Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Siza Kufika Nini Isiphelo? Into Eyathethwa NguYesu

Siza Kufika Nini Isiphelo? Into Eyathethwa NguYesu

Njengoko sifundile kwinqaku elidlulileyo, iBhayibhile xa ithetha ngokupheliswa kwehlabathi ayithethi ukuba kuza kutshatyalaliswa igaqa lomhlaba okanye wonke umntu ophilayo. Kunoko, ithetha ngokupheliswa kwezinto ezimbi ezenzekayo nabo bazixhasayo. Kodwa ngaba iBhayibhile iyatsho ukuba eli hlabathi linezinto ezimbi liza kupheliswa nini?

KHAWUCINGE NGEZINTO EZIMBINI UYESU AWAZITHETHAYO NGOKUPHELISWA KWEHLABATHI:

“Ngoko ke, hlalani nithe qwa, kuba aniyazi imini ningayazi neyure.”​—MATEYU 25:13.

“Hlalani nivule amehlo, nithe qwa, kuba anilazi ixesha elikhethwe nguThixo.”​—MARKO 13:33.

Ngoko akekho umntu oyazi kakuhle emhlabeni ukuba liza kupheliswa nini eli hlabathi. Kodwa ke, kukho “ixesha elikhethwe” nguThixo​—ibe ngokuqinisekileyo ihlabathi liza kupheliswa “ngaloo mini naloo yure”. (Mateyu 24:36) Ngaba le nto ithetha ukuba ayikho indlela esinokwazi ngayo ukuba isiphelo sikufuphi? Akunjalo. UYesu wathi abafundi bakhe mabajonge izinto ezaziza kwenzeka ezazibonisa ukuba isiphelo sisondele.

INTO AWATHI UYESU IZA KWENZEKA

Izinto ezaziza kwenzeka zaziza kubonisa ‘ukuphela kwehlabathi.’ UYesu wathi: “Iintlanga ziza kulwa nezinye iintlanga namazwe alwe namanye amazwe, yaye kuza kubakho indlala neenyikima kwiindawo ngeendawo.” (Mateyu 24:3, 7) Waphinda wathi kuza kubakho “nezifo ezingubhubhani”​—ezisasazeka ngokukhawuleza. (Luka 21:11) Ngaba uyazibona izinto uYesu awathi ziza kwenzeka?

Abantu namhlanje beva ubunzima ngenxa yeemfazwe, indlala, iinyikima nezifo ezininzi. Ngokomzekelo, ngo-2004 kwabakho inyikima yomhlaba eyenza kwabakho itsunami esuka ngase Indian Ocean eyabulala abantu abayi-225 000. Ubhubhani oyiKhorona uye wabulala abantu abamalunga ne-6.9 miliyoni emhlabeni wonke, kwiminyaka nje emithathu. UYesu wathi izinto esizibona zisenzeka ngoku zibonisa ukuba sesiza kufika isiphelo.

“IMIHLA YOKUGQIBELA”

IBhayibhile ichaza ixesha elingaphambi kwesiphelo ‘njengemihla yokugqibela.’ (2 Petros 3:3, 4) U-2 Timoti 3:1-5, uthi ngemihla yokugqibela abantu abayi kuziphatha kakuhle. (Jonga ibhokisi ethi “ Ngaphambi Kokuba Eli Hlabathi Liphele.”) Ngaba uyababona namhlanje abantu abazicingelayo, ababawayo, abathanda ukulwa, abangenalo uthando? Obu bobunye ubungqina obubonisa ukuba sisondele ekupheleni kwelihlabathi.

Iza kuthatha ixesha elide kangakanani le mihla yokugqibela? IBhayibhile ithi, iza kuthatha ‘ixesha elifutshane.’ Emva koko uThixo uza kutshabalalisa “abo bonakalisa umhlaba.”—ISityhilelo 11:15-18, 12:12.

UMHLABA OYIPARADESI UKUFUPHI!

UThixo sele ewazi umhla neyure aza kuliphelisa ngayo eli hlabathi libi. (Mateyu 24:36) Kodwa zikhona nezinye iindaba ezimnandi—UThixo “akafuni kutshabalale nabani na.” (2 Petros 3:9) Ngenxa yaloo nto usinika ithuba lokufunda ngezinto azifunayo size simthobele. Kutheni? Kuba ufuna sisinde xa kuphela eli hlabathi size siphile kwihlabathi elitsha xa lo mhlaba uyiparadesi.

Emhlabeni wonke uThixo ulungiselele ukuba abantu bafundiswe indlela abanokuphila ngayo kwihlabathi lakhe elitsha belawulwa buBukumkani bakhe. UYesu wathi iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo “ziza kushunyayelwa emhlabeni wonke.” (Mateyu 24:14) AmaNgqina kaYehova emhlabeni wonke achithe iiyure ezingaphezulu kweebhiliyoni ezimbini ngo-2019 eshumayela yaye efundisa ngomyalezo onika ithemba oseBhayibhileni. UYesu wathi kwakuza kushunyayelwa emhlabeni wonke ngaphambi kokuba isiphelo sifike.

Abantu sele beza kuyeka ukulawula. Kodwa iindaba ezimnandi kukuba unako ukusinda xa eli hlabathi liphela uze uphile kumhlaba oyiparadesi uThixo awuthembisileyo. Inqaku elilandelayo liza kuthetha ngendlela onokuphila ngayo kwihlabathi elitsha.

Izinto awathi uYesu ziza kwenzeka “ngemihla yokugqibela” zisenza sibe nethemba