Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 35

Hlonipha Wonke Umntu Ebandleni LikaYehova

Hlonipha Wonke Umntu Ebandleni LikaYehova

“Ilihlo alinakuthi kwisandla: ‘Andikudingi,’ nentloko ayinakuthi kwiinyawo: ‘Andinidingi.’”​—1 KOR. 12:21.

INGOMA 124 Namathela KuYehova

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Yintoni uYehova ayenzele abakhonzi bakhe abathembekileyo?

KUBA uYehova esithanda uye wavumela bonke abakhonzi bakhe abathembekileyo ukuba babe sebandleni lakhe. Naxa sisenza imisebenzi eyahlukahlukeneyo sonke sibalulekile, ibe siyadingana. Umpostile uPawulos usinceda siyiqonde indlela ebaluleke ngayo le nto. Njani?

2. AmaEfese 4:16 athi kutheni kufuneka sihloniphane size sisebenze kunye?

2 Kumbhalo oyintloko weli nqaku, uPawulos wabonisa ukuba akukho mntu kuthi unokujonga omnye umkhonzi kaYehova aze athi: “Andikudingi.” (1 Kor. 12:21) Ukuba sifuna kubekho uxolo ebandleni kufuneka sihloniphane size sisebenze kunye. (Funda amaEfese 4:16.) Xa sisebenza kunye ebandleni, wonke umntu uza kubona ukuba uyathandwa, ibe nebandla liza kuqina.

3. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

3 Zeziphi ezinye iindlela esinokubonisa ngazo ukuba siyawahlonipha amaKristu ebandleni? Kweli nqaku, siza kuthetha ngendlela abadala abanokubonisa ngayo ukuba bayabahlonipha abanye abadala. Siza kuthetha nangendlela esinokubonisa ngayo sonke ukuba siyabahlonipha abazalwana noodade abangatshatanga. Emva koko, siza kufunda ukuba sinokubonisa njani ukuba siyabahlonipha abazalwana noodade abangakwaziyo ukuthetha ulwimi lwethu kakuhle.

BAHLONIPHE ABANYE ABADALA

4. Leliphi icebiso likaPawulos elikumaRoma 12:10 abadala abamele balisebenzise?

4 Bonke abadala ebandleni bamiselwe ngomoya oyingcwele kaYehova. Kodwa bonke baneziphiwo ezahlukahlukeneyo. (1 Kor. 12:17, 18) Kusenokwenzeka ukuba abanye basandokuba ngabadala, loo nto ithetha ukuba abanamava njengabanye abadala. Abanye basenokungakwazi ukuzenza ezinye izinto ngenxa yeminyaka yabo okanye iingxaki zempilo. Kodwa, akukho mdala umele ajonge omnye umdala ngokungathi uthi, “Andikudingi.” Bonke abadala bamele basebenzise icebiso likaPawulos elikumaRoma 12:10.​—Yifunde.

Abadala babonisa ukuba bayabahlonipha abanye abadala ngokubamamela kakuhle (Jonga isiqendu 5-6)

5. Abadala babonisa njani ukuba bayabahlonipha abanye abadala, ibe kutheni ibalulekile loo nto?

5 Abadala babonisa ukuba bayabahlonipha abanye abadala ngokubamamela kakuhle. Le nto ibaluleke kakhulu xa abadala bedibana ukuze bathethe ngento ebalulekileyo. Ngoba? IMboniselo kaOktobha 1, 1988, yathi: “Abadala baya kuqonda ukuba uKristu, ngomoya oyingcwele, unokwalathisa ingqondo yakhe nawuphi na umdala kwiqumrhu labadala ukuba anikele umgaqo weBhayibhile ofunekayo ukuze kuhlangatyezwane nayo nayiphi na imeko okanye kwenziwe nasiphi na isigqibo esibalulekileyo. (IZe. 15:6-15) Akukho namnye umdala unebango lokuba umoya usebenza kuye yedwa kwiqumrhu.”

6. Yintoni enceda abadala bakwazi ukusebenza kunye, ibe loo nto ilinceda njani ibandla?

6 Umdala obahloniphayo abanye abadala akasoloko efuna ukuthetha kuqala kwiintlanganiso zabadala. Akasoloko ethetha, ibe akacingi ukuba izinto azithethayo zisoloko zichanile. Kodwa uchaza indlela azibona ngayo izinto ethobekile. Uzimamela kakuhle nezinto ezithethwa ngabanye abadala. Eyona nto ibalulekileyo kukuba, usoloko efuna ukuthetha ngamacebiso aseBhayibhileni ibe uthobela ulwalathiso oluvela ‘kwikhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ (Mat. 24:45-47) Ukuba abadala bayabathanda ibe bayabahlonipha abanye abadala xa bethetha ngezinto, umoya kaThixo uza kuba kunye nabo, ubakhokele ukuze benze izigqibo eziza kuliqinisa ibandla.​—Yak. 3:17, 18.

WAHLONIPHE AMAKRISTU ANGATSHATANGA

7. UYesu wayebajonga njani abantu abangatshatanga?

7 Ibandla namhlanje linabantu abatshatileyo, abanye banabantwana. Kodwa, linabo nabazalwana noodade abaninzi abangatshatanga. Simele sibajonge njani abo bangatshatanga? Simele sibajonge njengoYesu. Xa uYesu wayelapha emhlabeni wayengatshatanga. Wayezimisele kumsebenzi wakhe. UYesu akazange afundise ukuba kunyanzelekile ukuba umKristu atshate okanye angatshati. Kodwa wathi amanye amaKristu ayeza kukhetha ukuhlala engatshatanga. * (Mat. 19:11, 12) UYesu wayebahlonipha abantu abangatshatanga. Wayengacingi ukuba abantu abatshatileyo babalulekile kunabangatshatanga okanye kukho into abangenayo kuba bengatshatanga.

8. Kuma-1 Korinte 7:7-9, yintoni uPawulos awayikhuthaza amaKristu?

8 Umpostile uPawulos wayesenza umsebenzi wakhe wokushumayela engatshatanga njengoYesu. UPawulos akazange afundise ukuba umKristu akufuneki atshate. Wayesazi ukuba umntu kufuneka azenzele isigqibo. Nakuba kunjalo, uPawulos wakhuthaza amaKristu acinge ukuba angakwazi na ukukhonza uYehova engatshatanga. (Funda 1 Korinte 7:7-9.) Siqinisekile ukuba uPawulos wayengacingi ukuba abantu abatshatileyo babalulekile kunabangatshatanga. Wade wakhetha uTimoti osemtsha, umzalwana ongatshatanga, ukuba enze izinto ezibalulekileyo enkonzweni kaYehova. * (Fil. 2:19-22) Kucacile ukuba asimele sicinge ukuba umzalwana uyafaneleka okanye akafaneleki ngenxa nje yokuba etshatile okanye engatshatanga.​—1 Kor. 7:32-35, 38.

9. Sinokuthini ngokutshata nokungatshati?

9 UYesu noPawulos abazange bafundise amaKristu ukuba mawatshate okanye ahlale engatshatanga. Sithini ke ngokutshata nokungatshati? IMboniselo kaOktobha 1, 2012, yayibeka kakuhle le nto. Yathi: “Eneneni, zombini ezi meko [ukutshata nokungatshati] zinokujongwa njengesiphiwo esivela kuThixo. . . . UYehova akakujongi ukungatshati njengehlazo okanye intlungu.” Yiloo nto simele sibahloniphe abazalwana noodade abangatshatanga ebandleni.

Ziintoni esimele singazenzi kuba sihlonipha indlela abaziva ngayo abazalwana noodade abangatshatanga? (Jonga isiqendu 10)

10. Sinokubonisa njani ukuba siyabahlonipha abazalwana noodadewethu abangatshatanga?

10 Sinokubonisa njani ukuba siyayihlonipha indlela abaziva ngayo, ibe siyaziqonda iimeko zabazalwana noodade abangatshatanga? Simele sikhumbule ukuba amanye amaKristu azikhethele ngokwawo ukuhlala engatshatanga. Amanye wona ayakufuna ukutshata, kodwa awakamfumani umntu ofanelekayo. Kanti amanye aswelekelwa ngabantu awayetshate nawo. Nokuba kwenzeke ntoni, ngaba kufanelekile ukuba abo basebandleni babuze amaKristu angatshatanga ukuba kutheni engekatshati okanye bawancede afumane abantu anokutshata nawo? Akhona wona amaKristu angatshatanga anokucela ukuncedwa. Kodwa ukuba aba bazalwana noodade abasicelanga sibancede, banokuziva njani ukuba thina sifuna ukubafunela abantu abanokutshata nabo? (1 Tes. 4:11; 1 Tim. 5:13) Makhe sive bathini abanye abazalwana noodade abangatshatanga.

11-12. Sinokubatyhafisa njani abazalwana noodade abangatshatanga?

11 Omnye umveleli wesiphaluka ongatshatanga nowenza kakuhle umsebenzi wakhe, uthi zininzi izinto ezincedayo ngokungatshati. Kodwa uthi iyatyhafisa into yokuba abazalwana noodade, abazama ukumnceda bembuza ukuba kutheni engatshatanga. Omnye umzalwana okhonza kwiofisi yesebe uthi: “Ngamanye amaxesha abazalwana noodade bandenza ndicinge ukuba abantu abangatshatanga bayasizeleka. Le nto inokwenza kubonakale ngathi ukungatshati kuyingxaki kunokuba kube sisiphiwo.”

12 Omnye udade ongatshatanga okhonza eBheteli uthi: “Abanye abazalwana noodade bacinga ukuba bonke abantu abangatshatanga bakhangela abantu, okanye qho xa bephumile neqela labantu sukube bekhangela ithuba lokufumana abantu abanokutshata nabo. Xa ndaya kwenye indawo ukuze ndenze umsebenzi wam waseBheteli, ndafika ngosuku lweentlanganiso. Udade endandifikele kuye wandixelela ukuba kukho abazalwana ababini ebandleni lakhe abalingana nam. Wathi akazami ukundifunela mntu. Kodwa sathi sakungena kwiHolo YoBukumkani, wanditsala ukuze siyokudibana naba bazalwana babini. Yayingaske ndithi, ‘vuleka mhlaba ndingene,’ ibe nabo aba bazalwana babini babeneentloni.”

13. Yintoni eyakhuthaza omnye udade ongatshatanga?

13 Omnye udade naye okhonza eBheteli uthi: “Kukho oovulindlela abangatshatanga endibaziyo abazijonga kakuhle izinto, abazimiseleyo, abasoloko benceda abanye abantu, abonwabileyo nabalinceda kakhulu ibandla. Bakujonga kakuhle ukungatshati kwabo, abacingi ukuba babhetele kunabanye abantu kuba bengatshatanga okanye bangonwabi kuba bengenabantu batshate nabo nabantwana.” Yiloo nto kumnandi ukuba sebandleni elinabazalwana noodade ababahloniphayo nababathandayo abanye. Uyayazi ukuba abazalwana noodade abakusizeli, abakumoneli, bakuhoyile ibe abacingi ukuba ubhetele kunabo. Uyayazi nokuba bayakuthanda.

14. Sinokubonisa njani ukuba siyabahlonipha abazalwana noodadewethu abangatshatanga?

14 Abazalwana noodadewethu abangatshatanga baza kuvuya kakhulu ukuba sibathanda ngenxa yeempawu zabo ezintle, hayi kuba betshatile okanye bengatshatanga. Kunokuba sibasizele, kufuneka siyixabise indlela abathembeke ngayo. Loo nto iza kwenza abazalwana noodadewethu abangatshatanga bangaze bazive ngathi sithi kubo: “Andikudingi.” (1 Kor. 12:21) Kodwa, baza kwazi ukuba siyabahlonipha ibe siyavuya kuba besebandleni.

BAHLONIPHE ABO BANGATHETHI ULWIMI LWAKHO

15. Ziintoni eziye zenziwa ngabazalwana noodade ukuze bazinikele kumsebenzi wokushumayela?

15 Kule minyaka, baninizi abavakalisi abaye bazimisela ukufunda olunye ulwimi ukuze bandise inkonzo yabo. Ukuze bakwazi ukuyenza le nto, kuye kwafuneka batshintshe izinto ezithile ebomini babo. Aba bazalwana noodade baye bashiya amabandla athetha ulwimi lwabo ukuze bayokukhonza kumabandla athetha olunye ulwimi nadinga abavakalisi. (IZe. 16:9) Esi sisigqibo azenzela sona la maKristu ukuze azinikele ekukhonzeni uYehova. Nakuba kusenokudlula iminyaka emininzi ngaphambi kokuba aluthethe kakuhle olu lwimi lutsha, anokunceda ibandla ngeendlela ezininzi. Ayaliqinisa ibandla ngeempawu zawo ezintle nangamava awo. Sibahlonipha kakhulu aba bazalwana noodade bazincamileyo.

16. Yintoni abamele bayijonge abadala xa bemisela umdala okanye isicaka solungiselelo?

16 Abadala abamele benze isigqibo sokuba umzalwana akanakuba ngumdala okanye isicaka solungiselelo ngenxa nje yokuba engakwazi ukuthetha ulwimi oluthethwa kwelo bandla. Abadala baza kubona ukuba banokummisela na umzalwana ngokujonga ukuba iBhayibhile ithi umdala nesicaka solungiselelo bamele babe njani. Abamele bajonge ukuba uluthetha kakuhle kangakanani na ulwimi oluthethwa kwelo bandla.​—1 Tim. 3:1-10, 12, 13; Tito 1:5-9.

17. Yeyiphi imibuzo ezimele ziyiphendule ezinye iintsapho xa zifudukele kwelinye ilizwe?

17 Ezinye iintsapho zamaKristu ziye zafudukela kwamanye amazwe kuba zifuna ukukhuseleka okanye ukuze zifune umsebenzi. Xa kunjalo, abantwana bazo badla ngokufundiswa ngolwimi oluthethwa kakhulu kwelo lizwe bafudukele kulo. Nabazali kusenokufuneka bafunde olo lwimi ukuze bafumane umsebenzi. Baza kuthini ukuba kukho ibandla okanye iqela ekuhlaleni elithetha ulwimi lwabo? Loo ntsapho iza kuya kweliphi ibandla? Ngaba iza kuya kwibandla elithetha ulwimi oluthethwa kakhulu kwelo lizwe okanye kwibandla elithetha ulwimi lwayo?

18. Xa sicinga ngamaGalati 6:5, sinokubonisa njani ukuba siyasihlonipha isigqibo sentloko-ntsapho?

18 Yintloko-ntsapho emele yenze isigqibo sokuba intsapho yayo iza kuya kweliphi ibandla. Yiyo emele yenze isigqibo sento eza kunceda intsapho yayo. (Funda amaGalati 6:5.) Kuba isisigqibo emele isenze ngokwayo esi, simele sisihloniphe isigqibo sayo. Nokuba yenze esiphi isigqibo, simele sisamkele, siyamkele nentsapho yayo size siyithande.​—Rom. 15:7.

19. Yintoni ezimele zicinge ngayo zize ziyithandazele iintloko-ntsapho?

19 Ezinye iintsapho zisenokukhonza kwibandla elithetha ulwimi lwabazali, kodwa bona abantwana babe bengalazi kakuhle olo lwimi. Ukuba elo bandla likwindawo ekuthethwa kuyo ulwimi oluthethwa kakhulu kwelo lizwe, abantwana basenokungaziva kakuhle iintlanganiso baze bangasondeli kuYehova. Ngoba? Kuba kusenokwenzeka ukuba abantwana bafunda kwisikolo ekuthethwa kuso ulwimi oluthethwa kakhulu kwelo lizwe, hayi ulwimi lwabazali. Xa kunjalo, iintloko-ntsapho zimele zicinge kakuhle zize zicele uYehova aziphe ubulumko ukuze zibone ukuba yintoni ezimele ziyenze ukuze zincede abantwana bazo basondele kuYehova nasebantwini bakhe. Kusenokufuneka abazali bancede abantwana babo balazi kakuhle ulwimi lwabo okanye bafudukele kwibandla elithetha ulwimi olwaziwa ngabantwana babo. Nokuba intloko-ntsapho igqiba ukwenza ntoni, ibandla ekhetha ukuya kulo nentsapho yalo, limele libenze babone ukuba bayahlonitshwa ibe bayathandwa.

Sinokubonisa njani ukuba siyabahlonipha abazalwana noodade abafunda ulwimi olutsha? (Jonga isiqendu 20)

20. Sinokubonisa njani ukuba siyabahlonipha abazalwana noodade abafunda ulwimi olutsha?

20 Ngenxa yezi zizathu sele sizichazile, kumabandla amaninzi, kukho abazalwana noodade abaninzi abazama ukufunda ulwimi olutsha. Kusenokuba nzima ukuba bathethe into abayicingayo. Kodwa ukuba asicingi nje qha ngendlela abaluthetha ngayo ulwimi olutsha, siza kubona indlela abamthanda ngayo uYehova nendlela abafuna ngayo ukumkhonza. Ukuba siyazibona ezi mpawu zintle, siza kubathanda size sibahloniphe kakhulu aba bazalwana noodade. Asizukuthi “Andinidingi” kuba nje bengaluthethi kakuhle ulwimi lwethu.

SIBALULEKILE KUYEHOVA

21-22. Usinike ntoni uYehova?

21 Simbulela kakhulu uYehova kuba esinike sonke umsebenzi kwibandla lakhe. Nokuba singamadoda okanye amabhinqa, sitshatile okanye asitshatanga, sibancinci okanye sibadala okanye siluthetha kakuhle okanye kancinci olunye ulwimi, sonke sibalulekile kuYehova nakubazalwana noodadewethu.​—Roma 12:4, 5; Kol. 3:10, 11.

22 Masiqhubeke sizisebenzisa izinto ezininzi ezintle esizifundileyo kumzekeliso kaPawulos ngomzimba womntu. Le nto iza kusinceda sizibone izinto esinokuzenza ukuze sikhuthaze abazalwana noodadewethu. Iza kusinceda nokuba sibathande size sibahloniphe.

INGOMA 90 Khuthazanani

^ isiqe. 5 Abantu bakaYehova bakhule ngeendlela ezahlukahlukeneyo, ibe benza nemisebenzi eyahlukahlukeneyo ebandleni. Eli nqaku, liza kusinceda sibone ukuba kutheni kubalulekile ukuhlonipha wonke umntu osebandleni likaYehova.

^ isiqe. 7 Amazwi athi “abangakwazi kutshata” anokuguqulelwa ngokuthi “abakhethe ukungatshati.” Xa kuthethwa ngabangakwazi kutshata apha akuthethwa ngamadoda athenwe ngokoqobo. Kodwa kuthethwa ngabantu abakhethe ukuhlala bengatshatanga.

^ isiqe. 8 Asinakuqiniseka ukuba uTimoti akazange ade atshate.