele nokuba xa sithandaza sisodwa, sinokumxelela yonk’ into uYehova nezinto esingenakuzixelela kwamntu. Khumbula ukuba uYehova uyazazi izinto esizicingayo sonke. (Funda iNdumiso 139:2-4.) Sinokuzixelela izifundo zethu ukuba zicele uYehova azincede zitshintshe indlela ezicinga ngayo zize ziyeke nezinto ezimbi ezizenzayo. Ngokomzekelo, masithi umntu esisele sinexesha simfundela uthanda iholide engenziwayo ngamaKristu. Uyayazi ukuba akamele ayenze, kodwa zikhona izinto azithandayo ngayo. Mxelele ukuba achazele uYehova ngale nto aze amcele ukuba amncede acaphukele izinto uThixo azicaphukelayo aze athande ezo azithandayo.​—INdu. 97:10.

Simeme kwiintlanganiso (Jonga isiqendu 13)

13. (a) Kutheni simele sizimemele kwiintlanganiso ngokukhawuleza izifundo zethu? (b) Unokwenza njani ukuze isifundo sakho sikhululeke xa siseholweni?

13 Simeme kwiintlanganiso ngokukhawuleza. Izinto isifundo sakho esizibona nesiziva kwiintlanganiso zinokusenza sifune ukukhonza uYehova size sitshintshe indlela esiphila ngayo. Sibukelise ividiyo ethi Yintoni Eyenzekayo EHolweni YoBukumkani? uze usicele ukuba siye nawe kwiintlanganiso. Ukuba uyakwazi, ungade usizamele nento yokuhamba. Kuyanceda ukungahambi nomntu omnye xa uyokusiqhuba. Le nto iza kusenza sazi abantu abaninzi ebandleni ibe xa siseholweni siza kukhululeka, sibe ngathi sisekhaya.

NCEDA ISIFUNDO SIYENZE INTO ESIYIFUNDAYO

14. Yintoni enganceda isifundo siyenze into esiyifundayo?

14 Eyona nto siyifunayo kukuba izifundo zethu zizenze izinto ezizifundayo. (Efe. 4:13) Xa umntu evuma ukufundelwa iBhayibhile, uye avume kuba efuna ukubona indlela iBhayibhile eza kumnceda ngayo. Kodwa njengoko eya emthanda uYehova, uye acinge ngendlela angabanceda ngayo abanye abantu, nabo bangamaNgqina. (Mat. 22:37-39) Xa ubona kufanelekile, ungoyiki ukuxelela isifundo sakho ukuba lo msebenzi wokushumayela siwuxhasa ngemali.

Sifundise into esimele siyenze xa sineengxaki (See paragraph 15)

15. Sinokuzinceda njani izifundo zethu xa zineengxaki?

15 Sifundise ukuba simele senze ntoni xa sinengxaki. Ngokomzekelo, masithi isifundo sakho esingumvakalisi ongabhaptizwanga sikuxelela ukuba kukho umzalwana okanye udade osicaphukisileyo. Endaweni yokusixelela ukuba ngubani ophazamileyo, sibonise ukuba ithini iBhayibhile. Sisenokumxolela, okanye ukuba asikwazi ukuyenza loo nto sithethe naye kakuhle kuba sifuna ukuba kubekho uxolo phakathi kwabo. (Thelekisa uMateyu 18:15.) Sincedise xa silungiselela into esiza kuyithetha. Sibonise ukuba singayisebenzisa njani iJW Library, iSikhokelo Sokuphanda SamaNgqina KaYehova nejw.org/xh xa sikhangela iindlela zokulungisa le ngxaki. Ukuba siyifunda kwangoku singekabhaptizwa indlela yokulungisa iingxaki, siza kuvana kakhulu nabantu ebandleni nasemva kokuba sibhaptiziwe.

16. Kunceda ngantoni ukuhamba nabanye abavakalisi xa uyokuqhuba isifundo?

16 Hamba nabanye abavakalisi xa uyokuqhuba isifundo seBhayibhile, nomveleli wesiphaluka xa etyelele. Ngoba? Ukongeza kwezi zizathu zichazwe ngasentla, abanye abavakalisi bangakwazi ukusinceda isifundo sakho kwizinto wena obungenakukwazi ukusinceda kuzo. Ngokomzekelo, masithi isifundo sakho kudala sizama ukuyeka ukutshaya kodwa aside sikwazi. Hamba nomzalwana okanye udade owayekade etshaya, mhlawumbi owayengade akwazi ukuyeka. Unokuba ngoyena unokukwazi ukusicebisa kakuhle isifundo sakho. Ukuba uyoyika ukuqhuba isifundo kukho umzalwana okanye udade osele enexesha elide eshumayela, mcele ukuba asiqhube ngokwakhe. Qho xa uhamba nomntu niyokuqhuba isifundo, khumbula ukuba ininzi into isifundo sakho esinokuyifunda kuloo mntu. Ungalibali ukuba eyona nto iphambili kuthi kukunceda izifundo zethu zizenze izinto ezizifundayo.

UMELE USIYEKE XA KUTHENI ISIFUNDO?

17-18. Zeziphi izinto omele ucinge ngazo ngaphambi kokuba uyeke ukufundela umntu?

17 Ukuba isifundo sakho asiyitshintshi indlela esiphila ngayo, kusenokufuneka uzibuze, ‘Ngaba ndimele ndiyeke ukusifundela?’ Ngaphambi kokuba uphendule lo mbuzo, kusenokufuneka ucinge kakuhle ngesifundo sakho. Abanye abantu bakhawuleza bazenze izinto abazifundayo, kanti abanye bazenza emva kwexesha elide. Zibuze: ‘Nangona isifundo sam sineengxaki, ngaba siyazama ukuzenza izinto esizifundayo?’ (Mat. 28:20) Kusenokuthatha ixesha ngaphambi kokuba isifundo sibhaptizwe. Kodwa ke, simele sibutshintshe ubomi baso kancinci kancinci.

18 Simele senze ntoni xa umntu ekudala sifunda naye ebonisa ukuba asibalulekanga kuye isifundo seBhayibhile? Masenze umzekelo: Masithi niyifunde nayigqiba incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile ibe ngoku nifunda ethi Zigcineni Kuthando LukaThixo kodwa akazange walubeka unyawo kwiintlanganiso, nkqu nakwiSikhumbuzo. Usoloko ecela ningafundi ngenxa yezizathu ezingavakaliyo. Ukuba isifundo sakho sinjalo, kusenokufuneka nithethe ngale nto. *

19. Unokuthini xa kubonakala ngathi asibalulekanga isifundo seBhayibhile kumntu omfundelayo, ibe indlela aphendula ngayo inokukwenza ucinge ngantoni?

19 Usenokumbuza: ‘Ucinga ukuba yintoni engakwenza ungabi lilo iNgqina LikaYehova?’ Yena usenokuphendula athi, ‘Andinangxaki nokufunda iBhayibhile, kodwa soze ndibe liNgqina LikaYehova.’ Ukuba uthetha loo nto kodwa kudala nifunda, yintoni ke ekwenza uqhubeke umfundela? Kanti isifundo sakho sisenokukuxelela ukuba sibanjwe yintoni. Ngokomzekelo, sisenokuthi asoze sihambe sishumayela emizini yabantu sona. Kuza kutsho kube lula ukusinceda xa usazi ukuba sicinga ntoni.

Ungamoshi ixesha lakho ngesifundo esingahambeli ndawo (See paragraph 20)

20. IZenzo 13:48 zingasinceda njani xa sicinga ngokuphelisa isifundo seBhayibhile?

20 Into ebuhlungu kukuba, izifundo ezininzi namhlanje zifana namaSirayeli exesha likaHezekile. UYehova wathi xa ethetha ngawo kuHezekile: “Jonga! Kubo unjengengoma yothando, eculwa ngelizwi elimnandi nedlalwa ngobuchule ngomrhubhe. Baza kuweva amazwi akho, kodwa akukho namnye oza kuwenza.” (Hez. 33:32) Kusenokuba nzima ukuxelela umntu ukuba siyayeka ukufunda naye. Kodwa ke, “ixesha elishiyekileyo lincinci.” (1 Kor. 7:29) Ngoko endaweni yokuchitha ixesha sifunda nabantu abangahambeli ndawo, kubhetele sikhangele ababonisa ukuba ‘bazimisele ukufumana ubomi obungunaphakade.’​—Funda iZenzo 13:48.

Kusenokwenzeka ukuba kukho abantu abathandazela ukuncedwa kwintsimi okuyo (Jonga isiqendu 20)

21. Uthini umxholo wonyaka ka-2020, ibe uza kusinceda njani?

21 Umxholo wonyaka ka-2020 uza kusinceda sicinge ngendlela ebhetele esingawenza ngayo umsebenzi wokwenza abafundi. Unamazwi awathethwa nguYesu kwintlanganiso ebalulekileyo eyayikwintaba yaseGalili, athi: Hambani niyokubenza abafundi . . . , nibabhaptize.”​Mat. 28:19.

Masizimisele ukuwenza bhetele umsebenzi wokwenza abafundi nokunceda izifundo zethu zibhaptizwe (Jonga isiqendu 21)

INGOMA 70 Funani Abafanelekayo

^ isiqe. 5 Umxholo wonyaka ka-2020 usikhuthaza ukuba ‘senze abafundi.’ Bonke abakhonzi bakaYehova bamele bayenze le nto. Singenza njani ukuze izifundo zethu zibe ngabafundi bakaKristu? Eli nqaku liza kusibonisa indlela esinokuzinceda ngayo izifundo zethu ukuze zibe ngabahlobo bakaYehova. Liza kusibonisa nezinto esimele sizijonge xa sicinga ngokuphelisa isifundo seBhayibhile.