Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Yintoni Enokusinceda Sibe Nekamva Eliqinisekileyo?

Yintoni Enokusinceda Sibe Nekamva Eliqinisekileyo?

Njengoko kubonisiwe kumanqaku adlulileyo, abantu bazama ukuba nekamva eliqinisekileyo ngokuthembela kwilakhi, imfundo, ubutyebi, nokuba ngabantu abalungileyo. Kodwa ke, ukusebenzisa ezi zinto ukuze ube nekamva elibhetele kufana nokusebenzisa imaphu erongo ukuze ufike endaweni. Ngaba le nto ithetha ukuba akukho nto iza kukunceda ube nekamva eliqinisekileyo? Hayi!

OYENA MNTU UNOKUKWAZI UKUSINCEDA

Siye sibuze kwabantu abadala nabanobulumko xa siza kwenza isigqibo. Nathi sinokulufumana uncedo kumntu omdala nonobulumko kunathi. Singafunda kwicebiso asinika lona kwincwadi eyaqalisa ukubhalwa kwiminyaka eyi-3500 eyadlulayo. Loo ncwadi yiBhayibhile.

Kutheni unokuyithemba iBhayibhile? Kuba umbhali wayo ngoyena umdala nonobulumko kunayo yonke into ephilayo. Kuthiwa ‘nguLowo Kanaphakade’ ‘osusela ngonaphakade ukusa ngonaphakade.’ (Daniyeli 7:9; INdumiso 90:2) “UnguMdali wezulu, uThixo wokwenene, Lowo wadala umhlaba.” (Isaya 45:18) Usixelela nokuba igama lakhe nguYehova.—INdumiso 83:18.

Kuba iBhayibhile isuka kuMdali wabantu bonke, akukho hlanga okanye ibala ilikhethileyo. Amacebiso ayo ebesoloko esebenza ibe ikwazile ukunceda abantu kuwo onke amazwe. Ifumaneka ngeelwimi ezininzi ngaphezu kwayo nayiphi na enye incwadi ibe yeyona ncwadi isasaziweyo. * Le nto ithetha ukuba nokuba umntu uphi, angakwazi ukuyifunda aze ancedwe yiyo. Le nto ithethwa apha ingqinwa nayiBhayibhile xa isithi:

“UThixo akakhethi, kodwa kuzo zonke iintlanga wamkela nabani na omoyikayo nowenza izinto ezilungileyo.”—IZENZO 10:34, 35.

Njengokuba umzali okhathalayo ebanceda abantwana bakhe, noYehova uThixo nguTata onothando osincedayo esebenzisa iLizwi lakhe iBhayibhile. (2 Timoti 3:16) Sinokulithemba iLizwi lakhe kuba sidalwe nguye ibe uyayazi eyona nto isenza sonwabe.

Yintoni ekufuneka uyenze ukuze uqiniseke ukuba uza kubakhona xa kusenzeka ezi zinto? Yiva ukuba lithini inqaku elilandelayo.

^ isiqe. 6 Ukuze ufunde okungakumbi ngokuguqulelwa nokusasazwa kweBhayibhile, yiya ku www.pr418.com/xh uze ujonge phantsi kwendawo ethi OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE > IMBALI NEBHAYIBHILE.

^ isiqe. 16 Ukuze ufunde okungakumbi jonga incwadi yesiNgesi eyakhutshwa ngamaNgqina kaYehova ethi The Bible—God’s Word or Man’s? kwisahluko 9. Iyafumaneka kwi-intanethi ku www.pr418.com. Jonga kwindawo ethi LIBRARY > BOOKS & BROCHURES.