Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 28

Qiniseka Ukuba Izinto Ozikholelwayo Ziyinyaniso

Qiniseka Ukuba Izinto Ozikholelwayo Ziyinyaniso

“Qhubeka uzikholelwa izinto ozifundileyo waza wancedwa ukuba uzikholelwe.”​—2 TIM. 3:14.

INGOMA 56 Yenze Eyakho Inyaniso

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Silisebenzisa xa sithetha ngantoni igama elithi “inyaniso”?

“WAYIFUMANA njani inyaniso?” “Wazalelwa enyanisweni?” “Unexesha elingakanani usenyanisweni?” Mhlawumbi ukhe wayibuzwa le mibuzo okanye nawe ukhe wayibuza kwabanye abantu? Silisebenzisa xa sithetha ngantoni igama elithi “inyaniso”? Sidla ngokulisebenzisa xa sichaza izinto esikholelwa kuzo, indlela esikhonza nesiphila ngayo. Abantu ‘abasenyanisweni’ bayazazi kwaye bayazenza izinto ezifundiswa yiBhayibhile. Loo nto ibenze bakhululeka kubuxoki obufundiswa ezicaweni baza bonwaba ngoxa bephila kweli hlabathi lilawulwa nguSathana.​—Yoh. 8:32.

2. UYohane 13:34, 35 uthi yintoni enokwenza abantu bayithande inyaniso?

2 Yintoni eyakwenza wayithanda inyaniso? Mhlawumbi wabona indlela abaziphethe kakuhle ngayo abantu bakaYehova. (1 Pet. 2:12) Okanye yindlela ababathanda ngayo abantu. Abanye balubona olu thando beqala nje ukuya kwiintlanganiso, ibe yeyona nto basacinga ngayo ngaphezu kwento eyayithethwa eqongeni. Le nto ayimangalisi kuba uYesu wathi abafundi bakhe baza kubonwa ngokuthandana. (Funda uYohane 13:34, 35.) Kodwa ayikokuthandana qha okuza kwenza ukholo lwethu luqine.

3. Yintoni esenokwenzeka ukuba sinokholo ngenxa nje yokuba sithanda abantu bakaThixo?

3 Asimele sibe nokholo kuba nje sithanda abantu bakaThixo. Ngoba? Masithi umKristu, mhlawumbi umdala okanye uvulindlela, wenza isono esinzulu. Okanye masithi uyakukhubekisa. Mhlawumbi omnye uba ngumwexuki kuba esithi izinto esizikholelwayo aziyonyaniso. Ukuba kwenzeka izinto ezinjengezi, ngaba uza kukhubeka ude uyeke ukukhonza uYehova? Ukuba sinokholo ngenxa nje yezinto ezenziwa ngabanye abantu endaweni yokuba nokholo kuba singabahlobo bakaThixo, aluzukuqina. Indlela omjonga ngayo uYehova nabanye abantu inokulunceda ukholo lwakho. Kodwa kubalulekile nokuba ufundisise iBhayibhile, uyiqonde kakuhle into oyifundayo, uphande ngayo ukuze uqiniseke ukuba into oyifundayo ngoYehova yinyaniso. Umele uqiniseke ukuba iBhayibhile ithetha inyaniso ngoYehova.​—Roma 12:2.

4. Ngokutsho kukaMateyu 13:3-6, 20, 21, kwenzeka ntoni kwabanye xa kuvela iingxaki?

4 UYesu wathi abanye babeza kuyamkela inyaniso ‘bevuya,’ kodwa kuthi kwakuvela iingxaki, baphelelwe lukholo. (Funda uMateyu 13:3-6, 20, 21.) Mhlawumbi babeza kuyamkela bengayiqondi into yokuba abantu abalandela uYesu baba neengxaki. (Mat. 16:24) Okanye bayamkele becinga ukuba xa ungumKristu awusoze ube neengxaki. Kodwa kweli hlabathi, ziza kuhlala zikho iingxaki. Izinto zisenokutshintsha, ize loo nto isenze siyeke ukuvuya.​—INdu. 6:6; INtshu. 9:11.

5. Abazalwana noodade abaninzi babonise njani ukuba baqinisekile ukuba bayifumene inyaniso?

5 Abazalwana noodade abaninzi baye babonisa ukuba baqinisekile ukuba bayifumene inyaniso. Njani? Ukholo lwabo alugungqi nokuba omnye umKristu ubakhubekisile okanye wenze izinto ezingafunwayo yiBhayibhile. (INdu. 119:165) Qho besiba nengxaki, ukholo lwabo luya luqina. (Yak. 1:2-4) Yintoni onokuyenza ukuze nolwakho ukholo luqine?

‘MAZI NGENDLELA ECHANILEYO UTHIXO’

6. Yintoni eyenza abafundi bexesha likaYesu baba nokholo?

6 Ngexesha likaYesu, abafundi baba nokholo ngenxa yokuba bezazi iZibhalo nezinto ezifundiswa nguYesu Kristu, okanye ‘inyaniso yeendaba ezilungileyo.’ (Gal. 2:5) Le nyaniso zizo zonke izinto akholelwa kuzo amaKristu, njengezinto iBhayibhile ezithethayo ngedini nangovuko lukaYesu. Umpostile uPawulos wayeqinisekile ukuba ezi mfundiso ziyinyaniso. Kutheni sisitsho? Kuba ‘wacaphula eZibhalweni ukuze abonise ukuba kwakunyanzelekile ukuba uKristu anyamezele iintlungu aze afe.’ (IZe. 17:2, 3) Ngexesha likaYesu abafundi bazithanda ezo mfundiso baza bayekela umoya oyingcwele ukuba ubancede baliqonde iLizwi LikaThixo. Baphanda ukuze baqiniseke ukuba bafundiswa izinto eziseBhayibhileni. (IZe. 17:11, 12; Heb. 5:14) Abazange babe nokholo ngenxa yendlela ababeziva ngayo okanye bakhonze uYehova kuba babesonwaba xa bekunye namanye amaKristu. Kodwa baba nokholo ngenxa yokuba ‘bamazi ngendlela echanileyo uThixo.’​—Kol. 1:9, 10.

7. Kuza kusinceda njani ukuqiniseka ngezinto esizifunda eBhayibhileni?

7 Inyaniso ekwiLizwi LikaThixo ayitshintshi. (INdu. 119:160) Ngokomzekelo, ihlala ithetha into enye nokuba omnye umKristu usikhubekisile okanye wenze isono esinzulu. Ayitshintshi naxa kuvela iingxaki. Ngoko kufuneka sizazi kakuhle izinto ezifundiswa yiBhayibhile size siqiniseke ukuba ziyinyaniso. Ukuba siqinisekile ngezinto esizifunda eBhayibhileni, ukholo lwethu luza kuqina size singaze simshiye uYehova nokuba sineengxaki ezinzima kangakanani. Yintoni enokukwenza uqiniseke nyhani ukuba uyifumene inyaniso?

‘ZIKHOLELWE IZINTO OZIFUNDAYO’

8. U-2 Timoti 3:14, 15 ubonisa ukuba yintoni eyenza uTimoti waqiniseka ukuba uyifumene inyaniso?

8 UTimoti wayeqinisekile ukuba uyifumene inyaniso. Yintoni eyayimenza aqiniseke? (Funda 2 Timoti 3:14, 15.) Umama nomakhulu wakhe bamfundisa “izinto ezingcwele ezibhaliweyo” eselusana. Siqinisekile ukuba naye wachitha ixesha lakhe elininzi ezifundela. Loo nto ‘yamnceda wazikholelwa’ izinto awayezifunda ukuba ziyinyaniso. Ekuhambeni kwexesha uTimoti, umama nomakhulu wakhe badibana namaKristu. UTimoti wayithanda indlela abafundi bakaYesu ababathanda ngayo abantu, waza naye wafuna ukusoloko enabo, ebanceda. (Fil. 2:19, 20) Ayizange ibe kukuthanda loo maKristu okwamenza wanokholo. Waba nokholo kuba wathanda izinto azifunda eBhayibhileni waza waqiniseka ukuba ziyinyaniso. Enye into, wayefuna ukuba ngumhlobo kaYehova. Nawe umele uyifunde kakuhle iBhayibhile ukuze uqiniseke ngento eyifundisayo ngoYehova.

9. Zeziphi izinto ezintathu omele uqiniseke ngazo?

9 Zintathu izinto omele uqale uqiniseke ngazo. Okokuqala, umele uqiniseke ukuba zonke izinto, ezulwini nasemhlabeni, zadalwa nguYehova uThixo. (Eks. 3:14, 15; Heb. 3:4; ISityhi. 4:11) Okwesibini, umele ube nezizathu ezikwenza uqiniseke ukuba iBhayibhile inomyalezo kaThixo oya ebantwini. (2 Tim. 3:16, 17) Okwesithathu, umele uqiniseke ukuba uYehova uneqela labantu abamkhonza bekhokelwa nguKristu, ibe abo bantu ngamaNgqina KaYehova. (Isa. 43:10-12; Yoh. 14:6; IZe. 15:14) Akufuneki ude uyazi yonke iBhayibhile ukuze uqiniseke ngezi zinto. Umele uzimisele ‘ukusebenzisa ingqondo’ xa uyifunda ukuze uqiniseke ukuba uyifumene inyaniso.​—Roma 12:1.

ZIMISELE UKUNCEDA ABANYE

10. Emva kokuba siqinisekile ngenyaniso esiyifundileyo, yintoni ekufuneka siyenze?

10 Emva kokuba uqinisekile ukuba ezi zinto zintathu sisanduthetha ngazo ziyinyaniso, kufuneka uxelele abanye ngazo usebenzisa iBhayibhile. Ngoba? Ngenxa yokuba singamaKristu, sinomsebenzi wokufundisa abantu abasimamelayo inyaniso esiyifundileyo. * (1 Tim. 4:16) Enye into, xa sizama ukunceda abantu bayikholelwe inyaniso eseBhayibhileni, ukholo lwethu luyaqina.

11. Yintoni awayeyenza umpostile uPawulos xa efundisa, ibe thina sinokuyenza njani loo nto?

11 Xa umpostile uPawulos wayefundisa abantu, ‘wayezama ukubeyisela ukuba bakholelwe kuYesu, esebenzisa uMthetho kaMoses neencwadi zabaProfeti.’ (IZe. 28:23) Sinokuyenza njani le nto xa sifundisa abantu inyaniso? Asimele sibaxelele izinto ezifundiswa yiBhayibhile nje qha. Simele sibancede bafunde iBhayibhile, baze bacingisise ngezinto abazifundayo njengoko besiya besondela kuYehova. Sifuna nabo bathi bayifumene inyaniso. Bangatsho kuba bethanda okanye behlonipha thina, kodwa kuba beqinisekile ukuba izinto abazifundayo ngoThixo osithandayo, ziyinyaniso.

Bazali, ncedani abantwana benu babe nokholo ngokubafundisa “kwanezinto ezinzulu zikaThixo” (Jonga isiqendu 12-13) *

12-13. Abazali banokubanceda njani abantwana babo ukuze bangayishiyi inyaniso?

12 Bazali, ngokuqinisekileyo nifuna abantwana benu bangayishiyi inyaniso. Nisenokucinga ukuba xa benabahlobo abathanda inyaniso ebandleni, luza kuqina ukholo lwabo. Kodwa ke, ukuba ufuna abantwana bakho baqiniseke ukuba izinto abazifunda eBhayibhileni ziyinyaniso, akufuneki baphelele ekubeni nabahlobo abathanda inyaniso. Enye into eza kubenza baqiniseke, kukuba ngabahlobo bakaThixo.

13 Ukuze abazali bafundise abantwana babo inyaniso ngoThixo, nabo bamele bakuthande ukufunda iBhayibhile. Bamele bacingisise ngezinto abazifundayo. Loo nto iza kubanceda bakwazi ukufundisa abantwana babo ukuba benze kanye loo nto. Bamele benze le nto bayenzayo xa befundisa izifundo zabo, bafundise abantwana babo ukuba basebenzise izixhobo zokufunda iBhayibhile. Xa besenza loo nto, baza kubanceda bathande uYehova baze balithembe ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ alisebenzisayo ukuze asincede sazi iBhayibhile. (Mat. 24:45-47) Bazali, sanukubafundisa izinto ezilula qha eBhayibhileni abantwana benu. Bancedeni baluqinise ukholo lwabo ngokubafundisa “kwanezinto ezinzulu zikaThixo” abanokukwazi ukuziqonda, nicinga ngeminyaka nengqondo yabo.​—1 Kor. 2:10.

FUNDA IZIPROFETO EZISEBHAYIBHILENI

14. Kutheni kufuneka sizifunde iziprofeto eziseBhayibhileni? (Jonga ibhokisi ethi “ Unokuzicacisa Njani Ezi Ziprofeto?”)

14 Enye into ebalulekileyo eqinisa ukholo lwethu, ziziprofeto ezikwiLizwi LikaThixo. Wena, zeziphi iziprofeto eziye zaqinisa ukholo lwakho? Mhlawumbi uthi ziziprofeto ezithetha “ngemihla yokugqibela.” (2 Tim. 3:1-5; Mat. 24:3, 7) Kodwa zeziphi ezinye iziprofeto ezenzekileyo ezinokuqinisa ukholo lwakho? Ngokomzekelo, ungayichaza indlela ezenzeka ngayo kwixesha elidlulileyo nangoku iziprofeto ezikuDaniyeli isahluko 2 okanye ezikwisahluko 11? * Ukuba ukholo lwakho luqiniswe yinyaniso oyifunda eBhayibhileni, alusoze luphele. Khawucinge ngabazalwana abatshutshiswa eJamani ngeMfazwe Yehlabathi II. Babengaziqondi kakuhle iziprofeto ezithetha ngemihla yokugqibela, kodwa ukholo lwabo lwaluqinile.

Xa sifunda iBhayibhile neziprofeto ezikuyo, ukholo lwethu luza kuqina xa sitshutshiswa (Jonga isiqendu 15-17) *

15-17. Ukufunda iBhayibhile kwaluqinisa njani ukholo lwabazalwana noodade ababetshutshiswa ngamaNazi?

15 Xa iJamani yayilawulwa ngamaNazi, abazalwana noodadewethu abaninzi bathunyelwa kwiinkampu zoxinaniso. UHitler negosa elalikwisikhundla esiphezulu, uHeinrich Himmler, babengafuni nokuwabona amaNgqina KaYehova. Omnye udade ukhumbula into eyathethwa nguHimmler koodade ababekwinkampu yoxinaniso. Uthi wathi: “Mhlawumbi loo Yehova wenu uyalawula ezulwini, kodwa apha kulawula thina. Sokhe sibone ukuba ngoobani abaza kuhlala ixesha elide phakathi kwethu nani.” Yintoni eyanceda abantu bakaYehova abagungqa?

16 Abo Bafundi BeBhayibhile babesazi ukuba uBukumkani BukaThixo buqalile ukulawula ngo-1914. Yayingabothusi into yokuba batshutshiswe kangaka. Sekunjalo, abantu bakaYehova babeqinisekile ukuba akakho urhulumente onokuxaba endleleni kaThixo. UHitler wayengenakuluphelisa unqulo lwenyaniso okanye abe norhulumente oza kuba ngaphezu koBukumkani BukaThixo. Abazalwana babeqinisekile ukuba uHitler akazukulawula ngonaphakade.

17 Loo nto yenzeka nyhani. Kungekudala, urhulumente wamaNazi wayeka ukulawula. Yena uHeinrich Himmler owayesithi, “apha kulawula thina,” wayebaleka abantu ababefuna ukumbulala. Wadibana noMzalwan’ uLübke, owayemazi ukuba wayekhe wabanjwa kuba eliNgqina LikaYehova. Elusizi wabuza uMzalwan’ uLübke: “Mfundi WeBhayibhile, kuqhubeka ntoni ngoku?” UMzalwan’ uLübke wamxelela ukuba amaNgqina KaYehova ayazi kudala into yokuba urhulumente wamaNazi uza kuphelelwa, nokuba wona, aza kukhululwa. UHimmler, indoda eyayithetha izinto ezininzi ezimbi ngamaNgqina KaYehova, ngoku yayingazi nokuba mayithini. Kungabanga xesha lide emva koko, yazibulala. Yintoni esiyifundayo apha? Xa sifunda iBhayibhile neziprofeto ezikuyo, ukholo lwethu luza kuqina size singagungqi xa sitshutshiswa.​—2 Pet. 1:19-21.

18. UYohane 6:67, 68 ubonisa njani ukuba kufuneka sibe ‘nolwazi oluchanileyo nokuqonda okupheleleyo’ awayethetha ngako uPawulos?

18 Sonke kufuneka sibe nothando kuba umKristu wokwenene ubonwa ngalo. Kufuneka sibe nalo ‘nolwazi oluchanileyo nokuqonda okupheleleyo.’ (Fil. 1:9) Kungenjalo, sisenokumka nayo “yonke imimoya yeemfundiso zabantu abaqhatha abanye,” nezabawexuki. (Efe. 4:14) Ngexesha likaYesu, xa abafundi babeyeka ukumlandela, umpostile uPetros wabonisa ukuba uqinisekile ukuba nguYesu “onamazwi anika ubomi obungunaphakade.” (Funda uYohane 6:67, 68.) Ngoxa uPetros wayengawaqondi onke loo mazwi, akazange agungqe kuba wayeyazi inyaniso ngoKristu. Nawe unokuqiniseka ngezinto ozifunda eBhayibhileni. Loo nto iza kwenza ukholo lwakho luqine nokuba kwenzeka ntoni uze uncede nabanye luqine ukholo lwabo.​—2 Yoh. 1, 2.

INGOMA 72 Sazisa Inyaniso YoBukumkani

^ isiqe. 5 Eli nqaku liza kusinceda sazi ukuba inyaniso esiyifunda eBhayibhileni ibaluleke kakhulu. Liza kuthetha nangendlela esinokuqiniseka ngayo ukuba izinto esizikholelwayo ziyinyaniso.

^ isiqe. 10 Ukuze uncede abantu bazazi izinto ezifundiswa yiBhayibhile, funda amanqaku akwindawo ethi “Ukuncokola Nommelwane” kwiiMboniselo zika-2010 ukuya kwezika-2015. Amanye ala manqaku athi, “Ngaba UYesu NguThixo?” “Baqalisa Nini Ukulawula UBukumkani BukaThixo?” nelithi “Ngaba UThixo Wohlwaya Abantu Esihogweni?

^ isiqe. 14 Ukuze ufunde ngezi ziprofeto, jonga iMboniselo kaJuni 15, 2012 nekaMeyi 2020.

^ isiqe. 60 IMIFANEKISO: Kunqulo lwentsapho, abazali bafunda nabantwana babo iziprofeto ezithetha ngexesha lentlungu engathethekiyo.

^ isiqe. 62 IMIFANEKISO: Ngexesha lentlungu engathethekiyo, le ntsapho ayizukothuswa zizinto ezenzekayo.