Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 52

Yintoni Onokuyenza Ukuze Uyeke Ukutyhafa

Yintoni Onokuyenza Ukuze Uyeke Ukutyhafa

“Wuphosele kuYehova umthwalo wakho, yena uza kukuxhasa.”​—INDU. 55:22.

INGOMA 33 Lahlela Umthwalo Wakho KuYehova

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Ukutyhafa kunokwenza ntoni kuthi?

USUKU emva kolunye siba neengxaki ibe sizama ngamandla ethu onke ukuzinyamezela. Kodwa kuba nzima ukuzinyamezela xa sityhafile. Ngoko ukutyhafa singakufanisa nesela elize kuba ukuzithemba, isibindi novuyo esinalo. IMizekeliso 24:10 ithi: “Ukuba uyatyhafa ngamaxesha eenkathazo, uza kuphelelwa ngamandla.” Ukutyhafa kuyawagqiba amandla asenza sikwazi ukunyamezela iingxaki.

2. Ziintoni ezinokusityhafisa, ibe liza kusixelela ngantoni eli nqaku?

2 Zininzi izinto ezinokusityhafisa. Sinokutyhafiswa zizinto ezenzeka kuthi nezenzeka ebomini. Ezinye izinto ezinokusityhafisa ziimpazamo esizenzayo, kukuba nezinto esingakwaziyo ukuzenza nokugula. Mhlawumbi naxa singafumananga umsebenzi esiwuthandayo kwintlangano kaYehova okanye xa kufuneka sishumayele kwintsimi enabantu abangenamdla kumyalezo esiwuphetheyo. Eli nqaku liza kusixelela ngezinto esinokuzenza ukuze singatyhafi.

XA SENZE IIMPAZAMO

3. Yintoni enokusinceda xa sizicaphukela ngenxa yeempazamo esizenzileyo?

3 Kunokuba lula ukuba sizicaphukele ngenxa yeempazamo esizenzayo. Loo nto inokusenza sicinge ukuba uYehova akazukusingenisa kwihlabathi lakhe elitsha. Kunokuba yingozi kakhulu ukucinga ngolo hlobo. Simele sibe njani xa senze iimpazamo? iBhayibhile ithi wonke umntu ‘wonile,’ ngaphandle kukaYesu Kristu. (Roma 3:23) Kodwa uYehova owabhala iBhayibhile akajongi iimpazamo esizenzayo, engalindelanga nokuba sifezeke. NguTata osithandayo nofuna ukusinceda. Unomonde, kwaye uyazi ukuba kunzima kangakanani kuthi ukwenza into elungileyo nokungabi buhlungu ngezinto esizenzayo. Uyafuna ukusinceda.—Roma 7:18, 19.

Nokuba sizicaphukela kangakanani ngenxa yezinto ezimbi ezenzeke kuthi kwixesha elidlulileyo, uYehova uyazibona izinto ezintle esizenzayo ngoku (Jonga isiqendu 5) *

4-5. U-1 Yohane 3:19, 20 uthi yintoni eyanceda oodade ababini bayeka ukutyhafa?

4 Khawuve into eyenzeka kuDeborah noMaria. * Esemncinci, uDeborah wayengaphathwanga kakuhle kokwabo kangangokuba wayede azive ehlazekile. Wayengafane anconywe. Loo nto yamenza wazicaphukela. Xa enze impazamo encinci, wayebona ngathi akho nto anokuze ayenze kakuhle. NoMaria wayenale ngxaki. Naye abantu azalana nabo babemenza azive ehlazekile. Loo nto yamenza wazibona engungantweni. Nasemva kokuba ebhaptiziwe, wayebona ngathi akumfanelanga ukuba liNgqina LikaYehova.

5 Bobabini aba dade zange bayeke ukukhonza uYehova. Yintoni eyayibenza bangayeki? Baxelela uYehova indlela ababeziva ngayo. (INdu. 55:22) Babona ukuba uTata wethu osezulwini osithandayo uyazi ukuba izinto ezimbi ezenzeke kuthi zinokusenza sizicaphukele. Kodwa uyazibona neempawu ezintle esinazo, nokuba thina singacinga ukuba asinaphawu luhle.​—Funda u-1 Yohane 3:19, 20.

6. Yintoni enonkwenzeka kumntu ozibona sele ephinda esenza into embi azama ngamandla ukuyiyeka?

6 Mhlawumbi omnye umntu uzama ngamandla ukuyeka ukwenza into embi. Kodwa unokutyhafiswa kukuzibona ephinda eyenza. Yinto eqhelekileyo kona ukuba umntu abe buhlungu xa onile. (2 Kor. 7:10) Kodwa asimele sibe buhlungu side sicinge ukuba akukho yethu, noYehova akasoze asixolele. Asiyonyani leyo. Ukucinga ngolo hlobo kunokusenza siyeke ukukhonza uYehova. Khumbula into esiyifunde kwiMizekeliso 24:10, amandla ethu aza kuphela xa sityhafile. Kunokuba sityhafe, ‘masilungise izinto’ noYehova, simcele asixolele. (Isa. 1:18) Xa ebona ukuba sizisola nyani ngento esiyenzayo kwaye siyazama ukuyiyeka, uza kusixolela. Enye into esimele siyenze, kukuya kucela uncedo kubadala. Baza kusinceda siphinde simkhonze kakuhle uYehova.—Yak. 5:14, 15.

7. Kutheni singamele sityhafe xa kunzima ukwenza into elungileyo?

7 Omnye umdala waseFransi, uJean-Luc, uthi kubantu abazama ukuyeka into embi abayenzayo: “Umntu olungileyo kuYehova ayingomntu ongazenziyo iimpazamo, kodwa ngumntu othi xa enze impazamo, azisole aze atshintshe.” (Roma 7:21-25) Ngoko sukucinga ukuba akukho yakho xa uzama ukuyeka into embi, kodwa kunzima. Khumbula kaloku, akakho umntu olungileyo kuThixo. Sonke sidinga ububele bukaYehova, esibufumana kuba uYesu wasihlawulela.—Efe. 1:7; 1 Yoh. 4:10.

8. Xa sityhafile, simele silucele koobani uncedo?

8 Abazalwana noodawethu baza kusikhuthaza. Banokusimamela xa sifuna ukuthetha nabo baze basikhuthaze. (IMize. 12:25; 1 Tes. 5:14) Omnye udade waseNigeria, uJoy, owayezama ukuyeka ukutyhafa uthi: “Bendiza kuba phi ngaphandle kwabazalwana noodadewethu? Indlela abandikhuthaza ngayo indibonisa ukuba uYehova uyayiphendula imithandazo yam. Kubo ndifunde nendlela yokukhuthaza abanye abatyhafileyo.” Masingalibali ukuba ngamany’ amaxesha abazalwana noodadewethu basenokungazi ukuba sidinga ukukhuthazwa. Ngoko kusenokufuneka siye kumzalwana okanye udade omthandayo uYehova simcele asincede.

XA SIGULA

9. Amazwi akwiNdumiso 41:3 no-94:19 asithuthuzela njani?

9 Masicele uYehova asincede. Xa sigula, futhi sigula yinto enganyangekiyo, sisenokungacingi kakuhle. Ngoxa uYehova engasinyangi ngendlela engummangaliso, uyasithuthuzela kwaye unokusinika namandla okunyamezela. (Funda iNdumiso 41:3; 94:19.) Ngokomzekelo, unokwenza umzalwana okanye udadewethu aze kusenzela imisebenzi efuna ukwenziwa ekhaya okanye asiyele evenkileni. Unokwenza abazalwana bathandaze kunye nathi. Okanye unokusikhumbuza amazwi athuthuzelayo akwiLizwi lakhe, njengethemba elivuyisayo lokuphila kwihlabathi elitsha singaguli, singenazo neentlungu.—Roma 15:4.

10. Yintoni eyenza uIsang wayeka ukutyhafa emva kokuba efumene ingozi?

10 UIsang waseNigeria wafumana ingozi eyamshiya engakwazi kuzenzela nto. Ugqirha wakhe wamxelela ukuba akasoze aphinde akwazi ukuhamba. Uthi: “Intliziyo yayilihlwili, ndavele ndatyhafa.” Kodwa ngaba wahlala etyhafile? Hayi. Wancedwa yintoni? Uthi: “Mna nomfazi wam sasihlala sithandaza kwaye sifunda iLizwi LikaThixo. Sasizimisele ukumbulela qho uYehova ngezinto ezintle asenzele zona nangehlabathi elitsha asithembise lona.”

Abazalwana noodade abanezinto abangakwaziyo ukuzenzela zona banokufumana iindlela zokushumayela, abantu babamamele. Loo nto inokubenza bakuvuyele ukushumayela (Jonga isiqendu 11-13)

11. Yintoni eyenza uCindy wonwaba ngoxa wayegula kakhulu?

11 UCindy waseMexico waxelelwa ngugqirha ukuba unesifo esinokumbulala. Yintoni eyamenza wakwazi ukunyamezela? Xa wayesesibhedlele, wazimisela ukushumayela yonke imihla. Uthi: “Le nto yandinceda ndacinga ngabanye abantu kunokucinga ngotyando, intlungu endandikuyo nendlela endigula ngayo. Nantsi into endandiyenza: Xa ndincokola noogqirha noonesi, ndandiye ndibabuze ngeentsapho zabo. Emva koko ndibabuze ukuba kwakutheni ukuze bakhethe umsebenzi onzima kangaka. Loo nto yayisenza kube lula ukucinga ngento abaza kuba nomdla kuyo, size sincokole ngayo. Abaninzi kubo babeye bandixelele ukuba izigulane azifane zibabuze ukuba banjani. Kanti abanye babeyibulela indlela endibakhathalele ngayo. Abanye bade bandinika iiadresi neenombolo zabo zefowuni. Kweli xesha lalinzima kangaka ebomini bam, ndandisazi ukuba uYehova uza kundinceda ndikwazi ukunyamezela. Kodwa yandimangalisa indlela awandenza ndonwaba ngayo.”—IMize. 15:15.

12-13. Abanye abantu abagulayo nabalupheleyo baye benza ntoni ukuze bakwazi ukushumayela, ibe yintoni eye yenzeka?

12  Abantu abagulayo nabangakwazi kuzenzela nto banokutyhafiswa kukuba abanakukwazi ukushumayela ngendlela abafuna ngayo. Sekunjalo, abanye baye bafumana iindlela abanokushumayela ngazo. EMerika, udade onguLaurel wayelele ngomqolo kumatshini owawumnceda akwazi ukuphefumla kangangeminyaka eyi-37. Wanyamezela ukugula ngumhlaza, ukwenziwa utyando amaxesha amaninzi nokuba nesifo sesikhumba esinganyangekiyo. Kodwa zonke ezi zinto zange zimenze ayeke ukushumayela. Wayeshumayela koonesi nakwabanye abantu bezonyango ababesiya emzini wakhe. Kwenzeka ntoni emva koko? Wanceda abantu abayi-17 bayazi kakuhle iBhayibhile. *

13 Omnye umdala waseFransi, uRichard, unecebiso elihle alinika abantu abangakwaziyo ukuphuma emakhayeni abo okanye abahlala kumakhaya abantu abalupheleyo. Uthi: “Ndibacebisa ukuba babeke iincwadi neemagazini zethu kwindawo abaza kuzibona kuyo abantu. Xa bedlula, baza kuba nomdla wokwazi ukuba zezantoni. Ukuncokola nabo bantu kunokubakhuthaza abazalwana noodadewethu abangasakwaziyo ukuya kushumayela kwindlu ngendlu.” Enye into anokuyenza amaKristu angasakwaziyo ukuphuma ezindlini kukushumayela ngeefowni nangokubhala iileta.

XA SINGAFUMANI UMSEBENZI ESIWUTHANDAYO KWINTLANGANO KAYEHOVA

14. Yintoni awayenzayo uKumkani uDavide esimele sifunde kuyo?

14 Iminyaka, impilo nezinye izinto zinokusenza singayifumani eminye imisebenzi esiyithandayo ebandleni okanye kwisiphaluka. Ukuba kunjalo nakuwe, unokufunda kuKumkani uDavide. Xa waxelelwa ukuba akukhethwanga yena ukuba akhe itempile kaThixo, into awayefuna nyhani ukuyenza, wancedisa umntu owakhethwa nguThixo ukuba awenze lo msebenzi. Wade wanikela ngegolide nesilivere eninzi kuwo. Simele sifunde kule nto yenziwa nguDavide.​—2 Sam. 7:12, 13; 1 Kron. 29:1, 3-5.

15. Yintoni eyenza uHugues wayeka ukutyhafa?

15 Omnye umzalwana waseFransi, uHugues, wayeka ukuba ngumdala ngenxa yempilo, wayengasakwazi nkqu nokwenza imisebenzi elula emzini wakhe. Uthi: “Ekuqaleni, ndandityhafe kakhulu, ndibona ngathi akukho yam. Kodwa ekuhambeni kwexesha ndabona ukuba eyona nto ifunekayo kukuba ndiyeke ukukhathazwa zizinto endingasakwaziyo ukuzenza. Loo nto yandenza ndavuyela into endikwaziyo ukumenzela yona uYehova. Ndizimisele ukuba ndingatyhafi. NjengoGidiyon namadoda akhe ayi-300 awayediniwe, andizukuyeka ukulwa!”​—ABagwe. 8:4.

16. Yintoni esinokuyifunda kwiingelosi?

16 Simele silinganise iingelosi ezithembekileyo. Xa kwakulawula uKumkani uAhabhi, uYehova wakhe wathi mazicebise ukuba angaqhathwa njani lo kumkani wayesenza izinto ezimbi. Iingelosi ezininzi zacebisa. Kodwa uThixo wakhetha icebiso lengelosi enye waza wayixelela ukuba loo ndlela iza kumqhatha ngayo iza kusebenza. (1 Kum. 22:19-22) Ngaba ezinye iingelosi zatyhafa, mhlawumbi ngaphakathi zisithi: ‘Sifane nje sachitha ixesha lethu sisiza namacebiso?’ Asiqondi ukuba zacinga loo nto. Kaloku iingelosi zithobeke nyhani, ibe zifuna lonke uzuko luye kuYehova.​—ABagwe. 13:16-18; ISityhi. 19:10.

17. Yintoni ekufuneka siyenze xa sityhafiswa kukuba kukho imisebenzi esingayinikwayo entlanganweni?

17 Ungaze uyilibale inyhweba esinayo yokubizwa ngegama likaThixo nokushumayela ngoBukumkani bakhe. Imisebenzi sinokuyinikwa iphinde ithathwe, kodwa ayiyomisebenzi esenza sithandwe nguThixo. Kukuthobeka okusenza sithandwe nguYehova nangabazalwana noodadewethu. Ngoko mcele uYehova akuncede uhlale uthobekile. Cinga ngabakhonzi bakhe abaninzi ababethobekile ekuthethwa ngabo eBhayibhileni. Kuvuyele ukukhonza abazalwana bakho nangayiphi na indlela.​—INdu. 138:6; 1 Pet. 5:5.

XA ABANTU ABAKWINTSIMI YENU BENGANAMDLA

18-19. Yintoni enokukwenza ukuvuyele ukuba sentsimini nokuba abantu enishumayela kubo abanamdla?

18 Ngaba wakha watyhafiswa kukuba kubonakala ngathi abantu abakwintsimi yenu abanamdla okanye kukuba imbalwa imizi enifumana abantu kuyo? Xa kunjalo, yintoni enokusenza sihlale sivuya okanye sivuye kakhulu? Amanye amacebiso ezinto esinokuzenza akwibhokisi ethi: “ Izinto Ezinokukwenza Ukuvuyele Ukushumayela.” Kubalulekile nokuba siyazi eyona nto siyiyela entsimini? Itheth’ ukuthini le nto?

19 Ungaze ulibale ukuba esona sizathu sokuba sishumayele kukwazisa abantu ngegama likaThixo nangoBukumkani bakhe. UYesu wathi bambalwa abantu abaza kuhamba kwindlela eya ebomini. (Mat. 7:13, 14) Xa sisentsimini, sinenyhweba yokusebenza noYehova, uYesu neengelosi. (Mat. 28:19, 20; 1 Kor. 3:9; ISityhi. 14:6, 7) UYehova utsala abantu abafuna ukumkhonza. (Yoh. 6:44) Ngoko ukuba umntu akanamdla ngoku kumyalezo esiwuphetheyo, usenokuba nawo xa siphinda singena kwakhe ngeny’ imini.

20. UYeremiya 20:8, 9 uthi yintoni enokusiyekisa ukutyhafa?

20 Ininzi into esinokuyifunda kumprofeti uYeremiya. Intsimi awayeshumayela kuyo yayingekho lula. Abantu babemthuka, bemgezela “imini yonke.” (Funda uYeremiya 20:8, 9.) Wakha watyhafa kakhulu wade wafuna nokuyeka ukushumayela. Kodwa zange ayeke. Kwakutheni? “Ilizwi likaYehova” lalinjengomlilo kuye ngaphakathi, wayengakwazi ukuthula. Nathi sinokuba njalo ukuba silifunda qho iLizwi LikaThixo size sicinge ngalo. Loo nto inokusenza sikuvuyele kakhulu ukuba sentsimini yaye baninzi abantu abanokusimamela.—Yer. 15:16.

21. Yintoni enokusenza siyeke ukutyhafa, nokuba sityhafiswa yintoni?

21 UDeborah ekuthethwe ngaye kwiziqendu ezidlulileyo uthi: “Ukutyhafa sesona sixhobo sinamandla alwa nathi ngaso uSathana.” Kodwa uYehova uThixo unamandla ngaphezu koSathana nazo zonke izixhobo azisebenzisayo. Ngoko nokuba yintoni ekutyhafisayo, cela uYehova akuncede. Uza kukunceda ungatyhafiswa ziimpazamo ozenzayo. Uza kuba nawe xa ugula. Uza kukunceda uthande nokuba ngowuphi umsebenzi owufumana kwintlangano yakhe. Uza kukunceda ukuvuyele ukuba sentsimini. Thandaza, umxelele indlela oziva ngayo. Uza kukunceda uyeke ukutyhafa.

INGOMA 41 Nceda Uve Umthandazo Wam

^ isiqe. 5 Sonke sikhe sityhafe ngamany’ amaxesha. Eli nqaku liza kusixelela ngezinto esinokuzenza xa sityhafile. Siza kubona ukuba xa sincedwa nguYehova, singayeka ukutyhafa.

^ isiqe. 4 Amanye amagama atshintshiwe.

^ isiqe. 12 Funda ngoLaurel Nisbet kuVukani! kaOktobha 8, 1993, iphe. 30.

^ isiqe. 69 UMFANEKISO: Lo dade wayekhe watyhafa, kodwa uthe akucinga ngendlela abemkhonza ngayo uYehova kwixesha elidlulileyo, wathandaza. Uqinisekile ukuba akayilibalanga into awayeyenza nayenzayo ngoku.