Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Ngaba “isiqhamo somoya” siphelele kwiimpawu ekuthethwa ngazo kumaGalati 5:22, 23?

Ezi vesi zithetha ngeempawu ezisithoba amaKristu amele abenazo. “Isiqhamo somoya luthando, uvuyo, uxolo, umonde, ububele, ukulunga, ukholo, ukululama nokukwazi ukuzibamba.” Kodwa ezi ayizizo zodwa iimpawu umoya kaThixo onokusinceda sibe nazo.

Siyazi njani le nto? Kaloku ngaphambi kokuba umpostile uPawulos athethe ngesiqhamo somoya wathi: “Izinto ezenziwa ngumzimba . . . kukuziphatha kakubi ngesondo, ukungcola, ukuziphatha ngokungenazintloni, ukukhonza izithixo, ukusebenzelana nemimoya, ubutshaba, iingxabano, ikhwele, ukugqajukelwa ngumsindo, ukungavani, ukwahlukanisa abantu, ukulandela abantu, umona, ukunxila, iipati ezingalawulekiyo nezinto ezinjengezi.” (Gal. 5:19-21) Xa uPawulos wayesithi nezinto ezinjengezi wayebonisa ukuba zikhona nezinye izinto angazichazanga ezenziwa ngumzimba onesono njengezi zichazwe kumaKolose 3:5. Ngendlela efanayo, emva kokuchaza iimpawu ezisithoba ezisisiqhamo somoya uPawulos wathi: “Akukho mthetho othi mazingenziwa ezi zinto.” Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “ezi zinto” linokuguqulelwa nangokuthi “izinto ezinjengezi.” Ngoko uPawulos akazange azichaze zonke iimpawu umoya oyingcwele onokusinceda sibe nazo.

Sinokuyiqonda bhetele le nto xa sithelekisa isiqhamo somoya neempawu zokukhanya awathetha ngazo uPawulos xa wayebhalela ibandla lase-Efese, wathi: “Ukukhanya kuthetha ukulunga kuyo yonke into, ukwenza ubulungisa nokuphila ngenyaniso.” (Efese 5:8, 9) “Ukulunga“, ubulungisa nenyaniso ziimpawu zokukhanya. Kodwa “ukulunga“ kuyabalwa nakwisiqhamo somoya. Nangona “ubulungisa nenyaniso“ zingekho kumaGalati 5:22, 23, uPawulos ebenokuba nesizathu esihle sokuzifaka.

Kwakhona sinokuyibona kakuhle le nto xa sithelekisa isiqhamo somoya neempawu ezintandathu uPawulos awathi uTimoti makabe nazo: “Ukuba lilungisa, ukuba nokholo, ukuba nothando, ukunyamezela, ukuzinikela kuThixo nokuzola.” (1 Tim. 6:11) Zimbini kuphela kwezi mpawu ezisisiqhamo somoya, lukholo nothando. Kodwa uTimoti kwakuza kufuneka ancedwe kwa ngumoya oyingcwele ukuze abe lilungisa, anyamezele, azinikele kuThixo aze azole.​—Thelekisa amaKolose 3:12; 2 Petros 1:5-7.

Ngoko amaGalati 5:22, 23 awazichazi zonke iimpawu amaKristu amele abe nazo. Umoya kaThixo ungasinceda sibe nazo iimpawu ezenza “isiqhamo somoya.” Kodwa kukho ezinye iimpawu esimele sibe nazo ukuze sibe ngamaKristu aqolileyo size ‘sinxibe ubuntu obutsha obenziwa baba butsha ngokokuthanda kukaThixo, ngobulungisa bokwenene nangokuthembeka.’​—Efese 4:24.