Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Wukhuthalele Umsebenzi Owunikiweyo!

Wukhuthalele Umsebenzi Owunikiweyo!

UBA njani xa ufumana ileta ekhuthazayo evela kumhlobo? UTimoti wafumana ileta enjalo eyayivela kumpostile uPawulos. Loo leta yincwadi ka-2 Timoti. Ngokuqinisekileyo uTimoti wafuna ukuba kwindawo ethe cwaka ukuze afunde into ayixelelwa ngumhlobo wakhe amthandayo. Inoba wayezibuza ukuba ‘uyaphila kodwa uPawulos? Ngaba undicebisa ngomsebenzi endiwunikiweyo? Ngaba undicebisa ngendlela emandiwenze ngayo umsebenzi wokushumayela nokufundisa ukuze ndincede abantu?’ Eli nqaku liza kusibonisa ukuba uTimoti wazifumana iimpendulo zale mibuzo kule leta ibalulekileyo. Kodwa ngoku makhe sithethe ngezinto ezimbalwa ezibalulekileyo esinokuzifumana kule leta.

‘NDIQHUBEKA NDINYAMEZELA YONKE INTO’

Kumazwi okuqala ale leta, uTimoti wabona ukuba uPawulos umkhathalele nyhani. UPawulos wayesithi xa ethetha naye, “nyana wam endimthandayo.” (2 Tim. 1:2) Kusenokwenzeka ukuba ukufumana kwakhe le leta uTimoti wayeneminyaka engaphezu kweyi-30, malunga nonyaka ka-65, sele kudala engumdala. Wasebenza noPawulos kangangeminyaka engaphezu kweyi-10, ibe wafunda izinto ezininzi kulo mpostile.

Inoba wakhuthazwa kakhulu kukuva ukuba uPawulos wayenyamezele iintlungu, kodwa engagungqi ekukhonzeni uYehova. Wayebotshelelwe ngamatsheyina etrongweni eRoma, ngoku wayesele eza kufa. (2 Tim. 1:15, 16; 4:6-8) Wayibona indlela anesibindi ngayo uPawulos kuba wathi: ‘Ndiqhubeka ndinyamezela yonke into.’ (2 Tim. 2:8-13) NjengoTimoti, nathi sinokufumana amandla kwindlela awanyamezela ngayo uPawulos.

‘SIKHWEZELE NJENGOMLILO ISIPHIWO OWASINIKWAYO’

UPawulos wathi kuTimoti umsebenzi awenzela uThixo mawube yeyona nto ibalulekileyo kuye. Wayefuna uTimoti ‘asikhwezele njengomlilo isiphiwo asinikwe’ nguThixo. (2 Tim. 1:6) Wasebenzisa igama lesiGrike elithi khaʹri·sma xa ethetha ‘ngesiphiwo.’ Elo gama lithetha isiphiwo esingakufanelanga. UTimoti wasifumana xa wayemiselwa ukuba akhonze ibandla ngendlela ekhethekileyo.—1 Tim. 4:14.

UPawulos wamkhuthaza ukuba enze ntoni uTimoti ngesi siphiwo? Xa uTimoti wayefunda indawo ethi “usikhwezele njengomlilo,” inoba wacinga ngomlilo obaswa emakhaya, okhe ube ngamalahle nje abomvu ngamany’ amaxesha. Kuye kufuneke avuthelwe ukuze kubekho umlilo nokuze kube shushu kakhulu. Esinye isichazi-magama sithi isenzi sesiGrike esasetyenziswa nguPawulos (u-a·na·zo·py·reʹo) sithetha “ukuvuselela, ukukhwezela.” Ngoko, le nto ithetha ukuwuvuyela nokuwukhuthalela umsebenzi. Eyona nto uPawulos wayeyicebisa uTimoti yile: ‘Wukhuthalele umsebenzi owunikiweyo!’ Nathi kufuneka senze loo nto, sikhuthale enkonzweni.

“YIGCINE KAKUHLE LOO NTO UYIPHATHISIWEYO”

Xa wayesehla nayo le leta, uTimoti wafika kumazwi awayeza kumnceda awenze kakuhle umsebenzi ongcwele. Loo mazwi athi: “Yigcine kakuhle loo nto uyiphathisiweyo ngoncedo lomoya oyingcwele okuthi.” (2 Tim. 1:14) Wayephathiswe ntoni uTimoti? Kuvesi 13, uPawulos uthetha ‘ngemfundiso ephilileyo,’ eyinyaniso ekwiZibhalo. (2 Tim. 1:13) UTimoti owayengumKristu owenza umsebenzi ongcwele, kwakufuneka afundise ibandla nabantu awayeshumayela kubo inyaniso. (2 Tim. 4:1-5) Enye into, wayengumdala owayesalusa umhlambi kaThixo. (1 Pet. 5:2) Kwakufuneka athembele kumoya oyingcwele kaYehova nakwiLizwi Lakhe ukuze akwazi ukuyigcina into ayiphathisiweyo, inyaniso awayeza kufundisa abantu ngayo.​—2 Tim. 3:14-17.

Nathi siphathiswe inyaniso ekuthiwe masiye kufundisa abantu ngayo. (Mat. 28:19, 20) Ukuze singaze siyilibale indlela ebaluleke ngayo le nyaniso, ngalo lonke ixesha simele sithandaze size sifunde iLizwi LikaThixo. (Roma 12:11, 12; 1 Tim. 4:13, 15, 16) Sisenokunikwa nomnye umsebenzi wokuba ngumdala okanye sibe kwinkonzo yexesha elizeleyo. Xa siphathiswe izinto ezifana nezi simele sithobeke size simthembe uThixo ukuba uza kusinceda. Ngoko sinokuyigcina okanye siyikhusele into esiyiphathisiweyo ngokuba singaze siyilibale indlela ebaluleke ngayo nangokumthemba uYehova ukuba uza kusinceda siyigcine kakuhle.

‘EZI ZINTO ZIDLULISELE KUBANTU ABATHEMBEKILEYO’

Enye into ekwakufuneka ayenze uTimoti yayikukuqeqesha abanye ukuze nabo bakwazi ukuwenza umsebenzi awayewenza. Yiloo nto kwileta yakhe uPawulos wathi: “Izinto owazivayo kum . . , zidlulisele kubantu abathembekileyo, ukuze nabo bafaneleke ukuba bafundise abanye.” (2 Tim. 2:2) Wayemkhumbuza ukuba afundise abanye abazalwana zonke izinto azifundileyo. Kubalulekile ukuba bonke abadala ebandleni bazame ukuyenza le nto. Umdala ozenza kakuhle izinto akabamoneli abanye ngokungabafundisi izinto azaziyo ngomsebenzi awenzayo. Kodwa uyabafundisa ukuze nabo bakwazi ukuwenza kakuhle. Akoyiki ukuba banokuzazi ngaphezu kwakhe okanye bawenze kakuhle kunaye umsebenzi. Ngoko akafundisi nje izinto ezifunekayo qha. Ufuna ukunceda abazalwana abaqeqeshayo ukuba babe nengqiqo luze luqine nokholo lwabo. Loo nto iza kwenza ‘abantu abathembekileyo’ abafundisileyo bakwazi kakhulu ukunceda ibandla.

Ngokuqinisekileyo uTimoti wayithanda kakhulu ileta awayibhalelwa nguPawulos. Sinokuba nombono wakhe emane eyithatha, efunda amacebiso akuyo awayemnceda, aze acinge ngendlela anokuwasebenzisa kakuhle ngayo kumsebenzi awayewuphathisiwe.

Nathi sifuna ukuwasebenzisa la macebiso. Njani? Sinokusebenza nzima ukuze sisikhwezele njengomlilo isipho esisinikiweyo, siyigcine kakuhle into esiyiphathisiweyo size sidlulisele izinto esizaziyo kwabanye. Ukuba siyazenza ezi zinto, siza ‘kuwenza ngokupheleleyo umsebenzi wokushumayela,’ njengokuba uPawulos wacebisa uTimoti.—2 Tim. 4:5.