Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Umhlaba Uza Kupheliswa?

Ngaba Umhlaba Uza Kupheliswa?

Mhlawumbi uyayazi ukuba iBhayibhile iyathetha ngehlabathi eliza kupheliswa. (1 Yohane 2:17) Ngaba iBhayibhile ithetha ukuba abantu abazuphinda babekho emhlabeni? Ngaba emhlabeni azizobakho izinto eziphilayo okanye uza kutshatyalaliswa ungabikho?

IBHAYIBHILE IYIPHENDULA NGOKUTHI HAYI YOMIBINI LE MIBUZO!

Yintoni Eza Kuhlala Ikhona?

NGABANTU

Into ethethwa yiBhayibhile: UThixo “akawudalelanga ukuba uhlale nje [umhlaba] kodwa uwudalele ukuba kuhlalwe kuwo.”​—ISAYA 45:18.

UMHLABA

Into ethethwa yiBhayibhile: “Kumka esinye isizukulwana, ibe kuseza esinye isizukulwana, kodwa umhlaba uhlala ukho ngonaphakade.”​—INTSHUMAYELI 1:4.

INTO ETHETHWA SESI SIBHALO: Ngokutsho kweBhayibhile, umhlaba soze utshatyalaliswe ibe kuza kusoloko kuhlalwa kuwo. Kuthetha ukuthiwani xa kusithiwa umhlaba uza kupheliswa?

KHAWUCINGE NGALE NTO: IBhayibhile ifanisa into eyenzeka ngexesha likaNowa nento eza kwenzeka xa kupheliswa eli hlabathi. Ngexesha likaNowa, umhlaba ‘wawugcwele ubundlobongela.’ (Genesis 6:13) Kodwa ke uNowa wayelilungisa. Ngoko uThixo wamsindisa uNowa nentsapho yakhe, kodwa wabatshabalalisa bonke abantu ababesenza ububi ngoMkhukula. Xa iBhayibhile ithetha ngale nto ithi: “Ihlabathi lelo xesha latshatyalaliswa ngamanzi.” (2 Petros 3:6) Oko yaba kukutshatyalaliswa kwehlabathi elalikho ngexesha likaNowa. Kodwa, yintoni eyatshatyalaliswayo? Ayingomhlaba, kodwa ngabantu ababi ababephila emhlabeni. Yiloo nto xa iBhayibhile ithetha ngokupheliswa kwehlabathi, ingathethi ngokutshatyalaliswa kwegaqa lomhlaba. Kunoko, ithetha ngokupheliswa kwabantu ababi emhlabeni nezinto abazenzayo.

Yintoni Eza Kuphela?

IINGXAKI NEZINTO EZIMBI

Into ethethwa yiBhayibhile: “Sekusele ithutyana, bangabikho abenzi-bubi; xa ujonga apho bebekho, baza kube bengasekho. Kodwa umhlaba uza kuba ngowabalulamileyo, ibe baza kuphila kamnandi kukho uxolo oluninzi.”​—INDUMISO 37:10, 11.

INTO ETHETHWA SESI SIBHALO: Ukutshatyalaliswa kwabantu ababi ngoMkhukula ngexesha likaNowa kwakungathethi ukuba ububi babungasoze buphinde bubekhona. Emva koMkhukula, abantu ababesenza izinto ezimbi baphinda benza abantu abaphila kamnandi emhlabeni. Kodwa kungekudala uThixo uza kubuphelisa ububi. Njengoko umdumisi watshoyo: ‘Abazubakho abenzi bubi.’ UThixo uza kubuphelisa buthi tu ububi esebenzisa uBukumkani bakhe​—obungurhulumente oza kulawula abantu abamthobelayo busemazulwini.

KHAWUCINGE NGALE NTO: Ngaba oorhulumente abalawulayo ngoku baza kukuvuyela ukuxhasa uBukumkani bukaThixo? IBhayibhile ithi hayi. Baza kwenza ngobudenge baze balwe noBukumkani bukaThixo. (INdumiso 2:2) Loo nto iza kubangela kwenzeke ntoni? Endaweni yokuba kulawule oorhulumente babantu kuza kulawula uBukumkani bukaThixo, “buze bona buhlale bukho ngonaphakade.” (Daniyeli 2:44) Kodwa kutheni abantu kufuneka bayeke ukulawula?

INTO ESIYIDINGAYO​—ULawulo Lomntu Kufuneka Luphele

Into ethethwa yiBhayibhile: “Umntu ohambayo akanalo kwa igunya lokwalathisa inyathelo lakhe.”​—YEREMIYA 10:23.

INTO ETHETHWA SESI SIBHALO: Abantu babengadalelwanga ukuba bazilawule. Abakwazi ukulawula abanye abantu nokulungisa iingxaki zabo.

KHAWUCINGE NGALE NTO: IBritannica Academic ithi kubonakala ukuba oorhulumente abalawula kwiindawo ezithile “abakwazi ukuphelisa iingxaki ezikhoyo ehlabathini lonke ezinjengokuhlupheka, indlala, izifo, iintlekele zemvelo, iimfazwe nobunye ubundlobongela.” Iqhubeka isithi: “Abanye . . . bakholelwa ukuba ngurhulumente onokulawula umhlaba wonke onokuzisa isicombululo kwezi ngxaki.” Nokuba bonke oorhulumente bangamanyana, ihlabathi beliza kuqhubeka lilawulwa ngabantu abanesono, abangakwaziyo ukuziphelisa ezi ngxaki kuthethwe ngazo. NguRhulumente kaThixo kuphela onamandla okuphelisa zonke iingxaki ezikhoyo emhlabeni ngonaphakade.

Ngoko, iBhayibhile ithi ukupheliswa kwehlabathi​—okuthetha ukupheliswa kwezinto ezimbi—​ayonto abantu abalungileyo abamele bayoyike. Endaweni yoko, yinto esijonge phambili kuyo kuba eli hlabathi lidala nelonakeleyo liza kuphela kuze kubekho ihlabathi elitsha likaThixo!

Iza kwenzeka nini yonke le nto? Inqaku elilandelayo liza kusibonisa indlela iBhayibhile ewuphendula ngayo lo mbuzo.