Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 9

UYehova Angakuthuthuzela

UYehova Angakuthuthuzela

“Xa amaxhala ayengaphezu kwamandla am, wena wandithuthuzela waza wandenza ndazola.”—INDU. 94:19.

INGOMA 44 Umthandazo Womntu Othobekileyo

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Ziintoni ezisenokusenza sibe nexhala, ibe sinokucinga ntoni?

NGABA ikhona into eyakha yakwenza wanexhala? * Mhlawumbi wakhathazwa yinto eyathethwa okanye yenziwa ngabanye abantu. Okanye wakhathazwa yinto owayithethayo okanye owayenzayo. Ngokomzekelo, mhlawumbi ikhona impazamo owayenzayo, ibe unexhala lokuba uYehova akasoze akuxolele. Eyona nto ibuhlungu kakhulu kukuba, xa unexhala kakhulu usenokucinga ukuba ukholo lwakho alomelelanga ibe ungumntu ombi. Kodwa ngaba kunjalo nyhani?

2. Ngoobani esinokufunda kubo ukuba xa sinexhala, loo nto ayithethi ukuba asinalo ukholo?

2 Makhe sithethe ngabakhonzi bakaThixo ekuthethwa ngabo eBhayibhileni. UHana, owaba ngumama womprofeti uSamuweli, wayenokholo olomeleleyo. Kodwa wakhathazeka kakhulu xa waphathwa kakubi ngumntu awayehlala naye endlini. (1 Sam. 1:7) Umpostile uPawulos wayenokholo olomeleleyo kodwa ‘wayewaxhalabele onke amabandla.’ (2 Kor. 11:28) UKumkani uDavide naye wayenokholo olomeleleyo kangangokuba wayethandwa kakhulu nguYehova. (IZe. 13:22) Nangona kunjalo, wenza iimpazamo ezamenza wakhathazeka kakhulu. (INdu. 38:4) UYehova wabathuthuzela waza wabenza bazola bonke. Makhe sibone ukuba ziintoni esinokuzifunda kubo.

YINTONI ESINOKUYIFUNDA KUHANA?

3. Kutheni sisenokukhathazeka xa umntu ethetha kakubi nathi?

3 Xa abanye abantu bethetha kakubi okanye besenza izinto ezimbi kuthi, sisenokukhathazeka kakhulu. Isenokuba buhlungu kakhulu loo nto xa isenziwa ngumhlobo okanye umntu okwintsapho yethu. Sisenokukhathazwa kukubona ukuba akusekho nto ingako isidibanisayo naloo mntu. Ngamanye amaxesha, umntu usenokuthetha into engafuni ukusikhathaza kodwa amazwi akhe asihlabe njengekrele. (IMize. 12:18) Omnye umntu usenokuthetha into ayaziyo ukuba iza kusikhathaza. Yakha yenzeka le nto komnye udade osemtsha. Uthi: “Kwiminyaka embalwa eyadlulayo, umntu endandicinga ukuba ngumhlobo wam wasasaza ubuxoki ngam kwiwebhsayithi yokuncokola. Yandikhathaza kakhulu loo nto. Ndandingayazi ukuba yintoni eyamenza enze loo nto kum.” Ukuba wakha wakhathazwa ngumhlobo okanye umntu okwintsapho yakho, ininzi into onokuyifunda kuHana.

4. Ziintoni izinto ezibuhlungu ezazisenzeka kuHana?

4 Kukho izinto ezibuhlungu ezenzeka kuHana. Kangangeminyaka emininzi wayengabafumani abantwana. (1 Sam. 1:2) AmaSirayeli amaninzi ayesithi ibhinqa elingabafumaniyo abantwana lalingasikelelwanga nguThixo. Le nto yamenza wahlazeka uHana. (Gen. 30:1, 2) Enye into eyayenza yambi kakhulu imeko yakhe kukuba umyeni wakhe wathatha umfazi wesibini, uPenina, owaba nabantwana. UPenina wayemmonela uHana, ibe ‘wayemchukela esoloko emgezela, ukuze amvise ubuhlungu.’ (1 Sam. 1:6) Ekuqaleni, uHana wayengakwazi ukuzinyamezela izinto ezazisenzeka kuye. ‘Wayekhathazeke kakhulu’ kangangokuba ‘wayede alile angafuni nokutya.’ (1 Sam. 1:7, 10) Wathuthuzelwa yintoni?

5. Ukuthandaza kwamnceda njani uHana?

5 UHana wazixelela uYehova zonke izinto ezazimkhathaza. Emva kokuba ethandazile, wayixelela uMbingeleli Omkhulu uEli ingxaki yakhe. UEli wathi kuye: “Hamba ngoxolo, kwanga uThixo kaSirayeli angasiphendula isicelo sakho.” Emva koko, uHana “wahamba, watya, nobuso bakhe batyhileka.” (1 Sam. 1:17, 18) Ukuthandaza kwamnceda wazola.

Sinokuphinda sibe nalo njani uxolo lwengqondo njengoHana? (Jonga isiqendu 6-10)

6. Yintoni esinokuyifunda kuHana nakumaFilipi 4:6, 7 ngomthandazo?

6 Sinokuphinda sizole ukuba asiyeki ukuthandaza. UHana wathandaza ixesha elide ethetha noTata wakhe osezulwini. (1 Sam. 1:12) Nathi sinokuthetha ixesha elide noYehova ngezinto ezisikhathazayo, esizoyikayo nangeempazamo zethu. Akunyanzelekanga ukuba sibe ngathi siziimbongi xa sithandaza. Ngamanye amaxesha sisenokude sichiphize iinyembezi xa sixelela uYehova ngeengxaki zethu. Nangona kunjalo, uYehova akasoze adinwe kukusimamela. Ikhona nenye into esimele singayilibali ekufuneka siyithandazele ngaphandle kweengxaki zethu, ibhalwe kumaFilipi 4:6, 7. (Yifunde.) UPawulos wathi simele simbulele uYehova xa sithandaza. Zininzi kakhulu izinto esinokumbulela ngazo. Ngokomzekelo, sinokumbulela ngobomi, izinto azidalileyo, indlela asithanda ngayo nangethemba asinike lona. Yintoni enye esinokuyifunda kuHana?

7. Yintoni awayeyenza qho uHana nomyeni wakhe?

7 Nangona wayeneengxaki, uHana wayesiya qho nomyeni wakhe kwindawo awayekhonzwa kuyo uYehova, eShilo. (1 Sam. 1:1-5) Wayesemnqubeni xa wayekhuthazwa nguMbingeleli Omkhulu uEli esithi unethemba lokuba uYehova uza kuwuphendula umthandazo wakhe.—1 Sam. 1:9, 17.

8. Kusinceda njani ukuya kwiintlanganiso?

8 Sinokuphinda sibe noxolo lwengqondo ukuba asiyeki ukuya kwiintlanganiso. Xa kuza kuqala iintlanganiso, kudla ngokuthandazelwa ukuba umoya kaThixo ube kunye nathi. Uxolo sisiqhamo somoya. (Gal. 5:22) Xa sisiya kwiintlanganiso nokuba sikhathazekile sivumela uYehova nabazalwana noodadewethu ukuba basikhuthaze baze basincede siphinde sibe noxolo lwengqondo. UYehova usebenzisa umthandazo neentlanganiso zethu ukuze asincede sizole. (Heb. 10:24, 25) Makhe sithethe ngenye into esinokuyifunda kwinto eyenzeka kuHana.

9. Yintoni engazange itshintshe kwimeko kaHana, kodwa wancedwa yintoni?

9 Iingxaki zikaHana azizange ziphele ngoko nangoko. Emva kokuba egqibile ukukhonza emnqubeni, kwakufuneka abuyele kuPenina kuba babehlala kwindlu enye. IBhayibhile ayitsho ukuba uPenina wayeka ukumphatha kakubi uHana. Loo nto ithetha ukuba kwakufuneka uHana aqhubeke enyamezela ukugezelwa nguPenina. Kodwa uHana wakwazi ukuphinda abe noxolo lwengqondo. Xa wathetha noYehova ngengxaki yakhe, wazola. Wavumela uYehova ukuba amthuthuzele aze amncede azole. Ekuhambeni kwexesha, uYehova wawuphendula umthandazo kaHana waza wanabantwana.—1 Sam. 1:19, 20; 2:21.

10. Sifunda ntoni kwinto eyenzeka kuHana?

10 Sinokuphinda sibe noxolo lwengqondo naxa ingxaki esinayo ingade iphele. Ezinye iingxaki zisenokungapheli nokuba sithandaza kangakanani okanye siya qho kwiintlanganiso. Kodwa into eyenzeka kuHana isifundisa ukuba akukho nto inokwenza uYehova angasincedi sizole. UYehova akasoze asilibale, ibe kungekudala uza kusisikelela ukuba asinikezeli.—Heb. 11:6.

YINTONI ESINOKUYIFUNDA KUMPOSTILE UPAWULOS?

11. Ziintoni ezazisenza uPawulos abe nexhala?

11 Zininzi izinto ezazisenza uPawulos abe nexhala. Ngokomzekelo, kuba wayebathanda abazalwana noodade, iingxaki ababenazo zazimkhathaza. (2 Kor. 2:4; 11:28) Xa wayeshumayela, abantu ababemchasa babedla ngokumbetha baze bamvalele entolongweni. Zikhona nezinye iingxaki ezazimenza abe nexhala ekwafuneka azinyamezele. Ngokomzekelo, wakhe ‘akabi nanto ingako.’ (Fil. 4:12) Sisenokuyicinga nendlela ekusenokwenzeka ukuba wayesoyika ngayo xa kwakufuneka akhwele inqanawa kuba yakha yophuka eyikhwele kwada kwakathathu. (2 Kor. 11:23-27) Yintoni eyanceda uPawulos xa wayenexhala?

12. Yintoni eyanceda uPawulos wayeka ukuba nexhala kakhulu?

12 UPawulos wayekhathazwa ziingxaki zabazalwana noodade, kodwa akazange azame ukuzilungisa yedwa. Wayesazi ukuba akanakwenza yonke into ngokwakhe. Wacela abanye ukuba bamncedise ukuze ahoye ibandla. Ngokomzekelo, wacela amadoda anokuthenjwa njengoTimoti noTito ukuba enze imisebenzi emininzi ebandleni lamaKristu. Ngokuqinisekileyo, imisebenzi eyayisenziwa ngaba bazalwana yanceda uPawulos wayeka ukuba nexhala kakhulu.—Fil. 2:19, 20; Tito 1:1, 4, 5.

Njengokuba sifundile kumpostile uPawulos, yintoni esinokuyenza ukuze singabi nexhala kakhulu? (Jonga isiqendu 13-15)

13. Abadala banokumlinganisa njani uPawulos?

13 Cela abanye abantu bakuncedise. NjengoPawulos, abadala abaninzi bakhathazeka kakhulu xa bebona abazalwana noodade beneengxaki ebandleni. Kodwa umdala akanakukwazi ukunceda bonke abantu abasebandleni. Xa eyazi ukuba akanakwenza yonke into ngokwakhe uza kucela abanye abazalwana bamncedise. Uza kuqeqesha nabazalwana abatsha ukuze ahoye izimvu zikaThixo.—2 Tim. 2:2.

14. Yintoni angazange abe nexhala layo uPawulos, ibe sinokufunda ntoni kuye?

14 Yazi ukuba kufuneka uthuthuzelwe. UPawulos wayethobekile, ngoko wayesazi ukuba kufuneka athuthuzelwe ngabahlobo bakhe. Wayengenaxhala lokuba abantu baza kucinga ukuba akomelelanga kuba ethuthuzelwa ngabahlobo bakhe. Xa wayebhalela uFilemon wathi: “Ndiye ndavuya ndaza ndathuthuzeleka kakhulu xa ndisiva ngothando lwakho.” (Filem. 7) UPawulos wathetha nangabanye abazalwana abamkhuthazayo xa wayeneengxaki. (Kol. 4:7-11) Xa sithobekile ibe sisazi ukuba siyakufuna ukukhuthazwa, abazalwana noodade baza kukuvuyela ukusinceda.

15. Wenza ntoni uPawulos xa wayekhathazeke kakhulu?

15 Thembela kwiLizwi LikaThixo. UPawulos wayesazi ukuba iZibhalo zinokumthuthuzela. (Roma 15:4) Zazinokumnceda abe nobulumko bokunyamezela nayiphi na ingxaki. (2 Tim. 3:15, 16) Xa wayevalelwe okwesibini eRoma, wayebona ukuba sele eza kufa. Wenza ntoni uPawulos xa wayenale ngxaki? Wacela uTimoti ukuba akhawuleze aye kuye aze amphathele ‘imisongo.’ (2 Tim. 4:6, 7, 9, 13) Kwakutheni ukuze atsho? Kusenokwenzeka ukuba loo misongo yayineZibhalo ZesiHebhere uPawulos awayenokuzifundela zona. Ukuba silifunda qho iLizwi LikaThixo njengoPawulos, uYehova uza kusithuthuzela ngeZibhalo nokuba sineengxaki ezinjani.

YINTONI ESINOKUYIFUNDA KUKUMKANI UDAVIDE?

Yintoni enokusinceda xa senze isono esinzulu eyanceda uKumkani uDavide? (Jonga isiqendu 16-19)

16. Waba njani uDavide emva kokuba enze isono esinzulu?

16 UDavide wenza into embi kakhulu. Wakrexeza noBhatshebha, wabulalisa umyeni wakhe waza wazama ukuzifihla izinto azenzileyo. (2 Sam. 12:9) Ekuqaleni, uDavide akazange asihoye isazela sakhe. Loo nto yamenza akasondela kangako kuYehova, wakhathazeka kakhulu waza wagula. (INdu. 32:3, 4) Yintoni eyanceda uDavide wayeka ukuba nexhala kakhulu xa wenza impazamo enkulu, ibe yintoni enokusinceda xa senze isono esinzulu?

17. INdumiso 51:1-4 isibonisa njani ukuba uDavide wazisola ngezinto awazenzayo?

17 Cela uYehova akuxolele. Ekugqibeleni, uDavide wathandaza kuYehova. Wazisola ngezinto azenzileyo, waza waxelela uYehova yonke into. (Funda iNdumiso 51:1-4.) Le nto yamnceda wazola waza waphinda wonwaba. (INdu. 32:1, 2, 4, 5) Ukuba wenze isono esinzulu, sukuyifihla loo nto. Endaweni yoko, thandaza uze uxelele uYehova into oyenzileyo. Emva koko, uza kuzola uze uyeke ukuba nesazela. Kodwa ukuba ufuna ukuphinda ube ngumhlobo kaYehova, kufuneka ungapheleli nje ekuthandazeni.

18. Wathini uDavide xa wayelungiswa?

18 Vuma ukulungiswa. Xa uYehova wathuma umprofeti uNatan ukuba aye kuthetha noDavide ngesono asenzileyo, uDavide akazange azithethelele okanye athi isono sakhe besingenamsebenzi. Wavuma ngoko nangoko ukuba ummoshile umyeni kaBhatshebha, kodwa eyona nto ibaluleke kakhulu kukuba wavuma ukuba umonile uYehova. UDavide wavuma ukulungiswa nguYehova, ibe uYehova wamxolela. (2 Sam. 12:10-14) Ukuba senze isono esinzulu, kufuneka sithethe nabazalwana abakhethwe nguYehova ukuba basaluse. (Yak. 5:14, 15) Kufuneka singazithetheleli. Ukuba sivuma ngoko nangoko ukulungiswa nokuzenza izinto esizixelelweyo, siza kukhawuleza sibe noxolo lwengqondo size siphinde sonwabe.

19. Yintoni esimele sizimisele ukuyenza?

19 Zimisele ukungayiphindi impazamo oyenzileyo. UKumkani uDavide wayesazi ukuba ukuze angaphindi asenze isono asenzileyo, kwakufuneka ancedwe nguYehova. (INdu. 51:7, 10, 12) Emva kokuba exolelwe nguYehova, wazimisela ukungacingi izinto ezimbi. Loo nto yamnceda waphinda waba noxolo lwengqondo.

20. Sibonisa njani ukuba siyambulela uYehova ngokusixolela?

20 Xa sithandazela ukuba uYehova asixolele, sivume ukulungiswa, size sizame kangangoko sinako ukungayiphindi impazamo esiyenzileyo, sibonisa ukuba siyambulela uYehova ngokusixolela. Xa sizenza ezi zinto, siza kuphinda sibe noxolo lwengqondo. UJames, owakha wenza isono esinzulu wayibona kuye le nto. Uthi: “Xa ndaxelela abadala ngesono endisenzileyo kwaba ngathi kothulwe umthwalo onzima emagxeni am. Ndaphinda ndaba noxolo lwengqondo.” Kusikhuthaza nyhani ukwazi ukuba “uYehova usondele kwabo baphuke intliziyo [ibe] uyabasindisa abo batyumkileyo emoyeni.”—INdu. 34:18.

21. Yintoni esimele siyenze xa sinexhala?

21 Njengoko eli hlabathi lisondela ekupheleni, zininzi izinto ezinokusenza sibe nexhala. Xa unexhala, thetha noYehova ngoko nangoko ukuze akuncede. Yifunde kakuhle iBhayibhile. Funda kuHana, uPawulos noDavide. Cela uTata wakho osezulwini akuncede uyazi le nto ikwenza ube nexhala. (INdu. 139:23) Mvumele ukuba akuthwalele imithwalo yakho, ingakumbi leyo ungenakwenza nto ngayo. Ukuba wenza loo nto uza kufana nomdumisi owathi kuYehova: “Xa amaxhala ayengaphezu kwamandla am, wena wandithuthuzela waza wandenza ndazola.”—INdu. 94:19.

INGOMA 4 “UYehova NguMalusi Wam”

^ isiqe. 5 Ngamanye amaxesha, sonke sikhe sibe nexhala ngenxa yeengxaki esinazo. Kweli nqaku, siza kuthetha ngabakhonzi bakaYehova abathathu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni ababekhe banexhala. Siza kuthetha nangendlela uYehova awabathuthuzela ngayo waza wabenza bazola.

^ isiqe. 1 IGAMA ELICACISIWEYO: Sisenokuba nexhala ngenxa yeengxaki zemali, ukugula, iingxaki zentsapho okanye ezinye izinto. Enye into esenokusenza sibe nexhala ziimpazamo esakha sazenza okanye iingxaki esicinga ukuba siza kuba nazo.