Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 39

Bakhuthaze Uze Ubancede Oodade

Bakhuthaze Uze Ubancede Oodade

“Abafazi abashumayela iindaba ezilungileyo bangumkhosi omkhulu.”​—INDU. 68:11.

INGOMA 137 Abafazi Abathembekileyo

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

Udade wethu oxakekileyo nokhutheleyo uyaphendula kwiintlanganiso, ukhuthele entsimini, ubakho xa kulungiswa iHolo YoBukumkani kwaye ubakhathalele abazalwana noodadewabo (Jonga isiqendu 1)

1. Yintoni abayenzayo oodade entlanganweni, ibe abaninzi baneziphi iingxaki? (Jonga umfanekiso ongaphandle.)

KUMNANDI nyhani ukuba noodade abaninzi abasebenza nzima ebandleni. Ngokomzekelo, bayaphendula kwiintlanganiso ibe bakhuthele nasentsimini. Abanye babakho xa kulungiswa iHolo YoBukumkani ibe babakhathalele abazalwana noodadewabo. Sekunjalo, banazo iingxaki. Abanye bahoye abazali babo abakhulileyo. Abanye banyamezele ukuchaswa ngabantu abazalana nabo. Kanti abanye ngabazali abangenabayeni abasebenza nzima bekhulisa abantwana babo.

2. Kutheni kufuneka sibakhuthaze size sibancede oodade?

2 Kutheni kufuneka sibakhuthaze size sibancede oodade? Kungokuba amaxesha amaninzi ihlabathi alibahloniphi abafazi. Esinye isizathu kukuba, iBhayibhile ithi masibakhuthaze size sibancede. Ngokomzekelo, umpostile uPawulos waxelela ibandla laseRoma ukuba limamkele uFibhi lize “limncede ngayo nantoni na ayidingayo.” (Roma 16:1, 2) UPawulos wayengumFarisi, ngoko kusenokwenzeka ukuba wayengomnye wabantu ababecinga ukuba abafazi ababalulekanga. Kodwa akuba ngumKristu, wabahlonipha waza wanobubele kubo kanye njengoYesu.—1 Kor. 11:1.

3. UYesu wayebaphatha njani abafazi, ibe wayenjani kwabo babesenza izinto ezithandwa nguThixo?

3 UYesu wayehlonipha bonke abafazi. (Yoh. 4:27) Wayengabajongi ngendlela ezazibajonga ngayo iinkokheli zeenkonzo zamaYuda ezazikho ngexesha lakhe. Enye imbekiselo yeBhayibhile ide ithi: “UYesu akazange athethe nenye into eyayibonisa ukuba akabahloniphi okanye ubajongela phantsi abafazi.” Wayebahlonipha nakakhulu abafazi ababesenza izinto ezithandwa nguYise. Wayebabiza ngokuthi ngoodade, ibe wayesoloko ethetha nangabo xa ethetha ngamadoda athanda uYehova njengaye.—Mat. 12:50.

4. Yintoni esiza kuthetha ngayo?

4 UYesu wayesoloko ekulungele ukunceda abafazi abakhonza uThixo. Wayebabonisa indlela ababaluleke ngayo kuye kwaye ebathethelela. Makhe sithethe ngendlela esinokumlinganisa ngayo.

UZE UNGABALIBALI OODADEWETHU ESIBATHANDAYO

5. Kutheni kunzima kwabanye oodade ukuba nabahlobo ebandleni?

5 Sonke thina bazalwana noodade kufuneka sibe ngabahlobo. Kodwa ngamanye amaxesha kuba nzima koodade ukuyenza le nto. Ngoba? Omnye udade onguJordan * uthi: “Kuba ndingatshatanga, ndisoloko ndibona ngathi andibalulekanga ebandleni, kwaye akukho mntu undazi kakuhle.” UKristen, uvulindlela owafudukela kwenye indawo kuba efuna ukushumayela kakhulu uthi: “Xa usandukufika ebandleni, uye ubone ngathi akukho mntu ukuhoyileyo.” Nabanye abazalwana basenokuziva ngaloo ndlela. Xa inguwe wedwa iNgqina kowenu, kusenokuba nzima ukwenza izinto ezininzi nabantu bakowenu. Uba ngathi awusondelanga nakubazalwana noodade ebandleni. Abanye oodade abangakwaziyo ukuphuma ezindlini kuba begula, nabo bahoye abantu babo abagulayo banokuba nesithukuthezi. UAnnette uthi: “Ndandingakwazi ukuya konwaba nabazalwana noodadewethu kuba ndandihoye umama wam owayegula.”

NjengoYesu, sinokubonisa ukuba sibakhathalele oodadewethu abathembekileyo (Jonga isiqendu 6-9) *

6. Ngokutsho kukaLuka 10:38-42, uYesu wabanceda njani abafazi ababini, uMariya noMarta?

6 UYesu wayezipha ixesha lokuhlala ancokole noodade akhonza nabo, ibe wayengumhlobo wabo. Khawucinge indlela awayengumhlobo ngayo noodade ekubonakala ngathi babengatshatanga, uMariya noMarta. (Funda uLuka 10:38-42.) Izinto awayezithetha nawayezenza zazibenza bakhululeke xa bekunye naye. UMariya wayehlala akhululeke ezinyaweni zikaYesu kuba wayengumfundi wakhe. * UMarta yamcaphukisa into yokuba uMariya engamncedisi, ngoko zange oyike ukuxelela uYesu into ayicingayo. Kanye ngelo xesha, uYesu wakwazi ukubafundisa izinto ezibalulekileyo aba bafazi. Wayesoloko esiya kubabona aba bafazi babini kunye nobhuti wabo uLazaro. Loo nto yayibonisa ukuba ubakhathalele. (Yoh. 12:1-3) Yiloo nto kungazange kube nzima kuMariya noMarta ukucela uYesu abancede xa uLazaro wayegula kakhulu.—Yoh. 11:3, 5.

7. Yintoni esinokuyenza ukuze sibakhuthaze oodade?

7 Oodade abaninzi, elona xesha balifumanayo lokuba kunye nabazalwana noodade, kuxa besezintlanganisweni. Ngoko kufuneka siqiniseke ukuba siyabamkela, siyancokola nabo size sibaxelele indlela esibakhathalele ngayo. UJordan ekuthethwe ngaye kwisiqendu esidlulileyo uthi: “Kuba mnandi kakhulu xa abanye bencoma indlela endiphendula ngayo ebandleni, becela ukuya nam entsimini okanye bendinceda nangezinye iindlela.” Simele sibabonise oodade ukuba babalulekile kuthi. UKia yena uthi: “Ukuba andiyanga ezintlanganisweni, ndiyazi ukuba kukho abazalwana noodade abaza kundibhalela ngefowuni befuna ukuqonda ukuba ndiphilile na. Loo nto indenza ndiyibone indlela abandikhathalele ngayo abazalwana noodade.”

8. Sinokumlinganisa njani uYesu?

8 Nathi sinokuzipha ixesha lokuncokola noodade njengoYesu. Mhlawumbi sinokubamemela isidlo okanye imidlalo emakhaya. Xa sisenza ezi zinto kufuneka siqiniseke ukuba sincokola izinto ezikhuthazayo. (Roma 1:11, 12) Abadala kufuneka bacinge njengoYesu. Wayesazi ukuba abanye abantu iyabakhathaza into yokungatshati, kodwa wayenza yacaca into yokuba ayikokutshata nokuba nabantwana qha okwenza umntu onwabe. (Luka 11:27, 28) Ukuze umntu ahlale onwabile, kufuneka ukukhonza uYehova kube yeyona nto ibalulekileyo ebomini bakhe.—Mat. 19:12.

9. Yintoni abanokuyenza abadala ukuze bancede oodade?

9 Abadala ngabona bamele baphathe abafazi abangamaKristu njengoodadewabo noomama babo. (1 Tim. 5:1, 2) Benza kakuhle xa bezipha ixesha lokuncokola nabo ngaphambi kokuba kuqale iintlanganiso okanye ukuphuma kwazo. UKristen ekukhe kwathethwa ngayi uthi: “Omnye umdala wabona ukuba ndixakeke kakhulu, waza wafuna ukuqonda ukuba ndiyenza njani yonke le misebenzi. Ndayithanda kakhulu indlela andikhathalele ngayo.” Xa abadala besoloko bezipha ixesha lokuncokola noodade ebandleni, babonisa ukuba babakhathalele. * NoAnnette ekukhe kwathethwa ngaye uchaza esinye isizathu sokuba kuluncedo ukusoloko uncokola nabadala. Uthi: “Loo nto indenza ndibaqhele, nabo bandazi. Kuba lula ukuya kucela uncedo kubo xa ndinengxaki.”

BABULELE OODADE NGOMSEBENZI ABAWENZAYO

10. Yintoni ebavuyisayo oodade?

10 Sonke, amadoda nabafazi, siyavuya xa abantu bebona umsebenzi wethu baze bawuncome. Kanti ukuba umsebenzi wethu ujongelwa phantsi kwaye awuhoywanga siyatyhafa. UAbigail, udade ongatshatanga nonguvulindlela uthi ngamanye amaxesha ukhe abone ngathi akaziwa. Uthi: “Into abayaziyo ngam kukuba ndiyintombi kazibani-bani okanye udade bozibani-bani. Ngamanye amaxesha iba ngathi andibonakali.” Kodwa khawuve into ethethwa ngomnye udade ongatshatanga, uPam. Wayengumvangeli wasemazweni iminyaka emininzi. Kwafuneka abuyele ekhaya aye kunceda abazali bakhe. Ngoku uneminyaka engaphezu kweyi-70 kodwa usenguvulindlela. Uthi: “Eyona nto indincede kakhulu kukuva abantu besithi bayawubulela umsebenzi endiwenzayo.”

11. UYesu wabonisa njani ukuba uyababulela abafazi awayeshumayela nabo?

11 UYesu wababulela abafazi aboyika uThixo ababemncedisa “ngezinto abanazo.” (Luka 8:1-3) Akazange abavumele ukuba bamncedise nje qha, kodwa wabafundisa izinto ezinzulu zikaThixo. Ngokomzekelo, wabaxelela ukuba wayeza kufa aphinde avuke. (Luka 24:5-8) Njengabapostile, nabo wabenza balungela ubunzima ababeza kubufumana. (Marko 9:30-32; 10:32-34) Xa wayebanjwa, abapostile babaleka bamshiya. Kodwa xa wayebulawa kwisibonda sokungcungcutheka, abafazi ababemlungiselela nababeze naye, babekunye naye.—Mat. 26:56; Marko 15:40, 41.

12. Ngowuphi umsebenzi uYesu awawunika abafazi?

12 UYesu wanika abafazi umsebenzi obalulekileyo. Ngokomzekelo, ngabo abaqala babona ukuba uvusiwe. Wathi mabaye kuxelela abapostile ukuba uvusiwe. (Mat. 28:5, 9, 10) Mhlawumbi ngePentekose ka-33 C.E., xa abafundi babethanjiswa ngomoya oyingcwele, babekhona nabafazi. Ukuba babekho, nabo bakwazi ukuthetha iilwimi zasemzini bexelela abantu “izinto ezinkulu zikaThixo.”—IZe. 1:14; 2:2-4, 11.

13. Yintoni eyenziwa ngabafazi abangamaKristu namhlanje, ibe wena unokubonisa njani ukuba uyawubulela umsebenzi abawenzayo?

13 Kufuneka sibancome oodade ngemisebenzi abayenzela uYehova. Eminye yaloo misebenzi, kukwakha izakhiwo zentlangano nokuzilungisa, ukushumayela namaqela abazalwana noodade abathetha olunye ulwimi nokuvolontiya eBheteli. Bancedisa xa kwehle intlekele nasekuguquleleni iincwadi zethu. Kanti abanye ngoovulindlela nabavangeli basemazweni. Njengabazalwana, oodade bayaya kwisikolo soovulindlela, eSabavangeli BoBukumkani nesaseGiliyadi. Kanti bona oodade abatshatileyo banceda abayeni babo bakwazi ukuyenza kakuhle imisebenzi abayinikwa ebandleni nayintlangano. Bekuza kuba nzima kwaba bazalwana ‘bazizipho ezingabantu’ ukwenza imisebenzi yabo ukuba bebengaxhaswa ngabafazi babo. (Efe. 4:8) Ngaba zikho iindlela onokubanceda ngazo aba dade kumsebenzi abawenzayo?

14. Ngenxa yento ethethwa kwiNdumiso 68:11, yintoni eyenziwa ngabadala abalumkileyo?

14 Abadala abalumkileyo bayazi ukuba oodade “bangumkhosi omkhulu” okhutheleyo emsebenzini, kwaye basoloko bewenza kakuhle umsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo. (Funda iNdumiso 68:11.) Abadala bayafunda kwaba dade. UAbigail ekuthethwe ngaye kwiziqendu ezidlulileyo, wakhuthazwa ngomnye umzalwana owambuza ukuba zeziphi iindlela zokuqala incoko azibone zisebenza entsimini. Uthi: “Loo nto yandinceda ndabona ukuba nam uYehova undinike umsebenzi obalulekileyo kwintlangano yakhe.” Enye into, abadala bayaqonda ukuba oodade abathembekileyo nasebekhulile, bayakwazi ukunceda oodade abasebatsha xa beneengxaki. (Tito 2:3-5) Ngenxa yezi zinto, simele sibabulele size sibathande oodadewethu abasemabandleni.

BATHETHELELE UZE UBANCEDE OODADE

15. Oodade banokufuna umntu oza kubathethelela xa kutheni?

15 Ngamanye amaxesha, oodade bafuna umntu oza kubathethelela kwezinye iingxaki. (Isa. 1:17) Ngokomzekelo, udade oswelekelwe ngumyeni wakhe okanye odivosileyo usenokufuna umntu oza kummela kwizinto ezininzi ezahlukahlukeneyo ezifana nezomthetho nezinye, noza kumnceda kwimisebenzi ebikade isenziwa ngumyeni wakhe. Udade osele ekhulile usenokufuna umntu oza kumnceda aye kuthetha nogqirha wakhe. Okanye udade onguvulindlela owenza eminye imisebenzi kwintlangano kaYehova usenokufuna umntu oza kumthethelela xa egxekwa kusithiwa akayi qho entsimini njengabanye oovulindlela. Zeziphi ezinye iindlela esinokubanceda ngazo oodadewethu? Makhe siphinde sithethe ngento eyayisenziwa nguYesu.

16. Ngokutsho kukaMarko 3-9, uYesu wamthethelela njani uMariya?

16 UYesu wayekhawuleza abathethelele oodade abangamaKristu xa zingaqondwa kakuhle izinto abazenzayo. Ngokomzekelo, wamthethelela uMariya xa wayegxekwa nguMarta. (Luka 10:38-42) Waphinda wamthethelela xa abantu babemgxeka kuba becinga ukuba wenze isigqibo esingafanelekanga. (Funda uMarko 14:3-9.) UYesu wasiqonda isizathu sokuba uMariya enze eso sigqibo esithi: ‘Intle le nto andenzele yona. Wenze loo nto ebenokuyenza.’ Wade waprofeta esithi ububele amenzele bona kuza kuthethwa ngabo “naphi na apho zishunyayelwa khona iindaba ezilungileyo emhlabeni,” njengokuba kuthethwa ngabo kweli nqaku. Yenza umdla into yokuba uYesu wathetha ngeendaba ezilungileyo ezaziza kushunyayelwa emhlabeni wonke xa wayencoma uMariya ngento ayenzileyo. Inokuba into eyathethwa nguYesu yamvuyisa nyhani uMariya emva kokuba egxekiwe.

17. Khawenze umzekelo obonisa ukuba sinokumthethelela xa kutheni udade.

17 Ngaba uyabathethelela oodade xa kufuneka ubathethelele? Khawuve lo mzekelo: Abanye abavakalisi baqaphela ukuba udade onomyeni ongeloNgqina usoloko efika iintlanganiso seziqalile, aze akhawuleze ahambe ukuphuma kwazo. Baqaphela nokuba akafane eze nabantwana bakhe ezintlanganisweni. Bayamgxeka besithi akanamqolo, uyamcenga umyeni wakhe, kanti umele amxelele ukuba makavumele abantwana beze ezintlanganisweni. Abazi ukuba lo dade uyazama, kodwa izinto azisoloko zisenzeka ngendlela yena afuna ngayo. Enye into, abantwana baxhomekeke nakutata wabo. Xa usiva abavakalisi bethetha ngolu hlobo ngalo dade uza kuthini? Ukuba uyamncoma udade ngeenzame azenzayo uze ubaxelele indlela enza kakuhle ngayo, basenokuyeka ukumgxeka.

18. Zeziphi ezinye iindlela esinokubanceda ngazo oodadewethu?

18 Sinokubonisa ukuba sibakhathalele oodadewethu ngokubenzela izinto abafuna ukuncedwa kuzo. (1 Yoh. 3:18) UAnnette, udade owayehoye umama wakhe ogulayo uthi: “Abanye abazalwana noodade babesiza kuhoya umama ukuze mna ndifumane ixesha lokwenza ezinye izinto. Ngamanye amaxesha babesiphathela nokutya. Le nto yandenza ndabona ukuba ndiyathandwa kwaye ndibalulekile ebandleni.” NoJordan wancedwa. Omnye umzalwana wamnceda wamfundisa indlela yokulungisa imoto. Uthi: “Kumnandi ukubona ukuba abazalwana noodade bandikhathalele, abafuni ndihambe ngemoto enokundenzakalisa.”

19. Zeziphi ezinye iindlela abadala abanokubanceda ngazo oodade?

19 Nabadala bayazama ukuhoya izinto oodade abafuna ukuncedwa kuzo. Bayazi ukuba uYehova ufuna oodade baphathwe kakuhle. (Yak. 1:27) Bayayekelela kwezinye izinto njengoYesu, ababeki mithetho nakwinto efuna ukuba bamcingele umntu okanye baqonde iimeko zakhe. (Mat. 15:22-28) Xa abadala besenza konke okusemandleni abo ukuze bancede oodade, benza oodade babone ukuba bayathandwa nguYehova nentlangano yakhe. Xa umveleli weqela awayekulo uKia weva ukuba uKia ufudukela kwenye indawo, wakhawuleza wenza iindlela zokumncedisa. UKia uthi: “Satsho sehla istres. Indlela abandikhuthaza baza bandinceda ngayo abadala, yenza ndabona ukuba ndibalulekile ebandleni, kwaye xa ndinengxaki, andikho ndodwa.”

MASIBAKHUTHAZE SIZE SIBANCEDE BONKE OODADE

20-21. Sinokubonisa njani ukuba siyabathanda oodadewethu?

20 Namhlanje, kumabandla esikuwo baninzi oodade abasebenza nzima ekufuneka sibakhuthaze size sibancede. Sifundile kuYesu ukuba simele siziphe ixesha lokuncokola nabo size sibazi bhetele. Simele sibabulele nangemisebenzi abayenzela uThixo. Singalibali nokubathethelela xa kufuneka sibathethelele.

21 Kumazwi akhe okugqibela eleta awayeyibhalela amaRoma, umpostile uPawulos wabiza amagama abafazi abayi-9 abangamaKristu. (Roma 16:1, 3, 6, 12, 13, 15) Inoba abo bafazi yabakhuthaza nyhani imibuliso yakhe nendlela awayebancoma ngayo. Nathi, masibakhuthaze bonke oodade abakumabandla ethu. Loo nto iza kubonisa ukuba siyabathanda kuba bayintsapho yethu.

INGOMA 136 ‘Umvuzo Opheleleyo’ Ovela KuYehova

^ isiqe. 5 Zininzi iingxaki abanazo oodade abangamaKristu. Kweli nqaku siza kuthetha ngendlela esinokubakhuthaza size sibancede ngayo oodade silinganisa uYesu. Sinokufunda kuYesu kuba wayezipha ixesha lokuba kunye nabafazi, ebabonisa indlela ababaluleke ngayo kwaye ebathethelela.

^ isiqe. 5 Amanye amagama atshintshiwe.

^ isiqe. 6 Enye incwadi ithi: “Abafundi babehlala ezinyaweni zabantu ababafundisayo. Babeyenza le nto xa nabo beza kufundisa. Abafazi bona babengavumelekanga ukuba bafundise. Ngoko amadoda amaninzi akwaYuda inoba amangala xa ebona uMariya ehleli ezinyaweni zikaYesu, efuna ukufundiswa nguYesu.”

^ isiqe. 9 Abadala bayalumka xa besiya kunceda oodade. Ngokomzekelo, umdala akahambi yedwa xa esiya kubona udade.

^ isiqe. 65 UMFANEKISO: Umzalwana ulinganisa uYesu owayenomdla kubafazi abathembekileyo ngokutshintshela oodade ababini ivili lemoto yabo. Omnye umlinganisa ngokuya kubona udade ogulayo. Kanti omnye umlinganisa ngokuhamba nenkosikazi yakhe baye kuqhuba unqulo lwentsapho nomnye udade nentombi yakhe