Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 21

Ngaba Uyambulela UYehova Ngezinto Akuphe Zona?

Ngaba Uyambulela UYehova Ngezinto Akuphe Zona?

“Zininzi izinto ozenzileyo, owu Yehova Thixo wam, kwanemisebenzi yakho emangalisayo nezinto ozicingayo ngathi.”​—INDU. 40:5.

INGOMA 5 Imisebenzi KaThixo Emangalisayo

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1-2. INdumiso 40:5 ithi zinjani izinto uThixo asiphe zona, zeziphi ezinye zazo, kwaye kuza kusinceda njani ukuthetha ngazo?

UYEHOVA nguThixo ophayo. Khawucinge ngezinye izinto ezimangalisayo asiphe zona. Ikhaya lethu elihle elingumhlaba, ingqondo yethu eyenziwe ngendlela emangalisayo kunye neLizwi lakhe iBhayibhile. Ngenxa yakhe sinendawo yokuhlala, siyakwazi ukucinga nokuncokola nabantu kwaye iimpendulo zemibuzo ebalulekileyo esinayo sizifumana kwiLizwi lakhe.​—Funda iNdumiso 40:5.

2 Kweli nqaku siza kukhe sithethe kancinci ngezi zipho zithathu zimangalisayo. Ngokuya sicinga ngazo siza kuzithanda kakhulu, ibe siza kufuna ukumbulela nokumvuyisa uMdali wethu osithandayo, uYehova. (ISityhi. 4:11) Siza kutsho sikwazi ukunceda abantu abaye balahlekiswa baze bakholelwa ukuba izinto zazivelela.

UMHLABA

3. Yintoni eyenza umhlaba wahluke kwezinye iiplanethi?

3 Xa sijonge umhlaba, sibona indlela uThixo alumke ngayo. (Roma 1:20; Heb. 3:4) Umhlaba wahlukile kwezinye iiplanethi ezijikeleze ilanga kuba wona unazo zonke izinto ezisenza siphile.

4. Wahluke ngantoni umhlaba kwinqanawa egcwele abantu?

4 Umhlaba sinokuwufanisa nenqanawa eselwandle. Kodwa zikhona izinto ezibalulekileyo owahluke ngazo kwinqanawa egcwele abantu. Ngokomzekelo, bebeza kuphila ixesha elingakanani abantu abakuloo nqanawa ukuba bekufuneka bazenzele ioksijini, ukutya namanzi, baze bahlale nezinto ezimdaka? Ngokuqinisekileyo bebeza kukhawuleza bafe. Wona umhlaba uneoksijini, ukutya kunye namanzi, kwaye soze ziphele ezo zinto. Yiyo loo nto abantu nezilwanyana bekwazi ukuphila kuwo. Nangona izinto ezimdaka zilahlwa kwakuwo, awusoze uyeke ukuba mhle nokuba nabantu abaphila kuwo. Kutheni sisitsho? UYehova uwenze wakwazi ukutshintsha izinto ezimdaka zibe zizinto eziza kuphinda zisetyenziswe. Ngoku makhe sithethe ngeoksijini nendlela esiyifumana ngayo imvula.

5. Kutheni ioksijini ingapheli, ibe loo nto ingqina ntoni?

5 Ioksijini yigesi ebangela ukuba izilwanyana nabantu baqhubeke bephila. Mninzi kakhulu umoya ophefumlwa zezi zidalwa ziphilayo. Lo moya, ziwufaka uyioksijini zize ziwukhuphe ingumoya omdaka obizwa ngokuba yicarbon dioxide. Sekunjalo, umhlaba awugcwaliswa ngumoya omdaka baze abantu nezinye izinto eziphilayo zingakwazi ukufumana ioksijini. Yintoni eyenza ioksijini ingapheli? Kaloku, uYehova udale izityalo ezingafaniyo nezingalinganiyo ezifunxa icarbon dioxide zize zikhuphe ioksijini. Yonke le nto ingqina amazwi akwiZenzo 17:24, 25 athi: ‘UThixo unike bonke abantu ubomi nomoya abawuphefumlayo.’

6. Yenzeka njani imvula, ibe loo nto ibonisa ntoni? (Jonga ibhokisi ethi “ Imvula Esiyiphiwa NguYehova.”)

6 Ngenxa yendawo elikuyo ilanga, amanzi asoloko ekhona emhlabeni. Ukuba belikufutshane nje kancinci emhlabeni, onke amanzi ebeza kubila aphele kuze kungabikho nto iphilayo. Ukuba belikudana, onke amanzi ebeza kuba ngumkhenkce. Yintoni enye ayenzileyo uYehova ukuze amanzi ahlale ekhona? Ilanga litshisa amanzi aselwandle nakwezinye iindawo ezisemhlabeni abe ngumphunga, uze loo mphunga ufike esibhakabhakeni ube ngamafu. Qho ngonyaka, la manzi ajika abe ngumphunga anokulingana namanzi angaphezu kwawo onke amanzi akumachibi asemhlabeni. Lo mphunga uye uhlale iintsuku ezimalunga neziyi-10 ngaphambi kokuba ube yimvula. Loo mvula ibuyela elwandle nakwezinye iindawo ezisemhlabeni. Yonke le nto ibonisa indlela alumke nanamandla ngayo uYehova.​—Yobhi 36:27, 28; INtshu. 1:7.

7. Sinokubonisa njani ukuba siyambulela uYehova ngesipho ekuthethwa ngaso kwiNdumiso 115:16?

7 Yintoni enokusenza simbulele kakhulu uYehova ngomhlaba nazo zonke izinto ezikuwo? (Funda iNdumiso 115:16.) Sinokumbulela yonke imihla xa sicinga ngezinto asenzele zona. Enye indlela esinokumbulela ngayo kukugcina indawo esikuyo icocekile.

INGQONDO YETHU EMANGALISAYO

8. Kutheni sisithi ingqondo yethu iyamangalisa?

8 Ingqondo yomntu yenziwe ngendlela emangalisayo. Xa usana lusesibelekweni, ingqondo yalo ikhula kanye ngendlela eyayidalwe ngayo. Kukhula iiseli zengqondo ezininzi kakhulu qho ngomzuzu. Abaphandi baqikelela ukuba ingqondo yomntu omdala ineeseli ezisondele kwiibhiliyoni eziyi-100 ezibizwa ngokuba ziineurons. Ubunzima bezi seli bumalunga ne-1,5 kg. Khawuve nje izinto ezimbalwa emangalisa ngazo ingqondo.

9. Yintoni ekwenza uqiniseke ukuba indlela esikwazi ngayo ukuthetha siyiphiwe nguThixo?

9 Iyamangalisa indlela esikwazi ngayo ukuthetha. Khawucinge nje ngezinto ezenzekayo xa sithetha. Kwigama ngalinye olithethayo, ingqondo yakho idibanisa indlela ezishukuma ngayo izihlunu zolwimi, ezomqala, ezemilebe, ezomhlathi nezesifuba. Ukuze igama livakale, isihlunu ngasinye kwezi kufuneka sishukume ngexesha nangendlela efanelekileyo. Ithetha ngendlela esikwazi ngayo ukuthetha, enye incwadi eyapapashwa ngo-2019 yathi, usana olusand’ ukuzalwa lunamagama eliwaqondayo nelaziyo ukuba kufuneka lenze ntoni xa ebizwa. Le nto ingqina into abakholelwa kuyo abaphandi abaninzi yokuba, sizalwa sikwazi ukuqonda nokufunda ulwimi oluthethwayo. Yonke le nto isenza siqiniseke ukuba indlela esikwazi ngayo ukuthetha siyiphiwe nguThixo.​—Eks. 4:11.

10. Yintoni esinokuyenza ebonisa ukuba siyambulela uThixo ngokusenza sikwazi ukuthetha?

10 Indlela esinokubonisa ngayo ukuba siyambulela uThixo ngokusenza sikwazi ukuthetha kukuxelela abantu abakholelwa ukuba izinto zazivelela ukuba zonke izinto zadalwa nguThixo. (INdu. 9:1; 1 Pet. 3:15) Abantu abakhuthaza loo mfundiso bafuna nathi sikholelwe ukuba umhlaba nazo zonke izinto ezikuwo zazivelela. Sinokummela uTata wethu osezulwini size sixelele abantu abanomdla wokusimamela isizathu sokuba siqiniseke ukuba nguYehova owadala izulu nomhlaba.​—INdu. 102:25; Isa. 40:25, 26.

11. Kutheni sisithi ingqondo yomntu iyamangalisa?

11 Indlela esikwazi ngayo ukukhumbula izinto iyamangalisa. Omnye umbhali wakha wathi ingqondo yomntu iyakwazi ukukhumbula izinto ezilingana nezinto ezibhalwe kwiincwadi eziyi-20 miliyoni. Ngoku, kucingwa ukuba sinokukhumbula izinto ezingaphezulu lee kwezo. Ngenxa yengqondo abanayo abantu, yeyiphi into abanokukwazi ukuyenza enganakwenziwa zezinye izidalwa ezisemhlabeni?

12. Ukukwazi kwethu ukufunda indlela esimele siziphathe ngayo kusahlula njani kwezinye izinto ezidaliweyo?

12 Kuzo zonke izidalwa ezisemhlabeni, ngabantu qha abakwaziyo ukufunda indlela abamele baziphathe ngayo kuba bayakwazi ukukhumbula izinto ezikhe zenzeka kwixesha elidlulileyo. Loo nto yenza sikwazi ukufunda indlela yokwenza izinto ezilungileyo, sitshintshe indlela esicinga nesizenza ngayo izinto. (1 Kor. 6:9-11; Kol. 3:9, 10) Sinokukwazi nokuqeqesha izazela zethu zahlule into elungileyo kwengalunganga. (Heb. 5:14) Sinokufunda nokubathanda abantu, sibavele size sibe nenceba. Enye into esinokuyifunda kukuba ngamalungisa njengoYehova.

13. INdumiso 77:11, 12 ithi yeyiphi indlela esinokubonisa ngayo ukuba siyambulela uYehova ngokusenza sikwazi ukukhumbula?

13 Indlela esinokubonisa ngayo ukuba siyambulela uYehova ngokusenza sikwazi ukukhumbula izinto, kukuba sikhumbule zonke iindlela akhe wasinceda waza wasithuthuzela ngazo. Le nto iza kusenza siqiniseke ukuba useza kusinceda nakwixesha elizayo. (Funda iNdumiso 77:11, 12; 78:4, 7) Enye indlela kukuba sikhumbule izinto ezintle esizenzelwe ngabantu size sibabulele. Abaphandi baye bafumanisa ukuba abantu ababulelayo ngabona bonwabileyo. Sinokuncedwa nakukuba sifane noYehova, sizilibale ezinye izinto. Ngokomzekelo, uYehova ukhumbula yonke into, kodwa ukuba siyaguquka uyazilibala izinto ezimbi esizenzileyo aze asixolele. (INdu. 25:7; 130:3, 4) Nathi ufuna senze loo nto xa umntu obesimoshile ecela uxolo.​—Mat. 6:14; Luka 17:3, 4.

Sibonisa ukuba siyambulela uYehova ngengqondo asiphe yona ngokuyisebenzisela ukumzukisa (Jonga isiqendu 14) *

14. Sinokumbulela njani uYehova ngengqondo emangalisayo asiphe yona?

14 Sinokumbulela uYehova ngengqondo emangalisayo asiphe yona ngokuyisebenzisela ukumzukisa. Abanye baye basebenzisa iingqondo zabo ngokuzikhethela into elungileyo nengalunganga. Kodwa kuba nguYehova osidalileyo, simele siqonde ukuba nguye onokusixelela indlela elungileyo esimele siphile ngayo. (Roma 12:1, 2) Xa sisenza izinto asixelela zona, siza kuba noxolo. (Isa. 48:17, 18) Siza kuyazi nento uYehova afuna siyenze, ukuzukisa uMdali noTata wethu size simvuyise.​—IMize. 27:11.

ISIPHO ESIKHETHEKILEYO ESIYIBHAYIBHILE

15. IBhayibhile ibonisa njani ukuba uYehova uyabathanda abantu?

15 IBhayibhile yincwadi ethandekayo esiyiphiwe nguThixo. UTata wethu osezulwini waphefumlela amadoda ukuba ayibhale kuba ubathanda kakhulu abantwana bakhe abasemhlabeni. Kuyo, uphendula eyona mibuzo ibalulekileyo esinayo, efana nethi: Sasivela phi? Siphilela ntoni? Siza kuphila njani kwixesha elizayo? UYehova uye wenza ukuba iBhayibhile iguqulelwe ngeelwimi ezininzi kuba ufuna bonke abantwana bakhe bafumane iimpendulo zale mibuzo. Ngoku iBhayibhile okanye inxalenye yayo ifumaneka ngeelwimi ezingaphezu kwe-3 000. Yeyona ncwadi iguqulelwe ngeelwimi ezininzi yaza yasasazwa emhlabeni. Nokuba abantu bahlala phi okanye bathetha oluphi ulwimi, banokuyifunda ngolwimi lwabo.​—Jonga ibhokisi ethi, “ IBhayibhile Iyafumaneka Ngeelwimi ZaseAfrika.”

16. Ngokutsho kukaMateyu 28:19, 20, sinokubonisa njani ukuba siyambulela uThixo ngokusinika iBhayibhile?

16 Sinokubonisa ukuba siyambulela uThixo ngokusinika iBhayibhile ngokuyifunda yonke imihla, sicinge ngezinto esifundisa zona size sizame ngamandla ethu onke ukuzenza. Enye indlela esinokumbulela ngayo kukwenza konke esinako sixelela abantu ngezinto ezithethwa yiBhayibhile.​—INdu. 1:1-3; Mat. 24:14; funda uMateyu 28:19, 20.

17. Zeziphi izinto esiziphiwe nguThixo esifunde ngazo kweli nqaku, ibe siza kuthetha ngantoni kwelilandelayo?

17 Kweli nqaku sifunde ngezinto esiziphiwe nguThixo; ikhaya lethu elingumhlaba; ingqondo yethu emangalisayo neLizwi lakhe eliphefumlelweyo, iBhayibhile. Zikhona nezinye izinto asiphe zona ezingabonakaliyo. Zona siza kuthetha ngazo kwinqaku elilandelayo.

INGOMA 12 Thixo Omkhulu, OnguYehova

^ isiqe. 5 Eli nqaku liza kusenza simthande size simbulele uYehova ngezinto ezintathu asiphe zona. Liza kusenza sikwazi nokunceda abantu abathandabuzayo ukuba ukhona.

^ isiqe. 64 IMIFANEKISO: Udade ufunda olunye ulwimi ukuze afundise abantu abasuka kwelinye ilizwe iLizwi LikaThixo.