Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 23

“Malingcwaliswe Igama Lakho”

“Malingcwaliswe Igama Lakho”

“Owu Yehova, igama lakho likho ngonaphakade.”—INdu. 135:13.

INGOMA 10 Dumisa UYehova UThixo Wethu!

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1-2. Ziintoni ezibalulekileyo anomdla kuzo amaNgqina KaYehova?

INDLELA uThixo alawula ngayo nokungcwaliswa kwegama lakhe, zizinto ezibalulekileyo kuthi namhlanje. NjengamaNgqina KaYehova siyakuthanda ukuthetha ngezi zinto zibangela umdla. Kodwa, ngaba indlela uThixo alawula ngayo nokungcwaliswa kwegama lakhe zizinto ezimbini ezahlukeneyo? Hayi.

2 Icace kuthi sonke into yokuba igama likaThixo limele lingcwaliswe. Kwakhona sifundile ukuba indlela uYehova alawula ngayo imele ithethelelwe ize yenziwe icace ukuba yeyona izogqitha zonke. Zibaluleke zombini ezi zinto.

3. Igama elithi Yehova lisixelela ntoni ngaye?

3 Igama elithi Yehova lisixelela yonke into ngoThixo nendlela alawula ngayo. Ngoko ukuba sithi ukungcwaliswa kwegama likaYehova yeyona nto ibalulekileyo, simele sivume nokuba imele yenziwe icace ukuba indlela kaYehova yokulawula, izogqitha zonke ezinye. Igama likaYehova lisenza sicinge nangendlela alawula ngayo njengoSomandla noMongami.—Jonga ibhokisi ethi: “ Izinto Esimele Sizazi Ngokungcwaliswa Kwegama LikaYehova.”

4. Ithini iNdumiso 135:13 ngegama likaThixo, ibe yeyiphi imibuzo esiza kuyiphendula?

4 Alikho elinye igama elifana nelithi Yehova. (Funda iNdumiso 135:13.) Kutheni libalulekile igama likaThixo? Langcoliswa njani ekuqaleni? UThixo ulingcwalisa njani? Singancedisa njani ekulithetheleleni? Makhe siphendule le mibuzo.

IGAMA LIBALULEKILE

5. Basenokubuza ntoni abanye xa besiva ukuba igama likaThixo limele lingcwaliswe?

5 “Malingcwaliswe igama lakho.” (Mat. 6:9) UYesu wathi le yenye yezinto ezibalulekileyo esimele sizithandazele. Kodwa yintoni kanye kanye awayesithi masiyithandazele? Ukungcwalisa into kuthetha ukuyenza ibe ngcwele okanye ukuyicoca. Abanye basenokubuza, ‘Kanti igama likaYehova alisele licocekile, lingcwele?’ Ukuze siphendule lo mbuzo, masicinge ngokuba yintoni igama.

6. Yintoni eyenza igama lixabiseke?

6 Igama asiyondlela nje yokubiza umntu. IBhayibhile ithi: “Igama elihle lingcono kunobutyebi obuninzi.” (IMize. 22:1; INtshu. 7:1) Kutheni igama lixabiseke kangaka? Kaloku lisixelela indlela aziwa ngayo umntu walo. Eyona nto ilenza lixabiseke ayondlela elibhalwa ngayo okanye elibizwa ngayo kodwa yindlela umntu walo aziwa ngayo.

7. Abantu balingcolise njani igama likaThixo?

7 Xa abantu bexoka ngoYehova benza abanye abantu bacinge kakubi ngaye, ngaloo ndlela bangcolisa igama lakhe. Igama likaThixo langcoliswa okokuqala emyezweni wase-Eden. Makhe sibone ukuba sifunda ntoni kwinto eyenzekayo.

UKUQALA KOKUNGCOLISWA KWEGAMA LIKATHIXO

8. Yintoni eyayisaziwa nguAdam noEva ibe yeyiphi eminye imibuzo esinokuyibuza?

8 UAdam noEva babelazi igama likaYehova, bezazi nezinye izinto ezibalulekileyo ngaye. Babeyazi ukuba unguMdali, ubanike ubomi, wabanika indawo entle yokuhlala ibe babeyintsapho efezekileyo. (Gen. 1:26-28; 2:18) Ekubeni babefezekile, ngaba babeza kuhlala becinga ngezinto uYehova abenzele zona? Ngaba babeza kumthanda baze bamxabise ngakumbi uYehova? Iimpendulo sizifumana kwinto eyenzekayo xa utshaba lukaThixo lwabavavanyayo.

9. IGenesis 2:16, 17; 3:1-5 ithi uYehova wathini kuAdam noEva ibe uSathana wayigqwetha njani into eyathethwa nguThixo?

9 Funda iGenesis 2:16, 17; 3:1-5. USathana wenza ngathi kuthetha inyoka waza wabuza uEva wathi: “Ngaba utshilo nyhani uThixo ukuba nize ningatyi kuyo yonke imithi yomyezo?” Umbuzo kaSathana wawunendawo exokayo ngoThixo ibe noEva waqalisa ukucinga kakubi ngoThixo. Kaloku uThixo wayethe, kuyo yonke imithi yomyezo bangatya bonele, ngumthi omnye kuphela ababengamele batye kuwo. Babenokutya kwimithi emininzi eyahlukeneyo. (Gen. 2:9) UYehova wabenzela ububele. Kodwa wathi kukho umthi omnye uAdam noEva ababemele bangatyi kuwo. Umbuzo kaSathana wayigqwetha into ethethwe nguThixo. Wabenza bacinga ukuba uThixo uyavimba. Mhlawumbi uEva wade wazibuza, ‘Yintoni le uThixo andivimba yona?’

10. USathana walingcolisa njani igama likaThixo ibe kwenzeka ntoni emva koko?

10 Ngeli xesha uSathana abuza lo mbuzo, uEva wayesamthobela uYehova. Waphendula ngokuxelela uSathana umyalelo ocacileyo ababewunikwe nguThixo. Wade wongeza wathi abamele bawuchukumise kwa ukuwuchukumisa loo mthi. Wayeyazi kakuhle ukuba xa bengamthobeli uThixo, babeza kufa. Kodwa uSathana wathi kuye: “Ngokuqinisekileyo anizukufa.” Ngoku, uSathana wayengasagqwethi nje into ethethwe nguThixo. (Gen. 3:2-4) Wayexoka gca ngoThixo. Ngamanye amazwi, wayesithi kuEva uYehova lixoki. Ngaloo ndlela, uSathana waba ngumtyholi okanye umhlebi. UEva waqhatheka nyhani, wamkholelwa uSathana. (1 Tim. 2:14) Wamthemba ngaphezu kokuba ethemba uYehova, kwaza kwalula ukuba enze esona sigqibo sobuyatha. Wakhetha ukungamthobeli uYehova. Watya kwisiqhamo uYehova awayethe angatyi kuso, waza wanika noAdam.​—Gen. 3:6.

11. Yintoni eyayifanele yenziwe ngabazali bethu bokuqala, kodwa yintoni abangazange bayenze?

11 Khawucinge ngendlela uEva ekwakufanele ukuba umphendule ngayo uSathana. Mhlawumbi wayenokuthi: “Andikwazi nokuba ungubani wena, ndazi uTata, uYehova. Ndiyamthanda ibe ndiyamthemba. Yonke into esinayo siyinikwe nguye. Andizukuvumela tu uthethe kakubi ngaye. Hamba futhi!” Wayenokuvuya nyhani uYehova xa esiva lo mntwana wakhe ephendula ngolo hlobo, ebonisa ukuba uyamthanda ibe akagungqi. (IMize. 27:11) Kodwa uEva nomyeni wakhe uAdam bagungqa. Zange bahlale bemthanda uYehova. Ngenxa yaloo nto, zange bakwazi ukulithethelela igama likaTata wabo xa lalingcoliswa.

12. USathana wamenza akaqiniseka ngantoni uEva? Yintoni uAdam noEva abangazange bayenze?

12 Njengoko sele sibonile, uSathana wangcolisa igama likaYehova ngokuqala enze uEva angaqiniseki ukuba uYehova nguTata olungileyo. Nabo ke uAdam noEva zange bamthethelele uYehova kubuxoki bukaSathana. Ngenxa yaloo nto, kwabalula ukuba bamamele uSathana baza bajikela uTata wabo. Usebenzisa amaqhinga afanayo nanamhlanje uSathana. Ungcolisa igama likaYehova ngokuthetha kakubi ngaye. Kuba lula ukuba bangamthobeli uYehova abantu abakholelwa ubuxoki bukaSathana

UYEHOVA UNGCWALISA IGAMA LAKHE

13. UHezekile 36:23 usinceda njani sibone eyona nto ithetha ngayo iBhayibhile?

13 Ngaba ikhona into ayenzayo uYehova ukuze azithethelele? Ewe ikhona. Xa iyonke nje iBhayibhile, isixelela ngezinto ezenziwe nguYehova ukuze abonise ukuba izinto ezimbi ezathethwa ngaye e-Eden aziyonyani. (Gen. 3:15) Eyona nto ithetha ngayo iBhayibhile nantsi: UYehova ungcwalisa igama lakhe esebenzisa uBukumkani obulawulwa nguNyana wakhe nobuza kwenza kubekho uxolo nobulungisa emhlabeni. IBhayibhile isichazela izinto ezisenza siyiqonde indlela uYehova alingcwalisa ngayo igama lakhe.​—Funda uHezekile 36:23.

14. Izinto ezenziwe nguYehova, zilingcwalise njani igama lakhe?

14 USathana uzame ngazo zonke iindlela ukunqanda uYehova angakwenzi ukuthanda kwakhe, kodwa khange aphumelele. IBhayibhile isichazela izinto ezenziwe nguYehova ibe yenza kucace ukuba uYehova nguTata osithandayo nomlawuli olawula ngeyona ndlela ilungileyo. Yinyani kona ukuba uSathana nabantu abakwicala lakhe abavukela uYehova, bamkhathaza kakhulu uYehova. (INdu. 78:40) Kodwa indlela uYehova ayilungisa ngayo le nto ibonisa ukuba ulumkile, unomonde ibe ugweba kakuhle. Enye into, ngeendlela ezininzi wenze kwacaca ukuba unguSomandla. Okubaluleke ngakumbi kukuba yonke into ayenzayo uyenze eqhutywa luthando. (1 Yoh. 4:8) Nangoku usasebenza ukuze angcwalise igama lakhe.

USathana waxoka ngoYehova kuEva ibe kule minyaka mininzi idlulileyo, uMtyholi akakhange ayeke ukungcolisa igama likaThixo (Jonga isiqendu 9-10, 15) *

15. USathana ulingcolisa njani igama likaThixo namhlanje ibe baye bathini abantu?

15 USathana usalingcolisa igama likaThixo nanamhlanje. Uqhatha abantu ebenza bangaqiniseki ukuba uThixo unamandla, ugweba kakuhle, ulumkile, ibe uyasithanda. Ngokomzekelo, uSathana wenza abantu bacinge ukuba ayingoYehova odalileyo. Nokuba abantu bayavuma ukuba uThixo ukhona, uSathana ubenza bacinge ukuba uThixo uyabaqhatha ibe indlela uThixo afuna baphile ngayo ibenza bangakwazi ukuzikhethela. Ufundisa abantu ukuba uYehova ukhohlakele, uthi ubatshisa kwisihogo somlilo. Ngenxa yokuba bekholelwa obo buxoki baye bangavumi ukulawulwa nguYehova. USathana useza kuqhubeka elingcolisa igama likaYehova, de uYehova amtshabalalise. USathana ufuna nawe umjikele uYehova, uza kuthini wena?

UNGANCEDISA NJANI EKUNGCWALISENI IGAMA LIKATHIXO?

16. Yintoni onokuyenza engazange yenziwe nguAdam noEva?

16 UYehova ubavumele abantu ukuba bancedise ekungcwaliseni igama lakhe. Ngoko unokwenza laa nto uAdam noEva bangazange bayenze. Nangona ihlabathi ligcwele abantu abangcolisa igama likaYehova ngokuthetha kakubi ngaye, wena unokulithethelela, uxelele abantu ukuba uYehova ungcwele, ulungile ibe uyasithanda. Ubonise ukuba ufuna ukulawulwa nguye. (Isa. 29:23) Unokunceda abantu baqonde ukuba indlela uYehova alawula ngayo ilungile ibe yiyo yodwa eza kwenza kubekho uxolo kuze konwatywe.​—INdu. 37:9, 37; 146:5, 6, 10.

17. UYesu wabafundisa njani abantu igama likaTata wakhe?

17 Xa sithethelela igama likaYehova silinganisa uYesu. (Yoh. 17:26) UYesu wabafundisa abantu ngegama likaTata wakhe ngokulisebenzisa, kodwa akaphelela apho wabafundisa nokuba ungumntu onjani. Ngokomzekelo, wamthethelela uYehova xa abaFarisi babemenza ngathi ukhohlakele, ufuna izinto ezingapha kwamandla abantu, akasondelanga ebantwini ibe akananceba. UYesu wanceda abantu babona ukuba uTata wakhe akakho ngqwabalala, unomonde, uyasithanda ibe uyaxolela. Wayelinganisa uTata wakhe kuzo zonke izinto awayezenza. Loo nto yanceda abantu bamazi ukuba unjani uYehova.​—Yoh. 14:9.

18. Ukuze sibonise ukuba izinto uYehova atyholwa ngazo aziyonyani, yintoni esimele siyenze?

18 NjengoYesu simele sixelele abantu ngoYehova, sibafundise ukuba unguThixo onobubele ibe uyasithanda. Xa siyenza loo nto siyamthethelela kwizinto atyholwa ngazo kungcoliswa igama lakhe. Singcwalisa igama likaYehova ibe senza nabantu babone ukuba ungcwele. Nathi simele silinganise uYehova. Singafezekanga sinjalo singayenza le nto. (Efe. 5:1, 2) Xa izinto esizithethayo nesizenzayo zibonisa abantu ukuba uYehova unjani kanye kanye, sincedisa ekungcwaliseni igama lakhe. Siyalithethelela igama likaYehova xa sinceda abantu bazi inyani ngaye. * Sibonisa nokuba abantu abangafezekanga banako ukuthembeka kuThixo.​—Yobhi 27:5.

Simele sibancede abantu esifunda nabo iBhayibhile bayiqonde ukuba uYehova unobubele ibe uyasithanda (Jonga isiqendu 18-19) *

19. Ngokutsho kukaIsaya 63:7 imele ibe yintoni eyona nto sibafundisa yona abantu?

19 Ikhona nenye into esinokuyenza ukuze singcwalise igama likaYehova. Xa sifundisa abantu iBhayibhile, sisoloko sithetha ngendlela kaYehova yokulawula nokuba nguye omele alawule, ibe yinyani leyo. Kodwa ke, nangona kubalulekile ukubafundisa ngemithetho kaThixo, eyona nto siyifunayo kukubanceda bamthande uYehova uTata wethu, baze bathembeke kuye. Yiyo loo nto simele sibafundise ukuba unjani uYehova, sibacacisele ukuba igama lakhe lisixelela ntoni ngaye. (Funda uIsaya 63:7.) Ukuba sibafundisa ngaloo ndlela siza kubanceda bamthande uYehova baze bamthobele kuba befuna ukuthembeka kuye.

20. Uthini umbuzo esiza kuwuphendula kwinqaku elilandelayo?

20 Yintoni esinokuyenza ukuze siqiniseke ukuba indlela esizenza ngayo izinto nendlela esifundisa ngayo, inceda abantu bacinge izinto ezintle ngoYehova baze basondele kuye? Lo mbuzo uza kuphendulwa kwinqaku elilandelayo.

INGOMA 2 UYehova Ligama Lakho

^ isiqe. 5 Yintoni ebalulekileyo kubo bonke abantu nakwiingelosi? Kutheni ibalulekile ibe thina sincedisa njani ekuyilungiseni? Iimpendulo zale mibuzo kunye neminye esiza kuyiphendula, ziza kusinceda siqinise ubuhlobo bethu noYehova.

^ isiqe. 18 Ngamanye amaxesha, iincwadi zethu bezifundisa ukuba asimele sithi igama likaYehova malithethelelwe. Ngoba? Kuba akekho umntu owakhe wayiphika into yokuba uThixo ufanelwe ligama elithi Yehova. Kodwa kwintlanganiso yonyaka ka-2017, indlela esiyiqonda ngayo le nto yacaciswa. Usihlalo wathi akukho nto imbi xa sithandazela ukuba igama likaYehova lithethelelwe kuba indlela aziwa ngayo imele ithethelelwe. Jonga iJW Broadcasting kaJanuwari 2018 ku-jw.org/xh. Yiya kwindawo ethi ILAYIBRARI > I-JW BROADCASTING.

^ isiqe. 62 IMIFANEKISO: UMtyholi wathi kuEva uThixo uyaxoka, ngaloo ndlela engcolisa igama likaThixo. Kangangeminyaka emininzi, uSathana ebefundisa abantu ukuba uThixo ukhohlakele ibe ayinguye odale abantu.

^ isiqe. 64 IMIFANEKISO: Umzalwana ucacisela isifundo sakhe seBhayibhile ukuba unjani uThixo.