Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ungalungiselela kwangoku ukuphila kwihlabathi elibhetele elizayo

Ihlabathi Elitsha Eliyi Paradesi Likufuphi!

Ihlabathi Elitsha Eliyi Paradesi Likufuphi!

UThixo wawudala umhlaba ukuze abantu abangamalungisa bahlale kuwo ngonaphakade. (INdumiso 37:29) Wababeka abantu bokuqala, uAdam noEva, kumyezo omhle waseEden waze wabanika bona nabantwana babo umsebenzi wokulima nokukhathalela umhlaba.​—Genesis 1:28; 2:15.

Umhlaba ngoku awuyiyo tu la paradesi uThixo wayefuna ubeyiyo. Kodwa ke uThixo usafuna umhlaba ube yiParadesi. Uza kuwenza njani ube yiparadesi? Njengoko amanqaku adlulileyo ebesitsho, uThixo akazokulitshabalalisa igaqa lomhlaba. Kunoko, uza kuyeka abantu abamthobelayo baphile kuwo. Xa uThixo ezenza izinto ebezithembisile kuza kuba njani apha emhlabeni?

Urhulumente olawula umhlaba wonke

Kungekudala, xa urhulumente kaThixo wasezulwini elawula, kuza konwatywa emhlabeni abantu bahlalisane ngoxolo besenza umsebenzi obanelisayo. UThixo ukhethe uYesu Kristu ukuba alawule emhlabeni. Ngokungafaniyo nabantu abaninzi abalawulayo namhlahlanje, yena uYesu uza kubenzela izinto ezintle abantu, uza kuqhutywa luthando xa elawula abe nobubele, inceba aze agwebe ngobulungisa.​—Isaya 11:4.

Abantu emhlabeni baza kumanyana

Abantu abazokwahlulwa lilizwe abasuka kulo okanye uhlanga lwabo. Wonk’ umntu uza kumanyana. (ISityhilelo 7:9, 10) Bonke abantu emhlabeni baza kuthanda uThixo, bathande abamelwane babo baze basebenzisane ngoxolo ukuze benze into uThixo awayeyifuna yokukhathalela umhlaba olikhaya labo.​—INdumiso 115:16.

Siza kuba seluxolweni nezinto ezidaliweyo

Xa kuphethe uBukumkani bukaThixo apha emhlabeni uThixo uza kulawula imozulu ukuze ingabishushu kakhulu okanye ibande kakhulu. (INdumiso 24:1, 2) UYesu wasibonisa into akwaziyo ukuyenza xa wenza isaqhwithi ukuba sizole. (Marko 4:39, 41) Xa kulawula uYesu akuzobakho sizathu sokuba soyike intlekele ezenziwa yindalo. UBukumkani bukaThixo buza kubangela ukuba sibe seluxolweni kunye nezilwanyana size singawumoshi umhlaba wethu.​—Hoseya 2:18.

Siza kuba sempilweni size sibe nokutya okuninzi

Wonke umntu uza kuba sempilweni. Akukho mntu uza kugula, aguge aze asweleke. (Isaya 35:5, 6) Abantu baza kuphila kumhlaba omhle nococekileyo ofanayo nalowo abantu bokuqala ababephila kuwo kumyezo waseEden. Kwihlabathi elitsha abantu baza kuba nokutya okuninzi kuba umhlaba uza kufana nalowo waseEden. (Genesis 2:9) Wonke umntu eParadesi ‘uza kutya isonka sakhe ade anele’ njengokuba kwakunjalo kumaSirayeli.​—Levitikus 26:4, 5.

Kuza kubakho uxolo lwamanyhani nokhuseleko

Xa kulawula urhulumente kaThixo yedwa emhlabeni abantu baza kuba seluxolweni baze baphathane kakuhle nangobubele. Iimfazwe kunye nabantu abalawula kakubi baza kube bengekho ibe wonk’ umntu uza kuba nazo izinto azidingayo. IBhayibhile ithembisa oku: “Umntu ngamnye uza kuhlala phantsi komthi wakhe weediliya naphantsi komthi wakhe wamafiya, kungabikho mntu uboyikisayo.”​—Mika 4:3, 4.

Wonke umntu uza kuba nendawo entle yokuhlala aze enze umsebenzi omvuyisayo

Zonke iintsapho ziza kuba nekhaya zingenalo nexhala lokuba ziya kuze zilahlekelwe lilo, ibe wonke umsebenzi esiwenzayo uza kusivuyisa. Njengoko iBhayibhile isitsho, abo baphila kwihlabathi elitsha likaThixo “abazukubulalekela into engekhoyo.”​—Isaya 65:21-23.

Eyona mfundo ibhetele

IBhayibhile isithembisa ukuba: “Umhlaba ngokuqinisekileyo uza kugcwaliswa kukwazi uYehova.” (Isaya 11:9) Abantu abaphila phantsi koBukumkani bukaThixo baza kufunda kubulumko boMdali wabo uYehova nangezinto ezintle azidalileyo. Asoze basebenzise ulwazi lwabo ukuze benze izinto zokulwa okanye bavise abanye ubuhlungu. (Isaya 2:4) Kunoko, baza kufunda indlela yokukhathalela umhlaba neyokuhlala ngoxolo kunye nabanye nabantu.​—INdumiso 37:11.

Ubomi obungunaphakade

UThixo wayewukhathalele umhlaba ngoku wayewudala kuba wayefuna siphile kamnandi yonke imihla. Ufuna abantu baphile emhlabeni ngonaphakade. (INdumiso 37:29; Isaya 45:18) Ukuze ayenze le nto uThixo “uza kukuginya ukufa ngonaphakade.” (Isaya 25:8) IBhayibhile ithembisa ukuba: ‘akuzobakho kufa, akuzobakho kuzila nakukhala nantlungu.’ (ISityhilelo 21:4) UThixo uza kunika bonke abantu abasindisileyo xa ebetshabalalisa eli hlabathi libi nabo bonke abavusileyo kwihlabathi elitsha ithuba lokuphila ngonaphakade.​—Yohane 5:28, 29; IZenzo 24:15.

Iimiliyon zabantu zilungiselela ukuphila phantsi koBukumkani bukaThixo obusondeleyo. Nangona bengafezekanga bayazama ukuba ngabantu uThixo afuna baphile kwihlabathi elitsha. Bayenza njani le nto? Ngokufunda ngoYehova uThixo nangalowo amthumileyo uYesu Kristu.​—Yohane 17:3.

Funda okungakumbi ngendlela onokusinda ngayo xa kupheliswa eli hlabathi nendlela onokuphila ngayo kwihlabathi elibhetele elizayo. Yamkela incoko yamahala efundisa ngeBhayibhile komnye wamaNgqina kaYehova usebenzisa incwadi ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!