Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

IMizekeliso 24:16 ithi: “Ilungisa nokuba liwa kasixhenxe, liphinda livuke.” Ngaba le vesi ithetha ngomntu osoloko esenza isono aze axolelwe nguThixo?

Ayithethi loo nto. Ithetha ngomntu oba nengxaki emva kwenye, kodwa phezu kwazo nje ezo ngxaki, uphind’ aphakame.

Makhe sifunde ukuqala kuvesi 15 siye kuvesi 17. Ezi vesi zithi: “Uze ungancathami kufutshane nendlu yelungisa uneenjongo ezimbi; uze ungayitshabalalisi indawo yalo yokuphumla. Kuba ilungisa nokuba liwa kasixhenxe, liphinda livuke, kodwa bona abenzi-bubi baza kwehlelwa yintlekele. Sukuvuya xa utshaba lwakho lusiwa, mayingavuyi intliziyo yakho xa ulubona lukhubeka.”—IMize. 24:15-17.

Abanye abantu bacinga ukuba uvesi 16 uthetha ngomntu owiswa sisono aze aguquke, aphinde abe ngumhlobo kaThixo. Abefundisi ababini baseBritani bathi “abefundisi bala maxesha nabakudala baye bayicacisa ngolo hlobo le vesi. Aba befundisi baseBritani bathi le ndlela bayicacisa ngayo ithetha ukuba, nokuba umntu olungileyo unokusenza isono esikhulu, ukuba nje akayeki ukuthanda uThixo, noThixo uza kumthanda kuba uyaguquka.” Umntu ongafuniyo ukuyiyeka into embi ayenzayo angayithanda le nto. Unokucinga ukuba, nokuba angayenza qho, uThixo uza kuhlala emxolela.

Ayithethi loo nto tu le vesi.

Igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi ‘ukuwa’ kuvesi 16 no-17 linokusetyenziswa ngeendlela ezininzi. Linokuthetha ukuwa nyhani. Ngokomzekelo, ukuwa kwenkunzi yenkomo endleleni, ukuwa komntu eluphahleni okanye ukuwela kohlalutye emhlabeni. (Dut. 22:4, 8; Amosi 9:9) Linokuthetha nenye into eyahlukileyo: “UYehova uyibonisa indlela emayihambe ngayo indoda xa ezithanda iindlela zayo. Nokuba ingawa, soze inkaleke phantsi, kuba uYehova uyibamba ngesandla.”—INdu. 37:23, 24; IMize. 11:5; 13:17; 17:20.

Khawuve into eyathethwa nguProfesa Edward H. Plumptre. Wathi: “Igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi ‘ukuwa’ zange lasetyenziswa xa kuthethwa ngokuwiswa sisono nanini na.” Kanti omnye umphengululi wathi xa ecacisa le vesi: “Kukudlala ngexesha ukuphatha abantu bakaThixo kakubi, kuba baza kusoloko bephumelela qho, kodwa bona abantu ababi abaphumeleli qho!”

Ngoko, iMizekeliso 24:16 ayithethi ngomntu owenza isono, ithetha ngomntu oba neengxaki. Kweli hlabathi lingendawo, ilungisa lisenokugula okanye libe nezinye iingxaki. Lisenokutshutshiswa ngurhulumente ngenxa yokholo. Kodwa liyamthemba uThixo ukuba uza kuba nalo aze alincede likwazi ukuzinyamezela de ziphele ezo ngxaki. Khawuzibuze, ‘Kukangaphi ndibona abakhonzi bakaThixo bephumela ngaphaya kweengxaki abebenazo?’ Yintoni ebenza bakwazi ukuzinyamezela de ziphele iingxaki abanazo? IBhayibhile isenza siqiniseke ukuba “uYehova uxhasa bonke abawayo, aze aphakamise bonke abaqubudileyo.”—INdu. 41:1-3; 145:14-19.

“Ilungisa” alivuyi xa abanye beneengxaki. Into elivuyisayo “kukwazi ukuba ziya kubalungela izinto abo bamoyikayo uThixo wokwenene, kuba bemoyika.”—INtshu. 8:11-13; Yobhi 31:3-6; INdu. 27:5, 6.