Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI LOBOMI

“Sikhona! Thumani Thina!”

“Sikhona! Thumani Thina!”

NGABA ucinga ngokuya kushumayela kwindawo edinga abavakalisi abaninzi, mhlawumbi kwelinye ilizwe? Ukuba kunjalo, liza kukunceda ibali likaMzalwan’ uBergame nenkosikazi yakhe.

UJack noMarie-Line bebekwinkonzo yexesha elizeleyo kunye ukususela ngo-1988. Mininzi imisebenzi yentlangano abayenzileyo eGuadeloupe naseFrench Guiana eziphantsi kwesebe laseFransi. Le nto ibenze bangabantu abakhawulezayo ukuqhela xa izinto zitshintsha. Makhe sibabuze imibuzo embalwa.

Yintoni eyanenza nafuna ukuba kwinkonzo yexesha elizeleyo?

UMarie-Line: Ndisengumntwana ndihlala eGuadeloupe, ndandisoloko ndishumayela imini yonke nomama, owayeliNgqina elikhuthaleyo. Ndiyabathanda abantu, ngoko ndaye ndanguvulindlela ukuphuma kwam esikolweni ngo-1985.

UJack: Ndisakhula, ndandisoloko ndikunye nabantu abakwinkonzo yexesha elizeleyo ababeyithanda intsimi. Xa kuvalwa izikolo, ndandisiba nguvulindlela ongumncedani. Ngeempela-veki sasidla ngokukhwela ibhasi siyokushumayela noovulindlela abakwenye indawo. Sasishumayela imini yonke, emva koko siyokuphola elwandle. Kwakumnandi nyhani.

Emva kokuba nditshate noMarie-Line ngo-1988 ndazibuza, ‘Asinazinto zininzi zisibambileyo, ngoko asinakuzama ukuchitha ixesha elininzi entsimini?’ Nam ndaba nguvulindlela noMarie-Line. Emva konyaka, saya kwisikolo soovulindlela, saza emva koko saba ngoovulindlela abakhethekileyo. Mininzi imisebenzi esayenzayo nesasiyithanda eGuadeloupe ngaphambi kokuba sithunyelwe eFrench Guiana.

Kudala itshintshwa imisebenzi ebeniyenza kuyo yonke le minyaka. Benincedwa yintoni ukuze niqhele xa izinto zitshintsha?

UMarie-Line: Abazalwana ababekwikomiti yesebe laseFrench Guiana babeyazi ukuba uIsaya 6:8 sesona sibhalo sisithandayo. Xa besifowunela babeqala bahleke bathi, “Niyawukhumbula umbhalo eniwuthandayo?” Sasivele siyazi ukuba kukho utshintsho oluzayo. Sasiphendula sithi, “Sikhona! Thumani Thina!”

Asiyithelekisi imisebenzi ebesiyenza nalo siwenzayo ngoku kuba loo nto iza kwenza ukuba singawonwabeli lo msebenzi. Xa sifika kwenye indawo, siye sizame ukwenza abanye abahlobo.

UJack: Abanye abazalwana noodade babengafuni ukuba sihambe. Kodwa emva kokuba simkile eGuadeloupe, omnye umzalwana wasikhumbuza amazwi kaYesu akuMateyu 13:38 athi: “Intsimi lihlabathi.” Ngoko xa sithunyelwa kwenye indawo, sihlala sizikhumbuza ukuba, nokuba sisebenza phi, sisebenza kwintsimi enye. Kaloku ezona zinto zibalulekileyo ngabantu nentsimi.

Xa sifika kwindawo entsha, siye sibone ukuba abantu baloo ndawo bayakwazi ukuphila nje kamnandi. Ngoko siye sizame ukuphila njengabo. Nokuba ukutya kwahlukile koko sikuqhelileyo, siye sitye loo nto bayityayo size sisele loo nto bayiselayo. Kakade ke, siyazilumkela izinto ezinokusigulisa. Siye sizame ukuthetha kakuhle ngeendawo esisebenza kuzo.

UMarie-Line: Siye sifunde izinto ezininzi kubazalwana noodade esifikele kubo. Ndikhumbula into eyenzekayo emva kokuba sifike eFrench Guiana. Imvula yayigalela ngamandla, ngoko saqonda ukuba kuza kufuneka siyilinde iyeke ukuze sikwazi ukushumayela. Kodwa omnye udade wathi, “Masihambe.” Ndothuka ndambuza, “Njani?” Wathi, “Thath’ iambrela, siza kuhamba ngebhayisekile.” Ndatsho ndakwazi ukuqhuba ibhayisekile ndiphethe iambrela. Ukuba zange ndiyifunde loo nto, ngendingazange ndishumayele ngeenyanga zemvula.

Nifuduke amaxesha amalunga nayi-15. Ningabacebisa ngantoni abantu abafudukayo?

UMarie-Line: Ukufuduka kusenokuba yingxaki. Kodwa kubalulekile ukufumana indawo onokuphumla kamnandi kuyo xa usuka entsimini.

UJack: Xa sifika endlini entsha, ndidla ngokupeyinta ngaphakathi. Xa abazalwana baseBheteli beqonda ukuba asizukuhlala ixesha elide kuloo ndawo, babedla ngokuthi, “Jack, ungazihluphi ngokupeyinta.”

UMarie-Line yincutshe yokupakisha. Ufaka zonke izinto kwiikhadbhodi aze abhale ikhadbhodi nganye ukuba yeyeliphi igumbi. Ngokomzekelo, eyasekhitshini ubhala “khitshini” aze eyasegumbini lokulala abhale “igumbi lokulala.” Le nto isinceda sipakishe lula xa sifika kwikhaya lethu elitsha. Uye abhale nokuba ziintoni ezikwikhadbhodi nganye ukuze kube lula ukufumana izinto esizifunayo.

UMarie-Line: Kuba izinto sasizibeka ngeendawo zazo, sasikwazi ukuthi sifika nje kuloo ndawo, siye entsimini.

Yintoni eninceda ‘niwenze ngokupheleleyo umsebenzi wenu wokushumayela’?​—2 Tim. 4:5.

UMarie-Line: Qho ngoMvulo siyaphumla size silungiselele iintlanganiso. Ngezinye iintsuku siba sentsimini.

UJack: Siyazi ukuba kukho iiyure ekufuneka sizenzile ngenyanga, kodwa asisebenzeli nje iiyure. Kuthi, eyona nto ibalulekileyo kukushumayela. Sizama ukuthetha nabo bonke abantu esidibana nabo xa siphuma endlini side sibuye.

UMarie-Line: Ngokomzekelo, naxa sizikhuphile andiwashiyi amaphecana. Abanye abantu baye bacele ukuba sibanike iincwadi, nangona singakhange sibaxelele ukuba singamaNgqina. Ngenxa yaloo nto, asinxibi njee nakanjani na ibe siyazigada nezinto esizenzayo. Kaloku abantu bayaqaphela.

UJack: Enye into esinceda sikwazi ukushumayela kubamelwane bethu kukwenza izinto ezintle. Ndichola amaphepha, ndibalahlele inkunkuma ndize nditshayele amagqabi omthi eyadini. Abamelwane bayazibona ezi zinto bade ngamanye amaxesha basibuze, “Akukho Bhayibhile eninokundipha yona?”

Kudala nashumayela emaphandleni. Khanisibalisele ngezinye izinto ezenz’ umdla ezakha zenzeka xa nanifuduka.

UJack: Kunzima ukuyokufika kwezinye iindawo eGuiana. Kuba iindlela zimbi, ngamany’ amaxesha siye sithathe iveki yonke xa sisiya kwindawo eziikhilomitha eziyi-600. Ndikhumbula xa sasisiya eSt. Élie, ekwihlathi iAmazon. Sasihamba ngemoto enamavili amakhulu nesikhephe, kodwa safika emva kwexesha elide. Abantu abaninzi ababehlala apho babesemba igolide. Kuba babezithanda iincwadi zethu, abanye banikela ngamaqhekeza egolide. Ebusuku sabadlalela ividiyo. Yabukelwa ngabantu abaninzi.

UMarie-Line: UJack wakha wacelwa ukuba ayokunikela intetho yeSikhumbuzo eCamopi. Sahamba iiyure ezine ngesikhephe kuMlambo iOyapock. Kwakumnandi nyhani.

UJack: Kuyingozi ukuhamba ngesikhephe kwindawo enamanzi amaninzi abaleka ematyeni. Xa isikhephe sisondela kwindawo enje, iba ngathi ungangawasusi amehlo. Umqhubi umele ayazi into ayenzayo xa ehamba apho. Kodwa ke kwakumnandi. ECamopi kwakukho amaNgqina ayi-6, kodwa kwakukho abantu abamalunga ne-50 eSikhumbuzweni, kwabo bantu kwakukho nama-Amerindian.

UMarie-Line: Nabantu abasebatsha abazimisele ukukhonza uYehova banganamabali amnandi afana nala wethu. Izinto ezinje ziye zifune ukuba umthembe uYehova, ibe loo nto iyaluqinisa ukholo. Sisoloko sizibonela ngawethu indlela uYehova asinceda ngayo.

Zininzi iilwimi enizaziyo. Kulula kuni ukufunda ulwimi?

UJack: Hayi. Ndazifunda kuba kwakufuneka ndizifundile. Kwafuneka ndiqhube iMboniselo ngesiSranantongo * ndingazange ndenza nofundo lweBhayibhile. Ndabuza omnye umzalwana ukuba babendiva na. Wathi, “Amany’ amagama besingaweva, kodwa wenze kakuhle.” Abantwana babendinceda kakhulu. Bona babengafani nabantu abadala, babendixelela xa ndiphazama. Ndafunda izinto ezininzi kubo.

UMarie-Line: Kwenye indawo, ndandifundela abantu abathetha isiFrentshi, isiPhuthukezi neSranantongo. Omnye udade wandicebisa ukuba ndiqale ndifundele abantu abathetha ulwimi olunzima kum ndize ndigqibelise ngabathetha endilwaziyo. Landinceda kakhulu elo cebiso.

Ngenye imini, ndaqala ndaqhuba isifundo ngeSranantongo ndaza emva koko ndaya kuqhuba esesiPhuthukezi. Xa ndandifundela esi sesiPhuthukezi, udade endandihamba naye wathi kum, “Marie-Line, ingathi ikhona ingxaki.” Kwathi kanti ndithetha iSranantongo kwibhinqa laseBrazil endaweni yokuba ndithethe isiPhuthukezi.

Banithanda kakhulu abazalwana noodade ebenikhonza kunye nabo. Yintoni eniyenzileyo ukuze nivane kangaka nabo?

UJack: IMizekeliso 11:25 ithi: “Umntu onobubele uza kuphumelela.” Sisoloko sikunye nabanye abantu size sibenzele izinto. Xa kufuneka kusetyenziwe eholweni, abanye abazalwana babesithi kum: “Yeka abavakalisi bayenze loo nto.” Ndandibaphendula ndithi: “Nam ndingumvakalisi. Ukuba kufuneka kusetyenziwe, nam ndifuna ukuba khona.” Kakade, akekho umntu ongafuniyo ukuba yedwa ngamanye amaxesha, kodwa asifuni loo nto isenze singakwazi ukwenzela abanye abantu izinto.

UMarie-Line: Sizama ngandlela zonke ukubonisa abazalwana noodadewethu ukuba sinomdla kubo. Le nto isinceda sazi xa befuna umntu oza kubajongela abantwana okanye ayokubathatha esikolweni. Emva koko, siye sitshintshe izinto ebesiza kuzenza ukuze sikwazi ukubanceda. Le nto isinceda sibe nabahlobo, size sihlale sifumaneka xa befuna ukuba sibancede.

Zeziphi iintsikelelo enizifumeneyo ngokuya kwindawo edinga abavakalisi abaninzi?

UJack: Zininzi iintsikelelo esiye sazifumana kwinkonzo yexesha elizeleyo. Siye sanethuba lokubuka indalo kaYehova. Ewe kona bezikhona iingxaki, kodwa ke siyazi ukuba nokuba singaya phi, abantu bakaThixo baza kusoloko besinceda.

Ndisakhula, ndakha ndavalelwa ejele eFrench Guiana kuba ndandingafuni ukuba lijoni. Zange ndiyicinge nokuyicinga into yokuba ndingaze ndibuyele khona ndingumvangeli wasemazweni ndize ndivunyelwe ukuba ndishumayele kwiijele. UYehova wandisikelela nyhani.

UMarie-Line: Eyona nto indonwabisayo kukunceda abanye abantu. Kuyasonwabisa ukukhonza uYehova ibe kuye kwaqinisa nomtshato wethu. Ngamanye amaxesha uJack uye athi masimeme umyeni nenkosikazi yakhe abadinga ukukhuthazwa. Amaxesha amaninzi ndiye ndithi kuye, “Bendicinga kanye loo nto.” Siyakuthanda ukucinga into enye.

UJack: Ndisand’ ukuva ukuba ndinomhlaza wedlala lobudoda. Nangona uMarie-Line engathandi ukuyiva le nto, ndiye ndithi kuye: “Sthandwa, andikabikho mdala, kodwa nokuba ndingafa ngomso, ndiza kufa ndisazi ukuba ubomi bam ndibuchithe ndikhonza uYehova. Iyandivuyisa ke loo nto.”​—Gen. 25:8.

UMarie-Line: UYehova uye wasisebenzisa ngeendlela esingazange sazicinga. Zininzi kakhulu izinto ezintle ezenzekileyo ebomini bethu. Simthembe kakhulu uThixo, ngoko nokuba intlangano yakhe ingathi masiye phi, siyaya.

^ isiqe. 32 ISranantongo seza namakhoboka awayesuka eAfrika awayedibanisa isiNgesi, isiDatshi, isiPhuthukezi nezinye iilwimi zaseAfrika.