Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 44

Ngaba Baza Kumkhonza Naxa Bebadala UThixo?

Ngaba Baza Kumkhonza Naxa Bebadala UThixo?

“UYesu waya esiba nobulumko, ekhula, yaye ethandwa nguThixo nangabantu.”​—LUKA 2:52.

INGOMA 134 Abantwana Sibaphathiswe NguThixo

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Sesiphi esona sigqibo sizodlula zonke umntu anokusenza?

IZIGQIBO ezenziwa ngabazali, zidla ngokubachaphazela abantwana. Ukuba azifanelekanga, abantwana babo basenokuba neengxaki, kanti ukuba zifanelekile abantwana baza konwaba. Kodwa nabantwana kufuneka bazenzele izigqibo eziza kubenza bonwabe. Esona sigqibo sizodlula zonke umntu anokusenza, kukukhonza uTata wethu osezulwini esimthandayo, uYehova.​—INdu. 73:28.

2. UYesu nabazali bakhe bakhetha ukuphila ubomi obunjani?

2 Abazali bakaYesu, uYosefu noMariya babezimisele ukunceda abantwana babo bakhonze uYehova. Indlela abakhetha ukubuphila ngayo ubomi babo yayibonisa ukuba ukukhonza uYehova yeyona nto ibalulekileyo ebomini. (Luka 2:40, 41, 52) NoYesu wakhetha ukuphila ngendlela eyamnceda wazenza zonke izinto uYehova awayefuna azenze. (Mat. 4:1-10) UYesu wakhula engumfana onobubele, onyanisekileyo nonesibindi. Akakho umzali ongumKristu ongenakuzingomb’ isifuba ngokuba nonyana onjalo.

3. Yeyiphi imibuzo esiza kuyiphendula kweli nqaku?

3 Kweli nqaku siza kuphendula le mibuzo: Zeziphi izinto ezilungileyo uYehova awakhetha ukumenzela zona uYesu? Yintoni enokufundwa ngabazali abangamaKristu kwindlela abazali bakaYesu abakhetha ukuphila ngayo? Abantwana abangamaKristu banokufunda ntoni kwindlela uYesu awakhetha ukuphila ngayo?

FUNDANI KUYEHOVA

4. UYehova wamkhethela abazali abanjani uNyana wakhe?

4 UYehova wamkhethela abazali abalungileyo uYesu. (Mat. 1:18-23; Luka 1:26-38) Izinto ezathethwa nguMariya esizifunda eBhayibhileni zibonisa indlela awayemthanda ngayo uYehova neLizwi lakhe. (Luka 1:46-55) Indlela uYosefu awayithobela ngayo into awayeyixelelwa nguYehova ibonisa ukuba naye wayemthanda uThixo kwaye efuna ukumvuyisa.​—Mat. 1:24.

5-6. Zeziphi izinto uYehova angazange amkhusele kuzo uNyana wakhe?

5 Uqaphele ukuba uYehova akazange amkhethele abazali abazizityebi uYesu? Umnikelo owenziwa nguYosefu noMariya emva kokuba uYesu ezelwe, ubonisa ukuba babesokola. (Luka 2:24) Mhlawumbi uYosefu wayenendawana encinci awayesenzela kuyo umsebenzi wakhe wokwenza amaplanga kufutshane nomzi wakhe eNazarete. Kusenokwenzeka ukuba babengenamali ininzi nazinto zingako, ekubeni nentsapho yabo yayinkulu.​—Mat. 13:55, 56.

6 UYehova wamkhusela uYesu kwezinye izinto eziyingozi, kodwa akazange amkhusele kuzo zonke iingxaki awayedibana nazo. (Mat. 2:13-15) Ngokomzekelo, abanye kwintsapho yakowabo babengakholwa ukuba nguMesiya. Khawucinge indlela amele ukuba wadana ngayo xa nabantu bakowabo babeqale abakholwa ukuba nguMesiya. (Marko 3:21; Yoh. 7:5) Kusenokwenzeka ukuba esemncinci wakhe wasentlungwini yokuswelekelwa ngutata wakhe uYosefu. Kuba yayinguye omdala, kwakufuneka aqhubeke nomsebenzi owawusenziwa ngutata wakhe. (Marko 6:3) Ukukhula kwakhe, wafunda ukuhoya intsapho, aqiniseke ukuba inazo izinto ezidingayo. Kusenokwenzeka ukuba kwakufuneka asebenze nzima ukuze akwazi ukuyenza le nto. Ngoko wayesazi ukuba kunjani ukudinwa emva komsebenzi onzima.

Bazali, ncedani abantwana benu balungele iingxaki abaza kudibana nazo ebomini ngokubafundisa ukuba xa beneengxaki, bajonge amacebiso eBhayibhileni (Jonga isiqendu 7) *

7. (a) Abantu abatshatileyo abafuna ukuba nabantwana kufuneka bazibuze eyiphi imibuzo? (b) IMizekeliso 2:1-6 inokubanceda njani abazali baqeqeshe abantwana babo?

7 Ukuba nitshatile kwaye nifuna ukuba nabantwana, khanizibuze: ‘Ngaba sithobekile kwaye siyamthanda uYehova neLizwi lakhe? Ngaba uYehova ebeza kusikhethela ukuba sikhulise usana?’ (INdu. 127:3, 4) Ukuba sowunabantwana, khawuzibuze: Ngaba abantwana bam ndibafundisa indlela ekunceda ngayo ukusebenza nzima?’ (INtshu. 3:12, 13) ‘Ngaba ndenza konke okusemandleni am ukuze ndibakhusele kwiingozi abaza kudibana nazo kweli hlabathi likaSathana?’ (IMize. 22:3) Akunakukwazi ukukhusela abantwana bakho kuzo zonke iingxaki abadibana nazo. Unokubanceda balungele iingxaki abaza kudibana nazo ebomini ngokubafundisa ukuba xa beneengxaki, bajonge amacebiso eBhayibhileni. (Funda IMizekeliso 2:1-6.) Ngokomzekelo, ukuba omnye umntu enizalana naye ukhetha ukuyeka ukukhonza uYehova, bancede bafunde ukuba iLizwi LikaThixo lithi kutheni kubalulekile ukunyaniseka kuYehova ngalo lonke ixesha. (INdu. 31:23) Ukuba niswelekelwa ngumntu enimthandayo, babonise iivesi zeBhayibhile ezinokubanceda bathuthuzeleke baze baxole.​—2 Kor. 1:3, 4; 2 Tim. 3:16.

FUNDANI KUYOSEFU NOMARIYA

8. IDuteronomi 6:6, 7, ithi yintoni uYosefu noMariya ekwakufuneka bayenze?

8 UYosefu noMariya benza izinto uYehova afuna abazali bazenze, banceda uYesu wakhula ethandwa nguThixo. (Funda iDuteronomi 6:6, 7.) Babemthanda kakhulu uYehova kwaye eyona nto yayibalulekile kubo, kukunceda nabantwana babo bamthande.

9. Zeziphi izinto ezibalulekileyo abakhetha ukuzenza uYosefu noMariya?

9 UYosefu noMariya bakhetha ukuhlala bemkhonza nabantwana babo uYehova. Asiyithandabuzi into yokuba babesiya qho kwiintlanganiso ezaziba kwindawo ekwakukhonzwa kuyo eNazarete, nakwiPasika eyayibakho qho ngonyaka eYerusalem. (Luka 2:41; 4:16) Kusenokwenzeka ukuba kwezo ndlela ziya eYerusalem babefundisa uYesu nabantakwabo ngezinto ezenzeka kubantu bakaYehova bakudala. Mhlawumbi babede baye nakwiindawo ekuthethwa ngazo eBhayibhileni. Ekubeni intsapho yayikhula, inoba kwakungekho lula ukuhlala besiya kukhonza uYehova kwezi ndawo. Kodwa uYehova wabasikelela. Ngenxa yokuba ukukhonza uYehova yayiyeyona nto yayibalulekile kubo, intsapho yabo zange iyeke ukumkhonza.

10. Abazali banokufunda ntoni kuYosefu noMariya?

10 Abazali aboyika uThixo banokufunda ntoni kuYosefu noMariya? Eyona nto ibalulekileyo kukubonisa abantwana bakho ngezinto ozithethayo nozenzayo ukuba umthanda nyhani uYehova. Ungaze ulibale ukuba esona sipho sikhulu onokubanika sona kukubanceda bathande uYehova. Enye yezinto ezibalulekileyo omele ubafundise zona kukuyifunda qho iBhayibhile, ukuthandaza, ukuya kwiintlanganiso nasentsimini. (1 Tim. 6:6) Siyazi ukuba njengomzali kufuneka ubondle, ubanike nezinto abazidingayo. (1 Tim. 5:8) Kodwa mayingaze iphume engqondweni yakho into yokuba imali nokuba nezinto ezininzi, azizukubanceda babe ngabahlobo bakaYehova, baze basindele kwihlabathi elitsha likaThixo xa kutshatyalaliswa eli hlabathi likaSathana. *​—Hez. 7:19; 1 Tim. 4:8.

Kuvuyisa nyhani ukubona abazali abaninzi abangamaKristu bekhetha ukwenza izinto eziza kunceda abantwana babo bakhonze uYehova (Jonga isiqendu 11) *

11. (a) Leliphi icebiso eliku-1 Timoti 6:17-19 elinceda abazali bakhethe ukwenza izinto ezilungileyo xa bekhulisa abantwana? (b) Zeziphi izinto emele izimisele ukuzenza intsapho yakho? Xa izenza, uYehova unokuyisikelela njani? (Jonga ibhokisi ethi “ Ziintoni Ozimisele Ukuzenza?”)

11 Kuvuyisa nyhani ukubona abazali abaninzi abangamaKristu bekhetha ukwenza izinto eziza kunceda abantwana babo bakhonze uYehova. Bekunye nabantwana babo, bamkhonza qho uYehova. Bayaya kwiintlanganiso, kwiindibano nasentsimini. Ezinye iintsapho zide ziye kushumayela kwintsimi engafane isetyenzwe. Ezinye ziyahamba ziye kubona ikhaya laseBheteli. Kanti ezinye zakha zize zilungise izakhiwo zentlangano. Mhlawumbi iintsapho ezenza ezi zinto zisebenzisa imali, ibe loo nto isenokwenza ubomi bungabi lula kuzo, kodwa uYehova uyazisikelela. (Funda u-1 Timoti 6:17-19.) Abantwana abakhuliswe zezi ntsapho, baye baqhubeke besenza ezi zinto zintle naxa bebadala, ibe ababasoli abazali babo ngokubakhulisa ngale ndlela. *​—IMize. 10:22.

FUNDANI KUYESU

12. Yintoni ekwafuneka uYesu ayenze ukukhula kwakhe?

12 Utata kaYesu osezulwini usoloko esenza izigqibo ezifanelekileyo. UMariya noYosefu benza izigqibo ezifanelekileyo. NoYesu, ukukhula kwakhe kwafuneka azenzele izigqibo. (Gal. 6:5) Wayefana nathi, naye enenkululeko yokuzikhethela. Wayenokukhetha ukwenza izinto azithandayo kunokwenza ezithandwa nguThixo. Kodwa wakhetha ukuba ngumhlobo kaYehova. (Yoh. 8:29) Indlela awayephila ngayo inokulunceda njani ulutsha?

Lutsha, ningaze niyeke ukuthobela abazali benu (Jonga isiqendu 13) *

13. Esengumfana, uYesu wakhetha ukwenza eziphi izinto?

13 Esengumfanyana, uYesu wakhetha ukubathobela abazali bakhe. Wayesazi izinto ezininzi kunabo, kodwa “waqhubeka ebathobela.” (Luka 2:51) Ekubeni wayengunyana olizibulo, yayimininzi imisebenzi ekwakufuneka ayenze. Kusenokwenzeka ukuba wenza ngako konke anako ukuze ayenze yonke. Wasebenza nzima efunda umsebenzi wokwenza amaplanga kuYosefu, ukuze ancedise ekwenzeni imali yokondla intsapho yakowabo.

14. Sazi njani ukuba uYesu wayekuthanda ukufunda iLizwi LikaThixo?

14 Kusenokwenzeka ukuba abazali bakaYesu bamxelela ngendlela engaqhelekanga awazalwa ngayo, bamxelela nezinto ezathethwa ziingelosi ngaye. (Luka 2:8-19, 25-38) Zange anele nje kukuva izinto ababemxelela zona, kodwa naye wazifundela kwiZibhalo. Sazi njani ukuba uYesu wayekuthanda ukufunda iLizwi LikaThixo? Esengumfana, abafundisi eYerusalem “babemangalisiwe bubulumko bakhe naziimpendulo zakhe.” (Luka 2:46, 47) Xa wayeneminyaka eyi-12 wayesele eqinisekile ukuba uTata wakhe, nguYehova.​—Luka 2:42, 43, 49.

15. UYesu wabonisa njani ukuba ukhetha ukwenza izinto ezifunwa nguYehova?

15 UYesu wathi akufunda ngezinto uYehova awayefuna azenze, wazenza. (Yoh. 6:38) Wayesazi ukuba abantu abaninzi baza kumcaphukela. Ngoxa kungemnandanga ukucatshukelwa, wakhetha ukuthobela uYehova. Emva kokuba ebhaptiziwe ngo-29 C.E., ayikho into eyabaluleka kuye ngaphezu kokwenza izinto uYehova awayefuna azenze. (Heb. 10:5-7) Naxa wayesifa kwisibonda sokungcungcutheka, zange agungqe ekwenzeni izinto ezithandwa nguYise.​—Yoh. 19:30.

16. Yintoni abantwana abanokuyifunda kuYesu?

16 Bathobele abazali bakho. Abazali bakho abafezekanga njengoYosefu noMariya. Bengafezekanga benjalo, uYehova ubanike umsebenzi wokuba bakukhusele baze bakuqeqeshe. Ukuba uyabamamela kwaye uyabahlonipha, izinto ziza ‘kuhambela kakuhle.’​—Efe. 6:1-4.

17. Ngokutsho kukaYoshuwa 24:15, sesiphi isigqibo olumele luzenzele sona ulutsha?

17 Zikhethele umntu oza kumkhonza. Kufuneka umazi kakuhle uYehova, wazi izinto azifunayo nokuba unokuzenza njani ebomini bakho. (Roma 12:2) Emva koko, uza kwenza esona sigqibo sibalulekileyo ngobomi bakho. Isigqibo sokukhonza uYehova. (Funda uYoshuwa 24:15; INtshu. 12:1) Ukuba uyifunda qho iBhayibhile, uza kuya umthanda, nokholo lwakho luza kuya luqina.

18. Yeyiphi into olumele lukhethe ukuyenza ulutsha, ngoba?

18 Khetha ukuba izinto ezithandwa nguYehova ibe zezona zibalulekileyo ebomini bakho. Ihlabathi likaSathana lithi ukuba uyazisebenzisa iziphiwo onazo, uza konwaba. Kodwa into esiyaziyo kukuba, abantu abazimisele ukuba nezinto ezininzi, bazizisela “iintlungu ezininzi.” (1 Tim. 6:9, 10) Kanti eyona nto iza kukonwabisa ebomini neza kukwenza ‘wenze ngobulumko,’ kukuba izinto ezithandwa nguYehova ibe zezona zibalulekileyo ebomini bakho.​—Yosh. 1:8.

UZA KUKHETHA UKWENZA NTONI NGOBOMI BAKHO?

19. Yintoni abamele bangayilibali abazali?

19 Bazali, yenzani yonke into eninokukwazi ukuyenza ukuze nincede abantwana benu bakhonze uYehova. Mthembeni uYehova, uza kunincede nikhethe ukwenza izinto eziza kubanceda. (IMize. 3:5, 6) Ningalibali nokuba baza kufunda kwizinto enizenzayo kunenizithethayo. Ngoko khethani ukwenza izinto eziza kubanceda bathandwe nguYehova.

20. Zeziphi iintsikelelo oluza kuzifumana ulutsha ukuba lukhetha ukukhonza uYehova?

20 Lutsha, abazali benu banokuninceda nikhethe ukwenza izinto eziza kuninceda nonwabe nyhani ebomini. Kodwa ukhetho lolwenu. Ngaba niza kukhetha ukwenza izinto eziza kunenza nithandwe nguThixo? Ngoko yibani njengoYesu, nikhethe ukwenza izinto ezithandwa nguTata wenu osezulwini. Ukuba niyayenza loo nto, niza kuyazi into eniyiphilelayo nize nonwabe. (1 Tim. 4:16) Nakwixesha elizayo, niza konwaba ngendlela eningazange niyicinge.

INGOMA 133 Khonza UYehova Ebutsheni Bakho

^ isiqe. 5 Abazali abangamaKristu bafuna abantwana babo bonwabe, baze bakhonze uYehova naxa bebadala. Baza kukhetha ukuphila ubomi obunjani ukuze babancede? Bona abantwana kufuneka bakhethe ukwenza ntoni ukuze bonwabe? Eli nqaku liza kuphendula le mibuzo.

^ isiqe. 10 Jonga incwadi ethi Ekugqibeleni​—UYehova Ukhonzwa Ngendlela Ayifunayo!, iphe. 69-70, isiqe. 17-18.

^ isiqe. 11 Jonga ibhokisi ethi “Abakho Abazali Ababhetele EndandinokubakhethakuVukani!, kaOktobha 2011, iphe. 20, nenqaku elithi “Ileta Ekhethekileyo Eya Kubazali Babo” in kuVukani!, kaMatshi 8, 1999, iphe. 10.

^ isiqe. 66 IMIFANEKISO: Inoba uMariya wayibethelela imfundiso yokuthanda uYehova kwintliziyo kaYesu. Nanamhlanje, oomama bamele bakubethelele kwiintliziyo zabantwana babo ukuthanda uYehova.

^ isiqe. 68 IMIFANEKISO: KuYosefu kwakubalulekile ukuhamba nentsapho yakhe xa esiya kwindlu ekukhonzwa kuyo. Nakootata kumele kubaluleke ukuhamba neentsapho zabo xa besiya kwiintlanganiso.

^ isiqe. 70 IMIFANEKISO: UYesu wafunda umsebenzi wokuchwela kutata wakhe. Nolutsha lunokuba nemisebenzi olunokuyifunda kootata balo.