Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 18

“Lubaleke Kude Kube Sekugqibeleni Ugqatso”

“Lubaleke Kude Kube Sekugqibeleni Ugqatso”

“Ugqatso ndilubaleke kwada kwasekugqibeleni.”—2 TIM. 4:7.

INGOMA 129 Siza Kuqhubeka Sinyamezela

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Yintoni ekufuneka sonke siyenze?

UNGAVUMA ukubaleka ugqatso olaziyo ukuba lunzima, ube ugula okanye udiniwe? Mhlawumbi awunakuvuma. Kodwa umpostile uPawulos wathi onke amaKristu okwenene akugqatso. (Heb. 12:1) Sonke, umtsha okanye umdala, unamandla okanye udiniwe, kufuneka sinyamezele kolu gqatso de sifumane umvuzo esiza kuwunikwa nguYehova.—Mat. 24:13.

2. Eyesi-2 kuTimoti 4:7, 8 ithi yintoni eyayisenza uPawulos athethe ngomzimba ongenaxhala ngogqatso?

2 UPawulos wathetha ngomzimba ongenaxhala ngogqatso kuba yena ‘wayelubaleke kwada kwasekugqibeleni.’ (Funda eyesi-2 kuTimoti 4:7, 8.) Kodwa loluphi ugqatso awayethetha ngalo?

LOLUPHI UGQATSO ESILUBALEKAYO?

3. Loluphi ugqatso uPawulos wayethetha ngalo?

3 Xa uPawulos wayefundisa ngezinto ezibalulekileyo, wayeye athethe ngezinto ezazisetyenziswa kwimidlalo yamaGrike. (1 Kor. 9:25-27; 2 Tim. 2:5) Ngamanye amaxesha wayesithi xa efundisa ngobomi bamaKristu, enze umzekelo womntu okugqatso. (1 Kor. 9:24; Fil. 2:16) Umntu uqala ukubaleka ‘kugqatso’ lobomi bamaKristu awayefundisa ngalo uPawulos xa ezinikela kuYehova aze abhaptizwe. (1 Pet. 3:21) Ufika entanjeni xa uYehova emnika umvuzo obubomi obungunaphakade.—Mat. 25:31-34, 46; 2 Tim. 4:8.

4. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

4 Zeziphi ezinye izinto olufana ngazo ugqatso lomgama omde nobomi bamaKristu? Zininzi. Makhe sithethe nje ngezithathu. Okokuqala, kufuneka sibaleke kwindlela ekuthiwa masibaleke kuyo. Okwesibini, kufuneka sihlale sijonge entanjeni. Okwesithathu, singayeki ukubaleka nokuba iimeko azivumi.

BALEKA KWINDLELA EKUTHIWA MASIBALEKE KUYO

Sonke kufuneka sibaleke kwindlela yamaKristu eya ebomini (Jonga isiqendu 5-7) *

5. Yeyiphi indlela esimele siphile ngayo, ibe ngoba?

5 Ngokuqhelekileyo, ukuze abantu bafumane umvuzo kugqatso, kufuneka babaleke kwindlela olubalekwa kuyo. Nathi, ukuze sifumane umvuzo wobomi obungunaphakade, kufuneka siphile ngendlela yamaKristu. (IZe. 20:24; 1 Pet. 2:21) Kodwa uSathana nabantu abamlandelayo bafuna siphile njengabo, singaphili ngendlela yamaKristu. (1 Pet. 4:4) Bahlekisa ngendlela esiphila ngayo besithi eyabo ibhetele kuba ibenza bakhululeke. Bubuxoki obo.—2 Pet. 2:19.

6. Ufunda ntoni kwinto eyenzeka kuBrian?

6 Umntu ophila njengabantu behlabathi likaSathana uye akhawuleze abone ukuba indlela ayikhethileyo ayimenzi akhululeke, kodwa imenza abe likhoboka. (Roma 6:16) Makhe sive into eyenzeka kuBrian. Abazali bakhe bamkhuthaza ukuba aphile ngendlela yamaKristu. Xa wayeneminyaka engaphezu kweyi-12, wayithandabuza le ndlela. Wakhetha ukuphila njengabantu behlabathi likaSathana. Uthi, “Ndandingenalo nofifi lokuba kanti le nkululeko ndiyikhanuka kangaka iza kundifak’ enkathazweni. Akubanga kudala, ndaqalisa ukutshaya iziyobisi, ukunxila nokuziphatha kakubi. Kwiminyaka embalwa eyalandelayo ndaya ndingena nzulu koomanqanqa beziyobisi de ndaba likhoboka lazo. . . . Ndaqalisa ukuthengisa iziyobisi ukuze ndifumane imali.” UBrian wade wabona ukuba makaphile ngeendlela zikaYehova. Wayitshintsha indlela awayephila ngayo, wabhaptizwa ngo-2001. Ngoku, wonwabe kakhulu kuba uphila ngendlela yamaKristu. *

7. Zeziphi iindlela ezimbini ekuthethwa ngazo kuMateyu 7:13, 14?

7 Kubaluleke kakhulu ukuba sibaleke kwindlela ekuthiwe masibaleke kuyo. USathana akafuni sibaleke kwindlela encinci “eya ebomini;” ufuna sibaleke kule ivulekileyo ihanjwa ngabantu abaninzi beli hlabathi. Yona iyathandwa ibe kulula ukubaleka kuyo, kodwa ‘iya entshabalalweni.’ (Funda uMateyu 7:13, 14.) Ukuze sihlale sibaleka kwindlela efanelekileyo, kufuneka simmamele uYehova size simthembe.

BALEKA UJONGE ENTANJENI

Baleka ujonge entanjeni, ungakhubekisi abanye (Jonga isiqendu 8-12) *

8. Xa umntu okugqatso esiwa, uye enze ntoni?

8 Abantu ababaleka kugqatso lomgama omde babaleka bejonge indlela ukuze bangakhubeki. Kodwa basenokugilwa ngabantu ababaleka nabo okanye bangene esigingqini. Ukuba bayawa, bakhawuleza baphakame baze baphinde babaleke. Abazilibazisi ngokube bejonga into ebakhubekisileyo, kodwa eyona nto bacinga ngayo kukufika entanjeni ukuze bafumane umvuzo.

9. Ukuba siyakhubeka, yintoni esimele siyenze?

9 Sonke sinokukhubeka kolu gqatso, senze iimpazamo kwindlela esithetha ngayo nakwizinto esizenzayo. Okanye abantu esibaleka nabo benze izinto ezisikhathazayo. Ayimelanga isothuse loo nto. Kaloku sonke asifezekanga, ibe indlela eya ebomini esibaleka kuyo sonke incinci. Ngoko sisenokugilana. UPawulos wathi ngamanye amaxesha ‘sinokukhalazelana.’ (Kol. 3:13) Kodwa asimele sizilibazise ngokujonga into esikhubekisayo, eyona nto simele sicinge ngayo kukufumana umvuzo. Ukuba siyakhubeka, masiphakame, siphinde sibaleke. Ukuba silibele kukuba nomsindo size singafuni ukuphakama sibaleke, asizukufika entanjeni ukuze sifumane umvuzo. Nabanye abantu ababaleka kule ndlela incinci basenokungakwazi ukugqitha.

10. Yintoni esinokuyenza ukuze ‘singakhubekisi’ abanye?

10 Enye into enokusenza ‘singabakhubekisi’ abantu esibaleka nabo kukuba siyekelele kwizinto abazifunayo kunokuba sinyanzelise ukuba kwenziwe ezifunwa sithi. (Roma 14:13, 19-21; 1 Kor. 8:9, 13) Xa sisenza loo nto, asifani nabantu ababaleka kugqatso oluqhelekileyo. Bayakhuphisana, ibe ngamnye ufuna ukuzifumanela umvuzo. Basoloko becinga ngento eza kunceda bona bafike entanjeni. Basenokude bazame nokutyhilizela abanye ecaleni ukuze ibe ngabo phambili. Thina asikhuphisani. (Gal. 5:26; 6:4) Sifuna ukunceda abantu abaninzi bafike entanjeni baze bafumane umvuzo wobomi. Ngoko sizama ukwenza into eyathethwa nguPawulos. Wathi: “Ningacingeli kuphela iziqu zenu, kodwa nibacingele nabanye.”—Fil. 2:4.

11. Yintoni ezisoloko zicinga ngayo iimbaleki, ibe ngoba?

11 Ngaphandle kokujonga le ndlela zibaleka kuyo, iimbaleki eziqhelekileyo zisoloko zicinga ngokufika entanjeni. Nokuba azikayiboni ukuba iphi, ziba nombono wazo zifika kuyo zize zifumane umvuzo. Eyona nto izenza zingayeki, kukucinga ngawo.

12. UYehova usithembisa ngantoni?

12 Ukuba sibaleka de siyokufika entanjeni, uYehova usithembisa ngomvuzo wobomi obungunaphakade, ezulwini okanye kwiparadesi esemhlabeni. IZibhalo zisikrobisa indlela ekuza kuba mnandi ngayo xa sifumene loo mvuzo. Ukuba sisoloko sicinga ngawo, asizukuvumela nantoni na ukuba isenze singawufumani.

MASINGAYEKI UKUBALEKA NOKUBA IIMEKO AZIVUMI

Sifuna ukuhlala sibaleka kugqatso lobomi nokuba sineengxaki (Jonga isiqendu 13-20) *

13. Yintoni esibhetele ngayo kuneembaleki eziqhelekileyo?

13 Iimbaleki ezazibaleka eGrisi zazidinwa, zibe nazo neentlungu. Kodwa eyona nto yayizenza ziphumelele yindlela ezaziqeqeshwa ngayo namandla ezazinawo. Nathi siyaqeqeshwa kolu gqatso sikulo. Thina sibhetele kakhulu kunazo kuba sifumana amandla kuYehova onamandla angapheliyo. Ukuba sithembela ngaye, uza kusiqeqesha aze asenze sibe namandla.—1 Pet. 5:10.

14. Eyesi-2 kwabaseKorinte 12:9, 10 ingasinceda njani xa sineengxaki?

14 UPawulos wayeneengxaki ezininzi. Wayethukwa, etshutshiswa, ngamanye amaxesha wayephelelwa ngamandla, enyamezela nento awayesithi ‘liliva enyameni.’ (2 Kor. 12:7) Endaweni yokuba ezi ngxaki zimyekise ukukhonza uYehova, zazimenza amthembe. (Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 12:9, 10.) Ngenxa yaloo nto, uYehova wamnceda uPawulos kuzo zonke iingxaki awayenazo.

15. Yintoni eza kwenzeka ukuba sifana noPawulos?

15 Nathi sinokuthukwa size sitshutshiswe ngenxa yokholo lwethu. Mhlawumbi siyagula okanye siziva sidiniwe. Kodwa ukuba sifana noPawulos, ezo ngxaki zinokusenza sibone indlela uYehova asinceda ngayo.

16. Yintoni onokukwazi ukuyenza nokuba uyagula?

16 Ngaba ulele ebhedini ngenxa yokugula okanye uhamba ngesitulo sabantu abagulayo? Ngaba unengxaki yamadolo okanye awuboni kakuhle? Ukuba unjalo, ungakwazi ukubaleka kolu gqatso nabantu abasebatsha nabasempilweni? Ungakwazi. Baninzi abantu abadala nabagulayo ababaleka kule ndlela iya ebomini. Abanakuyenza le nto ngamandla abo. Bafumana kuYehova amandla ngokumamela iividiyo zeentlanganiso ezifumaneka ku-JW Streaming okanye abazirekhodelweyo. Bashumayela koogqirha, oonesi nakubantu abazalana nabo.

17. UYehova uziva njani ngabantu abagulayo?

17 Ungaze uvumele iingxaki onazo zikwenze ucinge ukuba awunakukwazi ukubaleka kule ndlela iya ebomini. UYehova uyakuthanda ngenxa yokholo onalo nezinto omenzele zona. Uludinga kakhulu ngoku uncedo lwakhe, ibe akasoze akulahle. (INdu. 9:10) Uza kusondela kuwe. Yiva ukuba uthini omnye udade ogulayo: “Ndiya ndigula kakhulu, ngoku kunzima ukuya qho entsimini. Kodwa ndiyazi ukuba nento encinci endiyenzayo iyamvuyisa uYehova. Nam loo nto indenza ndonwabe.” Xa ungenamandla, khumbula ukuba uYehova unawe. Cinga ngoPawulos nangento awayithethayo. Wathi: “Ndiyavuya xa ndingenamandla, . . . kuba xa ndingenamandla, kuxa kanye ndinamandla.”—2 Kor. 12:10.

18. Yeyiphi enye ingxaki abanayo abanye abantu?

18 Ikhona enye ingxaki abanayo abantu ababaleka kwindlela eya ebomini. Banengxaki engenakubonwa ngabanye abantu. Ngokomzekelo, baba nedepression okanye basoloko benexhala kakhulu. Kutheni iyeyona nto inzima le kubakhonzi bakaYehova? Kungenxa yokuba xa umntu ophuke ingalo okanye ehleli kwisitulo sabantu abagulayo, wonke umntu uye ayibone ingxaki yakhe aze afune ukumnceda. Bona abantu abaziva kabuhlungu ngaphakathi okanye abaphazamiseke engqondweni, basenokubonakala ngathi abanangxaki. Imeko yabo ibuhlungu njengeyomntu ophuke ingalo, kodwa kuba bengayiboni ingxaki yabo, abantu abaninzi basenokungabancedi.

19. Ibali likaMefibhoshete lisinceda njani?

19 Ukuba uneengxaki ezikwenza ungamkhonzi ngohlobo ofuna ngalo uYehova, ingathi nabantu abayiqondi imeko yakho, lingakunceda ibali likaMefibhoshete. (2 Sam. 4:4) Wayeqhwalela ibe uKumkani uDavide wayecinga into engeyonyani ngaye. UMefibhoshete wayengazenzanga. Ezi zinto zange zimcaphukise; wayesoloko evuyela izinto ezintle ezazisenzeka ebomini bakhe. Wayeyivuyela indlela awayekade ephethwe ngayo nguDavide. (2 Sam. 9:6-10) Ngoko xa uDavide wayecinga into engeyonyani ngaye, akazange acaphuke. Akazange atyhole uYehova ngento eyenziwe nguDavide. Wahlala ecinga ngezinto anokuzenza ukuze axhase ukumkani okhethwe nguYehova. (2 Sam. 16:1-4; 19:24-30) UYehova waqiniseka ukuba ibali likaMefibhoshete liyabhalwa eBhayibhileni ukuze lisincede.—Rom. 15:4.

20. Yintoni eyenzekayo kubazalwana noodade abasoloko benexhala, ibe banokuqiniseka ngantoni?

20 Ngenxa yokuba besoloko benexhala kakhulu, abanye abazalwana noodade baye bangazithembi xa bephakathi kwabanye abantu. Kusenokuba nzima ukuba phakathi kwabantu abaninzi, kodwa bayaya kwiintlanganiso, kwiindibano ezincinci nezinkulu. Akukho lula ukuthetha nabantu abangabaziyo, kodwa bayathetha nabantu entsimini. Ukuba unale ngxaki, qiniseka ukuba awukho wedwa. Baninzi abanjengawe. Khumbula ukuba ziyamvuyisa uYehova izinto ozenzayo. Kwale nto yokuba usaqhubeka umkhonza, ibonisa ukuba uyakusikelela ibe ukunika amandla. * (Fil. 4:6, 7; 1 Pet. 5:7) Ukuba ukhonza uYehova nokuba uyagula, qiniseka ukuba uYehova uyavuya.

21. Yintoni uYehova aza kusinceda kuyo sonke?

21 Sivuyiswa kukwazi ukuba kukho umahluko phakathi kogqatso oluqhelekileyo nathetha ngalo uPawulos. Kugqatso oluqhelekileyo olwalubalekwa ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, wayeba mnye umntu ofumana umvuzo. Kodwa kolu lwamaKristu, wonke umntu onyamezela de kube sekupheleni, ufumana umvuzo wobomi obungunaphakade. (Yoh. 3:16) Kugqatso oluqhelekileyo, zonke iimbaleki kufuneka zibe sempilweni ukuze ziphumelele. Kolu lwethu, abaninzi bayagula, kodwa abanikezeli. (2 Kor. 4:16) UYehova uza kusinceda sonke silubaleke kude kube sekugqibeleni olu gqatso.

INGOMA 144 Hlala Ujonge Emvuzweni!

^ isiqe. 5 Abanye abakhonzi bakaYehova namhlanje baneengxaki zokwaluphala, abanye abanamandla kuba bayagula. Sonke sikhe sidinwe. Ngoko kusenokubonakala kunzima kakhulu ukubaleka ugqatso. Kweli nqaku, siza kuthetha ngendlela esinokunyamezela size siphumelele ngayo kugqatso lobomi awayethetha ngalo umpostile uPawulos.

^ isiqe. 6 Jonga inqaku elithi “IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi BabantukwiMboniselo kaJanuwari 1, 2013.

^ isiqe. 20 Ukuze ufumane amanye amacebiso ngezinto onokuzenza xa usoloko unexhala kakhulu, uve nezinto ezenziwe ngabanye abantu abanale ngxaki, bukela iBroadcasting kaMeyi 2019 ku-jw.org. Jonga indawo ethi IIMPAPASHO > I-JW BROADCASTING.

^ isiqe. 63 IMIFANEKISO: Indlela akhuthele ngayo entsimini lo mzalwana ukhulileyo imenza ahlale ebaleka kwindlela yamaKristu eya ebomini.

^ isiqe. 65 IMIFANEKISO: Sinokubakhubekisa abanye ngokufuna ukuba basele kakhulu nangokuba thina singazinqandi xa sisela.

^ isiqe. 67 IMIFANEKISO: Naxa elele esibhedlele, umzalwana akanikezeli kolu gqatso kuba ushumayela koogqirha nakoonesi.