Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 7

Abadala Balikhokela Njani Ibandla?

Abadala Balikhokela Njani Ibandla?

‘UKristu yintloko yebandla, ekubeni engumsindisi walo mzimba.’​—EFE. 5:23.

INGOMA 137 Abafazi Abathembekileyo

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Sesiphi esinye isizathu esenza intsapho kaYehova imanyane?

SIYAKUTHANDA ukuba yintsapho kaYehova. Yintoni eyenza sihlalisane ngoxolo futhi simanyane? Esinye isizathu kukuba siyawathobela amadoda asetyenziswa nguYehova. Xa siwuqonda kakuhle umsebenzi afuna awenze, siza kumanyana kakhulu.

2. Yeyiphi imibuzo esiza kuyiphendula kweli nqaku?

2 Kweli nqaku siza kuthetha ngendlela uYehova afuna wenziwe ngayo umsebenzi awunike abadala ebandleni. Siza kuphendula nale mibuzo: Yintoni umsebenzi woodade ebandleni? Ngaba yinyani into yokuba bonke abazalwana baziintloko zabo bonke oodade? Ngaba umsebenzi uYehova awunike abadala ebandleni uyafana nawunike iintloko-ntsapho? Makhe siqale sibone ukuba sifanele sibaphathe njani oodade.

SIFANELE SIBAPHATHE NJANI OODADE?

3. Yintoni ebenza babaluleke kakhulu oodade kuthi?

3 Oodade abasebenza nzima ukuze bahoye iintsapho zabo, bashumayele iindaba ezilungileyo, bancede nabanye abantu ebandleni babalulekile kuthi. Babaluleka nakakhulu xa sicinga ngendlela uYehova noYesu ababaphatha ngayo. Siza kufunda indlela esimele sibaphathe ngayo nakumpostile uPawulos.

4. Yintoni esiyixelelwa yiBhayibhile ebonisa ukuba abafazi babaluleke njengamadoda kuYehova?

4 IBhayibhile ibonisa ukuba kuYehova abafazi babaluleke njengamadoda. Ngokomzekelo, ithi ngexesha labapostile, uYehova wanika amadoda nabafazi umoya oyingcwele ukuze bonke benze izinto ezimangalisayo, njengokuthetha ngeelwimi ezahlukeneyo. (IZe. 2:1-4, 15-18) Uye wathambisa amadoda nabafazi ngomoya oyingcwele ukuze balawule kunye noKristu. (Gal. 3:26-29) Amadoda nabafazi baza kufumana umvuzo wobomi obungunaphakade emhlabeni. (ISityhi. 7:9, 10, 13-15) Bonke banikwe umsebenzi wokushumayela nokufundisa iindaba ezilungileyo. (Mat. 28:19, 20) Ngokomzekelo, iZenzo zithetha ngomfazi onguPrisila. Yena nomyeni wakhe uAkwila bacacisela indoda eyayisisifundiswa, uApolo, inyaniso yeZibhalo ngendlela echane ngaphezu kokuba wayesazi.—IZe. 18:24-26.

5. ULuka 10:38, 39, 42 uthi uYesu wayebaphatha njani abafazi?

5 UYesu wayebahlonipha abafazi. Wayengafani nabaFarisi ababebadelela. Babengafuni ukubonwa bencokola nabo, bengathethi nokuthetha nabo ngeZibhalo. Yena wayengancokoli namadoda qha ngeZibhalo, wayencokola nabo nabafazi. * (Funda uLuka 10:38, 39, 42.) Nabo babehamba naye xa esiya kushumayela kwezinye iindawo. (Luka 8:1-3) Yaba ngabo nabaxelela abapostile ukuba uYesu uvusiwe.—Yoh. 20:16-18.

6. Yintoni ebonisa ukuba uPawulos wayebahlonipha abafazi?

6 Umpostile uPawulos wakhumbuza uTimoti ukuba abahloniphe abafazi. Wamxelela ukuba aphathe ‘abafazi abadala njengoomama bakhe, abancinci njengoodadewabo.’ (1 Tim. 5:1, 2) UPawulos wamnceda kakhulu uTimoti ukuze ukholo lwakhe luqine, kodwa zange ayilibale into yokuba ngunina noninakhulu abaqala bamfundisa “izinto ezingcwele ezibhaliweyo.” (2 Tim. 1:5; 3:14, 15) Kwiileta awayezibhalela amabandla aseRoma, wabulisa oodade ebabiza ngamagama. Wayibona waza wayibulela imisebenzi eyenziwa ngaba dade.—Roma 16:1-4, 6, 12; Fil. 4:3.

7. Yeyiphi imibuzo ekusafuneka siyiphendule?

7 Iziqendu esizifundileyo zibonisa ukuba ayikho eBhayibhileni into ethi abazalwana babalulekile kunoodade. Oodadewethu esibathandayo baluncedo kakhulu ebandleni, nabadala bayayivuyela indlela abasebenza ngayo ukuze ibandla limanyane, lihlalisane ngoxolo. Kodwa kusafuneka siphendule le mibuzo: Kutheni oodade kufuneka bathwale ngamanye amaxesha? Ekubeni abadala nezicaka zolungiselelo ingabazalwana, ngaba le nto ithetha ukuba bonke abazalwana ziintloko zabo bonke oodade ebandleni?

NGABA BONKE ABAZALWANA ZIINTLOKO ZABO BONKE OODADE?

8. Ngokutsho kwamaEfese 5:23, ngaba abazalwana ziintloko zabo bonke oodade? Cacisa.

8 Hayi, abazalwana abazontloko zabo bonke oodade ebandleni. NguKristu intloko yebandla. (Funda amaEfese 5:23.) Kwintsapho, indoda yintloko yomfazi wayo. Unyana obhaptiziweyo akayontloko kamamakhe. (Efe. 6:1, 2) Ebandleni, abadala abakhokeli abazalwana noodade kuyo yonke into. (1 Tes. 5:12; Heb. 13:17) Kuthiwani ngodade ongatshatanga ongasahlali ekhaya? Naye, utata wakhe akaseyontloko yakhe, kodwa akayeki ukumthobela. Uyabathobela nabadala, kodwa intloko yakhe nguYesu njengabo bonke abazalwana.

Abazalwana noodade abangatshatanga intloko yabo nguYesu (Jonga isiqendu 8)

9. Kutheni oodade kufuneka bathwale ngamanye amaxesha?

9 Yinyaniso kona ukuba uYehova ukhethe amadoda ukuba akhokele ebandleni. (1 Tim. 2:12) Kutheni ekhethe amadoda? Kuba ufuna zonke izinto zenzeke ngocwangco ebandleni. Ukuba ngenxa yeemeko kufuneka udade enze into eqhele ukwenziwa ngumzalwana, uYehova ufuna athwale. * (1 Kor. 11:4-7) Akenziwa kukuba ebadelela oodade, ufuna babonise ukuba bayabahlonipha abazalwana abanike umsebenzi wokukhokela ibandla. Ngoku makhe siphendule lo umbuzo: Yeyiphi imisebenzi abayinikiweyo abadala neentloko-ntsapho?

IMISEBENZI YABADALA NEENTLOKO-NTSAPHO

10. Yintoni enokwenza umdala afune ukubekela ibandla imithetho?

10 Abadala bayamthanda uKristu nezimvu abayalelwe nguYehova noYesu ukuba bazikhathalele. (Yoh. 21:15-17) Loo nto inokwenza umdala acinge ukuba ufana notata ebandleni. Unokuzixelela ukuba, ukuba intloko-ntsapho iyakwazi ukubeka imithetho ukuze ikhusele intsapho yayo, naye unokuzibekela imithetho izimvu zikaThixo ukuze azikhusele. Nabanye abazalwana noodade ebandleni, abacela abadala ukuba babenzele izigqibo, babenza bacinge ngolu hlobo. Kodwa ngaba umsebenzi uYehova awunike abadala ebandleni uyafana nawunike iintloko-ntsapho?

Abadala banceda abazalwana noodade ebandleni bahlale bengabahlobo bakaYehova, babone ukuba nokuba bayathandwa. UYehova ubanike umsebenzi wokubasusa aboni abangaguqukiyo ebandleni (Jonga isiqendu 11-12)

11. Zeziphi izinto efana ngazo imisebenzi enikwe iintloko-ntsapho nenikwe abadala?

11 Umpostile uPawulos wathi kukho into efana ngayo imisebenzi enikwe abadala nenikwe iintloko-ntsapho. (1 Tim. 3:4, 5) Ngokomzekelo, ekhaya uYehova ufuna umfazi nabantwana bathobele utata oyintloko. (Kol. 3:20) Ebandleni ufuna abazalwana noodade bathobele abadala. Ulindele ukuba iintloko-ntsapho zifundise iintsapho zazo ukuba zimthande. nabadala ulindele ukuba bafundise izimvu athe mabazikhathalele ukuba zimthande. Abadala neentloko-ntsapho kufuneka baqiniseke ukuba bonke aba bantu bayabona ukuba bayathandwa. Njengeentloko-ntsapho ezizithandayo iintsapho zazo, abadala kufuneka baqiniseke ukuba ibandla liyancedwa xa kukho iingxaki. (Yak. 2:15-17) Enye into uYehova afuna iintloko-ntsapho nabadala bayenze, kukunceda abantu bathobele imithetho yakhe. Bonke aba bazalwana uyabalumkisa esithi ‘mabangagqithi kwizinto ezibhaliweyo.’—1 Kor. 4:6.

Iintloko-ntsapho uYehova uzinike umsebenzi wokubekela iintsapho imithetho. Ngaphambi kokuba igqibe ngemithetho eza kuyibeka, intloko-ntsapho eyithandayo intsapho yayo ithetha nomfazi wayo (Jonga isiqendu 13)

12-13. Ngokutsho kweMizekeliso 6:20, yahluke njani imisebenzi yeentloko-ntsapho kweyabadala?

12 Zikhona ke nezinto ezibalulekileyo eyahluke ngazo imisebenzi enikwe abadala neentloko-ntsapho. Ngokomzekelo, uYehova unike abadala umsebenzi wokuba ngabagwebi, nowokumsusa ebandleni nabani na ongaguqukiyo kwisono asenzayo.—1 Kor. 5:11-13.

13 Neentloko-ntsapho uzinike umsebenzi ongafaniyo nowabadala. Ngokomzekelo, ufuna intloko-ntsapho ibekele intsapho yayo imithetho ize iqiniseke ukuba iyenziwa. (Funda iMizekeliso 6:20.) Ngokomzekelo, inokubeka ixesha efanele intsapho ibe seyiphelele ngalo ekhaya ebusuku. Ifanele imohlwaye umntwana ongawuthobeliyo loo mthetho. (Efe. 6:1) Kodwa ke, intloko-ntsapho eyithandayo intsapho yayo iye ithethe nomfazi wayo ngaphambi kokuba ibekele intsapho umthetho kuba “bangumntu omnye.” *​—Mat. 19:6.

THOBELA UKRISTU OYINTLOKO YEBANDLA

UYesu onentloko enguYehova, unika ibandla imithetho (Jonga isiqendu 14)

14. (a) Ngokutsho kukaMarko 10:45, kutheni kwakufanelekile ukuba uYehova akhethe uYesu abe yintloko yebandla? (b) Yintoni umsebenzi weQumrhu Elilawulayo? (Jonga ibhokisi ethi “ Umsebenzi WeQumrhu Elilawulayo.”)

14 Ngegazi likaYesu, uYehova wathenga ubomi babo bonke abantu abanokholo kuNyana wakhe. (Funda uMarko 10:45; IZe. 20:28; 1 Kor. 15:21, 22) Ngoko kwakufanelekile ukuba akhethe uYesu owanikela ngobomi bakhe ngenxa yethu ukuba abe yintloko yebandla. Ngenxa yokuba eyintloko yebandla, ubeka imithetho efanele yenziwe ngabantu, iintsapho nebandla. Kufuneka aqiniseke nokuba loo mithetho iyenziwa. (Gal. 6:2) Le mithetho siyinikwa ngumntu osikhathaleleyo nosithandayo.—Efe. 5:29.

15-16. Ufunda ntoni kwinto ethethwa nguMarley noBenjamin?

15 Oodade babonisa ukuba bayamthobela uKristu ngokwenza izinto abazixelelwa ngamadoda awakhethe ukuba akhathalele ibandla. Oodade abaninzi bayavumelana noMarley ohlala eUnited States. Uthi: “Ndiyakuvuyela ukuba ngudade ebandleni nokuba ngumfazi. Kufuneka ndisebenze nzima ukuze ndithobele umyeni wam oyintloko nabadala. Umyeni wam nabazalwana ebandleni benze kwalula ukuba ndiyenze le nto kuba bayandihlonipha futhi bandibulela nyhani ngomsebenzi endiwenzayo.”

16 Abazalwana bayabahlonipha oodade. Loo nto ibonisa ukuba bayasiqonda isizathu sokuba uYehova enze kubekho abantu abaziintloko kwintsapho yakhe. UBenjamin, umzalwana ohlala eNgilani uthi: “Ndifunde into eninzi kwiimpendulo zoodade ebandleni nakumacebiso abo ngendlela yokufunda, ukushumayela nokufundisa kakuhle entsimini. Umsebenzi abawenzayo ubaluleke kakhulu.”

17. Kutheni sifanele siwuhloniphe umsebenzi uYehova awunike amadoda aziintloko nakhokela ibandla?

17 Xa wonke umntu ebandleni, amadoda, abafazi, iintloko-ntsapho nabadala bewazi futhi bewuhlonipha umsebenzi uYehova awunike amadoda aziintloko nakhokela ibandla, kubakho uxolo. Eyona nto ibalulekileyo kukuba sonke sidumisa uTata wethu esimthandayo osezulwini, uYehova.—INdu. 150:6.

INGOMA 123 Masithobele Ukhokelo LukaThixo

^ isiqe. 5 Ngowuphi umsebenzi uYehova awunike oodade ebandleni? Ngaba bonke abazalwana baziintloko zabo bonke oodade? Ngaba umsebenzi uYehova awunike abadala uyafana nawunike iintloko-ntsapho? Kweli nqaku siza kuva ukuba iLizwi LikaThixo liyiphendula njani le mibuzo.

^ isiqe. 5 Jonga isiqendu 6 senqaku elithi “Bakhuthaze Uze Ubancede Oodade,” kwiMboniselo kaSeptemba 2020.

^ isiqe. 13 Ukuze ubone ukuba ngubani ofanele agqibe ukuba intsapho iye kweliphi ibandla, jonga isiqendu 17-19 senqaku elithi “Hlonipha Wonke Umntu Ebandleni LikaYehova,” kwiMboniselo ka-Agasti 2020.

^ isiqe. 59 Ukuze uve ezinye izinto ngalo mxholo, jonga incwadi ethi Zigcineni Kuthando LukaThixo, iphe. 209-212.

^ isiqe. 64 Ukuze wazi ezinye izinto ngomsebenzi weQumrhu Elilawulayo, jonga iMboniselo kaJulayi 15, 2013, iphe. 20-25.​