Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 42

Yintoni Onokuyenza Ukuze Uncede Umntu Omfundelayo Ade Abhaptizwe?​—Inqaku Lesibini

Yintoni Onokuyenza Ukuze Uncede Umntu Omfundelayo Ade Abhaptizwe?​—Inqaku Lesibini

“Hlala uzigadile, ugade nezinto ozifundisayo.”​—1 TIM. 4:16.

INGOMA 77 Masikhanyise Kwihlabathi Elisebumnyameni

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Sazi njani ukuba umsebenzi wokwenza abafundi usindisa ubomi babantu?

UMSEBENZI wokwenza abafundi usindisa ubomi babantu. Siyazi njani loo nto? KuMateyu 28:19, 20 uYesu wasithuma wathi: ‘Hambani niyokubenza abafundi nibabhaptize.’ Kubaluleke ngantoni ukubhaptizwa? Kaloku ukuze umntu asinde kufuneka abhaptizwe. Umntu oza kubhaptizwa, umele abe nokholo lokuba siza kusindiswa ngenxa yokuba uYesu wasifela waza wavuswa. Yiloo nto umpostile uPetros waxelela amaKristu akhonza nawo esithi: ‘Ubhaptizo luyanisindisa ngovuko lukaYesu Kristu.’ (1 Pet. 3:21) Ngoko, xa umntu ebhaptizwa, unokuba nethemba lokufumana ubomi obungunaphakade.

2. U-2 Timoti 4:1, 2 uthi simele sibe ngabafundisi abanjani?

2 Ukuze sikwazi ukwenza abafundi, kufuneka ‘sifundise ngobuchule.’ (Funda u-2 Timoti 4:1, 2.) Ngoba? Kuba uYesu wasiyalela wathi: ‘Hambani niyokubenza abafundi, nibafundise.’ Umpostile uPawulos wathi ‘masizimisele’ kulo msebenzi, kuba xa sizimisele, ‘siza kuzisindisa thina, sisindise nabo basimamelayo.’ Yiloo nto wathi: ‘Hlala ugade izinto ozifundisayo.’ (1 Tim. 4:16) Ukuze sikwazi ukwenza abafundi, kufuneka sibe ngabafundisi abaphum’ izandla.

3. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

3 Ehlabathini lonke kufundelwa amawaka ngamawaka abantu inyaniso eseBhayibhileni. Inqaku elingaphambi kweli lithe sifuna ukwazi indlela esinokubanceda ngayo abaninzi kwaba bantu babhaptizwe. Kweli nqaku, siza kuthetha ngezinye izinto ezintlanu esimele sizenze ukuze sincede abantu esibafundisayo babhaptizwe.

MAYIBE YIBHAYIBHILE EFUNDISAYO

Cela umzalwana okanye udade onobuchule bokufundisa akuncede uyisebenzise kakuhle iBhayibhile xa ufundisa (Jonga isiqendu  4-6) *

4. Kutheni ungamele uthethe kakhulu xa uqhuba isifundiso? (Jonga umbhalo osemazantsi.)

4 Siyayithanda into esiyifundisa kwiLizwi LikaThixo. Ngoko sisenokufuna ukuthetha kakhulu ngayo. Nokuba uqhuba iSifundo SeMboniselo, iSifundo SeBhayibhile Sebandla okanye uqhubela umntu isifundo, kufuneka uyeke iBhayibhile ibe yiyo efundisayo. Ukuze ibe yiBhayibhile efundisayo, kufuneka ungathethi kakhulu okanye uzame ukucacisa yonke into oyaziyo ngeSibhalo okanye ngaloo nto kuthethwa ngayo. * (Yoh. 16:12) Thelekisa izinto owawuzazi eBhayibhileni xa wawubhaptizwa nezinto ozaziyo ngoku. Mhlawumbi ngelo xesha wawusazi nje ezona mfundiso zibalulekileyo eBhayibhileni. (Heb. 6:1) Kuye kwakuthatha iminyaka ukwazi izinto ozaziyo ngoku. Ngoko sukuzama ukuhlohla umntu ngayo yonke into ngexesha elinye.

5. (a) Ama-1 Tesalonika 2:13 athi yintoni esifuna umntu esimfundelayo ayiqonde? (b) Sinokumkhuthaza njani ukuba athethe ngezinto azifundayo?

5 Sifuna umntu esimfundisayo aqonde ukuba into esimfundisa yona ikwiLizwi eliphefumelwe nguThixo. (Funda ama-1 Tesalonika 2:13.) Sinokuyenza njani loo nto? Mkhuthaze ukuba athethe ngezinto azifundayo. Kunokuba usoloko umcacisela zonke iivesi zeBhayibhile, mcele ukuba azicacise ngokwakhe ezinye. Mncede abone ukuba iLizwi LikaThixo linokumnceda njani. Mbuze imibuzo eza kukhupha into esentliziyweni yakhe, izinto azicingayo nendlela aziva ngayo ngeZibhalo azifundayo. (Luka 10:25-28) Mbuze imibuzo enjengale: “Esi sibhalo sikunceda njani ubone olunye lweempawu zikaYehova?” “Izinto ogqib’ okuzifunda zinokukunceda njani?” “Ucinga ntoni ngezi zinto ugqib’ okuzifunda?” (IMize. 20:5) Akubalulekanga ukuba umfundi uyazi kangakanani iBhayibhile. Eyona ibalulekileyo kukuba uyazithanda na kwaye uyazenza na izinto azifundayo.

6. Kutheni kubalulekile ukuhamba nomzalwana okanye udade onobuchule bokufundisa xa usiya kuqhuba isifundo?

6 Xa uyokuqhuba isifundo, ngaba ukhe uhambe nomzalwana okanye udade onobuchule bokufundisa iBhayibhile? Ukuba ukhe uhambe naye, khawumbuze ukuba ucinga ukuba usiqhuba njani isifundo, nokuba awuthethi kakhulu na xa ufundisa. Ukuba ufuna ukwazi ukufundisa kakuhle, umele uthobeke. (Thelekisa iZenzo 18:24-26.) Emva koko, mbuze ukuba umbona njani umntu omfundelayo, ngaba uyayiqonda le nto ayifundayo. Unokude umcele ukuba afunde naye xa ungazukubakho kangangeveki okanye ngaphezulu. Loo nto iza kwenza isifundo siqhutywe qho kwaye iza kubonisa umfundi indlela ekubaluleke ngayo ukuba afunde. Ungaze uzixelele ukuba sisifundo “sam” esi, akakho omnye umntu onokusiqhuba. Eyona nto uyifunayo kukumnceda lo mntu afunde aze azi izinto ezininzi ngenyaniso.

MAKABONE UKUBA UYAYITHANDA KWAYE UQINISEKILE NGENTO OMFUNDISA YONA

Xelela umntu omfundelayo ngabazalwana noodade abaye batshintsha indlela abebephila ngayo ukuze abone indlela anokuzenza ngayo izinto azifundayo (Jonga isiqendu  7-9) *

7. Yintoni eza kunceda umfundi ayithande into ayifundayo?

7 Umfundi kufuneka ayibone indlela oyithanda noqiniseke ngayo ngenyaniso omfundisa yona eBhayibhileni. (1 Tes. 1:5) Loo nto isenokumenza naye ayithande into ayifundayo. Mhlawumbi unokude umxelele indlela ekuncede ngayo iBhayibhile ebomini bakho. Loo nto inokumenza abone ukuba naye inokumnceda.

8. Yeyiphi enye into onokuyenza ukuze uncede umntu omfundelayo, ibe loo nto inokumnceda njani?

8 Xa nifunda, mxelele ngabazalwana noodade ababekhe baneengxaki ezifana nezakhe zaza zaphela. Naxa uyokumqhubela isifundo, unokuhamba nomzalwana okanye udade osebandleni lakho onokumnceda asondele kuYehova. Mhlawumbi ninokuncokola ngamabali aku-jw.org endlela ababephila ngayo abanye abazalwana noodade ngaphambi kokuba bafunde inyaniso, kumanqaku athi “IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu.” * Loo manqaku neevidiyo aza kumnceda abone indlela ekubaluleke ngayo ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile ebomini bakhe.

9. Unokumkhuthaza njani umntu ofunda naye ukuba axelele abantu azalana nabo nezihlobo zakhe ngezinto azifundayo?

9 Ukuba ufundela umntu otshatileyo, ngaba nomntu atshate naye uyafundelwa? Ukuba akafundelwa, mcele abekho xa nifunda. Mkhuthaze umntu ofunda naye ukuba athethe ngezinto azifundayo nabantu azalana nabo kunye nezihlobo zakhe. (Yoh. 1:40-45) Unomkhuthaza njani? Ngokumbuza imibuzo efana nothi: “Unokubacacisela njani abantu ozalana nabo le nto uyifundayo?” okanye othi “Ungasebenzisa esiphi iSibhalo xa ucacisela umhlobo wakho ngale nto?” Ngale ndlela umqeqeshela ukuba akwazi ukufundisa. Xa efaneleka unokuba ngumvakalisi ongabhaptizwanga, aye entsimini nebandla. Mbuze ukuba ukhona na umntu amaziyo onokuthanda ukufundiswa iBhayibhile. Ukuba ukhona, khawuleza udibane naye uze ucele ukufunda naye. Mbonise ividiyo ethi Yintoni Eyenziwayo Xa Kufundwa IBhayibhile? *

MKHUTHAZE AZENZELE ABAHLOBO EBANDLENI

Mkhuthaze ukuba azenzele abahlobo ebandleni (Jonga isiqendu  10-11) *

10. Sinokuwulinganisa njani umzekelo kaPawulos ochazwe ku-1 Tesalonika 2:7, 8?

10 Masibabonise ukuba sibakhathalele nyhani abantu esibafundelayo kuba basenokuba ngabazalwana noodade bangomso. (Funda 1 Tesalonika 2:7, 8.) Akukho lula kubo ukushiya abahlobo babo abangamkhonziyo uYehova nokutshintsha izinto abazenzayo ukuze bakhonze uYehova. Kufuneka sibancede bafumane abahlobo abalungileyo ebandleni. Yiba ngumhlobo nomntu omfundelayo ngokuncokola naye naxa ningazukufunda. Uza kubona ukuba umkhathalele xa umfowunela, umbhalela imiyalezo ngefowuni okanye uye kumbona naxa ningazukufunda.

11. Yintoni esifuna bayifumane ebandleni abantu esibafundelayo, ibe siyintoni isizathu?

11 Kuthiwa wonke umntu elalini ufak’ isandla kwindlela akhula kakuhle ngayo umntwana. Nathi sinokuthi: “Lonke ibandla lifak’ isandla ekwenzeni umntu abe ngumfundi.” Yiloo nto abazalwana noodade abanobuchule bokufundisa befuna abantu ababafundelayo baziwe libandla ukuze nalo libancede babe ngabahlobo bakaYehova. Banokonwaba xa bekunye nabantu bakaThixo, baze babakhuthaze xa beneengxaki. Sifuna bonke abantu esibafundelayo bazive besekhaya xa besebandleni. Sifuna babathande abazalwana noodade. Loo nto iza kwenza kube lula kubo ukuyeka abahlobo abangamthandiyo uYehova. (IMize. 13:20) Ukuba abo bahlobo abasafuni ukuba kunye nabo, baza kwazi ukuba banabo abahlobo abalungileyo kwintlangano kaYehova.​—Marko 10:29, 30; 1 Pet. 4:4.

HLALA UTHETHA NAYE NGOKUZINIKELA KUYEHOVA NOKUBHAPTIZWA

Kukho izinto ekufuneka zenziwe ngumntu ofunda naye ukuba ufuna ukubhaptizwa! (Jonga isiqendu  12-13)

12. Kutheni simele sithethe nomntu esifunda naye ngokuzahlulela nokubhaptizwa?

12 Hlala uthetha naye ngendlela ekubaluleke ngayo ukuzinikela kuYehova nokubhaptizwa. Phofu eyona nto yenza sifunde nabantu iBhayibhile kukubanceda babhaptizwe ukuze babe ngabakhonzi bakaYehova. Emva kweenyanga ezimbalwa nifunda, ingakumbi xa sele eqalile ukuya ezintlanganisweni, umfundi umele aqonde ukuba injongo yokuba afundelwe kukuba abe liNgqina LikaYehova.

13. Zeziphi izinto ekufuneka azenze umfundi ukuze abhaptizwe ?

13 Kukho izinto ekufuneka zenziwe ngumntu ofunda naye ukuba ufuna ukubhaptizwa. Okokuqala, kufuneka amazi uYehova, amthande aze abe nokholo Kuye. (Yoh. 3:16; 17:3) Emva koko uba ngumhlobo kaYehova aze abathande abazalwana noodade ebandleni. (Heb. 10:24, 25; Yak. 4:8) Ekuhambeni kwexesha, uyazisola ngezinto ezimbi abezenza aze aziyeke. (IZe. 3:19) Ngelo xesha, ukholo lwakhe lumenza axelele abanye ngezinto azifundayo. (2 Kor. 4:13) Akuba eyenze yonke loo nto, uzahlulela kuYehova aze abhaptizwe. (1 Pet. 3:21; 4:2) Kuvuya wonke umntu ngaloo mini. Mncome ngento nganye ayenzayo ebonisa ukuba uyafuna ukubhaptizwa. Ungayeki nokumkhuthaza ukuba angatyhafi.

MAN’ UMJONGA UKUBA UYAZENZA NA IZINTO AZIFUNDAYO

14. Unokwenza ntoni ukuze ubone ukuba umntu omfundelayo ukufuna nyhani ukubhaptizwa?

14 Ukuba sifuna ukunceda umntu azahlulele aze abhaptizwe, kufuneka sibe nomonde. Kodwa kuyafuneka nokuba siqiniseke ukuba ukufuna nyhani na ukukhonza uYehova uThixo. Ngaba zikhona izinto azama ukuzenza ezibonisa ukuba uyafuna ukuthobela imiyalelo kaYesu? Okanye ngaba unomdla nje wokwazi iBhayibhile?

15. Ziintoni eziza kubonisa ukuba umfundi sele ekulungele ukubhaptizwa?

15 Man’ umjonga ukuba iyangena na entliziyweni le nto umfundisa yona. Ngokomzekelo, ngaba uyathetha ngendlela amthanda ngayo uYehova? Ngaba uyathandaza? (INdu. 116:1, 2) Uyakuthanda ukufunda iBhayibhile? (INdu. 119:97) Uya qho kwiintlanganiso? (INdu. 22:22) Ngaba zikhona izinto abezenza ezingafunwayo nguThixo aziyekileyo? (INdu. 119:112) Seqalile ukuxelela abantu azalana nabo nabahlobo bakhe ngezinto azifundayo? (INdu. 9:1) Eyona nto ibalulekileyo kukuba, uyafuna na ukuba liNgqina LikaYehova? (INdu. 40:8) Ukuba akakenzi nanye kwezi zinto, zama ukuqonda isizathu, uthethe naye ngobubele, kodwa ungafihli nto. *

16. Umele uyeke xa kutheni ukufundisa umntu?

16 Khawuman’ ujonga ukuba ngaba kusafuneka uqhubeke ufunda na nalo mntu. Zibuze le mibuzo: ‘Ngaba akalungiseleli xa niza kufunda? Ngaba akafuni ukuya kwiintlanganiso? Ngaba usazenza izinto ezingafunwayo nguYehova? Ngaba akakaphumi ngokupheleleyo ecaweni?’ Ukuba yonke le mibuzo uyiphendula ngokuthi ewe, ukuqhubeka umfundela kufana nokufundisa ukudada umntu ongafuniyo ukuba manzi. Ukuba akayithandisisi ncam le nto umfundisa yona, kwaye akafuni kutshintsha, myeke.

17. U-1 Timoti 4:16 uthi yintoni esimele siyenze?

17 Ubaluleke kakhulu kuthi umsebenzi esiwuthunyiweyo wokwenza abafundi, ibe sifuna ukunceda abantu esibafundelayo ukuba babhaptizwe. Yiloo nto siza kuyeka iBhayibhile ibe yiyo efundisayo, size sifundise into esiyithandayo nesiqinisekileyo ngayo. Siza kumnceda umntu esimfundelayo azenzele abahlobo ebandleni. Siza kuhlala sithetha naye ngokuzahlulela nokubhaptizwa size simane simjonga ukuba uyazenza na izinto azifundayo. (Jonga ibhokisi ethi “ Izinto Ekufuneka Sizenze Ukuze Abantu Esibafundelayo Babhaptizwe.”) Kuyasivuyisa ukuncedisa kulo msebenzi usindis’ ubomi. Sizimisele ukwenza konke esinokukwenza ukuze abantu esibafundelayo bade babhaptizwe.

INGOMA 79 Zifundise Ukuhlala Ziqinile

^ isiqe. 5 Xa siqhuba izifundo, sisebenzisa isipho esibalulekileyo esisinikwe nguYehova sokunceda abantu bacinge ngendlela afuna ngayo baze benze izinto azithandayo. Eli nqaku liza kusixelela into esinokuyenza ukuze sifundise kakuhle.

^ isiqe. 4 Jonga inqaku elithi “Imigibe Omele Uyilumkele Xa Uqhuba Isifundo SeBhayibhilekwiNcwadi Yentlanganiso Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela kaSeptemba 2016.

^ isiqe. 8 Ku-jw.org/xh yiya kwindawo ethi INKCAZELO ENGAKUMBI NGATHI > AMAVA.

^ isiqe. 9 Yiya kwi-JW Library®, kwindawo ethi MEDIA > OUR MEETINGS AND MINISTRY > TOOLS FOR THE MINISTRY.

^ isiqe. 15 Jonga inqaku elithi, “Uza Kufuna Ukubhaptizwa Kuba Umthanda UYehova” nelithi, “Ngaba Ukulungele Ukubhaptizwa?kwiMboniselo kaMatshi 2020.

^ isiqe. 77 IMIFANEKISO: Emva kwesifundo, udade onobuchule bokufundisa unceda udade obeqhuba isifundo ukuba makalumke ingabi nguye othetha kakhulu xa eqhuba isifundo.

^ isiqe. 79 IMIFANEKISO: Umfundi ufunda ngendlela anokumphatha kakuhle ngayo umyeni wakhe. Emva koko, ubalisela umyeni wakhe ngezinto azifundileyo.

^ isiqe. 81 IMIFANEKISO: Umfundi nomyeni wakhe bonwabe kwikhaya lomhlobo amfumene ebandleni.