Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 30

Hlala Ubambelele Enyanisweni

Hlala Ubambelele Enyanisweni

“Ayikho into endivuyisa ngathi yile: ukuva ukuba abantwana bam basabambelele enyanisweni.”​3 YOH. 4.

INGOMA 54 “Nantsi Indlela”

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. U-3 Yohane 3, 4, uthi yintoni esivuyisayo?

KHAWUCINGE indlela amele ukuba wavuya ngayo umpostile uYohane xa weva ukuba abantu awabanceda bayazi inyaniso babesathembekile kuYehova. Babeneengxaki ezininzi. UYohane wenza konke anako ukuze omeleze ukholo lwala maKristu ayengathi ngabantwana bakhe. Nathi siyavuya xa abantwana bethu, esibazeleyo okanye abantu esibafundele inyaniso bezinikela kuYehova baze bangayeki ukumkhonza.​—Funda 3 Yohane 3, 4.

2. Yintoni eyenza uYohane wabhala iincwadi zakhe?

2 Ngo-98 C.E., kusenokwenzeka ukuba uYohane wayehlala e-Efese okanye kufutshane nakhona. Mhlawumbi waya apho emva kokuba ekhululwe etrongweni kwisiqithi sasePatmos. Malunga nelo xesha, uYehova wamnika umoya wakhe ukuze abhale iincwadi ezintathu. Ezi ncwadi wayezibhalela ukukhuthaza amaKristu athembekileyo ukuba ahlale enokholo kuYesu aze abambelele enyanisweni.

3. Yeyiphi imibuzo esiza kuyiphendula kweli nqaku?

3 UYohane wayekhathazwa ziimfundiso ezazihlohlwa ngabefundisi abangamaxoki kwiingqondo zamaKristu ebandleni. * Ngelo xesha babesele befile bonke abapostile. (1 Yoh. 2:18, 19, 26) Aba bawexuki babesithi bayamazi uThixo, kodwa babengamthobeli. Makhe sive ukuba wathini uYohane. Kweli nqaku siza kuva into awayithethayo size siphendule le mibuzo mithathu: Kuthetha ukuthini ukubambelela enyanisweni? Yintoni enokusenza siyeke ukubambelela enyanisweni? Nothi, sinokuncedana njani ukuze sihlale sibambelele enyanisweni?

KUTHETHA UKUTHINI UKUBAMBELELA ENYANISWENI?

4. Ku-1 Yohane 2:3-6 no-2 Yohane 4, 6 kuthiwa yintoni esimele siyenze ukuze sibambelele enyanisweni?

4 Ukuze sibambelele enyanisweni, kufuneka sazi inyaniso ekwiLizwi LikaThixo, iBhayibhile. Enye into ekufuneka siyenze, ‘kukuthobela imiyalelo’ kaYehova. (Funda 1 Yohane 2:3-6; 2 Yohane 4, 6.) Oyena mntu wayethobela uYehova nguYesu. Ngoko nathi simele sizame ngandlela zonke ukuthobela uYehova njengaye.​—Yoh. 8:29; 1 Pet. 2:21.

5. Yintoni esimele siqiniseke ngayo?

5 Ukuze sihlale sibambelele enyanisweni, kufuneka siqiniseke ukuba uYehova nguThixo wenene, nokuba zonke izinto asixelela zona kwiLizwi lakhe iBhayibhile, ziyinyaniso. Simele siqiniseke nokuba uYesu nguMesiya owathenjiswayo. Abantu abaninzi namhlanje abaqiniseki ncam ukuba uYehova uye wakhetha uYesu ukuba abe nguKumkani woBukumkani bakhe. UYohane wathi kwakukho “abalahlekisi abaninzi” ababeza kulahlekisa abantu ababengakholelwa ncam kwinyaniso ethethwa yiBhayibhile ngoYehova noYesu. (2 Yoh. 7-11) Wathi: “Lingakhona na ixoki elingaphezu komntu othi uYesu akanguye uKristu?” (1 Yoh. 2:22) Inye indlela esinokukuphepha ngayo ukulahlekiswa, kukufunda iLizwi LikaThixo. Loo nto iza kusenza simazi uYehova noYesu. (Yoh. 17:3) Emva koko, siza kutsho siqiniseke ukuba siyifumene inyaniso.

YINTONI ENOKUSENZA SIYEKE UKUBAMBELELA ENYANISWENI?

6. Yintoni olumele luyilumkele ulutsha?

6 Onke amaKristu amele alumkele ukulahlekiswa ziimfundiso zabantu. (1 Yoh. 2:26) Abona bantu bamele balumke kakhulu, lulutsha. Omnye udade waseFransi oneminyaka eyi-25, uAlexia, * uthi: “Xa ndandisemncinci, ndandiyithandabuza inyaniso ngenxa yezinto ezifundiswa lihlabathi, ezinjengokuba izinto zazivelela nezinye. Ngamanye amaxesha ndandiba nomdla kwezi mfundiso. Kodwa ndabona ukuba andimele ndikholelwe nje kwizinto ezifundiswa ngootitshala ndize ndingazihoyi ezifundiswa yiBhayibhile.” UAlexia wafunda incwadi yesiNgesi ethi Life​—How Did It Get Here? By Evolution or by Creation? Kungaphelanga veki zingaphi wayeka ukuyithandabuza inyaniso. Uthi: “Ndaqiniseka ukuba into ethethwa yiBhayibhile, yinyaniso. Ndabona nokuba xa ndizenza izinto ezithethayo, ndiza kuvuya ndize ndibe noxolo.”

7. Yintoni angamele ayenze amaKristu, ibe ngoba?

7 Onke amaKristu, amancinci namadala, akamele enze ngathi ayamthanda uYehova abe kwelinye icala esenza izinto angazifuniyo. UYohane wayenza yacaca into yokuba asinakuthi sibambelele enyanisweni sibe kwangaxeshanye siziphethe kakubi. (1 Yoh. 1:6) Ukuba sifuna ukuthandwa nguThixo, ngoku nakwixesha elizayo, kufuneka singalibali ukuba ubona yonke into esiyenzayo. Ngamany’ amazwi, nokuba abantu abasiboni ukuba senzani, uYehova yena asinakumfihlela nto.​—Heb. 4:13.

8. Yeyiphi indlela esingamele sicinge ngayo?

8 Masingacingi ngendlela ihlabathi elicinga ngayo ngesono. Umpostile uYohane wathi: “Ukuba sithi, ‘Asinasono,’ siyaziqhatha, futhi asiyikholelwa inyaniso.” (1 Yoh. 1:8) Ngemihla kaYohane, abawexuki babesithi umntu unokuba ngumhlobo kaThixo nokuba wenza isono. Nanamhlanje, basekhona abantu abathetha loo nto. Abaninzi bathi bayakholelwa kuThixo, kodwa abafuni nokuyiva into ayithethayo ngesono, ingakumbi edibene nesondo. Izinto uYehova athi zisisono, bona bathi umntu unokuzenza xa efuna.

Lutsha, qinisekani ngendlela yokuziphatha iBhayibhile ethi ilungile nethi ayilunganga ukuze nikwazi ukuthethelela ukholo lwenu (Jonga isiqendu 9) *

9. Ukwenza into ethethwa yiBhayibhile kuza kulunceda njani ulutsha?

9 Ulutsha olungamaKristu lusenokuziva lunyanzelekile ukuba luziphathe kakubi njengabantwana olufunda nabo okanye olusebenza nabo. Kwenzeka kanye loo nto kuAleksandar. Uthi: “Amanye amantombazana esikolweni ayezama ukundinyanzela ukuba ndilale nawo. Ayesithi inoba ndithanda amadoda kuba andinantombi.” Inokwenzeka nakuwe le nto, kodwa ukuba wenza into ethethwa yiBhayibhile, uza konwaba, ukhusele impilo yakho, ungabi nentliziyo ebuhlungu, uze uhlale ungumhlobo kaYehova. Xa usoloko ungavumi ukwenza izinto ezingafunwayo nguThixo, kuza kuba lula ukwenza izinto azithandayo. Sukulibala ukuba indlela egqwethekileyo elicinga ngayo eli hlabathi ngesondo, yekaSathana. Ngoko xa ungavumi ukucinga njengalo, uza kube ‘umoyisile uSathana.’​—1 Yoh. 2:14.

10. U-1 Yohane 1:9 usinceda njani sikwazi ukukhonza uYehova sinesazela esicocekileyo?

10 Yinyaniso ukuba nguYehova onelungelo lokusixelela ukuba yintoni esisono. Senza konke okusemandleni ethu ukuba singenzi sono. Kodwa ukuba siye sona, sixelela uYehova sivuma ukuba sonile. (Funda 1 Yohane 1:9.) Ukuba senze isono esinzulu, sicela uncedo kubadala abakhethwe nguYehova ukuba basihoye. (Yak. 5:14-16) Asimele sihlale sicinga ukuba sinetyala ngenxa yezono esazenzayo. Ngoba? UTata wethu osithandayo uye wanikela ngoNyana wakhe ukuze izono zethu zixolelwe. Xa uYehova esithi uza kubaxolela abantu abaguqukayo, akaxoki. Ngoko akukho nto inokusiyekisa ukukhonza uYehova sinesazela esicocekileyo.—1 Yoh. 2:1, 2, 12; 3:19, 20.

11. Ukuze sikhusele ukholo lwethu, yintoni esingamele siyenze?

11 Asimele sizimamele nokuzimamela iimfundiso zabawexuki. Kwasekuqaleni kwebandla lamaKristu, uMtyholi ebesebenzisa abalahlekisi ukuze benze abakhonzi bakaThixo bathandabuze iinyaniso eziseBhayibhileni. Ngenxa yaloo nto, simele sikwazi ukwahlula inyaniso kubuxoki. * Abantu abangasithandiyo banokuzama ukusebenzisa i-Intanethi okanye iiwebhusayithi zokuncokola ukuze basenze singamthembi uYehova okanye singabathandi abazalwana bethu. Ungabukholelwa ubuxoki ababuthethayo kuba buvela kuSathana.​—1 Yoh. 4:1, 6; ISityhi. 12:9.

12. Kutheni simele siqinise ukholo lwethu ngezinto esizifunda kwiLizwi LikaThixo?

12 Ukuze singamvumeli uSathana ukuba alwenze lungaqini ukholo lwethu, simele simthembe kakhulu uYesu nendlela asetyenziswa ngayo nguYehova ukuze kwenzeke ukuthanda kwakhe. Simele siyithembe nentlangano uYehova ayisebenzisayo. (Mat. 24:45-47) Ukuze sikwazi ukuzenza ezi zinto, kufuneka silifunde qho iLizwi LikaThixo. Loo nto iza kwenza ukholo lwethu lufane nomthi oneengcambu ezingene zatshona emhlabeni. UPawulos wathetha into efana nale xa wayebhalela ibandla laseKolose. Wathi: “Njengokuba niye namamkela uKristu Yesu iNkosi, qhubekani nihamba naye, nizifake zitshone iingcambu zenu kuye, nize nakhelwe kuye, niqinisiwe elukholweni.” (Kol. 2:6, 7) Xa sinokholo olunjengolo, ayikho into enokwenziwa nguSathana okanye abantu abamxhasayo, enokusenza siyeke ukubambelela enyanisweni.​—2 Yoh. 8, 9.

13. Yintoni esimele siyilindele, ibe ngoba?

13 Simele siyilindele into yokuba eli hlabathi liza kusicaphukela. (1 Yoh. 3:13) UYohane uthi: “Ihlabathi lilawulwa nguSathana.” (1 Yoh. 5:19) Njengokuba eli hlabathi lisondela esiphelweni, uSathana uya evutha ngumsindo. (ISityhi. 12:12) Akasihlaseli nje ngokusenza siziphathe kakubi okanye sikholelwe ubuxoki babawexuki, kodwa wenza nabantu bakhe basihlasele ngokusitshutshisa kabuhlungu. Uyazi ukuba ushiyekelwe lixesha elincinci lokusiyekisa ukushumayela, okanye lokusenza siphelelwe lukholo. Ngoko ayisimangalisi into yokuba umsebenzi wethu uyekisiwe kumazwe amaninzi. Sekunjalo, abazalwana noodadewethu abahlala kuloo mazwe banyamezele. Ngokunyamezela kwabo, babonisa ukuba nokuba angasenza ntoni uSathana, soze sigungqe.

MASINCEDANE UKUZE SIHLALE SIBAMBELELE ENYANISWENI

14. Yintoni esinokuyenza ukuze abazalwana noodadewethu bangemki enyanisweni?

14 Ukuze abazalwana noodadewethu bangemki enyanisweni, simele sibancede. (1 Yoh. 3:10, 11, 16-18) Simele singathandani xa kumnandi qha, kodwa naxa kukho iingxaki. Ngokomzekelo, ukhona umntu omaziyo oswelekelweyo ofuna ukuthuthuzelwa okanye ukuncedwa ngezinye iindlela? Okanye ukhe weva ngabazalwana noodadewenu abangenazinto ngenxa yentlekele yemvelo nabafuna ukuncedwa ngokwakhelwa iiHolo ZoBukumkani okanye amakhaya abo? Asitsho nje ngomlomo ukuba siyabathanda abazalwana noodadewethu, kodwa loo nto siyibonisa ngezinto esizenzayo.

15. U-1 Yohane 4:7, 8 uthi yintoni esimele siyenze?

15 Xa sithandana silinganisa uTata wethu osezulwini esimthandayo. (Funda 1 Yohane 4:7, 8.) Enye indlela esibonisa ngayo ukuba siyathandana, kukuxolelana. Ngokomzekelo, sinokukhathazwa ngumzalwana okanye udade aze acele uxolo. Sakube siyamthanda ukuba siyamxolela size siyilibale loo nto. (Kol. 3:13) Umzalwana onguAldo wacatshukiswa ngumzalwana awayemhlonipha owathetha kakubi ngabantu bendawo asuka kuyo. Uthi: “Ndandithandaza qho kuYehova ukuze andincede ndingacingi izinto ezimbi ngalo mzalwana.” Ikhona nenye into awayenzayo. Wamcela ukuba baye kushumayela kunye. Njengokuba babesentsimini, uAldo wamxelela indlela emkhathaze ngayo into awayithethayo. UAldo uthi: “Wathi akuyiva indlela andikhathaze ngayo, wacel’ uxolo. Ndeva indlela athetha ngayo ukuba uyazisola. Sathi siphuma entsimini, sabe sesivana nyhani.”

16-17. Ziintoni esimele sizimisele ukuzenza?

16 Umpostile uYohane wayebathanda kakhulu abazalwana bakhe, efuna nokubanceda ukuze ukholo lwabo luhlale luqinile. Loo nto ibonakala kakuhle kwindlela awabacebisa ngayo kwiincwadi zakhe ezintathu. Kuvuyisa kakhulu ukwazi ukuba amadoda nabafazi abanjengoYohane, bakhethwe ukuba balawule kunye noKristu.​—1 Yoh. 2:27.

17 Masingaze siwalibale la macebiso kuthethwe ngawo kweli nqaku. Masizimisele ukubambelela enyanisweni, sithobele uYehova kuyo yonke into esiyenzayo. Masifunde iLizwi lakhe, silithembe size sibe nokholo kuYesu. Simele singafuni nokuzibona iimfundiso zabantu nezabawexuki. Ungaze wenze ngathi uyamthanda uThixo ube kwelinye icala usenza izinto angazifuniyo. Ungaze ubamamele nabantu abafuna wenze izinto angazifuniyo. Phila ngendlela uYehova afuna uphile ngayo. Masincede abazalwana bethu ukuba babambelele enyanisweni ngokubaxolela abasikhathazileyo nokunceda abo bafuna ukuncedwa. Xa sizenza ezi zinto, siza kuhlala sibambelele enyanisweni nokuba sineengxaki.

INGOMA 49 Masivuyise Intliziyo KaYehova

^ isiqe. 5 Siphila kwihlabathi elilawulwa ngutata wobuxoki, uSathana. Ngoko kunzima ukubambelela enyanisweni. Nangexesha labapostile, amaKristu ayenale ngxaki. Ukuze ancede wona kunye nathi, uYehova waphefumlela umpostile uYohane ukuba abhale iincwadi zakhe ezintathu. Kwezi ncwadi, siza kufunda ukuba zeziphi iingxaki ezinokusenza siyeke ukubambelela enyanisweni nokuba sinokuzoyisa njani.

^ isiqe. 6 Amanye amagama atshintshiwe.

^ isiqe. 11 Jonga inqaku elithi “Ngaba Uzazi Zonke Iinkcukacha?kwiMboniselo ka-Agasti 2018.

^ isiqe. 59 IMIFANEKISO: Esikolweni udade osemtsha usoloko esiva kwaye ebona izinto ezenza kube ngathi amadoda alala namanye amadoda, nabafazi abalala nabanye abafazi, yinto nje engenamsebenzi. (Kwezinye iindawo izinto ezinemibala emininzi zisetyenziselwa ukubonisa amadoda alalanayo nabafazi abalalanayo.) Xa ebuya esikolweni, uyaphanda ukuze aqinise ukholo lwakhe. Le nto iyamnceda ukuze angagungqi elukholweni.