Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 22

Nceda Umntu Omfundelayo Abhaptizwe

Nceda Umntu Omfundelayo Abhaptizwe

‘Ngamnye kuni makabhaptizwe.’—IZE. 2:38.

INGOMA 72 Sazisa Inyaniso YoBukumkani

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. UPetros wathi masenze ntoni isihlwele esikhulu sabantu?

ISIHLWELE esikhulu samadoda nabafazi abasuka kumazwe ahlukahlukeneyo nabathetha iilwimi ezingafaniyo saya eYerusalem. Ngaloo mini kwenzeka into eyamangalisa wonke umntu. Aba bantu beva iqela lamaYuda lithetha iilwimi zabo. Into ababeyixelelwa ngala maYuda yabamangalisa. Kanti eyona nto yabenza baxakwa nayinto amabayenze yinto abayixelelwa nguPetros. Wathi ukuba banokuba nokholo kuYesu Kristu, baza kusindiswa. Loo myalezo waba nento oyenzayo ezintliziyweni zabo kangangokuba bathi: “Yintoni emasiyenze?” UPetros wathi: ‘Ngamnye kuni makabhaptizwe.’—IZe. 2:37, 38.

Umzalwana uhamba nomfazi wakhe, uqhubela umfana ovule incwadi ethi Phila Ubomi Obungunaphakade! isifundo. (Jonga isiqendu 2)

2. Yintoni esiza kuyixelelwa leli nqaku? (Jonga umfanekiso ongaphandle.)

2 Abantu zange bakwazi ukuyivala imilomo yinto eyenzeka emva koko. Ngolo suku kwabhaptizwa abantu abamalunga ne-3 000, baba ngabafundi bakaKristu. Waba uyaqala njalo ke umsebenzi omkhulu wokwenza abafundi uYesu awayalela abalandeli bakhe ukuba bawenze. Nangoku abalandeli bakhe basaxakeke nguloo msebenzi. Kodwa kule mihla asinakukwazi ukunceda umntu abhaptizwe ngosuku nje olunye. Umntu uye abhaptizwe emva kweenyanga okanye konyaka ufunda naye. Akukho lula ukwenza umntu abe ngumfundi. Mhlawumbi nawe sele uyibonile loo nto ukuba kukho umntu ofunda naye. Kweli nqaku siza kuva ukuba yintoni onokuyenza ukuze uncede umntu omfundelayo abhaptizwe.

MNCEDE AZENZE IZINTO AZIFUNDAYO

3. UMateyu 28:19, 20 uthi umntu umele enze ntoni ukuze abhaptizwe?

3 Ngaphambi kokuba umntu omfundelayo abhaptizwe, umele azame ukwenza izinto azifunda eBhayibhileni. (Funda uMateyu 28:19, 20.) Xa ezenza, uye afane “nesilumko” esikumzekeliso kaYesu esemba sayokutsho ezantsi ukuze sakhe indlu yaso phezu kolwalwa. (Mat. 7:24, 25; Luka 6:47, 48) Unokumnceda njani ukuze azenze izinto azifundayo? Makhe sithethe ngeendlela ezintathu onokumnceda ngazo.

4. Unokumnceda njani umntu omfundelayo asebenzele ukuba ade abhaptizwe? (Jonga nebhokisi ethi “ Nceda Isifundo Sibe Nezinto Esizimisela Ukuzenza, Side Sizenze.”)

4 Mncede abe nezinto azimisela ukuzenza. Kutheni kufuneka wenze loo nto? Makhe sizekelise ngale ndlela: Ukuba uya kude ngemoto, usenokucinga ngokuhamba umisa kwiindawo ezibukekayo. Loo nto iza kukwenza ungayiva loo ndlela inde uyihambayo. Ukuba nomntu omfundelayo usebenzela ukwenza izinto aza kukhawuleza akwazi ukuzenza, ukubhaptizwa akuzi kuba yinto ekunzima ukuyenza. Ukuze umncede akwazi ukuba nezinto azimisela ukuzenza, sebenzisa indawo ethi “Into Endizimisele Ukuyenza” kwincwadi ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade! Qho xa nigqiba isifundo sale ncwadi, mbonise ukuba into eza kumnceda ukuze akwazi ukuyenza loo nto nigqib’ okufunda ngayo kukuba abe nento azimisela ukuyenza. Ukuba kukho into ofuna azame ukuyenza, unokuyibhala kwindawo ethi “Enye into.” Kanti ninokuyisebenzisa le ndawo qho xa nithetha ngezinto azimisele ukuzenza, anokukhawuleza akwazi ukuzenza neziza kumthatha ixesha.

5. UMarko 10:17-22 uthi uYesu wathini kwindoda eyayisisityebi, kwakutheni ukuze atsho?

5 Mncede akwazi ukutshintsha indlela aphila ngayo. (Funda uMarko 10:17-22.) UYesu wayesazi ukuba kwakuza kuba nzima kwindoda eyayisisityebi ukuthengisa izinto zayo. (Marko 10:23) Kodwa wathi mayenze kanye le nto kwakuza kuba nzima ukuba iyenze. Kwakutheni? Wayeyithanda. Ngamany’ amaxesha sisenokonqena ukukhuthaza umntu esimfundelayo ukuba azenze izinto azifundayo kuba sicinga ukuba akanakukwazi okwangoku. Abantu basenokuziyeka kade izinto abazenzayo ezingafunwayo nguThixo. (Kol. 3:9, 10) Kodwa xa ungakubekel’ amangomso ukuthetha nomntu omfundelayo ngezinto ekufuneka aziyeke, unokukhawuleza azame ukuziyeka. Xa nincokola ngezi zinto, umbonisa indlela omkhathalele ngayo.—INdu. 141:5; IMize. 27:17.

6. Kutheni kufuneka umbuze umntu omfundelayo ukuba ucinga ntoni ngento ayifundayo?

6 Kubalulekile ukuba xa ufunda nomntu umbuze ukuba ucinga ntoni ngale nto ayifundayo. Loo mbuzo unokukunceda ubone ukuba uyayiqonda na le nto niyifundayo nokuba yintoni akholelwa kuyo. Ukuba uyenza qho le nto, naxa enokuba nento angayivisisi ncam, kuza kuba lula ukuncokola ngayo. Incwadi ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade! inemibuzo emininzi enokukwenza ubone ukuba umfundi uyayiqonda na le nto ayifundayo. Ngokomzekelo, kwisifundo 04 kukho lo mbuzo: “Ucinga ukuba uYehova uziva njani xa silisebenzisa igama lakhe?” Okwisifundo 09 uthi: “Zeziphi ezinye izinto ofuna ukuzithandazela?” Ekuqaleni kunokuba nzima ukuba ayiphendule le mibuzo. Unokumnceda ngokumenza akwazi ukucinga ngezibhalo nangemifanekiso ekule ncwadi.

7. Yintoni onokuyenza ukuze umntu omfundelayo ancedwe nazizinto ezenziwe ngabanye abazalwana?

7 Xa eyiqonda into ekufuneka ayenze, mbalisele ngezinto abaye bazenza abanye abazalwana ukuze naye azame ukuyenza loo nto. Ngokomzekelo, ukuba akayi qho kwiintlanganiso, mbonise ividiyo ethi UYehova Wandikhathalela ekwindawo ethi “Funda Nezinye Izinto” kwisifundo 14. Unokufumana nezinye izinto ezenziwe ngabazalwana nakwezinye izifundo zencwadi ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!, kwindawo ethi “Funda Nezinye Izinto” okanye ethi “Jonga Nezinye Izinto.” * Ungaze uyenze into yokuthelekisa umntu omfundelayo nomnye umntu. Mhlawumbi uthi, “Ukuba lo mntu ukwazile ukuyenza le nto, nawe ungayenza.” Mayibe nguye ozixelela loo nto. Wena, thetha ngezinto ocinga ukuba zibalulekile ezanceda umntu okwividiyo wakwazi ukuyenza into ayifunde eBhayibhileni. Mhlawumbi unokuthetha ngesibhalo okanye ngento eyamncedayo. Ngalo lonke ixesha zama ukuthetha ngendlela uYehova amncede ngayo.

8. Unokumnceda njani umntu omfundelayo amthande uYehova?

8 Mncede amthande uYehova. Njani? Wasebenzise amathuba owafumanayo okumnceda afunde izinto ezininzi ngeempawu zikaYehova. Makazi ukuba uYehova nguThixo owonwabileyo ohlala ebanceda abantu abamthandayo. (1 Tim. 1:11; Heb. 11:6) Mxelele ukuba xa ezenza izinto azifundayo, uza kuncedakala, nokuba loo nto ibonisa ukuba uyathandwa nguYehova. (Isa. 48:17, 18) Xa esiya emthanda uYehova, uza kufuna ukutshintsha indlela aphila ngayo engafunwayo nguYehova.—1 Yoh. 5:3.

MAZISE KWAMANYE AMAKRISTU

9. UMarko 10:29, 30 ubonisa ukuba yintoni enokunceda umntu akwazi ukuncama ezinye izinto ukuze abhaptizwe?

9 Ukuze abhaptizwe, umntu omfundelayo kufuneka kubekho izinto azincamayo. Njengendoda eyayisisityebi ekukhe kwathethwa ngayo, abanye kusenokufuneka bancame izinto abanazo. Ukuba umsebenzi abawenzayo uyangqubana nemigaqo yeBhayibhileni, kusenokufuneka bakhangele omnye. Abanye kusenokufuneka bohlukane neetshomi zabo ezingamthandiyo uYehova. Kanti abanye basenokulahlwa ngabantu bakowabo abangawafuniyo amaNgqina KaYehova. UYesu wathi kusenokuba nzima kwabanye ukwahlukana naba bantu. Kodwa wathembisa esithi abantu abalandela yena abasoze baphoxeke. UYehova uza kubapha intsapho eza kubathanda. Loo ntsapho ngabantu abakhonza uYehova. (Funda uMarko 10:29, 30.) Unokumnceda njani umntu omfundelayo afumane esi sipho?

10. Ufunda ntoni kwinto eyathethwa nguManuel?

10 Menze umhlobo wakho. Kubalulekile ukuba akubone ukuba umkhathalele. Kutheni ibalulekile nje loo nto? Khawuve into eyathethwa nguManuel ohlala eMexico. Uchaza indlela awancedwa ngayo ngumKristu awayemfundela. Uthi: “Umntu owayendifundela wayedla ngokundibuza ukuba ndinjani qho ngaphambi kokuba sifunde. Loo nto yayindinceda ndizole, nditsho ndikwazi ukuthetha nangezinye izinto. Ndandiyibona indlela andikhathalele ngayo.”

11. Kumnceda njani umntu omfundelayo ukuchitha ixesha elininzi naye?

11 UYesu wayesiba nexesha lokuba kunye nabalandeli bakhe. Nawe zinike ixesha lokuba kunye nomntu omfundelayo. (Yoh. 3:22) Ukuba uyambona ukuba uyazama ukutshintsha indlela aphila ngayo, unokude ummemele kwakho niye kufumana into ephungwayo okanye etyiwayo, okanye niye kubukela ibroadcasting. Kunokumvuyisa kakhulu umfundi ukuyenza ngamaxesha eeholide zonqulo lobuxoki nezelizwe loo nto, xa izihlobo nentsapho yakhe zidibene. UKazibwe waseUganda uthi: “Ndicinga ukuba ukuchitha ixesha elininzi nomntu ondifundelayo kundenze ndafunda izinto ezininzi ngoYehova njengokuba ndisenza naxa sifunda. Ndiye ndabona indlela uYehova abakhathalele ngayo abantu bakhe nendlela abonwabe ngayo. Yiloo nto kanye ke endiyifunayo.”

Ukuba uyabatshintshatshintsha abavakalisi ohamba nabo xa uyokuqhuba isifundo, loo mntu uza kuba nomdla wokuya kwiintlanganiso (Jonga isiqendu 12) *

12. Kutheni kufuneka ubatshintshatshintshe abavakalisi ohamba nabo xa uye kuqhuba isifundo?

12 Batshintshatshintshe abavakalisi ohamba nabo xa uyokumqhubela isifundo. Ngamanye amaxesha unokubona ngathi kubhetele uhambe wedwa okanye uhambe nomvakalisi omnye qho xa uyokufunda naye, ungabatshintshatshintshi. Ewe kona kulula ukwenza ngaloo ndlela, kodwa uza kumnceda kakhulu umfundi xa ubatshintshatshintsha abavakalisi oya nabo kuye. UDmitrii ohlala eMoldova uthi: “Umvakalisi eze naye wayesiba neyakhe indlela yokucacisa izinto. Loo nto yandinceda ndabona ezinye iindlela endinokuyenza ngazo into endiyifundayo. Yandenza andabi nantloni kangako ukuqala kwam ukuya kwiintlanganiso kuba abazalwana noodade abaninzi ndandibazi.”

13. Kutheni kufuneka uncede umntu omfundelayo aye kwiintlanganiso?

13 Mncede aye kwiintlanganiso. Ngoba? Kaloku uYehova uyalela abakhonzi bakhe ukuba badibane, kuba leyo yenye yeendlela esimkhonza ngazo. (Heb. 10:24, 25) Enye into, abazalwana noodade abasebandleni bayintsapho yethu. Xa sikunye nabo kwiintlanganiso, iba ngathi sihleli sonke etafileni ekhaya, siyatya. Xa umnceda aye kwiintlanganiso, ufuna enze into ebaluleke kakhulu emenza akulungele ukubhaptizwa. Kodwa kunokuba nzima ukuba ade aqale ukuya kwiintlanganiso. Incwadi ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade! inokumnceda njani alungise ingxaki eyenza kube nzima ukuba aye?

14. Unokumnceda njani umntu omfundelayo ukuze abone ukuba kubalulekile ukuya kwiintlanganiso?

14 Isifundo 10 sencwadi ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade! sinokukunceda ukwazi ukwenza umfundi abone indlela ekubaluleke ngayo ukuya kwiintlanganiso. Ngaphambi kokuba igqitywe ukubhalwa le ncwadi, kwacelwa abanye abavakalisi ukuba basebenzise esi sifundo kubantu ababafundelayo. Bathi sabanceda kakhulu abo bantu batsho baya kwiintlanganiso. Le nto ayithethi ukuba kufuneka ulinde de nifike kwisifundo 10 ukuze umeme umntu omfundelayo ukuba aye kwiintlanganiso. Mmeme ngokukhawuleza, futhi ummeme qho. Azifani iingxaki abanazo abantu esibafundelayo. Ngoko zazi izinto adinga ukuncedwa kuzo umfundi, uze ucinge ngendlela onokumnceda ngayo. Ungatyhafi xa engade aye kwiintlanganiso. Yiba nomonde, ungayeki ukummema.

MNCEDE AYEKE UKOYIKA

15. Yintoni asenokuyoyika umntu omfundelayo?

15 Usayikhumbula indlela owawusoyika ngayo ukuba liNgqina LikaYehova? Mhlawumbi wawucinga ukuba awunakukwazi ukuhamba ungena emizini ushumayela. Okanye wawusoyika ukuba abantu bakowenu neetshomi zakho basenokungakufuni. Ukuba kwakunjalo kuwe, uyiqonda kakuhle indlela aziva ngayo umntu omfundelayo. NoYesu wakhe watsho ukuba abanye abantu babesenokoyika. Kodwa waxelela abalandeli bakhe ukuba bangavumeli olo loyiko lubenze bayeke ukukhonza uYehova. (Mat. 10:16, 17, 27, 28) Wabanceda njani bayeka ukoyika? Wena unokumnceda njani umntu omfundelayo?

16. Unokumnceda njani umntu omfundelayo akwazi ukuxelela abantu ngezinto azifundayo?

16 Mncede ade akwazi ukuxelela abantu ngezinto azifundayo. Kusenokwenzeka ukuba abafundi bakaYesu boyika xa wayebathuma ukuba baye kushumayela. Kodwa wabanceda kuba wabaxelela indawo amabaye kushumayela kuyo nokuba ze bafike bathini. (Mat. 10:5-7) Unokumlinganisa njani ke wena? Nceda umntu omfundelayo aqonde ukuba ngabantu abanjani anokubaxelela ngezinto eziseBhayibhileni. Ngokomzekelo, mbuze ukuba akukho mntu amaziyo na onomdla wokuva into ethethwa yiBhayibhile. Emva koko lungiselela kunye naye into aza kuyithetha, umbonise indlela elula yokuxelela loo mntu izinto ezithethwa yiBhayibhile. Ukuba ubona kufanelekile, xa nilungiselela, ninokujonga indawo ethi “Xa Umntu Esithi” kwincwadi ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade! Qiniseka ukuba uyamnceda akwazi ukuphendula imibuzo ngendlela elula necingisiswe kakuhle ephuma eBhayibhileni.

17. Unokumsebenzisa njani uMateyu 10:19, 20, 29-31 xa unceda umntu omfundelayo amthembe uYehova?

17 Mncede amthembe uYehova. UYesu waxelela abafundi bakhe ukuba uYehova uza kubanceda kuba uyabathanda. (Funda uMateyu 10:19, 20, 29-31.) Nomntu omfundelayo mkhumbuze ukuba uYehova uza kumnceda naye. Thandaza kunye naye, uxelele uYehova izinto azimisele ukuzenza. UFranciszek wasePoland uthi: “Umntu owayendifundela wayesoloko ethetha ngezinto endizimisele ukuzenza xa ethandaza. Ndathi ndakubona indlela uYehova ayiphendula ngokukhawuleza ngayo imithandazo yakhe, nam ndaqala ukuthandaza. Ndandiyibona indlela uYehova andinceda ngayo xa ndicela iintsuku zokuya kwiintlanganiso okanye kwindibano emsebenzini.”

18. Indlela asebenza nzima ngayo amaKristu ukuze ancede abantu imenza azive njani uYehova?

18 UYehova ubakhathalele kakhulu abantu esibafundisa iBhayibhile. Uyayazi indlela abasebenza nzima ngayo abavakalisi ukuze bancede abantu ababafundisayo babe ngabahlobo bakhe. Loo nto imenza abathande kakhulu. (Isa. 52:7) Ukuba akukho mntu umfundisa iBhayibhile ngoku, unokuhamba nabanye abavakalisi xa beye kuqhuba izifundo, ukuze nawe uncede ezo zifundo zibhaptizwe.

INGOMA 60 Masibancede Abantu Basinde

^ isiqe. 5 Kweli nqaku kuza kuthetha ngendlela uYesu awabanceda ngayo abantu baba ngabafundi bakhe nangokuba thina sinokuyenza njani loo nto. Kuza kuthethwa nangendlela esiza kuyisebenzisa ngayo incwadi entsha ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade! Le ncwadi ibhalelwe ukunceda abantu esibafundelayo babhaptizwe.

^ isiqe. 7 Unokufumana ezinye izinto ezenzeke kubazalwana noodade (1) kwincwadi ethi ISikhokelo Sokuphanda SamaNgqina KaYehova kumxholo othi “IBhayibhile,” uye kwindawo ethi “Indlela Eluncedo Ngayo,” emva koko uye kwethi “’IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu’ (ungcelele lwamanqaku akwiMboniselo) okanye (2) yiya kuJW.ORG kwindawo ethi “Amava AmaNgqina KaYehova.”

^ isiqe. 62 INGCACISO YOMFANEKISO: Umzalwana ufundela umfana, uhamba nomkakhe. Ngamanye amaxesha uhamba nabanye abazalwana.