Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 7

Simthanda Nyhani UTata Wethu UYehova

Simthanda Nyhani UTata Wethu UYehova

“Sinothando, kuba wasithanda kuqala.”—1 YOH. 4:19.

INGOMA 3 Nguwe Olithemba Namandla Ethu

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1-2. Kutheni uYehova enze indlela yokuba sibe ngabantwana bakhe, kwaye uyenze njani?

UYEHOVA usimeme ukuba sibe ngabantwana bakhe. Akukho nto isivuyisa njengaleyo. Intsapho yethu ngabantu abazinikele kuye nabanokholo kwidini lentlawulelo loNyana wakhe. Siyintsapho eyonwabileyo. Siyayazi into esiyiphilelayo kuba sinethemba lokuphila ngonaphakade ezulwini okanye kwiParadesi esemhlabeni.

2 Ngenxa yokuba esithanda, uYehova wenze indlela yokuba sibe ngabanye babantwana bakhe. Le nto uyenze ngokuncama eyona nto ibalulekileyo kuye. (Yoh. 3:16) ‘Wasithenga’ ngedini lentlawulelo loNyana wakhe. (1 Kor. 6:20) Ngoku siyakwazi ukubiza oyena Mntu mkhulu kwindalo yonke ngokuthi Tata. Njengokuba kutshiwo kwinqaku elidlulileyo, uYehova ngoyena Tata ubodlula bonke.

3. Yeyiphi imibuzo esinokuzibuza yona? (Jonga ibhokisi ethi “ Ngaba UYehova Uyandazi?”)

3 Sisenokuzibuza lo mbuzo wabuzwa ngomnye umdumisi: “Ndiza kumbuyekeza ngantoni uYehova ngazo zonke izinto ezintle andenzele zona?” (INdu. 116:12) Impendulo yile: Ayikho into esinokumbuyekeza ngayo uTata wethu osezulwini. Kodwa indlela asithanda ngayo isenza simthande. Umpostile uYohane wathi: “Thina ke sinothando, kuba wasithanda kuqala.” (1 Yoh. 4:19) Ziintoni esinokuzenza ezibonisa ukuba siyamthanda uTata wethu osezulwini?

SONDELA KUYEHOVA

Sibonisa indlela esimthanda ngayo uTata wethu osezulwini uYehova ngokusoloko sisondela kuye ngomthandazo, ngokumthobela nangokunceda abanye abantu bamthande (Jonga isiqendu 4-14)

4. UYakobi 4:8 uthi kutheni simele sizame ukusondela kuYehova?

4 UYehova ufuna sisondele kuye kwaye sithethe naye. (Funda uYakobi 4:8.) Uthi ‘masihlale sithandaza’ kuba usimamela qho. (Roma 12:12) Akasoze athi akazusimamela kuba uxakekile okanye udinwe gqitha. Nathi siyammamela ngokufunda iLizwi lakhe, iBhayibhile, neencwadi ezisenza siyazi kakuhle. Enye into esiyenzayo kukumamela kakuhle kwiintlanganiso. Njengokuba abantwana abahlala bencokola nabazali babo bevana nabo, nathi siyasondela kuYehova xa sisoloko sithetha naye.

Jonga isiqendu 5

5. Ziintoni esinokumxelela zona uYehova xa sithandaza?

5 Khawucinge ngendlela othetha ngayo noThixo. UYehova ufuna simxelele zonke izinto esizicingayo xa sithandaza. (INdu. 62:8) Ngoko simele sizibuze lo mbuzo: ‘Ngaba ndisoloko ndithetha into enye xa ndithandaza okanye ndimxelela into esentliziyweni yam uYehova?’ Ngokuqinisekileyo umthanda nyhani uYehova ibe ufuna ukuhlala usondele kuye. Loo nto inokwenzeka xa usoloko uthetha naye. Mxelele zonke izinto ozicingayo. Mxelele izinto ezikonwabisayo nezikukhathazayo. Qiniseka ukuba unokumcela akuncede.

6. Yintoni esimele siyenze ukuze sihlale sisondele kuTata wethu osezulwini?

6 Ukuze sihlale sisondele kuTata wethu osezulwini, simele simbulele qho. Nathi sithetha into eyathethwa ngumdumisi. Wathi: “Zininzi izinto ozenzileyo, Owu Yehova Thixo wam, kwanemisebenzi yakho emangalisayo nezinto ozicingayo ngathi. Akukho mntu unokuthelekiswa nawe; ukuba bendinokuzama ukuthetha ngemisebenzi yakho, bendingenakukwazi nokuyibala ngenxa yokuba mininzi!” (INdu. 40:5) Asipheleli nje ekucingeni ngokumbulela uYehova, kodwa simbulela ngamazwi nangezinto esizenzayo. Le nto isenza singafani nabantu abaninzi. Abantu abaninzi esiphila nabo abazibuleli izinto abazenzelwa nguThixo. Phofu le yenye yezinto ezibonisa ukuba siphila ‘kwimihla yokugqibela.’ (2 Tim. 3:1, 2) Thina masizame ngazo zonke iindlela ukuba singafani nabo.

7. UYehova ufuna senze ntoni, ibe ngoba?

7 Abazali abafuni abantwana babo babe bexhwithana, bafuna babe ngabahlobo. NoYehova ufuna abantwana bakhe babe ngabahlobo. Phofu indlela esithandana ngayo isenza saziwe ukuba singamaKristu nyhani. (Yoh. 13:35) Siyafana nomdumisi owathi: “Kulungile ibe kuthandeka ngeyona ndlela ukuhlala kwabazalwana kunye bemanyene!” (INdu. 133:1) Xa sithanda abazalwana noodadewethu, sibonisa uYehova ukuba siyamthanda. (1 Yoh. 4:20) Kumnandi ukuphila nabazalwana noodade ‘abanobubele omnye komnye, nabanovelwano.’—Efe. 4:32.

THOBEKA

Jonga isiqendu 8

8. Eyoku-1 kaYohane 5:3 ithi yintoni eyona nto isenza simthobele uYehova?

8 UYehova ufuna abantwana bathobele abazali, ngoko nathi ufuna simthobele. (Efe. 6:1) Ekubeni enguMdali, inguye osenza siqhubeke siphila kwaye ingoyena mzali ulumke ngaphezu kwabo bonke, nyhani sifanele simthobele. Kodwa eyona nto isenza simthobele kukuba siyamthanda. (Funda eyoku-1 kaYohane 5:3.) Zininzi izizathu ezenza simthobele, kodwa akasinyanzeli. UYehova usinike inkululeko yokuzikhethela, ngoko uyavuya xa sikhetha ukumthobela kuba simthanda.

9-10. Kutheni kubalulekile ukuba sazi imithetho kaThixo size siyithobele?

9 Abazali bafuna abantwana babo bakhuseleke. Yiloo nto bebanika imithetho abamele bayithobele. Kaloku loo mithetho inceda kwabona. Xa beyithobela, babonisa ukuba bayabathemba kwaye bayabahlonipha abazali babo. Ngoko kubaluleke kakhulu ukuba siyazi imithetho kaTata wethu osezulwini size siyithobele. Xa siyithobela, sibonisa uYehova ukuba siyamthanda kwaye siyamhlonipha, ibe loo nto inceda kwathina. (Isa. 48:17, 18) Kodwa abantu abangayithobeliyo imithetho kaYehova baba sezingxakini.—Gal. 6:7, 8.

10 Xa sisenza izinto ezifunwa nguYehova, siyasinda kwizinto ezinokusenzakalisa, ezinokusikhathaza nezinokusenza siyeke ukuba ngabahlobo bakhe. Nguye ozaziyo ezona zinto zinokusinceda. UAurora waseMerika uthi: “Ndiyazi ukuba xa sithobela uYehova siphila obona bomi bumnandi.” Nathi sitsho. Wena kukuncede njani ukuthobela imithetho kaYehova?

11. Umthandazo usinceda senze ntoni?

11 Umthandazo usinceda sithobele nokuba sekunzima kangakanani. Ngamanye amaxesha kuba nzima ukuthobela uYehova kuba sinesono, kodwa simele sizame. Umdumisi wacela uThixo esithi: “Ndenze ndikufune ukukuthobela.” (INdu. 51:12) UDenise, onguvulindlela othe ngxi uthi: “Xa kunzima ukwenza into efunwa nguYehova, ndiye ndimcele ukuba andiphe amandla okwenza loo nto ilungileyo.” Siqinisekile ukuba uYehova usoloko eyiphendula imithandazo efana nalo.—Luka 11:9-13.

NCEDA ABANTU BAMTHANDE UTATA WETHU

12. Kwabase-Efese 5:1 kuthiwa sifanele senze ntoni?

12 Funda kwabase-Efese 5:1. Silinganisa uYehova kuba ‘singabantwana abathandayo.’ Sinezi mpawu zifana nezakhe, uthando, ububele kwaye siyabaxolela abanye. Xa abantu abangamaziyo bebona indlela esiziphethe ngayo, basenokufuna ukumazi. (1 Pet. 2:12) Abazali abangamaKristu bafanele baphathe abantwana babo ngendlela uYehova asiphethe ngayo. Xa besenza loo nto, nabantwana babo baza kufuna ukuba ngabahlobo bakaYehova.

Jonga isiqendu 13

13. Yintoni enokusinceda sibe nesibindi?

13 Umntwana umthanda kakhulu utata wakhe kwaye uyancuma xa ethetha ngaye. Nathi simthanda kakhulu uTata wethu osezulwini uYehova, kwaye sifuna nabanye bamazi. Sifana noKumkani uDavide owathi: “Ndiza kuqhayisa ngoYehova.” (INdu. 34:2) Siza kuthini ke xa sineentloni zokuthetha ngoYehova? Siza kusithatha phi isibindi? Siba nesibindi xa sicinga ngendlela uYehova avuya ngayo xa sithetha ngaye nangendlela abantu abancedakala ngayo xa sibafundisa ngaye. UYehova uza kusenza sibe nesibindi. Wanceda amaKristu awayephila ngexesha lokubhalwa kweBhayibhile anesibindi. Nathi uza kusinceda.—1 Tes. 2:2.

14. Kutheni kubalulekile ukuxelela abantu ngeendaba ezilungileyo?

14 UYehova uthanda bonke abantu, ngoko uyavuya xa esibona sithanda bonke abantu nokuba basuka phi. (IZe. 10:34, 35) Enye indlela esinokubonisa ngayo ukuba siyabathanda abantu kukubaxelela ngeendaba ezilungileyo. (Mat. 28:19, 20) Yintoni enokwenzeka kubantu abasimamelayo xa sibaxelela iindaba ezilungileyo? Banokuyitshintsha indlela abaphila ngayo baze babe nethemba lokuphila ubomi obungunaphakade kwiParadesi ezayo.—1 Tim. 4:16.

MTHANDE UTATA WETHU UKUZE WONWABE

15-16. Ziintoni ezisenza sonwabe?

15 UYehova nguTata obathandayo abantwana bakhe, ngoko ufuna bonwabe. (Isa. 65:14) Zininzi izinto ezinokusenza sonwabe ngoxa sineengxaki. Ngokomzekelo, siqinisekile ukuba uTata wethu osezulwini usithanda nyhani. Silazi kakuhle ilizwi lakhe iBhayibhile. (Yer. 15:16) Singabanye bentsapho yakhe emthandayo, ethanda imithetho yakhe nethandanayo.—INdu. 106:4, 5.

16 Siyavuya kuba siqinisekile ukuba kwixesha elizayo siza kuphila kamnandi. Siyazi ukuba uYehova sele eza kuziphelisa zonke izinto ezimbi kwaye xa kulawula uBukumkani bakhe, wonke umhlaba uza kuba yiParadesi. Siyazi nokuba abantu abaswelekileyo baza kuvuswa baze babe kunye nabantu ababathandayo. (Yoh. 5:28, 29) Kuza kuba mnandi nyhani ngelo xesha. Eyona nto ibalulekileyo kukuba, siqinisekile ukuba wonke umntu, ezulwini nasemhlabeni, uza kuzukisa aze akhonze uTata wethu esimthandayo.

INGOMA 12 Thixo Omkhulu, OnguYehova

^ isiqe. 5 Siyazi ukuba uTata wethu uYehova usithanda nyhani kwaye wenze indlela yokuba sibe ngabantwana bakhe. Loo nto yenza ukuba nathi simthande. Ziintoni esinokuzenza ezibonisa ukuba siyamthanda? Kweli nqaku siza kuthetha ngezinye zazo.