Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 36

Ngaba Ukulungele Ukuba Ngumlobi Wabantu?

Ngaba Ukulungele Ukuba Ngumlobi Wabantu?

“Sukoyika. Ukususela ngoku uza kubambisa abantu bephila.”​—LUKA 5:10.

INGOMA 73 Sinike Isibindi

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Wathini uYesu kubalobi abane, ibe enza ntoni loo madoda?

ABAFUNDI uPetros, uAndreya, uYakobi noYohane babeziphilisa ngokuloba. Inoba bothuka nyhani xa uYesu wathi kubo: “Ndilandeleni, ndiza kunenza abalobi babantu.” * Enza ntoni la madoda? IBhayibhile ithi: “Bayishiya ngoko nangoko iminatha yabo, bamlandela.” (Mat. 4:18-22) Eso yayisisigqibo esasiza kutshintsha ubomi babo. Ngoku ‘babeza kubambisa abantu bephila.’ (Luka 5:10) Nanamhlanje, uYesu umema bonke abantu abathobekileyo nabathanda inyaniso. (Mat. 28:19, 20) Ngaba usamkele isimemo sikaYesu sokuba ngumlobi wabantu?

2. Kutheni sibalulekile isigqibo sokuba ngumlobi wabantu, ibe yintoni eza kukunceda wenze eso sigqibo?

2 Mhlawumbi kudala ufundiswa iBhayibhile ngamaNgqina KaYehova, ngoku kufuneka wenze isigqibo sokuba uyafuna na ukuba ngumvakalisi weendaba ezilungileyo. Ukuba awuqinisekanga ngokwamkela isimemo sikaYesu, ungatyhafi. Mhlawumbi uthandabuza kuba usazi ukuba sibaluleke kangakanani esi sigqibo. IBhayibhile ithi uPetros nabahlobo bakhe bashiya iminatha yabo “ngoko nangoko.” Kodwa uPetros nomntakwabo abazange basenze ngokungxama esi sigqibo. Kwiinyanga ezingaphezu kwezintandathu ngaphambi kokuba basenze eso sigqibo, babesele bemazi uYesu, beyamkele nento yokuba nguMesiya. (Yoh. 1:35-42) Mhlawumbi nawe sele ufunde izinto ezininzi ngoYehova noYesu, ufuna nokuqhubeka usondela kuYehova. Kodwa ngaphambi kokuba wenze isigqibo sokuba ngumvakalisi, sicinge kakuhle kuqala. Yintoni eyanceda uPetros, uAndreya nabanye ukuba bakwazi ukwenza isigqibo?

3. Zeziphi iimpawu eziza kukunceda ufune ukwamkela isimemo sikaYesu?

3 Abafundi bokuqala bakaYesu babekuthanda ukuloba, beyazi nendlela yokuwenza kakuhle umsebenzi wabo. Benesibindi, babekwazi nokuziqeqesha. Siqinisekile ezi mpawu zabanceda baba ngabalobi babantu. Kweli nqaku siza kubona indlela onokukwazi ngayo ukuba nezi mpawu ukuze ukwazi ukushumayela kakuhle nokufundisa abantu.

KUFUNE NYHANI UKUSHUMAYELA

UPetros nabanye baba ngabalobi babantu. Lo msebenzi ubalulekileyo usaqhubeka nanamhlanje (Jonga isiqendu 4-5)

4. Yintoni eyayisenza uPetros abe ngumlobi?

4 UPetros wayeloba iintlanzi ukuze ondle intsapho yakhe, kodwa yayingengomsebenzi nje qha lo kuye. Wayekuthanda ukuloba. (Yoh. 21:3, 9-15) Wafunda nokukuthanda ukuba ngumlobi wabantu. UYehova wamnceda wawenza kakuhle umsebenzi wakhe.​—IZe. 2:14, 41.

5. ULuka 5:8-11 uthi yintoni eyayisenza uPetros oyike, ibe yintoni enokusinceda xa nathi sisoyika?

5 Sishumayela kuba simthanda uYehova; yiloo nto ubalulekile kuthi lo msebenzi. Nokuba sizibona singafanelekanga, siyawenza kuba simthanda uYehova. Xa uYesu wacela uPetros ukuba abe ngumlobi wabantu wathi: “Sukoyika.” (Funda uLuka 5:8-11.) UPetros akazange ayoyike into enokwenzeka xa enokuba ngumfundi. Kodwa wothuswa yindlela ezazininzi ngayo iintlanzi uYesu awabanceda baziloba. Wayesazi ukuba ngummangaliso lo wenziwa nguYesu, ibe loo nto yamenza waziva engakufanelekeli ukusebenza naye. NjengoPetros, usenokuzoyika izinto ekufuneka uzenze ukuze ube ngumfundi. Ukuba kunjalo, zama ukumthanda kakhulu uYehova, uYesu nommelwane. Loo nto iza kukwenza usamkele isimemo sikaYesu sokuba ngumlobi wabantu.​—Mat. 22:37, 39; Yoh. 14:15.

6. Ziintoni ezinye ezisenza sifune ukushumayela?

6 Nazi ezinye izizathu ezisenza sikufune ukushumayela. Sifuna ukuthobela umyalelo kaYesu othi: “Hambani niyokubenza abafundi.” (Mat. 28:19, 20) Enye into siyashumayela kuba abantu ‘baphethwe kakubi, abahoywanga’ ibe bakufuna kakhulu ukufunda inyaniso ngoBukumkani. (Mat. 9:36) UYehova ufuna ukuba zonke iintlobo zabantu ziyazi ngendlela echanileyo inyaniso ukuze zisindiswe.​—1 Tim. 2:4.

7. AmaRoma 10:13-15 abonisa njani ukuba umsebenzi wokushumayela ubalulekile?

7 Xa sisazi ukuba umsebenzi wokushumayela unokusindisa ubomi babantu, loo nto iza kusenza sifune ukushumayela. Umlobi weentlanzi uyazithengisa okanye azitye iintlanzi azibambisileyo. Kodwa thina ‘sibambisa’ abantu ukuze sisindise ubomi babo.​—Funda amaRoma 10:13-15; 1 Tim. 4:16.

FUNDA EZINYE IINDLELA ZOKUSHUMAYELA

8-9. Yintoni ekufuneka ayazi umlobi weentlanzi, ngoba?

8 Ngexesha likaYesu, umSirayeli ongumlobi kwakufuneka azazi iintlanzi afuna ukuziloba. (Lev. 11:9-12) Kwakufuneka azi nokuba zifumaneka phi. Iintlanzi zidla ngokuhlala kwindawo enamanzi eziwathandayo nendawo enokutya okuninzi. Libalulekile nexesha umlobi aloba ngalo. Umvangeli wasemazweni ohlala kwisiqithi sepasifiki wafumanisa ukuba awunakuya kuloba nanini na ufuna. Kufuneka uye ngexesha onokuzifumana ngalo iintlanzi. Wayibona loo nto xa elinye iNgqina lasekuhlaleni lammema ukuba bayokuloba. Lo mvangeli wathi: “Masidibane kusasa ngo-9.” Umzalwana wasekuhlaleni wamphendula wathi: “Ikhona into ongayaziyo. Siya xa ilixesha ezifumaneka ngalo iintlanzi, asiyi ngexesha thina esifuna ngalo.”

9 Nangexesha labapostile, abalobi babantu babesiya kwiindawo abafumaneka kuzo abantu nangexesha ababefumaneka ngalo. Ngokomzekelo, abalandeli bakaYesu babeshumayela etempileni, kwizindlu abantu ababekhonzela kuzo, kwizindlu ngezindlu nakwiindawo ekwakuthengiswa kuzo. (IZe. 5:42; 17:17; 18:4) Nathi kufuneka sibaqaphele abantu abakwindawo esishumayela kuyo. Kufuneka sikulungele ukutshintsha indlela ebesifuna ukuzenza ngayo izinto, ukuze sikwazi ukushumayela ngexesha nakwindawo esinokubafumana kuyo abantu.​—1 Kor. 9:19-23.

ABALOBI ABAKWAZI KAKUHLE UKULOBA . . . 1. Baloba ngexesha nakwindawo abanokuzifumana kuyo iintlanzi (Jonga isiqendu 8-9)

10. Zeziphi izixhobo intlangano kaYehova esinika zona?

10 Umlobi kufuneka abe nezixhobo ezifanelekileyo zokuloba, akwazi nokuzisebenzisa. Nathi, kufuneka sibe nezixhobo ezifanelekileyo zokushumayela, sikwazi nokuzisebenzisa. UYesu waxelela abafundi bakhe indlela yokushumayela iindaba ezilungileyo. Wabaxelela izinto abamele baziphathe, iindawo abamele bashumayele kuzo nezinto abamele bazithethe. (Mat. 10:5-7; Luka 10:1-11) Namhlanje, intlangano kaYehova isinika Izixhobo Zokufundisa ezifundisa kakuhle. * Sifundiswa nendlela yokuzisebenzisa ezi zixhobo. Indlela esiqeqeshwa ngayo iyasinceda sizithembe, sikwazi nokuzisebenzisa kakuhle ezi zixhobo ukuze siwenze kakuhle umsebenzi wethu.​—2 Tim. 2:15.

ABALOBI ABAKWAZI KAKUHLE UKULOBA . . . 2. Baqeqeshelwe ukusebenzisa izixhobo ezifanelekileyo (Jonga isiqendu 10)

YIBA NESIBINDI

11. Kutheni abalobi babantu kufuneka babe nesibindi?

11 Abalobi abathengisa iintlanzi kufuneka babe nesibindi. Ngamanye amaxesha kubakho iingxaki ezingalindelekanga elwandle. Amaxesha amaninzi basebenza ebusuku, ibe kudla ngokubakho izaqhwithi ezingalindelekanga. Abalobi babantu nabo kufuneka babe nesibindi. Xa siqala ukushumayela size sichazele abantu ukuba singamaNgqina KaYehova, sisenokudibana nezaqhwithi ezifana nokuchaswa ngabantu esizalana nabo, ukuhlekwa ngabahlobo nokungamanyelwa komyalezo esiwuphetheyo. Ayisothusi le nto kuba uYesu walumkisa abafundi bakhe ukuba uza kubathumela kubantu abaza kubachasa.​—Mat. 10:16.

12. UYoshuwa 1:7-9, uthi yintoni enokusinceda sibe nesibindi?

12 Ziintoni ezinokukwenza ube nesibindi? Okokuqala, kufuneka ukholelwe ukuba uYesu uyaqhubeka esalathisa umsebenzi wokushumayela esezulwini. (Yoh. 16:33; ISityhi. 14:14-16) Okwesibini, qinisa ukholo lwakho kwisithembiso sikaYehova sokuba uza kukukhathalela. (Mat. 6:32-34) Xa ukholo lwakho luqina, uza kuba nesibindi. UPetros nabahlobo bakhe babonisa ukuba banesibindi xa bashiya umsebenzi wabo wokuloba, balandela uYesu. Nawe, wabonisa ukuba ukholo lwakho lomelele xa waxelela abahlobo nabantu ozalana nabo ukuba ufunda iBhayibhile namaNgqina KaYehova ibe sele usiya nakwiintlanganiso zawo. Ngokuqinisekileyo zininzi izinto oye wazitshintsha ebomini bakho ukuze uphile ngendlela ethandwa nguYehova. Naloo nto iye yafuna ukuba ube nokholo nesibindi. Njengoko uqhubeka usiba nesibindi, qiniseka ukuba “uYehova uThixo wakho unawe naphi na apho uya khona.”​—Funda uYoshuwa 1:7-9.

ABALOBI ABAKWAZI KAKUHLE UKULOBA . . . 3. Basebenza benesibindi nokuba iimeko ziyatshintsha (Jonga isiqendu 11-12)

13. Ukucinga ngezinto uYehova azenzileyo nokuthandaza kunokukunceda njani ube nesibindi?

13 Ziintoni ezinye ezinokukunceda sibe nesibindi? Thandazela ukuba nesibindi. (IZe. 4:29, 31) UYehova uza kuyiphendula imithandazo yakho, kwaye asoze ayeke ukukuxhasa. Cinga nangendlela uYehova awabasindisa ngayo abakhonzi bakhe bakudala. Uze ungayilibali nendlela aye wakunceda ngayo xa ubuneengxaki, wakunika namandla okutshintsha indlela obuphila ngayo. Siqinisekile ukuba Lowo wakhokela abantu bakhe xa babewela uLwandle Olubomvu, uza kukunceda ube ngumfundi kaKristu. (Eks. 14:13) Unokuba nokholo kuYehova njengomdumisi owathi: “UYehova usecaleni lam; andizukoyika. Angandenza ntoni umntu?”​—INdu. 118:6.

14. Ufunda ntoni kwinto eyenzeka kuMasae noTomoyo?

14 Enye into enokukunceda ube nesibindi kukufunda indlela uYehova ancede ngayo abantu abaneentloni baba nesibindi. Khawuve into eyakhe yenzeka kudade ekuthiwa nguMasae. Wayeneentloni esithi akasoze akwazi ukuwenza umsebenzi wokushumayela. Wayecinga ukuba akasoze akwazi ukuthetha nabantu angabaziyo kuba kunzima, kufana nokuzama ukunyuka udonga oluphakame kakhulu. Wazama ukucinga ngezinto eziza kumenza amthande kakhulu uThixo nommelwane. Wacinga ngendlela ongxamiseke ngayo umsebenzi wokushumayela waza wacela uThixo ukuba amncede akwazi ukuya kushumayela. Waba nesibindi, wada wanguvulindlela othe ngxi. UYehova uyabanceda nabavakalisi abasebatsha ukuba ‘babe nesibindi.’ Khawuve into eyenzeka kudade ekuthiwa nguTomoyo. Xa wayeqala ukushumayela kwindlu ngendlu, umntu wokuqala awadibana naye wamshawuta esithi: “Andifuni kuthetha namaNgqina KaYehova!” Emva koko wambhakraza ucango. Loo nto azange imoyikise uTomoyo. Wathi kudade awayehamba naye: “Umvile? Uye wandazi ukuba ndiliNgqina LikaYehova ndingekathethi nokuthetha naye. Ndivuya nyhani.” Ngoku uTomoyo nguvulindlela othe ngxi.

ZIQEQESHE

15. Yintoni eyenziwa ngabalobi abaziqeqeshileyo, ibe kutheni amaKristu emele aziqeqeshe?

15 Abantu abakwaziyo ukuziloba kakuhle iintlanzi bayaziqeqesha. Bayakwazi ukwenza izinto ekufuneka zenziwe. Ngokomzekelo, kufuneka bavuke ekuseni, bawenze bawugqibe umsebenzi, banyamezele nokuba imozulu imbi. Nathi kufuneka siziqeqeshe ukuze sikwazi ukunyamezela size siwugqibe umsebenzi wethu.​—Mat. 10:22.

16. Ngubani osinceda sikwazi ukuziqeqesha?

16 Asizalwa siqeqeshekile. Singabantu sisoloko sifuna iindlela ezilula. Ukuze siziqeqeshe kufuneka sikwazi ukuzibamba. Ngoko sidinga umntu oza kusinceda ukuze sikwazi ukuziqeqeshela ukwenza izinto ekusenokubonakala kunzima ukuzenza. UYehova uyasinceda esebenzisa umoya oyingcwele.​—Gal. 5:22, 23.

17. Ama-1 Korinte 9:25-27 athi umpostile uPawulos wayeziqeqesha njani?

17 Umpostile uPawulos wayeziqeqesha. Kodwa ukuze enze izinto ezilungileyo kwakufuneka ‘awunyanzele umzimba wakhe’ ukuze akwazi ukwenza izinto ezilungileyo. (Funda 1 Korinte 9:25-27.) Wakhuthaza nabanye ukuba baziqeqeshe, baze benze zonke izinto “ngesidima nangocwangco.” (1 Kor. 14:40) Kufuneka sisebenze nzima ukuze sihlale sikhonza uYehova. Enye yeendlela esinokuhlala simkhonza ngazo kukushumayela iindaba ezilungileyo nokufundisa.​—IZe. 2:46.

SUKULIBAZISA

18. Kufuneka senze ntoni ukuze uYehova athi siwenza kakuhle umsebenzi wokushumayela?

18 Umlobi weentlanzi ujonga indlela akwazi ngayo ukuloba kwinani leentlanzi azilobileyo. Kodwa thina asiboni ngabantu esibancede baba ngamaNgqina KaYehova ukuba siwenza kakuhle kangakanani umsebenzi wokushumayela. (Luka 8:11-15) Ukuba asiyeki ukushumayela nokufundisa abantu, kuYehova sisebenza kakuhle kakhulu. Ngoba? Kuba siyamthobela, sithobela noNyana wakhe.​—Marko 13:10; IZe. 5:28, 29.

19-20. Sesiphi isizathu esikhethekileyo esenza kubaluleke ukushumayela ngoku?

19 Kwamanye amazwe kukho iinyanga abavunyelwa ngazo abalobi ukuba balobe. Kuloo mazwe, baloba kakhulu kunakuqala xa sele liza kuphela elo xesha. Njengabalobi babantu, sinesizathu sokushumayela kakhulu ngoku. Le nkqubo yezinto sele iza kuphela. Ixesha elishiyekileyo lokuwenza lo msebenzi usindisa ubomi, lincinci kakhulu. Sukulindela ukuba zonke izinto zihambe kakuhle ebomini bakho ukuze ukwazi ukuwenza lo msebenzi.​—INtshu. 11:4.

20 Sukulibazisa, kufune nyhani ukushumayela. Funda izinto ezininzi ngomyalezo oseBhayibhileni. Yiba nesibindi uze uziqeqeshe. Sebenza nabalobi babantu abangaphezu kwe-8 miliyon. UYehova uza kukwenza uvuye. (Neh. 8: 10) Zimisele ukuwenza ngamandla akho onke lo msebenzi ude ugqitywe. Kwinqaku elilandelayo siza kuthetha ngeendlela ezintathu ezinokusinceda sihlale sizimisele ukuqhubeka nomsebenzi wokushumayela ngoBukumkani njengabalobi babantu.

INGOMA 66 Shumayela Iindaba Ezilungileyo

^ isiqe. 5 UYesu wamema abalobi abathobekileyo nabakhutheleyo ukuba babe ngabafundi bakhe. Namhlanje uYesu usamema abantu abanezo mpawu ukuba babe ngabalobi babantu. Eli nqaku liza kuthetha ngento ekufuneka yenziwe zizifundo ezingaqinisekanga ngokwamkela isimemo sikaYesu.

^ isiqe. 1 AMAGAMA ACACISIWEYO: Amagama athi “abalobi babantu” athetha ngabo bonke abantu abashumayela iindaba ezilungileyo nabafundisa abantu ukuba babe ngabafundi bakaKristu.

^ isiqe. 10 Jonga inqaku elithi “Indlela Yokufundisa Inyaniso” elikwiMboniselo kaOktobha 2018, iphepha 11-16.