Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 16

Hlala Umbulela UYehova NoNyana wakhe Owasihlawulelayo

Hlala Umbulela UYehova NoNyana wakhe Owasihlawulelayo

‘UNyana womntu weza kunikela ngobomi bakhe ukuze kuhlawulelwe abaninzi.’​—MARKO 10:45.

INGOMA 18 Siyabulela Ngentlawulelo

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1-2. Kuthetha ukuthini ukuhlawulela? Kutheni kwafuneka ibe nguYesu osihlawulelayo?

XA INDODA eyayingenasono, uAdam yonayo, yaphoswa kukuphila ngonaphakade, yenza nabantwana eyayiza kubazala abalifumana elo thuba. Akukho nto yayinokuzithethelela ngayo. Zange ithobele ngabom. Kodwa bona abantwana babenze ntoni? Zange benze nto, bengazange bamenze one uAdam. (Roma 5:12, 14) Yena wayefanele afe ngenxa yento ayenzileyo. Kodwa ngaba yayikhona into awayenokuyenza uYehova ukuze abantwana bakhe babufumane ubomi obungunaphakade? Ewe yayikhona. Kungabanga xesha lide le ndoda yonile, uYehova wabonisa indlela awayeza kubasindisa ngayo abantwana bayo kwisono nasekufeni. (Gen. 3:15) Xa kufika ixesha alibekileyo, wayeza kuthumela uNyana wakhe ukuba ‘aze kunikela ngobomi bakhe ukuze kuhlawulelwe abaninzi.’​—Marko 10:45; Yoh. 6:51.

2 Kuthetha ukuthini ukuhlawulela? Ukuhlawulela ekuthethwa ngako kwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike yindlela uYesu awayithenga ngayo into eyalahlwa nguAdam. (1 Kor. 15:22) Kutheni kwafuneka sihlawulelwe nguye? Kuba uMthetho owawubonisa indlela uYehova azenza ngobulungisa ngayo izinto wawusithi ubomi mabubuyiselwe ngobomi. (Eks. 21:23, 24) Ngoko ubomi obufezekileyo obalahlwa nguAdam kwakufuneka bubuyiselwe ngobunye ubomi obufezekileyo, ubomi bukaYesu. (Roma 5:17) Loo nto yamenza ‘wanguTata Ongunaphakade’ wabo bonke abantu abanokholo kwigazi awasihlawulela ngalo.​—Isa. 9:6; Roma 3:23, 24.

3. UYohane 14:31 no-15:13, uthi kwakutheni ukuze uYesu anikele ngobomi bakhe engenasono?

3 Ngenxa yokuba emthanda uTata wakhe osezulwini, nathi esithanda, uYesu zange athandabuze xa kwafuneka anikele ngobomi bakhe. (Funda uYohane 14:31; 15:13.) Lolo thando olwamenza wazimisela ukuhlala ethembekile ubomi bakhe bonke, de wafa. Wayezimisele nokwenza into uTata wakhe awayefuna ayenze. Ngenxa yakhe, izinto uYehova awayefuna ukuzenzela abantu nawayefuna zenzeke emhlabeni ziza kwenzeka. Kweli nqaku siza kuthetha ngento eyenza uYehova wamyeka uYesu wenziwa izinto ezibuhlungu kakhulu ngaphambi kokuba afe. Siphinde sithethe ngomnye wabantu ababhala iBhayibhile owayeyibulela kakhulu into eyenziwa nguYesu. Okokugqibela, siza kuthetha ngendlela esinokubonisa ngayo ukuba nathi siyayibulela into esayenzelwa nguYehova noYesu, nokuba singenza ntoni ukuze siyibonise ngaphezu kokuba sisenza indlela ebaluleke ngayo kuthi.

KWAKUTHENI UKUZE KUFUNEKE UYESU EVE IINTLUNGU?

Cinga ngazo zonke izinto ezibuhlungu awazinyamezelayo uYesu ukuze asihlawulele (Jonga isiqendu 4)

4. Chaza indlela awafa ngayo uYesu.

4 Khawucinge ukuba kwakunjani ngosuku awabulawa ngalo uYesu. Wayenokucela umkhosi omkhulu weengelosi ukuba umkhusele, kodwa zange ayenze loo nto. Wawayeka amajoni aseRoma ambamba, ambetha kakhulu engenalo nosizi. (Mat. 26:52-54; Yoh. 18:3; 19:1) Amkrazula inyama ngesabhokhwe. Emva koko ambelekisa isibonda esinzima kuloo mqolo wawuvuza igazi. Wazama ukusirhuqa, esisa kwindawo awayeza kubulawa kuyo. Engekahambi kakhulu, waphelelwa ngamandla, aza loo majoni anyanzela enye indoda ukuba imrhuqele. (Mat. 27:32) Akufika apho ayeza kumbulala khona, ambethelela izandla neenyawo kweso sibonda. Ngenxa yokuba umzimba wakhe wawunzima, imigqobho yezikhonkwane awayebethelelwe ngazo yayisiya ivuleka. Yayibuhlungu kakhulu kubahlobo bakhe le nto, yena umama wakhe, wayelila. Abaphathi bamaYuda bona babevuya, bemgezela. (Luka 23:32-38; Yoh. 19:25) Lahamba ixesha egcuma ziintlungu. Ngenxa yendlela owawumi ngayo umzimba wakhe, wayephefumla kabuhlungu nemiphunga yakhe isebenza nzima. Wathandaza kuYehova okokugqibela, emva koko wathoba intloko wanikela ngobomi bakhe. (Marko 15:37; Luka 23:46; Yoh. 10:17, 18; 19:30) Wafa emva kwexesha elide, esezintlungwini futhi ehlazekile!

5. Ngaba uYesu wayekhathazwa yindlela awayeza kubulawa ngayo? Cacisa.

5 Eyona nto yayikhathaza uYesu ayiyondlela awayeza kubulawa ngayo, wayekhathazwa yinto ekwakusithiwa uyenzile. Watyholwa kusithiwa uyadelela, akamhloniphi uThixo, nkqu negama lakhe. (Mat. 26:64-66) Eso sityholo samkhathaza kakhulu. Kodwa wayemthembile uTata wakhe osezulwini ukuba akasoze avume ahlaziswe ngolo hlobo. (Mat. 26:38, 39, 42) Kwakutheni ukuze uYehova amyeke uNyana wakhe amthanda kangaka eve iintlungu aze afe? Masithethe ngezinto ezintathu ezamenza wamyeka.

6. Kwakutheni ukuze kufuneke uYesu axhonywe kwisibonda sokungcungcutheka?

6 Eyokuqala, kwakufuneka axhonywe esibondeni ukuze amaYuda akhululeke kwisiqalekiso. (Gal. 3:10, 13) Kaloku, avuma ukuba aza kuwenza uMthetho kaThixo, kodwa zange awenze. Ngaphezu kokuba ayehleli esifa ngenxa yesono sika-Adam, aphinda aqalekiswa. (Roma 5:12) UMthetho kaThixo wawusithi umntu owenze into embi emenza agwetyelwe ukufa wayefanele abulawe. Emva koko, kuxhomekeka kwinto ayenzileyo, umzimba wakhe wawumele uxhonywe esibondeni. * (Dut. 21:22, 23; 27:26) Ukuxhonywa kukaYesu esibondeni kwanceda uhlanga lwamaYuda olwalungafuni nokumbona lwakhululeka kwisiqalekiso.

7. Yintoni eyesibini eyenza uThixo wamyeka uNyana wakhe weva iintlungu?

7 Eyesibini, wayemqeqeshela ukuba nguMbingeleli Omkhulu. UYesu wayiva indlela ekunzima ngayo ukwenza into efunwa nguThixo xa usenziwa izinto ezibuhlungu ezingaphezu kwamandla akho. Wayesentlungwini enzima kangangokuba wade wathandaza “ekhala kakhulu esihla iinyembezi,” ecela uYehova amncede. Ngokuqinisekileyo intlungu awayekuyo yamenza waziqonda izinto esizidingayo, ‘uyakwazi nokusinceda xa sivavanywa.’ Sithi enkosi kakhulu kuYehova ngokusinika lo Mbingeleli Mkhulu unenceba, ‘onokukwazi ukuvelana nobuthathaka bethu.’​—Heb. 2:17, 18; 4:14-16; 5:7-10.

8. Yintoni eyesithathu eyenza uThixo akamkhusela uYesu?

8 Eyesithathu, uYehova wayefuna kuphenduleke lo mbuzo ubalulekileyo: Ngaba abantu banokuhlala bethembekile kuYehova naxa bevavanywa? USathana uthi soze. Uthi bamkhonza uThixo kuba befuna ukufumana izinto. Uqinisekile ukuba bayafana noAdam, abamthandi uYehova. (Yobhi 1:9-11; 2:4, 5) UYehova akazange amkhusele uNyana wakhe xa wayesenziwa izinto ezibuhlungu kuba wayeqinisekile ukuba uza kuhlala ethembekile. Nyhani, uYesu akazange amphoxe, kodwa yena uSathana wabonakala elixoki.

UMBHALI WEBHAYIBHILE OWAMBULELA NYHANI UYESU

9. Yintoni esimele sizame ukuyenza?

9 Imfundiso yokuba uYesu wasihlawulela iye yaluqinisa ukholo lwamaKristu amaninzi. Aye aphathwa kakubi ngenxa yokuba eshumayela, kodwa khange ayeke. Anyamezele nezinto ezininzi ezibuhlungu de amadala. Khawucinge ngompostile uYohane. Washumayela inyaniso ngoKristu nokusihlawulela kwakhe mhlawumbi iminyaka engaphezu kweyi-60. Xa wayeza kugqiba iminyaka eyi-100, urhulumente waseRoma wacinga ukuba uyingozi, wamvalela kwisiqithi sasePatmos. Yintoni awayeyenzile? ‘Wayethetha ngoThixo engqina nangoYesu.’ (ISityhi. 1:9) Simele sizame ukunyamezela nokuba nokholo njengaye.

10. Izinto ezabhalwa nguYohane zibonisa njani ukuba wayembulela uYesu owasihlawulelayo?

10 Kwiincwadi zeBhayibhile awazibhalayo, uYohane wathetha ngendlela awayemthanda ngayo uYesu nendlela awayembulela ngayo ngokuncama ubomi bakhe ngenxa yethu. Amaxesha angaphezu kwayi-100 wathetha ngokusihlawulela kukaYesu okanye ngendlela okusinceda ngayo. Ngokomzekelo, wathi: “Ukuba kukho kuni oye wona, sinaye umncedi olilungisa, uYesu Kristu, okunye noTata.” (1 Yoh. 2:1, 2) Izinto awazibhalayo zichaza nendlela ekubaluleke ngayo ‘ukunikela ubungqina ngoYesu.’ (ISityhi. 19:10) Siyabona ukuba wayembulela nyhani uYesu owasihlawulelayo. Thina, sinokubonisa njani ukuba siyabulela?

BONISA UKUBA UYAYIBULELA INTO EYENZIWA NGUYEHOVA NOYESU

Ukuba simbulela nyhani uThixo ngokusifela kukaYesu, siza kwenza yonke into esinokuyenza ukuze singavumi xa kufunwa senze into embi (Jonga isiqendu 11) *

11. Yintoni enokukunceda ungavumi ukwenza into embi?

11 Sukuvuma xa abantu befuna wenze into engafunwayo nguThixo. Ukuba ukubulela nyhani ukusifela kukaYesu, awunakuyicinga le into: ‘Akho sizathu sokuba ndibe ndizama ukungenzi into embi. Ndinokuyenza, emva koko ndicele uThixo andixolele.’ Eyona nto omele uyicinge yile: “Emva kwayo yonke into endiyenzelwe nguYehova noYesu, ndenze le nto?” Thandaza kuYehova akuphe amandla, umcele uthi: ‘Ungandiyekeli xa ndilingwa.’​—Mat. 6:13.

12. Unokuwusebenzisa njani umbhalo ka-1 Yohane 3:16-18?

12 Thanda abazalwana noodade. Xa ubathanda, ubonisa indlela obulela ngayo. Kutheni uyibonisa ngolu hlobo? Kaloku uYesu zange afele wena wedwa, wafela nabazalwana noodade. Ukuba wabafela nabo, ngokuqinisekileyo uyabathanda. (Funda u-1 Yohane 3:16-18.) Yindlela obaphatha ngayo ebonisa ukuba nawe uyabathanda. (Efe. 4:29, 31–5:2) Ngokomzekelo, uyabanceda xa begula okanye benyamezele iingxaki ezingaphezu kwamandla abo ezifana nentlekele yemvelo. Kodwa umele wenze ntoni xa umzalwana okanye udade enze okanye ethethe into ekucaphukisayo?

13. Kutheni simele sixolele?

13 Ngaba kukhe kube nzima ukumxolela umzalwana okanye udade? (Lev. 19:18) Ukuba ukhe ube nale ngxaki, nali icebiso: “Qhubekani ninyamezelana yaye nixolelana ngokusuka entliziyweni nokuba omnye unesizathu sokukhalazela omnye. Xolelanani ngokusuka entliziyweni kanye njengoko uYehova wanixolela ngokusuka entliziyweni.” (Kol. 3:13) Qho umxolela umzalwana okanye udade, ubonisa uTata wethu osezulwini indlela ombulela ngayo ngenxa yokusihlawulela kukaYesu. Yintoni onokuyenza ukuze umbulele kakhulu ngesi sipho?

UKUHLAWULELWA KWETHU MAKUBALULEKE KAKHULU KUWE

14. Yeyiphi enye indlela onokumbulela kakhulu ngayo uYehova ngokusihlawulela kukaYesu?

14 Mbulele uYehova ngokusihlawulela kukaYesu. UJoanna waseIndia oneminyaka eyi-83 uthi: “Ndicinga ukuba yonk’ imihla xa ndithandaza kubalulekile ukuthetha ngokusihlawulela kukaYesu nokumbulela uYehova.” Yonke imihla xa uthandaza, xelela uYehova into oyenzileyo angayifuniyo, umcele akuxolele. Ukuba wenze isono esinzulu, kuza kufuneka uye kucela uncedo nakubadala. Aba bazalwana bakuthandayo baza kukumamela baze bakulungise ngeLizwi LikaThixo. Baza kuthandaza nawe, bacele uYehova akuxolele ukuze uphinde ube ngumhlobo wakhe.​—Yak. 5:14-16.

15. Kutheni simele siziphe ixesha lokufunda nokucingisisa ngento esayenzelwa nguYehova noYesu?

15 Cingisisa kakuhle ngento esayenzelwa nguYesu. Udade oneminyaka eyi-73, uRajamani, uthi: “Qho xa ndifunda ngendlela aweva iintlungu ngayo uYesu, kuthi gwantyi iinyembezi.” Nawe, kusenokwenzeka ukuba uba buhlungu xa ucinga ngeentlungu ezaviwa nguNyana kaThixo. Kodwa xa ucingisisa qho ngendlela awazinikela ngayo, uya umthanda kakhulu uYesu noTata wakhe. Ukuze ukwazi kakuhle ukucingisisa ngayo, kutheni ungaziphi ixesha lokukhe ufunde ngayo?

Ngesidlo nje esingenazinto zininzi, uYesu wabonisa abafundi bakhe indlela ababefanele bayikhumbule ngayo indlela awasihlawulela ngayo (Jonga isiqendu 16)

16. Kusinceda njani ukufundisa abantu ngokusihlawulela kukaYesu? (Jonga umfanekiso ongaphandle.)

16 Fundisa abantu ngokusihlawulela kukaYesu. Qho xa uxelela abantu ngokusihlawulela kukaYesu, uza kuya umbulela uYehova. Sineencwadi neevidiyo ezisinceda sikwazi ukucacisela abantu ukuba kwakutheni ukuze uYesu asifele. Ngokomzekelo, unokusebenzisa isifundo 4 sencwadana ethi Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo! Umxholo waso uthi “Ngubani UYesu Kristu?” Okanye uthethe ngesahluko 5 sencwadi ethi Isifundisa Ntoni IBhayibhile? Umxholo waso uthi “Esona Sipho Sikhulu Sivela KuThixo Kukuhlawulelwa Kwezono Zethu.” Qho ngonyaka sibonisa indlela esibulela ngayo ngokubakho kwiSikhumbuzo sokufa kukaYesu, simeme nabanye. UYehova usithume into ebaluleke kakhulu. Uthe masiye kufundisa abantu ngoNyana wakhe.

17. Kutheni ukunikela ngoYesu ukuba asihlawulele kuyeyona nto inkulu uThixo asenzele yona?

17 Ngokuqinisekileyo sinesizathu esihle sokuhlala simbulela kakhulu uYehova ngoNyana wakhe owasihlawulelayo. Nazi ezinye izinto eziye zenzeka neziza kwenzeka ngenxa yokuba uYesu wasihlawulela: Siyakwazi ukuba ngabahlobo bakaYehova kanye ngoku singafezekanga. Yonke irmisebenzi kaMtyholi iza kutshatyalaliswa. (1 Yoh. 3:8) Izinto uYehova awayefuna zenzeke emhlabeni ziza kwenzeka. Wonke umhlaba uza kuba yiparadesi. Bonke abantu baza kube bemthanda futhi bemkhonza uYehova. Ngoko, qho ngosuku, masikhangele ukuba yintoni esinokuyenza ukuze sibonise indlela esimbulela ngayo uThixo ngale nto inkulu kangaka asenzele yona, ukunikela ngoYesu ukuba asihlawulele.

INGOMA 20 Usinike Unyana Wakho Ekuphela Kwakhe

^ isiqe. 5 Kwakutheni ukuze uYesu aphathwe kabuhlungu de abulawe? Lo mbuzo uza kuphendulwa kweli nqaku. Liza kusinceda simbulele kakhulu uYehova ngokusihlawulela kwalo Nyana wakhe.

^ isiqe. 6 AmaRoma ayemxhoma esibondeni esaphila umntu owenze into embi. UYehova wayekela uNyana wakhe wabulawa ngolo hlobo.

^ isiqe. 55 IMIFANEKISO: Abazalwana abathathu abavumi ukuyekelela kwizilingo. Omnye akafuni ukujonga imifanekiso engafanelekanga, omnye akavumi ukutshaya kanti omnye akasithathi isinyobo.