Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO11

Ngaba Ukulungele Ukubhaptizwa?

Ngaba Ukulungele Ukubhaptizwa?

‘Ukubhaptizwa kunisindisa ngoku.’​—1 PET. 3:21.

INGOMA 28 Masibe Ngabahlobo BakaYehova

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Umntu umele enze ntoni ngaphambi kokuba akhe indlu?

KHAWUCINGE ngomntu ofuna ukwakha indlu. Uyazazi ukuba ufuna ukwakha indlu enjani. Ngaba loo nto ithetha ukuba umele akhawuleze ayokuthenga izinto zokwakha aze aqalise ukwakha? Hayi. Ngaphambi kokuba aqalise, kukho into ebalulekileyo amele ayenze. Yintoni leyo? Kufuneka aqale ajonge ukuba loo ndlu iza kumbiza malini. Ngoba? Ukuze abone ukuba uza kuba nayo na imali yokuyigqiba. Ukuba ubala kakuhle ngaphambi kokuba akhe, usenokukwazi ukuyigqiba indlu yakhe.

2. Into eyathethwa nguYesu kuLuka 14:27-30 imele ikwenze ucingisise ngantoni ngaphambi kokuba ubhaptizwe?

2 Ngaba ukuthanda kwakho uYehova nokumbulela ngezinto akwenzele zona kukwenza ufune ukubhaptizwa? Ukuba kunjalo, uyafana nala mntu ufuna ukwakha indlu. Kutheni sisitsho? Yiva ukuba wathini uYesu kuLuka 14:27-30. (Yifunde.) UYesu wayethetha ngento umntu amele ayenze ukuze abe ngumfundi wakhe. Ukuze sibe ngabafundi bakhe, kufuneka sikulungele ukubhatala “iindleko.” Loo nto ithetha ukuba simele sikulungele ukunyamezela iingxaki esiza kudibana nazo nokuncama izinto ezithile. (Luka 9:23-26; 12:51-53) Ngoko, ngaphambi kokuba ubhaptizwe, umele ucingisise kakuhle ngezinto eziza kwenzeka kuwe xa ungumfundi kaKristu. Loo nto iza kukunceda umkhonze uThixo uthembekile xa sele ubhaptiziwe.

3. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

3 Ngaba ukuba ngumfundi kaKristu obhaptiziweyo kuzodlula zonke iingxaki oza kudibana nazo nezinto ekufuneka uzincame? Kunjalo kanye. Kaloku ukubhaptizwa kusinceda sisikelelwe ngoku nakwixesha elizayo. Makhe siphendule imibuzo onokuzibuza yona xa ufuna ukubhaptizwa. Le nto iza kukunceda ukwazi ukuphendula umbuzo othi, “Ngaba ndikulungele ukubhaptizwa?”

IZINTO OMELE UZAZI NGAPHAMBI KOKUBA UZINIKELE KUTHIXO UZE UBHAPTIZWE

4. (a) Kukuthini ukuzinikela? (b) Kuthetha ukuthini ukuzincama ekuthethwa ngako kuMateyu 16:24?

4 Kukuthini ukuzinikela? Ngaphambi kokuba ubhaptizwe, ufanele uzinikele kuThixo. Xa uzinikela, uthandaza kuYehova ngokusuka entliziyweni, umxelele ukuba ufuna ukumkhonza ubomi bakho bonke. Xa uzinikela kuThixo, ‘uyazincama.’ (Funda uMateyu 16:24.) Emva koko uba ngokaYehova, ibe ayikho into eyodlula leyo. (Roma 14:8) Uyamxelela ukuba ukususela ngoku, eyona nto iphambili kuwe iza kuba kukumkhonza kunokwenza izinto ezifunwa nguwe. Xa uzinikela, wenza isifungo kuThixo. Akasinyanzeli ukuba sisenze eso sifungo. Kodwa xa sisenzile, ulindele ukuba siyenze loo nto simthembise yona.​—INdu. 116:12, 14.

5. Yintoni umahluko phakathi kokuzinikela nokubhaptizwa?

5 Yintoni umahluko phakathi kokuzinikela nokubhaptizwa? Xa uzinikela, uthetha noYehova kungekho bantu. Kodwa xa ubhaptizwa, ubhaptizwa phambi kwabantu. Le nto idla ngokwenzeka kwindibano yesiphaluka nakweyengingqi. Xa ubhaptizwa, ubonisa abanye abantu ukuba sele uzinikele kuYehova. * Batsho babone nokuba uYehova uThixo umthanda ngentliziyo, umphefumlo, ingqondo namandla akho onke ibe uzimisele ukumkhonza ngonaphakade.​—Marko 12:30.

6-7. Zeziphi izizathu ezibini ekuthethwa ngazo kweyoku-1 kaPetros 3:18-22 ezenza kubaluleke ukubhaptizwa?

6 Ngaba kubalulekile ukuba ubhaptizwe? Khawucinge ngento ekuthethwa ngayo kweyoku-1 kaPetros 3:18-22. (Yifunde.) Umkhombe wenza abantu babona ukuba uNowa unokholo kuThixo. Ngendlela efanayo, ukubhaptizwa kwakho kwenza abantu babone ukuba uzinikele kuYehova. Kodwa ngaba kunyanzelekile ukuba ude ubhaptizwe? Kunjalo kanye. UPetros wasichaza isizathu. Okokuqala, ukubhaptizwa ‘kuyakusindisa.’ Ukubhaptizwa kungasinceda sisinde ukuba sibonisa ngezinto esizenzayo ukuba sinokholo kuYesu nokuba wasifela, wavuselwa ezulwini ibe ngoku “ungasekunene kukaThixo.”

7 Okwesibini, xa sibhaptiziwe, siba ‘nesazela esilungileyo.’ Xa sizinikela kuThixo size sibhaptizwe, siba ngabahlobo bakhe. UThixo uye azixolele izono zethu kuba siguqukile ibe sinokholo kwintlawulelo. Loo nto isenza sibe nesazela esilungileyo.

8. Yintoni eyona nto imele ikwenze ufune ukubhaptizwa?

8 Yintoni eyona nto imele ikwenze ufune ukubhaptizwa? Ukufunda kwakho iBhayibhile kukwenze wamazi uYehova ukuba ungumntu onjani, wazi nezinto azithandayo nangazithandiyo. Izinto ozifunde ngaye zikwenze wamthanda kakhulu. Ngoko eyona nto imele ikwenze ufune ukubhaptizwa, kukuthanda uYehova.

9. Kuthetha ukuthini ukubhaptizwa egameni likaTata neloNyana nelomoya oyingcwele, njengokuba esitsho uMateyu 28:19, 20?

9 Enye into emele ikwenze ufune ukubhaptizwa kukukholelwa izinto ozifunde eBhayibhileni. Yiva into uYesu awayixelela abafundi bakhe xa wayebathuma ukuba bayokwenza abafundi. (Funda uMateyu 28:19, 20.) Wathi abantu mababhaptizwe “egameni likaTata neloNyana nelomoya oyingcwele.” Wayethetha ukuthini? Wayethetha ukuthi umele uzikholelwe izinto ezithethwa yiBhayibhile ngoYehova, ngoNyana wakhe uYesu, nangomoya oyingcwele. Ezi zinto zinamandla kakhulu, kangangokuba zingayitshintsha indlela ocinga ngayo. (Heb. 4:12) Makhe sithethe ngezinye zazo.

10-11. Zeziphi izinto ozifunde eBhayibhileni ngoTata wethu waza wazikholelwa?

10 Khawucinge ngezinto owazifunda eBhayibhileni ngoTata wethu. Wafunda ukuba ‘unegama elinguYehova,’ ‘ungOyena Uphakamileyo phezu komhlaba wonke’ ibe nguye kuphela “uThixo wokwenene.” (INdu. 83:18; Isa. 37:16) UnguMdali wethu ibe ‘nguye osindisayo.’ (INdu. 3:8; 36:9) Ulungiselele ukuba sisindiswe esonweni nasekufeni, waza wasenza sanethemba lokuphila ngonaphakade. (Yoh. 17:3) Xa uzinikele waza wabhaptizwa uza kuba liNgqina LikaYehova. (Isa. 43:10-12) Nawe uza kuba kwintsapho yabakhonzi bakhe esemhlabeni wonke engenazintloni ngokubizwa ngegama lakhe nokuxelela abantu ngalo.​—INdu. 86:12.

11 Kusivuyisa nyhani ukwazi izinto ezifundiswa yiBhayibhile ngoTata wethu. Xa uzikholelwa ezi zinto, uza kufuna ukuzinikela kuYehova uze ubhaptizwe.

12-13. Zeziphi izinto ozifunde eBhayibhileni ngoNyana waza wazikholelwa?

12 Wathini xa wawuqala ukuva ezi zinto ngoNyana? Weva ukuba nguYehova qha obalulekileyo kunoYesu kwindalo yonke. UYesu wahlawulela ngobomi bakhe ngenxa yethu. Xa sisenza izinto ezibonisa ukuba sinokholo kwintlawulelo, izono zethu zinokuxolelwa, sibe ngabahlobo bakaThixo size siphile ngonaphakade. (Yoh. 3:16) UYesu nguMbingeleli wethu Omkhulu. Ufuna sincedwe yintlawulelo size sibe ngabahlobo bakaThixo. (Heb. 4:15; 7:24, 25) Kuba enguKumkani woBukumkani bukaThixo, uYehova uza kusebenzisa yena xa ecoca igama lakhe, ephelisa izinto ezimbi emhlabeni aze asikelele abantu bakhe ngonaphakade eParadesi. (Mat. 6:9, 10; ISityhi. 11:15) Nathi simele sibe njengoYesu. (1 Pet. 2:21) Wenza izinto ezithandwa nguThixo ubomi bakhe bonke, ibe nathi sifuna ukwenza njalo.​—Yoh. 4:34.

13 Xa uzikholelwa izinto ezithethwa yiBhayibhile ngoYesu, uye umthande kakhulu lo Nyana kaThixo. Loo nto ikwenza ufune ukwenza izinto ezithandwa nguThixo ubomi bakho bonke njengoYesu. Ngenxa yaloo nto, uye ufune ukuzinikela kuYehova uze ubhaptizwe.

14-15. Zeziphi izinto ozifunde eBhayibhileni ngomoya oyingcwele waza wazikholelwa?

14 Wathini xa wawuqala ukufunda ezi zinto ngomoya oyingcwele? Wafunda ukuba umoya oyingcwele ayingomntu, kodwa ngamandla uThixo awasebenzisayo. UYehova wasebenzisa umoya oyingcwele xa wayebhala iBhayibhile, ibe lo moya uyasinceda sizazi size sizenze izinto esizifunda eBhayibhileni. (Yoh. 14:26; 2 Pet. 1:21) Ngalo moya wakhe, uYehova usinika ‘amandla angaqhelekanga.’ (2 Kor. 4:7) Lo moya usinceda sibe namandla xa sityhafile, sikwazi ukushumayela, simelane nezilingo size sikwazi ukunyamezela ubunzima. Usinceda sibe neempawu ezintle ‘zesiqhamo somoya.’ (Gal. 5:22) UThixo akababhatalisi abantu abathembela kuye xa becela umoya wakhe oyingcwele.​—Luka 11:13.

15 Kuvuyisa nyhani ukwazi ukuba umoya oyingcwele kaYehova unokunceda abakhonzi bakhe baqhubeke bemkhonza. Xa uzikholelwa izinto ozifunde eBhayibhileni ngomoya oyingcwele, uza kufuna ukuzinikela kuThixo uze ubhaptizwe.

16. Yintoni esesiyifundile kweli nqaku?

16 Ukuzinikela kuThixo nokubhaptizwa sisigqibo esibaluleke kakhulu. Njengokuba sesifundile, kusenokufuneka uncame izinto ezithile uze ulindele neengxaki ezahlukeneyo. Kodwa iintsikelelo oza kuzifumana zizodlula lee naziphi izinto oye wazincama. Ukubhaptizwa kungakusindisa kuze kukuncede ube nesazela esilungileyo phambi koThixo. Eyona nto imele ikwenze ufune ukubhaptizwa kukuthanda uYehova uThixo. Kufuneka uzikholelwe nezinto ozifunde eBhayibhileni ngoTata, ngoNyana nangomoya oyingcwele. Xa ucinga ngezi zinto sesithethe ngazo kweli nqaku, ungawuphendula njani umbuzo othi, “Ngaba ndikulungele ukubhaptizwa?”

IZINTO OMELE UZENZE NGAPHAMBI KOKUBA UBHAPTIZWE

17. Zeziphi ezinye izinto umntu amele azenze ngaphambi kokuba abhaptizwe?

17 Ukuba uthi ukulungele ukubhaptizwa, siqinisekile ukuba zininzi izinto osele uzenzile ukuze ube ngumhlobo kaYehova. * Kuba uqhutyelwa isifundo seBhayibhile qho, uye wamazi uYehova noYesu waza wanokholo. (Heb. 11:6) Uzithembile izinto ezithenjiswe nguYehova eBhayibhileni ibe uqinisekile ukuba ukholo lwakho kwintlawulelo kaYesu lungakusindisa esonweni nasekufeni. Uguqukile kwizono obuzenza, wazisola waza wacela uYehova ukuba akuxolele. Ngoku wenza izinto ezithandwa nguThixo. (IZe. 3:19) Uyakuthanda ukuxelela abanye abantu ngezinto ozikholelwayo. Ngoku ungumvakalisi ongabhaptizwanga ibe ushumayela nebandla. (Mat. 24:14) UYehova uyazidla ngawe, umvuyisa kakhulu.​—IMize. 27:11.

18. Zeziphi ezinye izinto omele uzenze ngaphambi kokuba ubhaptizwe?

18 Zikhona ezinye izinto ezimbalwa omele uzenze ngaphambi kokuba ubhaptizwe. Njengokuba sekutshiwo, umele uzinikele kuThixo. Thandaza uwedwa, uxelele uYehova ukuba uza kwenza izinto azithandayo ubomi bakho bonke. (1 Pet. 4:2) Emva koko, xelela umnxibelelanisi wequmrhu labadala ukuba ufuna ukubhaptizwa. Uza kucela abanye abadala ukuba badibane nawe. Ungaboyiki. Kaloku aba bazalwana bayakwazi ibe bayakuthanda. Baza kuthetha nawe ngezona zinto zibalulekileyo ozifunde eBhayibhileni. Bafuna nje ukuqiniseka ukuba uyaziqonda izinto ozifundileyo, ibe uyayazi indlela ekubaluleke ngayo ukuzinikela kuYehova nokubhaptizwa. Ukuba bayabona ukuba ukulungele ukubhaptizwa, baza kukuxelela ukuba uza kubhaptizwa kwindibano ezayo.

IZINTO OMELE UZENZE EMVA KOKUBA UBHAPTIZIWE

19-20. Yintoni omele uyenze emva kokuba ubhaptiziwe? Ungayenza njani?

19 Yintoni omele uyenze emva kokuba ubhaptiziwe? * Khumbula ukuba ukuzinikela sisifungo ibe uYehova ulindele ukuba uzenze izinto ozithembisileyo. Ngoko emva kokuba ubhaptiziwe, umele wenze izinto owazithembisayo xa wawuzinikela. Ungayenza njani loo nto?

20 Hlala ukunye nabazalwana noodade. Kuba ngoku ungumKristu obhaptiziweyo, nawe ungumzalwana okanye udade. (1 Pet. 2:17) Abazalwana noodade abasebandleni bayintsapho yakho. Xa usiya qho ezintlanganisweni, niye nibe ngabahlobo kakhulu. Funda iLizwi LikaThixo yonke imihla uze ucinge ngezinto ozifundayo. (INdu. 1:1, 2) Emva kokuba ufunde iivesi ezimbalwa, zinike ixesha lokucingisisa ngazo. Xa usenza loo nto, uza kuzithanda izinto ozifundayo. ‘Ungayeki ukuthandaza.’ (Mat. 26:41) Xa uthandaza ngokusuka entliziyweni, uza kuya umthanda uYehova. ‘Qhubeka ufuna kuqala uBukumkani.’ (Mat. 6:33) Loo nto ungayenza ngokuqiniseka ukuba, ukushumayela yeyona nto ibalulekileyo ebomini bakho. Xa ushumayela qho, ukholo lwakho luza kuqina, ibe uza kunceda abanye abantu babe nethemba lokuphila ngonaphakade.​—1 Tim. 4:16.

21. Yintoni eza kwenzeka xa ubhaptiziwe?

21 Isigqibo sokuzinikela kuYehova nokubhaptizwa sesona sibalulekileyo. Kakade zikhona izinto ekuza kufuneka uzincame ibe uza kuba neengxaki. Kodwa into evuyisayo kukuba zonke ezo ngxaki ‘ziyagqitha ibe zincinci.’ (2 Kor. 4:17) Xa ubhaptiziwe, uza konwaba ngoku uze ufumane “ubomi benene” kwixesha elizayo. (1 Tim. 6:19) Ngoko, sicela ucingisise kakuhle uze uthandaze ngaphambi kokuba uphendule umbuzo othi, “Ngaba ndikulungele ukubhaptizwa?”

INGOMA 50 Umthandazo Wam Wokuzinikela

^ isiqe. 5 Ngaba ucinga ukubhaptizwa? Ukuba kunjalo, eli nqaku libhalelwe wena. Siza kuphendula imibuzo ebalulekileyo onokuzibuza yona xa ucinga ukubhaptizwa. Indlela wena oyiphendula ngayo le mibuzo iza kukwenza ubone ukuba ukulungele na ukubhaptizwa.

^ isiqe. 19 Kufuneka uyifunde uyigqibe incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile nethi Zigcineni KuThando LukaThixo. Ukuba ubungekazigqibi, qhubeka ufunda nomntu obekufundela.