Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 47

Ngaba Uza Kuqhubeka Uvuya Xa Ulungiswa?

Ngaba Uza Kuqhubeka Uvuya Xa Ulungiswa?

“Okokugqibela, bazalwana, qhubekani nivuya, nilungiswa.”​—2 Kor. 13:11.

INGOMA 54 “Nantsi Indlela”

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Ngokutsho kukaMateyu 7:13, 14, kutheni sisithi sisendleleni?

SONKE sisendleleni. Le ndlela iya kwihlabathi elitsha apho kuza kube kulawula uYehova osithandayo. Yonk’ imihla sizama ukuhamba kuyo. UYesu wathi le ndlela incinci kwaye ngamanye amaxesha kuba nzima ukuhamba kuyo. (Funda uMateyu 7:13, 14.) Ngenxa yokuba asifezekanga, kuba lula ukuba siphume kuyo.​—Gal. 6:1.

2. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku? (Jonga ibhokisi ethi “ Ukuthobeka Kusinceda Sivume Ukulungiswa.”)

2 Ukuze sihlale sihamba kwindlela eya ebomini, akufuneki sibe nenkani xa kulungiswa indlela esicinga ngayo, silungiswa kwizinto esizithandayo nesingazithandiyo, nakwizinto esizenzayo. Umpostile uPawulos wakhuthaza amaKristu aseKorinte ukuba aqhubeke ‘elungiswa.’ (2 Kor. 13:11) Elo cebiso lisasebenza nakuthi. Kweli nqaku, siza kuthetha ngendlela iBhayibhile enokusinceda ngayo sikwazi ukulungisa xa kufuneka njalo, nendlela amaKristu athanda uYehova anokusinceda ngayo singemki kwindlela eya ebomini. Siza kufunda ukuba kunokuba nzima xa kutheni ukuhamba ngendlela esiyiboniswa yintlangano kaYehova. Siza kubona nokuba ukuthobeka kunokusinceda njani sihlale simkhonza sivuya uYehova ngoxa silungisa ubomi bethu.

VUMA UKULUNGISWA LILIZWI LIKATHIXO

3. Linokusinceda njani iLizwi LikaThixo?

3 Akukho lula ukuyibona kakuhle indlela esicinga nesiziva ngayo. Ngoba? Intliziyo yethu iyaqhatha, ibe loo nto yenza kungabi lula ukubona ukuba isisa phi. (Yer. 17:9) Kulula ukuba ‘siziqhathe.’ (Yak. 1:22) Ngoko simele sizihlole ngeLizwi LikaThixo. ILizwi LikaThixo liveza eyona nto ingaphakathi kuthi, “iingcinga nezinto ezifunwa yintliziyo” yethu. (Heb. 4:12, 13) Ngamany’ amazwi, lifana neX-ray, lisenza sibone into engaphakathi ebesingenakuyibona njee ngeliso. Kodwa ukuze sikwazi ukuyenza into esiyicetyiswa yiBhayibhile okanye ngabakhonzi bakaThixo, kufuneka sithobeke.

4. Yintoni ebonisa ukuba uKumkani uSawule waba nekratshi?

4 Izinto ezenziwa nguKumkani uSawule zibonisa into enokwenzeka xa singathobekanga. Waba nekratshi kangangokuba zange avume xa kwakufuneka alungise indlela acinga nenza ngayo. (INdu. 36:1, 2; Hab. 2:4) Elo kratshi labonakala xa engazange ayenze into uYehova awathi makayenze emva kokuba oyise ama-Amaleki. Xa umprofeti uSamuweli wayemxelela ngento ayenzileyo, uSawule zange avume ukuba wonile. Wazithethelela ngokutyhola abantu nokungaboni nto imbi kangako kwinto ayenzileyo. (1 Sam. 15:13-24) Phofu wayengaqali ukwenza into efana nale. (1 Sam. 13:10-14) Okubuhlungu kukuba wavumela intliziyo yakhe yanekratshi. Akazange ayilungise indlela acinga ngayo, ngoko uYehova wamohlwaya waza wamshiya.

5. Yintoni esiyifundayo kuSawule?

5 Ukuba asifuni ukufana noSawule, kufuneka sizibuze le mibuzo: ‘Xa ndilungiswa liLizwi LikaThixo, ngaba ndiye ndizithethelele? Ngaba ndiye ndicinge ukuba ayikho mbi kangako into endiyenzileyo? Ngaba ndiye ndityhole abanye abantu?’ Ukuba omnye wale mibuzo siwuphendula ngokuthi, ewe, simele silungise indlela esicinga ngayo. Ukuba asiyilungisi, intliziyo yethu iza kuba nekratshi, aze uYehova ayeke ukuba ngumhlobo wethu.​—Yak. 4:6.

6. Yintoni eyayisenza uKumkani uDavide angafani noKumkani uSawule.

6 UKumkani uDavide wayengafani noKumkani uSawule. UKumkani uDavide wayewuthanda “umthetho kaYehova.” (INdu. 1:1-3) Wayesazi ukuba uYehova uyabasindisa abantu abathobekileyo, kodwa akafuni nokubabona abantu abanekratshi. (2 Sam. 22:28) Ngoko wavumela umthetho kaThixo ukuba ulungise indlela acinga ngayo. Wathi: “Ndiza kumdumisa uYehova, ondicebisileyo. Ezona ngcinga zam zinzulu ziyandilungisa nasezinzulwini zobusuku.”​—INdu. 16:7.

ILIZWI LIKATHIXO

ILizwi LikaThixo liyasilumkisa xa siphum’ endleleni. Ukuba sithobekile, siza kulivumela lilungise indlela esicinga ngayo engafunwayo nguThixo (Jonga isiqendu 7)

7. Ukuba sithobekile, yintoni esiza kuyenza?

7 Ukuba sithobekile, siza kuvumela iLizwi LikaThixo lilungise nantoni na esiyicingayo engalunganga ngaphambi kokuba siyenze. Liza kufana nelizwi elithi: “Nantsi indlela. Hambani ngayo.” Liza kusilumkisa xa siqala ukwenza into engafunwayo nguYehova. (Isa. 30:21) Xa simmamela uYehova, uza kusinceda kakhulu. (Isa. 48:17) Ngokomzekelo, asizukuhlazeka ngenxa yokuba kude kwafuneka silungiswe ngomnye umntu. Siza kumthanda uYehova kuba simbona ukuba usikhathalele njengotata obathandayo abantwana bakhe.​—Heb. 12:7.

8. Ngokutsho kukaYakobi 1:22-25, sinokulenza njani iLizwi LikaThixo libe sisipili sethu?

8 ILizwi LikaThixo linokufana nesipili sethu. (Funda uYakobi 1:22-25.) Abaninzi kuthi bazijonga esipilini qho ngaphambi kokuba baphume endlini. Sibabonisa indawo ekufuneka bayilungise ngaphambi kokuba babonwe ngabantu. Ngokufanayo, ukuba siyifunda yonke imihla iBhayibhile, siza kubona ukuba sinokuyilungisa njani indlela esicinga ngayo nezinto esizithandayo nesingazithandiyo. Abantu abaninzi kuyabanceda ukufunda itekisi yosuku qho kusasa ngaphambi kokuba bahambe. Bavumela loo nto bayifundileyo ilungise indlela abacinga ngayo. Yonke loo mini baye bakhangele indlela abanokuyisebenzisa ngayo loo nto bayifundileyo. Enye into ekufuneka siyenze kukulifunda yonke imihla iLizwi LikaThixo size sicingisise ngaloo nto siyifundayo. Kusenokubonakala kulula ukuyenza le nto, kodwa yenye yezona ndlela zibalulekileyo ezisinceda singayeki ukuhamba kwindlela encinci eya ebomini.

BAMAMELE ABAHLOBO ABATHANDA UTHIXO

ABAHLOBO ABATHANDA UTHIXO

UmKristu othanda uThixo usenokusilungisa enobubele. Ngaba siyayivuyela into yokuba umhlobo wethu eye wanesibindi sokuthetha nathi? (Jonga isiqendu 9)

9. Kuxa kutheni apho kuye kufuneke umhlobo akulungise?

9 Ngaba wawukhe waqala ukuhamba kwindlela eyayikubhekelisa kuYehova? (INdu. 73:2, 3) Ukuba umhlobo othanda uYehova waba nesibindi sokukulungisa, ngaba wammamela waza wayenza into awakucebisa yona? Ukuba wayenza loo nto siyakuncoma, kwaye ngokuqinisekileyo uyambulela loo mhlobo wakubuyisel’ endleleni.​—IMize. 1:5.

10. Umele wenze ntoni xa ulungiswa ngumhlobo?

10 ILizwi LikaThixo lithi: “Amanxeba awenziwe ngumhlobo athembekile.” (IMize. 27:6) Itheth’ ukuthini le nto? Makhe senze umzekelo: Khawube nombono wakho uza kuwela kwisitrato esigcwele iimoto ezihla zinyuka uze uphazanyiswe yifowni. Uyawela ungakhange uqale ujongisise kakuhle. Xa kanye uqala ukuwela, umhlobo ukhawuleza akutsale kabuhlungu ngengalo. Ingalo ishiyeka ibuhlungu kodwa ukusindise uza kutshayiswa yimoto. Nokuba loo ngalo ingathath’ ixesha ukuphola, awunakucatshukiswa kukuba umhlobo ekutsale kabuhlungu. Uza kumbulela ngokuba ekusindise engozini. Ngokufanayo, ukuba umhlobo ulungisa indlela othetha ngayo okanye izinto ozenzayo ezingafunwayo nguThixo, ekuqaleni kusenokungabi mnandi. Kodwa sukucatshukiswa yindlela akulungisa ngayo, bubudenge obo. (INtshu. 7:9) Mbulele, kuba uye wanesibindi sokuthetha nawe.

11. Yintoni enokwenza umntu angafuni ukulungiswa ngumhlobo?

11 Yintoni enokwenza umntu angafuni ukulungiswa ngumhlobo amthandayo? Likratshi. Abantu abanekratshi bayabathanda abantu ‘ababanyumbaza iindlebe.’ Abafuni ‘ukumamela inyaniso.’ (2 Tim. 4:3, 4) Bacinga ukuba akukho mntu unokubacebisa nto kuba bona balumkile kwaye babaluleke kakhulu kunabanye. Umpostile uPawulos wathi: “Ukuba umntu ucinga ukuba ubalulekile abe engeyonto, uyaziqhatha.” (Gal. 6:3) UKumkani uSolomon wayichaza kakuhle le nto, wathi: “Ubhetele umntwana olihlwempu kodwa esisilumko kunokumkani omdala kodwa osisidenge.”​—INtshu. 4:13.

12. KumaGalati 2:11-14 sifunda ntoni kwinto eyenziwa ngumpostile uPetros?

12 Khawuve into eyenziwa ngumpostile uPetros xa wayelungiswa ngumpostile uPawulos phambi kwabantu. (Funda amaGalati 2:11-14.) Ngewayemcaphukele uPawulos ngenxa yokuba emlungise phambi kwabantu nangenxa yendlela awamlungisa ngayo. Kodwa uPetros wayesisilumko. Kunokuba abe ezondana noPawulos, wavuma ukulungiswa. Wada wathi uPawulos ‘ngumzalwana amthandayo.’​—2 Pet. 3:15.

13. Ziintoni omele ucinge ngazo xa uza kuya kulungisa umntu?

13 Ukuba kungaze kufuneke ulungise umhlobo, ziintoni omele ucinge ngazo? Ngaphambi kokuba uye kuthetha naye, khawuzibuze, “Ngaba ‘ndililungisa kakhulu’?” (INtshu. 7:16) Abantu abangamalungisa kakhulu bayagqiba ngabantu bengakhange bacinge ngemigaqo kaYehova, kodwa becinga ngeyabo. Badla ngokungabi nayo nenceba. Ukuba naxa sele uzibuze lo mbuzo usabona ukuba kufuneka uthethe naye, mxelele ingxaki uze usebenzise imibuzo ukuze umncede abone ukuba yintoni kanye kanye le angayenzanga kakuhle. Khumbula ukuba nguYehova onelungelo lokumgweba, owakho umsebenzi kukumnceda aqonde ukuba uYehova uthini ngale nto ayenzileyo. Ngoko qiniseka ukuba yonke into oyithethayo uyithatha kwiZibhalo. (Rom. 14:10) Sebenzisa ubulumko obukwiLizwi LikaThixo, naxa umlungisa yiba nobubele njengoYesu. (IMize. 3:5; Mat. 12:20) Ngoba? Kaloku nakuwe uYehova uza kwenza ngendlela owenza ngayo kwabanye abantu.​—Yak. 2:13.

YENZA INTO OYIXELELWA YINTLANGANO KATHIXO

INTLANGANO KATHIXO

Intlangano kaThixo isilungiselela iimpapasho, iividiyo neentlanganiso ezisinceda sikwazi ukwenza izinto ezithethwa liLizwi LikaThixo. Ngamanye amaxesha iQumrhu Elilawulayo liyayitshintsha indlela omele wenziwe ngayo umsebenzi (Jonga isiqendu 14)

14. Isinceda njani intlangano kaThixo ukuze sikwazi ukusebenzisa izinto esizixelelwa liLizwi lakhe?

14 UYehova usibonisa indlela eya ebomini esebenzisa inxalenye yentlangano yakhe esemhlabeni. Le ntlangano isilungiselela iividiyo, iimpapasho neentlanganiso ukuze zisincede sikwazi ukwenza izinto esizixelelwa liLizwi LikaThixo. Zonke ezi zinto isilungiselela zona sizithembile kuba zithetha ngeBhayibhile. Xa lisenza izigqibo ngendlela esimele sishumayele ngayo, iQumrhu Elilawulayo lincedwa ngumoya oyingcwele. Sekunjalo, limane lizihlola ezi zigqibo ukuze libone ukuba ikhona na into ekufuneka liyitshintshe. Kutheni lisenza loo nto? Kaloku “eli hlabathi liyatshintsha,” ngoko nentlangano kaThixo kufuneka itshintshe indlela ezenza ngayo izinto ukuze incede abantu bakhe.​—1 Kor. 7:31.

15. Yeyiphi ingxaki abaye banayo abanye abavakalisi?

15 Xa intlangano kaThixo itshintsha indlela ebesiyiqonda ngayo imfundiso yeBhayibhile okanye isixelela indlela esimele siziphathe ngayo, asibi nangxaki, siyazamkela ezo zinto size sizenze. Ngaba kuba lula ngolo hlobo ukwamkela zonke izinto ezitshintshayo? Ngokomzekelo, ukusuka kule minyaka idlulileyo kuye kwabiza imali eninzi kakhulu ukwakha nokulungisa iindawo esinqula kuzo. Ngoko iQumrhu Elilawulayo liye lacebisa ukuba amanye amabandla asebenzise iHolo YoBukumkani enye. Ngoko amabandla aye adibana, zaza zathengiswa ezinye iiHolo abebengenela kuzo abazalwana noodade. Loo mali isetyenziselwa ukwakha iiHolo ZoBukumkani kwiindawo ezifuneka kakhulu kuzo. Ukuba uhlala kwindawo ekuye kwathengiswa iHolo YoBukumkani kuyo, kwaza kwafuneka amabandla adibane, kusenokungabi lula ukuyamkela le ndlela intsha. Ngoku abanye abavakalisi kuye kwafuneka bahambe imigama emide xa besiya kwiintlanganiso. Kanti abanye abaye basebenza nzima besakha okanye belungisa iHolo YoBukumkani basenokuzibuza ukuba kutheni ithengiswa nje ngoku. Basenokucinga ukuba kudlalwe ngexesha namandla abo. Sekunjalo, bayalamkela olu tshintsho, kwaye simele sibancome.

16. Ukwenza into ethethwa kumaKolose 3:23, 24 kuza kusinceda njani sihlale sivuya?

16 Siza kuhlala sivuya xa ihlala isezingqondweni zethu into yokuba sisebenzela uYehova kwaye intlangano yakhe yalathiswa nguye. (Funda amaKolose 3:23, 24.) UKumkani uDavide wasibonisa into emasiyenze xa wanikela ngemali yokwakha itempile. Wathi: “Xa ndingubani mna, bengoobani bona abantu bam, ukuba singade sikwazi ukunikela iminikelo elolu hlobo? Kuba yonke into ivela kuwe yaye sikunike oko kuvela esandleni sakho.” (1 Kron. 29:14) Nathi, xa sinikela ngemali, sinikela kuYehova into ephuma esandleni sakhe. Ngoko uyavuya xa sinikela ngexesha, amandla nezinto esinazo ukuze kwenziwe umsebenzi wakhe.​—2 Kor. 9:7.

UNGAYEKI UKUHAMBA KWINDLELA ENCINCI

17. Kutheni kufuneka ungatyhafi xa ubona ukuba kukho izinto ekufuneka uzilungise?

17 Ukuze singayeki ukuhamba kwindlela encinci eya ebomini, sonke kufuneka sizame ngandlela zonke ukulandela uYesu. (1 Pet. 2:21) Ukuba uyabona ukuba kukho izinto ekufuneka uzilungise, ungatyhafi. Loo nto ibonisa ukuba ufuna nyhani ukuhamba kwindlela esiyalathiswa nguYehova. Ungalibali kaloku ukuba uYehova uyasazi ukuba asifezekanga. Ngoko akalindelanga ukuba izinto sizenze kanye njengoYesu.

18. Yintoni ekufuneka siyenze ukuze sifike kwihlabathi elitsha?

18 Sonke simele sikhangele phambili kwixesha elizayo, size singabi nankani xa kulungiswa indlela esicinga ngayo, silungiswa kwizinto esizithandayo nesingazithandiyo nakwizinto esizenzayo. (IMize. 4:25; Luka 9:62) Masithobeke size ‘siqhubeke sivuya xa silungiswa.’ (2 Kor. 13:11) Ukuba siyayenza loo nto, ‘uThixo onothando nonika uxolo uza kuba nathi.’ Uza kusinceda singavuyeli nje ukufika kwihlabathi elitsha, kodwa sihambe kwindlela eya kulo sivuya.

INGOMA 34 Hamba NoThixo Uthembekile

^ isiqe. 5 Kwabanye kusenokuba nzima ukulungisa indlela abacinga ngayo, ukutshintsha izinto abazithandayo nabangazithandiyo, kwanezinto abazenzayo. Eli nqaku liza kusixelela isizathu sokuba sonke kufuneka silungiswe size sitshintshe, nendlela esinokuhlala sivuya ngayo ngoxa silungiswa.

^ isiqe. 76 IMIFANEKISO: Umzalwana oselula ubalisa into eye yenzeka emva kokuba enze isigqibo esingafanelekanga, umzalwana omdala kuye (ohleli ngasekunene) umamele ezolile ukuze abone ukuba kufuneka amlungise na.