Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Inqaku Elifundwayo 4

Bathande Njengabantwana Bakamamakho Abazalwana Noodade

Bathande Njengabantwana Bakamamakho Abazalwana Noodade

“Thandanani ngendlela abathandana ngayo abantu abazalwa kunye.”​—Roma 12:10.

INGOMA 109 Masithandane Ngokusuka Entliziyweni

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Yintoni ebonisa ukuba iintsapho ezininzi azithandani?

IBHAYIBHILE yaprofeta yathi ngemihla yokugqibela abantu abazukuba nalo ‘uthando.’ (2 Tim. 3:1, 3) Loo nto yenzeka apha phambi kwamehlo ethu. Ngokomzekelo, abazali abaninzi badivosile, ngoko bayacaphukelana, nabantwana babona ngathi abathandwa. Neentsapho ezihlala kunye azihoyananga. Omnye umntu ocebisa iintsapho uthi: “Umama, utata nabantwana abancokoli kunye. Ixesha elininzi balichitha kwiikhompyutha zabo, iithablethi, iifowuni okanye kwimidlalo yevidiyo. Aba bantu bahlala kunye, kodwa abazani kakuhle.”

2-3. (a) AmaRoma 12:10 athi ngoobani esimele sibathande njengabantu esizalwa nabo? (b) Yintoni esiza kuthetha ngayo?

2 Asifuni ukuzibona sesingathandani njengabantu abaninzi beli hlabathi. (Roma 12:2) Akufuneki sithande abantu esizalwa nabo qha, kodwa kufuneka sithande nabazalwana noodadewethu. (Funda amaRoma 12:10.) Kufuneka sibathande njengokuba sithanda abantu esizalwa nabo. Xa sithandana ngolo hlobo, wonke umntu utsho amkhonze evuya uYehova.​—Mika 2:12.

3 Makhe sibone izinto esinokuzifunda kuYehova nabanye abakhonzi bakhe ezinokusinceda sibe nolu thando.

UYEHOVA “UPHUPHUMA LUTHANDO OLUNGAGUNGQIYO”

4. Ithini iNdumiso 103:8 ngothando lukaYehova?

4 IBhayibhile isixelela ngeempawu zikaYehova ezenza simthande. Ngokomzekelo, ithi “uThixo uluthando.” (1 Yoh. 4:8) Le ndlela imchaza ngayo, isenza sifune ukuba ngabahlobo bakhe. Iphinda ithi uYehova “uphuphuma luthando olungagungqiyo.” (Funda iNdumiso 103:8.) La mazwi ayichaza kakuhle indlela uYehova asithanda ngayo.

5. Zeziphi iindlela uYehova asibonisa ngazo ukuba unenceba, futhi sinokumlinganisa njani?

5 INdumiso 103:8 idibanisa uthando lukaYehova nolunye uphawu olusenza simthande, inceba. (Eks. 34:6) Inceba anayo uYehova siyibona kwindlela asixolela ngayo xa senze impazamo. (INdu. 51:1) Xa iBhayibhile ithetha ngokuba nenceba, ayithethi ngokuxolela umntu okumoshileyo qha. Ithetha nangomntu othi xa ebona omnye esengxakini, afune ukumnceda. UYehova uthi indlela afuna ukusinceda ngayo yodlula nendlela umama aluthanda ngayo usana lwakhe. (Isa. 49:15) Xa sineengxaki, uYehova uyasinceda ngenxa yokuba unenceba. (INdu. 37:39; 1 Kor. 10:13) Nathi sinokuba nenceba kubazalwana noodadewethu ngokubaxolela xa besimoshile, singabazondi. (Efe. 4:32) Enye indlela esinokuba nenceba ngayo kubo, kukubanceda xa beneengxaki. Xa uthando lusenza sibe nenceba kwabanye, silinganisa uYehova, onothando ngaphezu kwabo bonke abantu.​—Efe. 5:1.

UYONATAN NODAVIDE ‘BABENGABAHLOBO ABASENYONGWENI’

6. Khawuchaze indlela ababethandana ngayo uYonatan noDavide?

6 IBhayibhile isixelela ngabantu abangafezekanga ababethandana nyhani. Khawuyive xa ithetha ngoYonatan noDavide. Ithi: ‘UYonatan noDavide babengabahlobo abasenyongweni, yaye uYonatan wamthanda kanye ngendlela azithanda ngayo yena.’ (1 Sam. 18:1) UYehova wakhetha ukuba emva koSawule kulawule uDavide. Loo nto yenza uSawule wammonela kakhulu uDavide wade wazama nokumbulala. Kodwa unyana kaSawule, uYonatan, zange abe kunye noyise kuloo nto. UYonatan noDavide bathembisana ukuba abasoze balahlane, baza kuhlala bencedana.​—1 Sam. 20:42.

UYonatan noDavide babengabahlobo ngoxa uYonatan wayemdala kakhulu kuDavide (Jonga isiqendu 6-9)

7. Yintoni eyayinokwenza uYonatan noDavide bangabi ngabahlobo?

7 Xa sicinga ngezinto ezazinokubenza bangabi ngabahlobo, siyabona ukuba uYonatan noDavide babethandana nyhani. Ngokomzekelo, uYonatan wayemshiya ngeminyaka emalunga neyi-30 uDavide. Wayenokuzixelela ukuba akukho nto imdibanisa nalo mfanyana ungekabazi nobomi. Kodwa akazange acinge loo nto, wayemhlonipha kakhulu uDavide.

8. Kutheni ucinga ukuba uYonatan wayengengomhlobo njee kaDavide?

8 UYonatan wayenokummonela uDavide. Kaloku wayengunyana kaKumkani uSawule, ngoko wayenokubetha ngenqindi phantsi esithi kumele kulawule yena emva kotata wakhe. (1 Sam. 20:31) Kodwa wayethobekile, ethembekile kuYehova. Loo nto yamenza akabi nasikrokro ngento yokuba uYehova ekhethe uDavide ukuba abe ngukumkani. Wayethembekile nakuDavide, ngoxa yayimcaphukisa uSawule loo nto.​—1 Sam. 20:32-34.

9. Ngaba uYonatan wammonela uDavide? Cacisa.

9 Ngenxa yokuba uYonatan wayemthanda njengomntwana kamamakhe uDavide, zange ammonele. Wayenesibindi futhi walwa kwiimfazwe ezininzi. Wayeyincutshe nasekusebenziseni isaphetha notolo. Yena notata wakhe uSawule babesaziwa ngokuba ‘bakhawuleza ngaphezu kweenkozi, bekwanamandla ngaphezu kweengonyama.’ (2 Sam. 1:22, 23) UYonatan wayenokuqhayisa ngezi zinto kuba zazibonisa ukuba wayenesibindi. Kodwa wayengakhuphisani noDavide, engammoneli nangezinto ezintle awayezenzile. Endaweni yokuba abe nomona, wayemhlonipha ngokuba nesibindi nangokumthemba uYehova. Kaloku, uYonatan waqala ukumthanda kangaka uDavide emva kokuba ebulele uGoliyati. Yintoni esinokuyenza ebonisa ukuba abazalwana noodadewethu sibathanda ngendlela uYonatan awayemthanda ngayo uDavide?

ZIINTONI ESINOKUZENZA EZIBONISA UKUBA SIYATHANDANA?

10. Kuthetha ukuthini ‘ukuthandana kakhulu ngokusuka entliziyweni’?

10 IBhayibhile ithi ‘masithandane kakhulu ngokusuka entliziyweni.’ (1 Pet. 1:22) Olu thando silubona kwindlela uYehova asithanda ngayo. Usithanda kangangokuba ukuba asigungqi ekumkhonzeni, ayikho into enokumenza ayeke ukusithanda. (Roma 8:38, 39) Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “kakhulu,” likwenza ucinge ngomntu owenza konke okusemandleni akhe ukuze ubone ukuba uyakuthanda. Zikhe zibekho zona izinto ezenza kube nzima ukubathanda abazalwana noodadewethu. Xa besicaphukisa, kufuneka singayeki ‘ukunyamezelana ngothando, sizimisele nyhani ukuhlala simanyene sincedwa ngumoya oyingcwele, siseluxolweni.’ (Efe. 4:1-3) Ukuba sizama ukuhlala ‘siseluxolweni,’ asizukube sicingana neempazamo zabazalwana noodadewethu. Siza kuzama ngamandla ethu onke ukubajonga ngendlela uYehova abajonga ngayo.​—1 Sam. 16:7; INdu. 130:3.

UWodiya noSintike baxelelwa ukuba bamanyane. Ngamanye amaxesha loo nto isenokungenzeki lula kubazalwana noodade (Jonga isiqendu 11)

11. Yintoni eyenza kube nzima ukubathanda abazalwana noodadewethu ngamanye amaxesha?

11 Ngamanye amaxesha kuba nzima ukubathanda abazalwana noodadewethu. Kuba nzima kakhulu xa sizazi iimpazamo zabo. Kubonakala ngathi ngexesha labapostile namanye amaKristu ayenayo le ngxaki. Ngokomzekelo, kusenokwenzeka ukuba uWodiya noSintike babengenangxaki ‘yokuzisebenzela nzima iindaba ezilungileyo’ kunye noPawulos. Kodwa bona bobabini babengavani. Ngoko uPawulos wabacela ukuba “bamanyane eNkosini.”​—Fil. 4:2, 3.

Abadala abancinci nabakhulileyo banokuba ngabahlobo (Jonga isiqendu 12)

12. Sinokubonisa njani ukuba sibathanda njengabantu esizalwa nabo abazalwana noodadewethu?

12 Sinokubonisa njani ukuba sibathanda njengabantu esizalwa nabo abazalwana noodadewethu? Xa siyazi indlela abakhule ngayo neemeko zabo, kunokuba lula ukubathanda. Sinokuba ngabahlobo babo nokuba badala okanye bancinci kangakanani kuthi. Kaloku khumbula, uYonatan wayemshiya ngeminyaka emalunga neyi-30 uDavide, kodwa loo nto zange ibenze bangabi ngabahlobo. Ukhona umntu omdala okanye omncinci kuwe onokuba ngumhlobo wakhe? Loo nto inokubonisa ukuba ‘ubathanda bonke abazalwana.’​—1 Pet. 2:17.

Jonga isiqendu 12 *

13. Kutheni singenakubathanda ngokufanayo abazalwana noodadewethu?

13 Ngaba ukuthandana ekuthethwa ngako kweli nqaku kuthetha ukuba simele sibathande ngokufanayo bonke abazalwana noodadewethu? Hayi, ayinakwenzeka loo nto. Akuyonto imbi ukuthanda abanye kakhulu kunabanye ngenxa yokuba ninomdla kwizinto ezifanayo. UYesu wayebabiza ngokuba ‘ngabahlobo’ bakhe bonke abapostile bakhe, kodwa oyena wayemthanda kakhulu nguYohane. (Yoh. 13:23; 15:15; 20:2) Sekunjalo, wayengamphathi ngendlela eyahlukileyo kwabanye. Ngokomzekelo, xa uYohane nomntakwabo uYakobi bacela ukubekwa kwindawo ebalulekileyo kuBukumkani BukaThixo, uYesu wathi: “Ayindim ogqibayo ukuba ngubani ohlala ekunene okanye ekhohlo kwam.” (Marko 10:35-40) NjengoYesu, asimele sibaphathe ngendlela eyahlukileyo abo sibathanda kakhulu kunabanye. (Yak. 2:3, 4) Ukuba senza loo nto, ibandla liza kuqhekeka. UThixo akafuni nokuyibona loo nto kwibandla lamaKristu.​—Yuda 17-19.

14. AmaFilipi 2:3 athi yintoni enokusinceda singakhuphisani?

14 Xa sithandana nyhani, aluzukubakho ukhuphiswano ebandleni. Usakhumbula ukuba uYonatan zange azame ukukhuphisana noDavide, kuba ebona ngathi ufuna ukuthatha isikhundla sakhe? Sonke sinokufana noYonatan. Sukubamonela abazalwana noodadewenu ngenxa yezinto abazenza kakuhle, ‘kodwa thobeka, ubajonge abanye njengababhetele kunawe.’ (Funda amaFilipi 2:3.) Sukulibala ukuba wonke umntu ebandleni unento anokuyenza ukuze ancede ibandla. Xa sithobekile, sibona izinto ezintle kubazalwana noodadewethu futhi siyafunda kwindlela abathembeke ngayo.​—1 Kor. 12:21-25.

15. Yintoni oyifundileyo kwinto eyenzeka kuTanya nabantwana bakhe?

15 Xa sehlelwe yinto ebuhlungu, uYehova ubonisa ukuba uyasithanda ngokusithuthuzela ngabazalwana noodadewethu, ngokuthi basincede. Khawuve into eyenzeka ngoMgqibelo kwenye intsapho eyayivela kwiNdibano Yezizwe Ngezizwe ka-2019 eyayinomxholo othi “Uthando Alusoze Luphele!” eMerika. UTanya, umama wabafana ababini nentombazana, uthi: “Imoto yethu yatshayiswa sisendleleni ebuyela kwihotele esasifikele kuyo. Akukho mntu wonzakalayo, kodwa sasothukile. Saphuma emotweni, sema bhunxe endleleni. Sakhwetywa ngumntu owayehamba kwelinye icala lendlela, esithi masiye kulinda emotweni yakhe ukuze singatshayiswa ziimoto. Yayingumzalwana owayevela endibanweni. Ayinguye yedwa owamisayo kuloo ngozi, kwamisa namanye amaNgqina amahlanu aseSweden awayevela endibanweni. Oodade basanga, mna nentombazana yam, satsho sazola. Ndabaxelela ukuba bangasishiya, asizukuba nangxaki. Zange bavume, bahlala nathi naxa sekufike abezonyango, beqiniseka ukuba sifumana yonke into esiyidingayo. Kuyo yonke le nto yayisenzeka, sasibona indlela uYehova asithanda ngayo. Satsho sabathanda ngaphezu kokuba besibathanda abazalwana noodadewethu, samthanda nakakhulu uYehova.” Usakhumbula xa wawusengxakini udinga uncedo, laza elinye iNgqina lakubonisa indlela elikuthanda ngayo?

16. Ziintoni ezenzekayo xa sithandana?

16 Khawucinge ngezinto ezintle ezenzekayo xa sithandana. Sithuthuzela abazalwana noodadewethu abasengxakini. Abazalwana batsho bamkhonze bevuya uYehova. Sibonisa ukuba singabafundi bakaYesu. Le nto yenza abantu abaneentliziyo ezilungileyo bamkhonze uYehova. Eyona nto ibaluleke ngaphezu kwazo zonke kukuba, sizukisa “uTata onenceba noThixo wayo yonke intuthuzelo,” uYehova. (2 Kor. 1:3) Sonke masizimisele ukuqhubeka sibathanda njengabantwana esizalwa nabo abazalwana noodadewethu.

INGOMA 130 Xolela

^ isiqe. 5 UYesu wathi abafundi bakhe babeza kubonakala ngokuthandana. Sonke siyazama ukuyenza le nto. Abazalwana noodadewethu sifanele sibathande ngendlela esibathanda ngayo abantu esizalwa nabo. Eli nqaku liza kusinceda senze kanye loo nto.

^ isiqe. 55 IMIFANEKISO: Umdala omncinci ngeminyaka oncedwa ngumdala osele ekhulile nekudala ekhonza abazalwana umenywe kwikhaya lalo mdala ukhulileyo. Bekunye nabafazi babo babonisa indlela abathandana nabanobubele ngayo.