Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukuzibamba—​Kubalulekile Ukuze Sithandwe NguYehova

Ukuzibamba—​Kubalulekile Ukuze Sithandwe NguYehova

“Xa ndandixabana nomzala wam, ndaba nomsindo, ndambamba entanyeni ndaza ndamkrwitsha. Ndandifuna ukumbulala.”​—UPaul.

“Ekhaya ndandicatshukiswa nazizinto ezincinci ezingenamsebenzi. Ndandisophula ifenitshala, izinto zokudlala nayo nantoni na ephambi kwam.”​—UMarco.

Abaninzi kuthi abadli ngokuba ndlongo-ndlongo njengoPaul noMarco. Kodwa kukhe kubenzima ukuzibamba kuthi sonke. Le nto ibangelwa sisono esasifumana kumntu wokuqala uAdam. (Roma 5:12) NjengoPaul noMarco, abanye abakwazi ukuzibamba xa becaphuka. Abanye kunzima ukulawula izinto abazicingayo. Basenokuhlala becinga izinto eziboyikisayo okanye ezibatyhafisayo. Abanye abakwazi ukuzibamba ukuba bangaziphathi kakubi ngesondo, bangaseli kakhulu utywala okanye bangazisebenzisi kakubi iziyobisi.

Abantu abangakwaziyo ukuyilawula indlela abacinga ngayo, izinto abazifunayo nezinto abazenzayo bangabumosha ubomi babo. Singenza njani ukuze ingenzeki kuthi loo nto? Simele sikwazi ukuzibamba. Ukuze sikwazi, makhe siphendule le mibuzo mithathu: (1) Kuthetha ukuthini ukuzibamba? (2) Kutheni kubalulekile? (3)  Singanalo njani olu phawu ‘lusisiqhamo somoya’? (Gal. 5:22, 23) Emva koko siza kuthetha ngezinto esinokuzenza xa siye asakwazi ukuzibamba.

KUTHETHA UKUTHINI UKUZIBAMBA?

Umntu okwaziyo ukuzibamba akasuki enze engakhange acinge. Uyazibamba ukuze angathethi okanye enze izinto ezingathandwayo nguThixo.

UYesu wasibonisa kakuhle ukuba unjani umntu okwaziyo ukuzibamba

UYesu wasibonisa ukuba kuthetha ukuthini ukuzibamba. IBhayibhile ithi: “Xa wayethukwa, akazange aphindise. Xa wayephathwa kakubi, akazange aqalekise, kodwa wathembela kuLowo ugweba ngobulungisa.” (1 Pet. 2:23) Xa wayebethelelwe kwisibonda sokungcungcutheka uYesu wazibamba xa iintshaba zakhe zazihlekisa ngaye. (Mat. 27:39-44) Ngaphambi koko, wazibamba kakhulu xa iinkokheli zonqulo zazimbuza imibuzo emininzi kuba zazifuna athethe kakubi. (Mat. 22:15-22) Xa amaYuda achola amatye efuna ukumbetha ngawo, uYesu waba ngumzekelo. Endaweni yokuba abaphathe kakubi, “uYesu wazimela, wemka etempileni.”​—Yoh. 8:57-59.

Ngaba singawulandela umzekelo kaYesu? Ewe, singawulandela. Umpostile uPetros wathi: “NoKristu waphathwa kabuhlungu ngenxa yenu, enishiya nomzekelo enimele nizame ngandlela zonke ukuwulandela.” (1 Pet. 2:21) Nangona singafezekanga, simele sizame ngandlela zonke ukulandela umzekelo kaYesu wokuzibamba. Kutheni kubalulekile ukuyenza le nto?

KUTHENI KUBALULEKILE UKUZIBAMBA?

Ukuzibamba kubalulekile ukuze sithandwe nguYehova. Ukuba asizibambi kwizinto esizithethayo nesizenzayo, busenokuphela ubuhlobo bethu noYehova, nokuba sineminyaka emininzi simkhonza ngokuthembeka.

Khawucinge ngoMoses, “wayengoyena mntu ululamileyo kubo bonke abantu ababephila emhlabeni” ngelo xesha. (Num. 12:3) Kangangeminyaka emininzi uMoses wayewamamela ngomonde amaSirayeli xa ekhalaza, kodwa ngenye imini zange akwazi ukuzibamba. Wacaphuka xa amaSirayeli aphinda akhalaza athi awanamanzi. Wathetha rhabaxa nabo wathi: “Mamelani apha baqhankqalazindini! Nifuna sinikhuphele amanzi kweli liwa?”​—Num. 20:2-11.

UMoses akazange akwazi ukuzibamba. Akazange azukise uYehova kuba ebanike amanzi ngommangaliso. (INdu. 106:32, 33) Ngenxa yaloo nto uYehova akazange avume angene kwiLizwe Lesithembiso. (Num. 20:12) Kusenokwenzeka ukuba uMoses wade wayokufa ezisola ngento awayenzayo.​—Dut. 3:23-27.

Sifunda ntoni thina? Asimele nanini na sithethe kakubi nabantu abasicaphukisayo okanye abafuna ukulungiswa, nokuba sineminyaka engakanani sikhonza uYehova. (Efe. 4:32; Kol. 3:12) Njengokuba sisiya sikhula, ngamanye amaxesha kuza kuba nzima ukuba nomonde. Kodwa ungayilibali into eyenzeka kuMoses. Asifuni ukubumosha ubuhlobo bethu noYehova kuba nje singakwazi ukuzibamba. Singenza njani ukuze sikwazi ukuzibamba?

SINGENZA NJANI UKUZE SIKWAZI UKUZIBAMBA?

Thandazela umoya oyingcwele. Ngoba? Kuba ukuzibamba sisiqhamo somoya kaThixo, ibe uYehova uyabapha umoya oyingcwele abo bamcelayo. (Luka 11:13) UYehova angasinika amandla esiwadingayo ukuze sikwazi ukuzibamba esebenzisa umoya wakhe oyingcwele. (Fil. 4:13) Angasinceda sibe nazo nezinye iimpawu ezisisiqhamo somoya, njengothando, olusinceda sikwazi ukuzibamba.​—1 Kor. 13:5.

Hambela kude kuyo nantoni na enokwenza ungakwazi ukuzibamba

Ziphephe izinto ezinokukwenza ungakwazi ukuzibamba. Ngokomzekelo, ziphephe iiwebhsayithi okanye iindlela zokuzonwabisa ezinokuziphatha kakubi. (Efe. 5:3, 4) Simele siphephe nantoni na enokusenza sifune ukwenza into embi. (IMize. 22:3; 1 Kor. 6:12) Ngokomzekelo, umntu okhawuleza acinge okanye afune ukuziphatha kakubi kunokufuneka ayeke ukufunda iincwadi zothando okanye ukubukela iimuvi zothando.

Kusenokuba nzima ukuyenza le nto. Kodwa ukuba sizama ngamandla ethu onke, uYehova angasinceda sikwazi ukuzibamba. (2 Pet. 1:5-8) Uza kusinceda sikwazi ukulawula izinto esizicingayo, esizithethayo nesizenzayo. Ubungqina baloo nto sibubona kuPaul noMarco ebesikhe sathetha ngabo, bafunda ukuzibamba bangabi ndlongo-ndlongo xa becaphukile. Omnye umzalwana yena wayesoloko esiba nomsindo xa eqhuba, ecatshukiswa ngabanye abaqhubi, de aphendulane nabo, bexabana. Wenza ntoni ngale nto? Uthi: “Yonke imihla ndandithandaza ngokusuka entliziyweni. Ndafunda amanqaku athetha ngokuzibamba ndaza ndankqaya iivesi zeBhayibhile. Nangona ndineminyaka ndisilwa nale ngxaki, kusandinceda ukuzikhumbuza ukuba ndizole, qho xa kuqala usuku. Ibe xa ndiphuma endlini andilicuphi ixesha, ukuze ndingahambi ndingxamile endleleni.”

XA SIYE ASAKWAZI UKUZIBAMBA

Ngamanye amaxesha, siye singakwazi ukuzibamba. Xa isenzeka loo nto sinokuba nazo neentloni zokuthandaza kuYehova. Kodwa kuxa kanye kufuneka sithandazile. Ngoko thetha noYehova ngomthandazo ngoko nangoko. Umcele ukuba akuxolele, umcele akuncede uzimisele ukuba ungaphindi wenze impazamo efanayo. (INdu. 51:9-11) UYehova akazuwujongela phantsi umthandazo wakho wokucela ukwenzelwa inceba. (INdu. 102:17) Umpostile uYohane usikhumbuza ukuba igazi loNyana KaThixo “liza kuzihlamba zonke izono zethu.” (1 Yoh. 1:7; 2:1; INdu. 86:5) Khumbula, uYehova uthi abakhonzi bakhe mabasoloko bexolela. Ngoko masiqiniseke ukuba nathi uza kusixolela.​—Mat. 18:21, 22; Kol. 3:13.

UYehova zange ayithande into yokuba uMoses angakwazi ukuzibamba xa wayesentlango. Kodwa uYehova wamxolela. Ibe iLizwi LikaThixo lithi uMoses ngumzekelo omhle wokuba nokholo. (Dut. 34:10; Heb. 11:24-28) UYehova akazange amvumele uMoses ukuba angene kwiLizwe Lesithembiso, kodwa uza kumvumela ukuba angene kwiParadesi eza kuba semhlabeni aze aphile ngonaphakade. Nathi sinokuba nethemba lokuphila ngonaphakade, ukuba asiyeki ukuzama ngamandla ethu onke ukukwazi ukuzibamba.—1 Kor. 9:25.