Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 43

UYehova Uyayalathisa Intlangano Yakhe

UYehova Uyayalathisa Intlangano Yakhe

“‘Akungamkhosi wamajoni, kungengamandla, kodwa kungomoya wam,’ utsho uYehova wemikhosi.”​—ZEK. 4:6.

INGOMA 40 Singabakabani?

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Yintoni ekufuneka ayenze amaKristu abhaptiziweyo?

NGABA sele ubhaptiziwe? Ukuba kunjalo, uye wabonisa abantu abaninzi ukuba unokholo kuYehova ibe ufuna ukumkhonza ukwintlangano yakhe. * Ungayeki ukuqinisa ukholo lwakho kuYehova nakwinto yokuba intlangano yakhe yenza umsebenzi afuna iwenze.

2-3. Zeziphi iimpawu ezintathu zikaYehova ezibonakala kwindlela ayalathisa ngayo intlangano yakhe? Cacisa.

2 Indlela uYehova ayalathisa ngayo intlangano yakhe namhlanje isibonisa uhlobo lomntu alulo, izinto afuna ukuzenza kunye nemigaqo yakhe yokuziphatha. Makhe sithethe ngeempawu zakhe ezintathu esizibona kwintlangano yakhe.

3 Okokuqala, “uThixo akakhethi.” (IZe. 10:34) Ngenxa yokuba esithanda, wanikela ngoNyana wakhe ukuba “ahlawulele wonke umntu.” (1 Tim. 2:6; Yoh. 3:16) Ukuze abantu bancedwe kukuhlawulelwa nguYesu, uYehova uthume abantu bakhe ukuba bashumayele iindaba ezilungileyo, ukuze bonke abantu ababamamelayo basinde. Okwesibini, uYehova nguThixo wocwangco noxolo. (1 Kor. 14:33, 40) Ngoko simele silindele ukuba abantu bakhe bamkhonze ngocwangco nangoxolo. Okwesithathu, uYehova uyakuthanda ukufundisa. (Isa. 30:20, 21) Yiloo nto intlangano yakhe isebenza nzima ifundisa abantu iLizwi lakhe aliphefumleleyo, ebandleni nasentsimini. AmaKristu exesha labapostile azibonisa njani ezi mpawu zikaYehova? Namhlanje, amaKristu azibonisa njani? Ekubeni ukwintlangano kaYehova, umoya oyingcwele ungakunceda njani?

UTHIXO AKAKHETHI

4. KwiZenzo 1:8, uYesu wathembisa abalandeli bakhe ukuba benze ntoni, ibe babeza kuncedwa yintoni?

4 Ngexesha labapostile. Umyalezo uYesu awayeshumayela ngawo wawusenza abantu babe nethemba. (Luka 4:43) Wayalela abalandeli bakhe ukuba baqhubeke nomsebenzi awayewuqalile wokushumayela “nakwezona ndawo zikude emhlabeni.” (Funda iZenzo 1:8.) Kodwa ke, babengenakukwazi ukuwenza ngamandla abo lo msebenzi. UYesu wabathembisa ukuba baza ‘kuncedwa’ ngumoya oyingcwele.​—Yoh. 14:26; Zek. 4:6.

5-6. Umoya oyingcwele wabanceda njani abalandeli bakaYesu?

5 NgePentekoste ka-33 C.E., abalandeli bakaYesu bafumana umoya oyingcwele. Lo moya wabanceda bawenza ngoko nangoko umsebenzi wokushumayela ababewuthunyiwe. Banceda amawaka abantu amkela iindaba ezilungileyo ngexesha nje elifutshane. (IZe. 2:41; 4:4) Xa babetshutshiswa, abazange boyike baze bayeke ukushumayela, bacela uThixo ukuba abancede. Bathandaza besithi: ‘Nceda amakhoboka akho ahlale elithetha ngesibindi ilizwi lakho.’ Emva koko, bonke bafumana umoya oyingcwele baza baqhubeka “belithetha ngesibindi ilizwi likaThixo.”​—IZe. 4:18-20, 29, 31.

6 Zikhona nezinye iingxaki ababa nazo abafundi bakaYesu. Ngokomzekelo, iikopi zeZibhalo zazimbalwa. Babengenazo iincwadi ezibanceda bafunde iBhayibhile njengathi. Kwakufuneka bashumayele kubantu ababethetha iilwimi ezahlukeneyo. Benezo ngxaki, aba bafundi bakhutheleyo benza into ekwakubonakala ingenakwenzeka. Kwixesha elimalunga neminyaka eyi-30, bashumayela iindaba ezilungileyo “kwindalo yonke ephantsi kwezulu.”​—Kol. 1:6, 23.

7. Kwiminyaka engaphezu kweyi-100 eyadlulayo, abakhonzi bakaYehova babeyazi njani into uYehova afuna bayenze, ibe benza ntoni?

7 Namhlanje. UYehova uyabalathisa aze abanike amandla okwenza izinto afuna bazenze abantu bakhe. Eyona nto abalathisa ngayo liLizwi lakhe aliphefumlele ngomoya wakhe. Lisixelela ngomsebenzi wokushumayela owawusenziwa nguYesu nangomyalelo awawunika abafundi bakhe wokuba baqhubeke bewenza lo msebenzi wayewuqalile. (Mat. 28:19, 20) IMboniselo kaJulayi 1881, yathi: “Asizange sibizelwe, okanye sithanjiselwe ukufumana uzuko nokuziqwebela ubutyebi, kodwa ukuze sinikele ngalo lonke ixesha namandla ethu, nokuze sishumayele iindaba ezilungileyo.” Incwadana yesiNgesi ethi To Whom the Work Is Entrusted, eyapapashwa ngo-1919 yathi: “Lo msebenzi ubonakala ububudenge, kodwa sithunywe yiNkosi, ngoko iza kusomeleza ukuba siwenze.” NjengamaKristu exesha labapostile, aba bazalwana bazinikela benesibindi kulo msebenzi, beqinisekile ukuba umoya oyingcwele uza kubanceda bashumayele kuzo zonke iintlobo zabantu. Nathi sishumayela sinethemba lokuba umoya oyingcwele uza kusinceda.

Intlangano kaYehova isebenzisa ezona zixhobo ziluncedo ukuze kushunyayelwe iindaba ezilungileyo (Jonga isiqendu 8-9)

8-9. Intlangano kaYehova isebenzise eziphi iindlela zokushumayela iindaba ezilungileyo?

8 Intlangano kaYehova iye yasebenzisa ezona zixhobo ziluncedo kakhulu zokusasaza iindaba ezilungileyo. Ezinye zezi zixhobo ziincwadi eziprintiweyo, i-“Photo-Drama of Creation,” igramafoni, iimoto ezinesandisi-lizwi nerediyo. Ngoku isebenzisa iikhompyutha neintanethi. Kule ntlangano, kwenziwa nomsebenzi wokuguqulela ngeelwimi ezininzi kakhulu kunakuqala. Yenzelwa ntoni le nto? Ukuze bonke abantu beve iindaba ezilungileyo ngeelwimi zabo. UYehova akakhethi. Waprofeta wathi iindaba ezilungileyo zaziza kushunyayelwa kuzo “zonke iintlanga, izizwe, iilwimi nezizwana.” (ISityhi. 14:6, 7) Ufuna bonke abantu bawuve umyalezo woBukumkani.

9 Kukho abantu ekunzima ukushumayela kubo kuba bahlala kwiindawo esingakwaziyo ukungena kuzo ngenxa yokuba zikhuseleke kakhulu. Bona baza kuziva njani ezi ndaba? Intlangano iye yazama iindlela ezahlukeneyo zokushumayela ukuze nabo bazive iindaba ezilungileyo. Ngokomzekelo, ngo-2001 iQumrhu Elilawulayo lavuma ukuba eFransi kukhe kusetyenziswe iitroli nezinye iindlela zokubonisa iincwadi zethu. Ekuhambeni kwexesha le ndlela yasetyenziswa nakwezinye iindawo. Yasebenza kakuhle kakhulu. Ngo-2011 ucwangciso olutsha lokushumayela ngale ndlela laqala ukusetyenziswa eUnited States, kwenye yezona ndawo zinabantu abaphithizela kakhulu eNew York City. Kuloo nyaka wokuqala, kwahanjiswa iincwadi eziyi-102 129 neemagazini eziyi-68 911. Abantu abayi-4 701 bacela ukuqhutyelwa isifundo. Kuyacaca ukuba abantu bakaYehova babencedwa ngumoya oyingcwele kulo msebenzi. Emva koko, iQumrhu Elilawulayo lathi le ndlela yokushumayela mayisetyenziswe emhlabeni wonke.

10. Yintoni enokusinceda sikwazi ukuwenza bhetele umsebenzi wokushumayela nokufundisa?

10 Into onokuyenza. Wasebenzise amacebiso okushumayela afumaneka kwiintlanganiso. Sebenza qho neqela lakho lentsimi. Abazalwana noodade baza kukunceda ukwazi ukushumayela nokufundisa kakuhle kakhulu, baze bakukhuthaze. Shumayela nokuba sekunzima. Njengokuba umbhalo elithathwe kuwo eli nqaku usitsho, asiwenzi ngamandla ethu lo msebenzi, sincedwa ngumoya oyingcwele. (Zek. 4:6) Kaloku lo ngumsebenzi kaThixo.

UYEHOVA NGUTHIXO WOCWANGCO NOXOLO

11. Ngexesha labapostile, iqumrhu elilawulayo lenza ntoni ukuze kubekho ucwangco kubantu bakaThixo?

11 Ngexesha labapostile. Iqumrhu elilawulayo laseYerusalem lalisebenza ngokumanyeneyo ukuze kubekho ucwangco noxolo kubantu bakaThixo. (IZe. 2:42) Ngokomzekelo, malunga nonyaka ka-49 C.E., amaKristu amaninzi ayephikisana ngokuba umntu umele oluke na ukuze akwazi ukukhonza uYehova. Ngoko likhokelwa ngumoya oyingcwele, iqumrhu elilawulayo lathetha ngale nto. Ukuba ibandla laliqhubeke liphikisana ngayo, umsebenzi wokushumayela wawungasoze wenziwe kakuhle. Abapostile namadoda amakhulu, bonke babengamaYuda, kodwa abazange benze izinto ngokwezithethe zamaYuda okanye beve ngabantu ababekhuthaza ukuba zenziwe. Bakhangela ukuba iLizwi LikaThixo lithini ngale nto baza bacela ukwalathiswa ngumoya oyingcwele ukuze benze isigqibo esifanelekileyo. (IZe. 15:1, 2, 5-20, 28) Kwenzeka ntoni? UYehova wasisikelela isigqibo abasenzayo, kwabakho uxolo nomanyano ebandleni, waza umsebenzi wokushumayela waqhubeka.​—IZe. 15:30, 31; 16:4, 5.

12. Yintoni ebonisa ukuba intlangano kaYehova yenza izinto ngocwangco nangoxolo?

12 Namhlanje. Intlangano kaYehova iye yanceda abantu bakhe ukuba bahlale benocwangco noxolo. Ngo-1895, iZion’s Watch Tower and Herald of Christ’s Presence kaNovemba 15 yayinenqaku elithi: “Ngokubekekileyo Nangolungelelwano,” elalithathwe ku-1 Korinte 14:40. Eli nqaku lalisithi: “Abapostile bathetha lukhulu kwicawa yamandulo ngolungelelwano . . . Ngoko kubalulekile ukuqhubeka sithobela ‘izinto ezabhalwa kwixesha eladlulayo ukuze kufundiswe thina.’” (Roma 15:4) Yiloo nto intlangano isebenza nzima ukuze igcine ucwangco noxolo emabandleni, njengokuba kwakunjalo kumaKristu ngexesha labapostile. Ngokomzekelo, ukuba uya kwelinye ibandla, mhlawumbi elikwelinye ilizwe, uza kufika uyazi indlela esiqhutywa ngayo iSifundo SeMboniselo nokuba kuza kufundwa eliphi inqaku. Uza kuziva usekhaya. Ngumoya kaThixo qha okwaziyo ukwenza abantu bamanyane ngolu hlobo.

13. UYakobi 3:17 usenza sizibuze eyiphi imibuzo?

13 Into onokuyenza. UYehova ufuna abantu bakhe ‘bahlale bemanyene bencedwa ngumoya oyingcwele, beseluxolweni.’ (Efe. 4:1-3) Khawuzibuze: ‘Ngaba ndenza kubekho uxolo nomanyano ebandleni? Ngaba ndiyabathobela abazalwana abakhokelayo? Ngaba abazalwana noodade bangandithemba, ingakumbi xa kukho imisebenzi endiyenzayo ebandleni? Ngaba ndiyalibamba ixesha, ibe ndiyakuthanda ukunceda abazalwana noodadewethu?’ (Funda uYakobi 3:17.) Ukuba kukho izinto ocinga ukuba awukazenzi kakuhle, thandazela umoya oyingcwele ukuncede. Ukuba uyawuvumela ukuncede, baza kukuthanda abazalwana noodade.

UYEHOVA UYASIFUNDISA, ASINIKE NEZINTO ESIZIDINGAYO

14. UYehova wabanceda njani abantu bakhe ngexesha labapostile ukuze bakwazi ngendlela echanileyo ukuthanda kwakhe?

14 Ngexesha labapostile. UYehova uyakuthanda ukufundisa abantu bakhe. (INdu. 32:8) Ufuna abantwana bakhe bamazi, bamthande baze baphile ngonaphakade. Ibingasoze yenzeke le nto ukuba ebengasifundisi. (Yoh. 17:3) Ngexesha labapostile wasebenzisa ibandla lamaKristu ukuze afundise abantu bakhe. (Funda amaKolose 1:9, 10.) Abafundi ‘bancedwa’ ngumoya oyingcwele ababewuthenjiswe nguYesu. (Yoh. 14:16) Wabanceda baliqonda iLizwi LikaThixo, bazikhumbula zonke izinto ezathethwa nguYesu nawazenzayo, ekuhambeni kwexesha ezinye zazo zabhalwa kwiincwadi zeVangeli. Olo lwazi lwaluqinisa ukholo lwabo, bamthanda kakhulu uThixo noNyana wakhe, baza nabo bathandana.

15. Isiprofeto esikuIsaya 2:2, 3 usibone sisenzeka njani?

15 Namhlanje. UYehova wathi “ekupheleni kwemihla” abantu bazo zonke iintlanga baza kuya ‘kwintaba’ yakhe. Loo nto ithetha ukuba baza kuya kwindawo enabakhonzi bakhe ukuze abafundise iindlela zakhe. (Funda uIsaya 2:2, 3.) Sisibonile esi siprofeto sisenzeka namhlanje. Alukho unqulo olufana nonqulo lwenyaniso. UYehova unika abakhonzi bakhe imfundo eninzi kakhulu. (Isa. 25:6) Esebenzisa ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi,’ usifundisa izinto ezininzi ngeendlela ezahlukeneyo. Ngokomzekelo, usifundisa kumanqaku, iintetho, ngopopayi nangeevidiyo. (Mat. 24:45) NjengoElihu umhlobo kaYobhi, nathi sithi: “Ngubani okwaziyo ukufundisa njengaye [uThixo]?”​—Yobhi 36:22.

Mayingene inyaniso entliziyweni yakho uze uyisebenzise ebomini bakho (Jonga isiqendu 16) *

16. Unokwenza ntoni ukuze izinto ozifundiswa nguYehova zikuncede?

16 Into onokuyenza. Umoya kaThixo uza kukunceda ukwazi ukwenza izinto ozifunda kwiLizwi lakhe. Thandaza njengomdumisi owathi: “Ndifundise indlela yakho Yehova. Ndiza kuhamba enyanisweni yakho. Ndinike intliziyo emanyeneyo ukuze iloyike igama lakho.” (INdu. 86:11) Qhubeka ufunda iBhayibhile nezinye iincwadi uYehova asinika zona ngentlangano yakhe. Siyazi ukuba awufuni ukwazi nje iBhayibhile, ufuna ukuqiniseka ukuba inyaniso oyifundayo iyangena entliziyweni yakho uze uzenze izinto ozifundayo. Umoya kaYehova uza kukunceda uyenze le nto. Uyakufuna nokukhuthaza abazalwana noodade. (Heb. 10:24, 25) Yintoni ekwenza ufune loo nto? Kaloku siyintsapho. Cela umoya kaThixo ukuncede ukuba uphendule ngokusuk’ entliziyweni xa ukwiintlanganiso nokuba wenze konke okusemandleni xa unentetho ebandleni ukuze uyinikele kakuhle. Xa uzenza ezi zinto, ubonisa uYehova noYesu ukuba uyazithanda izimvu zabo.​—Yoh. 21:15-17.

17. Unokubonisa njani ukuba usebenzisana nentlangano kaYehova?

17 Ekugqibeleni, kuza kushiyeka le ntlangano yalathiswa ngumoya kaThixo yodwa emhlabeni. Ngoko, sebenza nentlangano kaYehova. Bonisa ukuba uthanda bonke abantu njengoThixo, ngokushumayela iindaba ezilungileyo kubo bonke abantu odibana nabo. Linganisa uThixo, uthande ucwangco noxolo ngokwenza kubekho umanyano ebandleni. Mmamele lo Thixo ukuthandayo ukufundisa, ngokuzisebenzisa zonke iindlela akufundisa ngazo. Xa kupheliswa eli hlabathi likaSathana, soze woyike. Uza kuba nesibindi uze ume kunye nabantu abakwintlangano kaYehova.

INGOMA 3 Nguwe Olithemba Namandla Ethu

^ isiqe. 5 Ngaba uqinisekile ukuba uYehova uyayalathisa intlangano yakhe namhlanje? Kweli nqaku, siza kubona indlela uYehova awayewalathisa ngayo amaKristu exesha labapostile nendlela awalathisa ngayo awanamhlanje.

^ isiqe. 1 IGAMA ELICACISIWEYO: Intlangano kaYehova inenxalenye esezulwini nesemhlabeni. Kweli nqaku, igama elithi “intlangano” lithetha ngenxalenye esemhlabeni.

^ isiqe. 52 IMIFANEKISO: Emva kokubukela ividiyo ebonisa abazalwana noodade abakhonza kwilizwe elidinga abavakalisi abaninzi, udade onguvulindlela urhalela ukuya kukhonza kwilizwe elidinga abavakalisi abaninzi. Ekugqibeleni ude wakwazi ukuya kushumayela kwilizwe elidinga abavakalisi abaninzi.