Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 5

Siza Kuhamba Nani

Siza Kuhamba Nani

“Sifuna ukuhamba nani, kuba sivile ukuba uThixo unani.”​—ZEK. 8:23.

INGOMA 26 Nakwenzela Mna

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

Ezinye izimvu (“amadoda alishumi”) ziyakuvuyela ukukhonza uYehova nabathanjiswa (“umYuda”) (Jonga isiqendu 1-2)

1. UYehova wathi kuza kwenzeka ntoni ngemihla yethu?

UYEHOVA wathi ngemihla yethu “amadoda alishumi azo zonke iilwimi zeentlanga aza kusibamba, asibambe nkqi isambatho somYuda, esithi: ‘Sifuna ukuhamba nani, kuba sivile ukuba uThixo unani.’” (Zek. 8:23) Indoda ‘engumYuda’ imela abo uThixo abathambise ngomoya oyingcwele. Bakwabizwa nangokuba ‘nguSirayeli kaThixo.’ (Gal. 6:16) “Amadoda alishumi” wona amela abo banethemba lokuphila ubomi obungunaphakade emhlabeni. Ayazi ukuba uYehova ubasikelele abathanjiswa, ibe ayakuvuyela ukumkhonza kunye nabo.

2. “Amadoda alishumi” ‘ahamba’ njani nabathanjiswa?

2 Nangona abo banethemba lokuphila emhlabeni bengenakuwazi onke amagama abathanjiswa, * banako ‘ukuhamba nabo.’ Njani? IBhayibhile ithi “amadoda alishumi” ayeza “kusibamba, asibambe nkqi isambatho somYuda, esithi: ‘Sifuna ukuhamba nani, kuba sivile ukuba uThixo unani.’” Le vesi ithetha ngomYuda omnye. Kodwa xa kusithiwa “nani” naxa kusithiwa “unani” kuthethwa ngabantu abaninzi. Le nto ithetha ukuba umYuda ayingomntu nje omnye kodwa ngabo bonke abathanjiswa. Abo bangathanjiswanga bakhonza uYehova nabathanjiswa. Kodwa bayazi ukuba nguYesu iNkokheli, hayi abathanjiswa.​—Mat. 23:10.

3. Yeyiphi imibuzo eza kuphendulwa kweli nqaku?

3 Ekubeni amaKristu athanjisiweyo esephakathi kwabantu bakaThixo, abanye basenokuzibuza: (1) Bamele bazijonge njani abathanjiswa? (2) Bamele bajongwe njani abo batyayo kwiSikhumbuzo? (3) Ngaba simele sizikhathaze ngokwanda kwenani labantu abatyayo? Eli nqaku liza kuyiphendula le mibuzo.

ABATHANJISWA BAMELE BAZIJONGE NJANI?

4. Sesiphi isilumkiso esikweyoku-1 kwabaseKorinte 11:27-29 abathanjiswa abamele bacinge kakuhle ngaso, ibe ngoba?

4 Abathanjiswa bamele bacinge kakuhle ngesilumkiso esikweyoku-1 kwabaseKorinte 11:27-29. (Yifunde.) Umthanjiswa usenokutya njani “engafaneleki” kwiSikhumbuzo? Angayenza loo nto ngokuthi atye kodwa engayithobeli imithetho kaYehova. (Heb. 6:4-6; 10:26-29) Abathanjiswa bayazi ukuba bamele bahlale bethembekile ukuba bafuna ukufumana ‘umvuzo wobizo lwasezulwini abawunikwa nguThixo ngoKristu Yesu.’​—Fil. 3:13-16.

5. Abathanjiswa bamele bazijonge njani?

5 Umoya oyingcwele kaYehova unceda abakhonzi bakhe bathobeke, bangabi nekratshi. (Efe. 4:1-3; Kol. 3:10, 12) Ngoko abathanjiswa abaziboni bebhetele kunabanye. Bayazi ukuba uYehova akabaniki umoya oyingcwele othe chatha kunabanye abakhonzi bakhe. Abacingi ukuba bayiqonda bhetele iBhayibhile kunabanye abantu. Abasoze baxelele omnye umntu ukuba uthanjisiwe, ibe umele atye kwiSikhumbuzo. Kodwa, kuba bethobekile bayazi ukuba nguYehova qha omemela abantu ezulwini.

6. Sicinga ngeyoku-1 kwabaseKorinte 4:7, 8, bamele bazijonge njani abathanjiswa?

6 Nangona abathanjiswa bevuya kuba beza kuya ezulwini, abalindelanga ukuba abanye abantu babaphathe ngendlela ekhethekileyo. (Fil. 2:2, 3) Bayazi nokuba xa babethanjiswa, uYehova akazange axelele wonke umntu. Ngoko umthanjiswa akothuki xa abanye abantu bengakhawulezi bamkholelwe ukuba uthanjisiwe. Uyazi ukuba iBhayibhile ithi masingakhawulezi simkholelwe umntu othi uThixo umnike umsebenzi okhethekileyo. (ISityhi. 2:2) Ekubeni engafuni ukuzitsalela amehlo, umKristu othanjisiweyo akahambi exelela abantu aqalayo ukudibana nabo ukuba uthanjisiwe. Kwakhona, akaqhayisi ngaloo nto.​—Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 4:7, 8.

7. Yintoni abamele bangayenzi abathanjiswa, ibe ngoba?

7 AmaKristu athanjisiweyo awacingi ukuba amele azihlalele odwa ngokungathi angamalungu eqela elithile. Awakhangeli abanye abathanjiswa ukuze ancokole ngokuthanjiswa kwawo okanye enze amaqela okufundisisa iBhayibhile. (Gal. 1:15-17) Belingasoze limanyane ibandla ukuba abathanjiswa bebesenza loo nto. Bebeza kube baphikisana nomoya oyingcwele onceda abantu bakaThixo ukuba babe noxolo baze bamanyane.​—Roma 16:17, 18.

SIMELE SIBAJONGE NJANI ABATHANJISWA?

Asimele sibe ngathi sibona abantu abadumileyo xa sikunye nabathanjiswa okanye abanye abazalwana abasetyenziswa yintlangano (Jonga isiqendu 8) *

8. Kutheni singamele sibatatazelele size sibadumise abathanjiswa? (Jonga nombhalo osemazantsi.)

8 Simele sibajonge njani abazalwana noodade abathanjisiweyo? Akulunganga ukuthi phithi ngumntu, nokuba loo mntu ngumthanjiswa. (Mat. 23:8-12) Xa iBhayibhile ithetha ngabadala ithi simele ‘silinganise ukholo lwabo,’ kodwa ayithi makubekho umntu esimenza inkokheli yethu. (Heb. 13:7) Iyatsho kona ukuba abanye abantu “bafanelwe yimbeko ephindiweyo.” Kodwa le mbeko bayifumana kuba ‘bekhokela kakuhle’ ibe ‘besebenza nzima ekuthetheni nasekufundiseni,’ hayi kuba bethanjisiwe. (1 Tim. 5:17) Ukuba siyabatatazelela size sibadumise abathanjiswa singabenza babe neentloni. * Kwakhona, singabenza babe nekratshi ibe ingambi loo nto. (Roma 12:3) Akekho kuthi onokufuna abazalwana bakaKristu benze impazamo enkulu ngolo hlobo.​—Luka 17:2.

9. Sinokubonisa njani ukuba siyabahlonipha abathanjiswa?

9 Sinokubonisa njani ukuba siyabahlonipha abathanjiswa? Asinokubabuza ukuba bathanjiswa njani. Yeyabo loo nto, ibe thina akunyanzelekanga ukuba siyazi. (1 Tes. 4:11; 2 Tes. 3:11) Asimele sicinge nokuba abayeni okanye abafazi, abazali okanye amanye amalungu eentsapho zabo nawo athanjisiwe. Ukuthanjiswa akulolifa. Umntu uthanjiswa nguThixo. (1 Tes. 2:12) Simele singayibuzi nemibuzo enokukhathaza abanye abantu. Ngokomzekelo, asimele siyibuze inkosikazi yomzalwana othanjisiweyo ukuba iza kuthini njengokuba umyeni wayo eza kube engekho eParadesi. Masiqiniseke ukuba kwihlabathi elitsha, uYehova uza ‘kwanelisa umnqweno wayo yonke into ephilayo.’​—INdu. 145:16.

10. Kungasinceda njani ukungathi phithi ngabanye abantu?

10 Kuyasinceda nathi ukungajongi abathanjiswa njengababalulekileyo kunabanye abantu. Njani? IBhayibhile ithi abanye abathanjiswa basenokungahlali bethembekile. (Mat. 25:10-12; 2 Pet. 2:20, 21) Ukuba asithanga phithi ngabanye abantu, asizukuba ngabalandeli babo. Abo bantu isenokuba ngabathanjiswa, abazalwana abaziwayo okanye abo baneminyaka emininzi bekhonza uYehova. Ukuba baye abathembeka okanye bayishiya intlangano, asizukuyeka ukuba nokholo okanye siyeke ukukhonza uYehova.

NGABA SIMELE SIZIKHATHAZE NGENANI LABANTU ABATYAYO KWISIKHUMBUZO?

11. Yintoni eyenzekayo kwinani labantu abatyayo kwiSikhumbuzo?

11 Inani labantu abatyayo kwiSikhumbuzo beliqhubeka lisehla kangangeminyaka. Kodwa kule minyaka imbalwa idlulileyo, belisiya lisanda. Ngaba le nto imele isikhathaze? Hayi. Ngoba? Makhe sibone kwezi zinto zilandelayo.

12. Kutheni singamele sizikhathaze ngenani labantu abatyayo kwiSikhumbuzo?

12 “UYehova uyabazi abangabakhe.” (2 Tim. 2:19) Abazalwana ababala abantu abatyayo kwiSikhumbuzo abazi ukuba ngoobani abathanjiswe nyhani, nguYehova obaziyo. Ngoko, kwaba bantu batyayo, kukho abo bacinga ukuba bathanjisiwe, babe bengathanjiswanga. Ngokomzekelo, abanye abantu ababekade besitya kwiSikhumbuzo, bayeka. Enye into eyenza abanye abantu bacinge ukuba baza kuphila ezulwini noKristu kukuphazamiseka engqondweni okanye ezinye iingxaki. Ngoko, asazi ukuba bangaphi kanye kanye abathanjiswa abaselapha emhlabeni.

13. Ngaba iBhayibhile iyatsho ukuba bangaphi abathanjiswa abaza kube beselapha emhlabeni xa kuqala imbandezelo enkulu?

13 Kuza kube kukho abathanjiswa kwiindawo ezininzi emhlabeni xa uYesu eze kubathathela ezulwini. (Mat. 24:31) Kakade, iBhayibhile ithi kuza kube kukho abathanjiswa abambalwa emhlabeni ngemihla yokugqibela. (ISityhi. 12:17) Kodwa ayitsho ukuba bangaphi abaza kube besekhona xa kuqala imbandezelo enkulu.

Simele sibajonge njani abantu abatyayo kwiSikhumbuzo? (Jonga isiqendu 14)

14. AmaRoma 9:11, 16 asifundisa ntoni ngendlela uYehova abakhetha ngayo abathanjiswa?

14 UYehova uyazikhethela ukuba abathambise nini abantu. (Roma 8:28-30) Waqala ukukhetha abathanjiswa emva kokuba uYesu evusiwe. Kubonakala ukuba, ngexesha labapostile onke amaKristu enene ayethanjisiwe. Kwiminyaka emininzi eyalandelayo, abantu abaninzi ababesithi bangamaKristu, babengengabo nyhani abalandeli bakaKristu. Kodwa nangaloo minyaka, uYehova wathambisa abantu abambalwa ababengabalandeli benene bakaKristu. Aba bantu babefana nengqolowa awathi uYesu iza kukhula nokhula. (Mat. 13:24-30) Kule mihla yokugqibela, uYehova ebeqhubeka ekhetha abantu abaza kuba kwi-144 000. * Ngoko ukuba uThixo uthambisa umntu ngaphambi nje kokuba kufike isiphelo, asimele sicinge ukuba akayazi into ayenzayo kuba unguThixo olumkileyo. (Funda amaRoma 9:11, 16.) * Masilumke, singafani nabantu uYesu awathetha ngabo komnye umzekeliso wakhe. Aba bantu bakhalazela indlela inkosi yabo eyababhatala ngayo abantu abasebenza nje iyure enye.​—Mat. 20:8-15.

15. Ngaba bonke abathanjiswa ‘balikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ ekuthethwa ngalo kuMateyu 24:45-47? Cacisa.

15 Ayingabo bonke abantu abanethemba lokuphila ezulwini ‘abakwikhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ (Funda uMateyu 24:45-47.) Njengakwixesha labapostile, uYehova noYesu basebenzisa abazalwana abambalwa ukuze bafundise abantu abaninzi. Ngexesha labapostile, kwasetyenziswa amaKristu ambalwa ukuze abhale iZibhalo zamaKristu zesiGrike. Namhlanje, ngamaKristu athanjisiweyo ambalwa qha anomsebenzi wokunika abantu bakaThixo “ukutya ngexesha elifanelekileyo.”

16. Ufunde ntoni kweli nqaku?

16 Sifunde ntoni kweli nqaku? UYehova ufuna abakhonzi bakhe abaninzi baphile ngonaphakade apha emhlabeni ibe ukhethe abambalwa ukuba balawule noYesu ezulwini. UYehova ubasikelela bonke abakhonzi bakhe enoba ‘ngamaYuda’ okanye ‘ngamadoda alishumi,’ ibe ufuna bonke bathobele imithetho efanayo baze bahlale bethembekile. Bonke bamele bahlale bethobekile, bakhonze uYehova kunye baze bamanyane. Sonke simele siqiniseke ukuba kuhlala kukho uxolo kumabandla esikuwo. Njengokuba isiphelo sisondela, masiqhubeke sikhonza uYehova size silandele uKristu ‘singumhlambi omnye.’​—Yoh. 10:16.

^ isiqe. 5 Kulo nyaka, iSikhumbuzo Sokufa KukaKristu siza kuba ngoLwesibini, Aprili 7. Simele sibajonge njani abantu abatyayo kwiSikhumbuzo? Ngaba simele sizikhathaze ngokwanda kwenani labantu abatyayo? Kweli nqaku siza kufumana iimpendulo zale mibuzo, ibe le mibuzo yakha yaphendulwa kwiMboniselo kaJanuwari 2016.

^ isiqe. 2 INdumiso 87:5, 6 ibonisa ukuba kwixesha elizayo, uThixo usenokuwatyhila amagama abo baza kulawula noYesu ezulwini.—Roma 8:19.

^ isiqe. 8 Funda ibhokisi ethi “Uthando ‘Aluziphathi Ngokungandilisekanga’kwiMboniselo kaJanuwari 2016.

^ isiqe. 14 Nangona iZenzo 2:33 zisithi umoya oyingcwele uthululwa ngoYesu, nguYehova othambisa abantu.

^ isiqe. 14 Ukuze uve ezinye izinto, funda “Imibuzo Evela KubafundikwiMboniselo kaMeyi 1, 2007.

INGOMA 34 Hamba NoThixo Uthembekile

^ isiqe. 56 IMIFANEKISO: Khawube nombono wommeli wekomkhulu nenkosikazi yakhe bengqongwe ngabazalwana noodade endibanweni bebafota. Ingakukungabi nambeko nyhani ukwenza loo nto!