Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Yayingoobani amapolisa awayesetempileni yamaYuda? Ayesenza ntoni?

Enye into eyayisenziwa ngabaLevi abangengobabingeleli yayikukuba ngamapolisa. La mapolisa ayesebenza phantsi komphathi wetempile. Xa ethetha ngomsebenzi awayewenza, umbhali ongumYuda uPhilo uthi: “Amanye ayegada egeyithini, amanye esiba phambi kwengcwele ukuze kungangeni mntu ungafanelekanga kuyo, nokuba kungempazamo. Amanye ayezulazula ngaphandle, etshintshana imini nobusuku.”

ISanhedrin yayikwazi ukucela la mapolisa xa ifuna ukuncedwa. Yayingawo qha amaYuda awayevunyelwa ngurhulumente waseRoma ukuba aphathe izixhobo.

Umphengululi uJoachim Jeremias uthi, “Xa uYesu wayebanjwa wabuza ukuba kwakutheni ukuze angabanjwa ngoxa wayefundisa etempileni. (Mat. 26.55) Loo nto yenza kucace ukuba wabanjwa ngala mapolisa.” Lo mbhali ucinga ukuba nakuqala yayingala mapolisa awabamba uYesu. (Yoh. 7:32, 45, 46) Emva koko la mapolisa nomphathi wawo athunywa ukuba ase abafundi bakaYesu kwiSanhedrin. Kusenokwenzeka ukuba ayekho naxa kwakurhuqelwa uPawulos ngaphandle kwetempile.​—IZe. 4:1-3; 5:17-27; 21:27-30.