Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 20

Ngubani “Ukumkani Wasemntla” Namhlanje?

Ngubani “Ukumkani Wasemntla” Namhlanje?

“Uza kufikelela esiphelweni sakhe, engenamncedi.”​—DAN. 11:45.

INGOMA 95 Kuya Kukhanya Ngokukhanya

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1-2. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

ZININZI kakhulu ngoku izinto ezenzekayo ezenza sibone ukuba sisekupheleni kwemihla yokugqibela yeli hlabathi. Kungekudala uYehova noYesu Kristu baza kutshabalalisa bonke oorhulumente abangabufuniyo uBukumkani BukaThixo. Kodwa ngaphambi kokuba kwenzeke loo nto, ukumkani wasemntla nowasemzantsi baza kulwa bodwa baze bahlasele nabantu bakaThixo.

2 Kweli nqaku siza kuthetha ngesiprofeto esikuDaniyeli 11:40–12:1. Siza kubona ukuba ngubani ukumkani wasemntla. Siza kuthetha nangezinto eziza kusenza singoyiki, sithembe uYehova ukuba uza kusinceda nokuba kwenzeka ntoni.

UKUMKANI WASEMNTLA OMTSHA

3-4. Ngubani ukumkani wasemntla namhlanje? Cacisa.

3 Emva kokuphela kweSoviet Union ngo-1991, abantu bakaThixo bakhululeka okwexeshana. Xa ethetha ngaloo nkululeko uDaniyeli uthi ‘luncedo olungephi.’ (Dan. 11:34) Batsho bakwazi ukushumayela kakuhle, kwaza kwabakho abavakalisi abaninzi kakhulu kumazwe awayekade ephantsi kweSoviet Union. Kodwa emva kweminyaka, iRashiya namazwe ayixhasayo yaba ngukumkani wasemntla. Njengoko besifundile kwinqaku elidlulileyo, ukuze urhulumente abe ngukumkani wasemntla okanye wasemzantsi kufuneka enze ezi zinto zintathu: (1) alawule kumazwe anabantu bakaThixo kwaye abatshutshise, (2) indlela abaphethe ngayo abantu bakaThixo ibonise ukuba akafuni nokumbona uThixo onguYehova nabantu bakhe, (3) aba kumkani babini balwe, ingulowo efuna ukuphatha iindawo ezininzi kunomnye.

4 Nazi izizathu ezenza sithi ukumkani wasemntla namhlanje yiRashiya namazwe ayixhasayo. (1) IRashiya ikunye nala mazwe, iye yahlasela abantu bakaThixo ngokuvala umsebenzi wokushumayela nangokubatshutshisa. (2) Loo nto ibonisa ukuba ayifuni nokumbona uYehova nabantu bakhe. (3) Ifuna ukuphatha iindawo ezininzi kunokumkani wasemzantsi, oliGunya Lehlabathi LamaNgesi NamaMerika. Makhe sithethe ngezinto ezenziwe yiRashiya namazwe ayixhasayo ezibonisa ukuba ngukumkani wasemntla.

UKUMKANI WASEMNTLA NOWASEMZANTSI ABAYEKI UKULWELA IGUNYA

5. UDaniyeli 11:40-43 uthetha ngantoni?

5 Funda uDaniyeli 11:40-43. Ezi vesi zesiprofeto zithetha ngexesha lesiphelo. Zithetha ngokumkani wasemntla nowasemzantsi belwela igunya. UDaniyeli waprofeta esithi ngexesha lesiphelo ukumkani wasemzantsi wayeza “kulwa” nokumkani wasemntla.—Dan. 11:40.

6. Yintoni ebonisa ukuba ukumkani wasemntla ulwa nowasemzantsi?

6 Ukumkani wasemntla nowasemzantsi bayaqhubeka besilwela igunya. Ngokomzekelo, emva kweMfazwe Yehlabathi II, iSoviet Union namazwe ayixhasayo aye alawula iindawo ezininzi eYurophu. Loo nto yanyanzela ukumkani wasemzantsi ukuba adibanise umkhosi wakhe nowamanye amazwe baze baqalisa intlangano eyaziwa ngokuba yiNorth Atlantic Treaty Organization (NATO). Aba kumkani bayaqhubeka besebenzisa imali eninzi bethenga izixhobo zokulwa. Kwiimfazwe eziliwa kumazwe aseAfrika, eAsia, kuMbindi nakuMzantsi Merika aba kumkani baye balwa, beyenza loo nto ngokuxhasa iintshaba zomnye. Kule minyaka, iRashiya namazwe ayixhasayo iye yanefuthe elikhulu ehlabathini lonke. Iye yalwa nokumkani wasemzantsi ngokuba inkcazelo ekwiikhompyutha. Ukumkani wasemzantsi nowasemntla batyholana besithi omnye uye wasebenzisa iikhompyutha ukuze omnye alahlekelwe yimali okanye urhulumente wakhe aphelelwe ngamandla. Kwenzeka nenye into eyaprofetwa nguDaniyeli, ukumkani wasemntla uyaqhubeka ehlasela abantu bakaThixo.​—Dan. 11:41.

UKUMKANI WASEMNTLA UNGENA ‘KWILIZWE ELIHLE’

7. Liyintoni ‘ilizwe elihle’?

7 UDaniyeli 11:41 uthi ukumkani wasemntla uza kungena ‘kwilizwe elihle.’ Leliphi elo lizwe? Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, ilizwe lakwaSirayeli kwakusithiwa lelona ‘lihle ngaphezu kwawo onke amanye amazwe.’ (Hez. 20:6) Eyona nto yayisenza eli lizwe libe lihle kakhulu, kukuba kulapho wayekhonzwa khona uYehova. Ukuqala ngePentekoste ka-33 C.E., elo lizwe layeka ukuba lilizwe lakwaSirayeli kuba abantu bakaYehova basasazeka emhlabeni wonke. Namhlanje, ‘ilizwe elihle’ zizinto ezenziwa ngabantu bakaYehova ezinjengokumkhonza bekwiintlanganiso zebandla okanye beshumayela.

8. Ukumkani wasemntla uye wangena njani ‘kwilizwe elihle’?

8 Kule mihla yokugqibela, ukumkani wasemntla uye wangen’ ephuma ‘kwilizwe elihle.’ Ngokomzekelo, xa iJamani yamaNazi yayingukumkani wasemntla, yangena ‘kwilizwe elihle’ ngokutshutshisa nangokubulala abantu bakaThixo, ingakumbi ngemfazwe yehlabathi yesibini. Emva kweMfazwe Yehlabathi II, iSoviet Union yaba ngukumkani wasemntla. Nayo yangena ‘kwilizwe elihle’ ngokutshutshisa abantu bakaThixo nangokubagxothela kwamanye amazwe.

9. IRashiya namazwe ayixhasayo iye yangena njani ‘kwilizwe elihle’?

9 Kule minyaka, nayo iRashiya namazwe ayixhasayo iye yangena ‘kwilizwe elihle.’ Njani? Ngo-2017, iRashiya yawuvala umsebenzi wabantu bakaYehova, yaphosa abaninzi etrongweni. Iye yavala nokusasazwa kweencwadi zethu kunye neNguqulelo Yehlabathi Elitsha. Iye yoxutha iofisi yesebe eseRashiya, iiHolo ZoBukumkani neeHolo ZeeNdibano. Emva kokuba yenze yonke le nto, ngo-2018 iQumrhu Elilawulayo liye lathi iRashiya namazwe ayixhasayo ngukumkani wasemntla. Kodwa nokuba urhulumente angabatshutshisa kangakanani abantu bakaYehova, abasoze balwe naye okanye bazame ukumtshintsha. Endaweni yoko, benza into ethethwa yiBhayibhile, bayabathandazela “abo bakwizikhundla eziphezulu,” ingakumbi xa beza kwenza isigqibo ngendlela esinqula ngayo.​—1 Tim. 2:1, 2.

NGABA UKUMKANI WASEMNTLA UZA KUMOYISA OWASEMZANTSI?

10. Ngaba ukumkani wasemntla uza kumoyisa owasemzantsi? Cacisa.

10 UDaniyeli 11:40-45 uthetha kakhulu ngezinto eziza kwenziwa ngukumkani wasemntla. Ngaba le nto ithetha ukuba ukumkani wasemntla uza kumoyisa owasemzantsi? Hayi. Ukumkani wasemzantsi uza kube ‘esaphila’ okanye esekho xa uYehova noYesu betshabalalisa oorhulumente ngeArmagedon. (ISityhi. 19:20) Yintoni esenza siqiniseke kangaka? Makhe sive into ethethwa sisiprofeto sikaDaniyeli neSityhilelo.

NgeArmagedon, uBukumkani BukaThixo obufaniswa nelitye buza kubaphelisa bonke oorhulumente abangabantu, abafanekiselwa ngumfanekiso omkhulu (Jonga isiqendu 11)

11. Isiprofeto esikuDaniyeli 2:43-45 sithetha ngantoni? (Jonga umfanekiso ongaphandle.)

11 Funda uDaniyeli 2:43-45. Isiprofeto sikaDaniyeli sithetha ngomfanekiso omkhulu owenziwe ngegolide, isilivere, ikopolo, intsimbi, noneenyawo zentsimbi exutywe nodongwe. Amalungu ahlukeneyo alo mfanekiso afanekisela oorhulumente abahlukeneyo abalawula kumazwe anabantu bakaThixo. Aba rhulumente bebelawula ngamaxesha ahlukeneyo. Iinyawo zalo mfanekiso zenziwe ngentsimbi exutywe nodongwe. Zimela urhulumente wokugqibela, oyiBritani neUnited States. Esi siprofeto sithetha ukuba iBritani neUnited States ziza kube zisalawula xa uBukumkani BukaThixo buze kutshabalalisa bonke oorhulumente babantu.

12. Imela ntoni intloko yesixhenxe yerhamncwa, ibe kutheni loo nto ibalulekile?

12 Umpostile uYohane uthetha ngoorhulumente abaye balawula kumazwe anabantu bakaYehova. Kwisiprofeto sakhe aba rhulumente bamelwa lirhamncwa elineentloko ezisixhenxe. Intloko yesixhenxe imela iGunya Lehlabathi LamaNgesi NamaMerika. Le nto ibalulekile kuba ayikho enye intloko ephumayo kweli rhamncwa emva kwale. Le ntloko yesixhenxe iza kube isalawula xa uKristu nomkhosi wasezulwini beze kutshabalalisa yona nalo lonke irhamncwa. *​—ISityhi. 13:1, 2; 17:13, 14.

YINTONI EZA KWENZIWA NGUKUMKANI WASEMNTLA?

13-14. Ngubani ‘uGogi welizwe lakwaMagogi,’ ibe uza kube ecatshukiswe yintoni xa ehlasela abantu bakaThixo?

13 Isiprofeto esikuHezekile sisichazela ngento eza kwenzeka kukumkani wasemntla nowasemzantsi ngaphambi kokuba batshatyalaliswe. Kubonakala ngathi isiprofeto esikuHezekile 38:10-23; uDaniyeli 2:43-45; 11:44–12:1; nakwiSityhilelo 16:13-16, 21 zithetha ngento enye. Ukuba kunjalo, nantsi into esicinga ukuba iza kwenzeka.

14 Ngexesha lentlungu engathethekiyo, ‘ookumkani bomhlaba’ baza kuqokelelana babe liqela elinye leentlanga. (ISityhi. 16:13, 14; 19:19) IBhayibhile ithi elo qela ‘nguGogi welizwe lakwaMagogi.’ (Hez. 38:2) Liza kubahlasela okokugqibela abantu bakaThixo, lifuna ukubacim’ igama. Liza kube licatshukiswe yintoni? Eprofeta ngento eza kwenzeka ngeli xesha, umpostile uYohane uthi iintshaba zikaThixo ziza kuwelwa ngamatye esichotho amakhulu. Eso sichotho simela umyalezo womgwebo oza kube uchazwa ngabantu bakaYehova. Isenokuba ngulo myalezo oza kwenza uGogi wakwaMagogi ahlasele abantu bakaThixo efuna ukubacim’ igama.​—ISityhi. 16:21.

15-16. (a) Kusenokwenzeka ukuba uDaniyeli 11:44, 45 uthetha ngantoni? (b) Yintoni eza kwenzeka kukumkani wasemntla nazo zonke iintlanga ezinguGogi wakwaMagogi?

15 Kusenokwenzeka ukuba uDaniyeli 11:44, 45 * (yifunde) uthetha ngalo myalezo womgwebo nokuhlaselwa kwabantu bakaThixo ziintshaba zakhe. Kwezi vesi, uDaniyeli uthi “iingxelo eziphuma empuma nasemntla” ziza kumphazamisa ukumkani wasemntla aze ‘aphume enomsindo.’ Lo kumkani wasemntla ufuna ‘ukutshabalalisa abaninzi.’ Kusenokwenzeka ukuba “abaninzi” athetha ngabo uDaniyeli ngabantu bakaYehova abaza kuhlaselwa okokugqibela ziintshaba zikaThixo.

16 Xa ukumkani wasemntla nabo bonke oorhulumente bomhlaba behlasela abantu bakaThixo, uza kucaphuka uYehova. Iqale xa kulapho ke iArmagedon. (ISityhi. 16:14, 16) Ngelo xesha, ukumkani wasemntla uza kutshatyalaliswa nazo zonke iintlanga ezinguGogi wakwaMagogi, kungabikho nto ‘izincedayo.’​—Dan. 11:45.

NgeArmagedon, uYesu Kristu nemikhosi yakhe yasezulwini baza kulitshabalalisa eli hlabathi likaSathana baze basindise abantu bakaThixo (Jonga isiqendu 17)

17. Ngubani uMikayeli ‘oyinkosana enkulu’ ekuthethwa ngaye kuDaniyeli 12:1, wenza ntoni, ibe uza kwenza ntoni?

17 Ivesi elandelayo kaDaniyeli isixelela ngenye into eza kwenzeka xa kutshatyalaliswa ukumkani wasemntla nabanye oorhulumente, nendlela esiza kusindiswa ngayo. (Funda uDaniyeli 12:1.) Itheth’ ukuthini le vesi? UMikayeli lelinye igama likaKumkani wethu olawulayo, uKristu Yesu. Ukuqala ngo-1914, xa waba nguKumkani woBukumkani BukaThixo, uye ‘wamela’ abantu bakaThixo. Uza ‘kuma’ kungekudala, okanye uza kutshabalalisa iintshaba zakhe kwimfazwe yeArmagedon. Xa ethetha ngale mfazwe uDaniyeli uthi iza kuba yinto yokugqibela eyenzeka ngelona ‘xesha linzima’ ekungazange kubekho linjengalo. Isiprofeto sikaYohane esikwiSityhilelo sichaza ixesha elikhokelela kule mfazwe ngokuthi ‘yintlungu engathethekiyo.’​—ISityhi. 6:2; 7:14.

NGABA IGAMA LAKHO LIZA ‘KUBHALWA ENCWADINI’?

18. Kutheni simele singoyikiswa zizinto eziza kwenzeka?

18 Asimele soyike xa kuthethwa ngezinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo. Kaloku, uDaniyeli noYohane basenze saqiniseka ukuba abakhonzi bakaYehova noYesu baza kusinda ngexesha lentlungu engathethekiyo. UDaniyeli uthi kuza kusinda abantu abanamagama ‘abhalwe encwadini.’ (Dan. 12:1) Yintoni esimele siyenze ukuze amagama ethu abhalwe kule ncwadi? Simele senze izinto ezibonisa ukuba sinokholo kuYesu, iMvana kaThixo. (Yoh. 1:29) Sizahlulele kuThixo size sibhaptizwe. (1 Pet. 3:21) Sibonise nokuba sixhasa uBukumkani BukaThixo ngokunceda abantu bafunde ngoYehova.

19. Yintoni esimele siyenze ngoku, ngoba?

19 Ngoku lixesha lokuba simthembe nakakhulu uYehova nentlangano yakhe. Lixesha lokuba sixhase uBukumkani BukaThixo. Ukuba siyazenza ezi zinto, siza kusinda xa uBukumkani BukaThixo butshabalalisa ukumkani wasemntla nowasemzantsi.

INGOMA 149 Ingoma Yoloyiso

^ isiqe. 5 Ngubani “ukumkani wasemntla” namhlanje? Uza kuphelela phi? Ukwazi iimpendulo zale le mibuzo kuza kusinceda siqine elukholweni size silungele izinto eziza kwenzeka kungekudala.

^ isiqe. 15 Ukuze ufunde ezinye izinto ngesi siprofeto, yiya kwiMboniselo kaMeyi 15, 2015, iphepha 27-28.