Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 23

UYehova Uza Kuhlala Enawe

UYehova Uza Kuhlala Enawe

“UYehova usondele kubo bonke abo bakhalela kuye.”​—INDU. 145:18.

INGOMA 28 Masibe Ngabahlobo BakaYehova

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Ziintoni ezenza abanye abakhonzi bakaYehova bakhe bazive ngathi babodwa?

ABANINZI kuthi bakhe bazive ngathi babodwa, akukho mntu ubakhathaleleyo. Kwabanye iba yinto nje yexeshana leyo, kanti kwabanye ibakho ixesha elide. Umntu usenokuziva ngathi uyedwa kanye ngoku ehleli nabantu. Kaloku kwabanye kuba nzima ukuzenzela abahlobo ebandleni. Abanye abaphuma kwintsapho ebizenza kunye izinto, iba ngathi akukho mntu ubahoyileyo xa bephumile emakhaya. Abanye bona bakhumbula ukuba kunye nabantu babo abaswelekileyo. Amanye amaKristu, kakhulu lawo asandungena entlanganweni, iba ngathi ashiywe odwa okanye akukho mntu uwahoyileyo xa ephethwe kakubi ngabantu bakowabo okanye ngabahlobo abangengomaNgqina.

2. Yeyiphi imibuzo esiza kuyiphendula?

2 UYehova uyazi yonke into eyenzekayo kuthi. Xa siziva ngathi sisodwa, uyayazi loo nto, ufuna ukusinceda. Usinceda njani? Thina singazinceda njani? Sinokubanceda njani abazalwana noodade abaziva ngathi babodwa? Makhe siphendule le mibuzo.

UYEHOVA USIKHATHALELE

UYehova wathumela ingelosi yaya kuxelela uEliya ukuba akashiyekanga yedwa (Jonga isiqendu 3)

3. UYehova wabonisa njani ukuba umkhathalele uEliya?

3 UYehova ufuna bonke abakhonzi bakhe bonwabe. Ungumhlobo wethu sonke, uyasibona xa singonwabanga okanye sityhafile. (INdu. 145:18, 19) Khawucinge indlela awayemkhathalele ngayo umprofeti uEliya nendlela awamnceda ngayo. Le ndoda ithembekileyo yayiphila ngexesha ekwakunzima kakhulu ngalo kwaSirayeli. Abakhonzi bakaYehova babephethwe kabuhlungu ziintshaba zikaYehova. Oyena mntu zazifuna igazi lakhe nguEliya. (1 Kum. 19:1, 2) Mhlawumbi uEliya wayekhathazwa nakukuba wayecinga ukuba nguye yedwa umkhonzi kaYehova oshiyekileyo. (1 Kum. 19:10) Wathi esacinga loo nto, uThixo wamnceda. Wathuma ingelosi yaya kumxelela ukuba akakho yedwa, asemaninzi amaSirayeli athembekileyo kuThixo.—1 Kum. 19:5, 18.

4. UMarko 10:29, 30 uyibonisa njani indlela uYehova abakhathalele ngayo abakhonzi bakhe abangasancedwayo yintsapho okanye ngabahlobo?

4 UYehova uyazi ukuba xa sifuna ukumkhonza, kusenokubakho izinto ekufuneka bazincame abanye bethu. Mhlawumbi iintsapho nezihlobo ezingamkhonziyo uYehova ziye ziyeke ukubanceda nokuvana nabo. Ixhala awayenalo umpostile uPetros lamenza wabuza uYesu esithi: “Sishiye zonke izinto zethu, sakulandela; ngoko ke, siza kufumana ntoni?” (Mat. 19:27) UYesu waxelela abafundi bakhe ukuba baza kufumana intsapho engabazalwana noodade. (Funda uMarko 10:29, 30.) Yena uYehova, uTata wethu Osezulwini, uthembisa ukuba uza kubanceda abantu abazimisele ukumkhonza. (INdu. 9:10) Ngoku makhe sithethe ngezinto onokuzenza ukuze ngamaxesha oziva ngathi uwedwa ngawo, uYehova akuncede.

UNOKWENZA NTONI XA UZIVA NGATHI UWEDWA?

5. Kutheni kubalulekile ukucinga ngendlela uYehova akunceda ngayo?

5 Cinga ngendlela uYehova akunceda ngayo. (INdu. 55:22) Loo nto iza kukunceda ubone ukuba awukho wedwa. Omnye udade ongatshatanga, uCarol, * nguye yedwa iNgqina kokwabo. Uthi: “Xa ndicinga indlela uYehova andincede ngayo ndakwazi ukunyamezela iingxaki ebendinazo, nditsho ndibone ukuba andikho ndodwa. Le nto indenza ndingathandabuzi ukuba uYehova uza kusoloko endinceda.”

6. U-1 Petros 5:9, 10 unokubakhuthaza njani abantu abaziva ngathi babodwa?

6 Cinga indlela uYehova abanceda ngayo abanye abazalwana noodade abaneengxaki. (Funda u-1 Petros 5:9, 10.) UHiroshi, umzalwana osele eneminyaka emininzi inguye yedwa iNgqina kokwabo, uthi: “Ebandleni, kulula ukubona ukuba sonke sineengxaki, sonke siyazama ukukhonza uYehova ngamandla ethu onke. Loo nto iyabakhuthaza abazalwana noodade abaneentsapho ezingengomaNgqina ukuba banyamezele.”

7. Ukunceda njani wena umthandazo?

7 Thandaza qho, uyifunde yonke imihla iBhayibhile, ungaphoswa ziintlanganiso. Xelela uYehova indlela oziva ngayo. (1 Pet. 5:7) UMassiel, udade osemtsha owathi akukhonza uYehova waziva ngathi uyedwa kuba abantu bakokwabo babengengomaNgqina uthi: “Enye yezona zinto zibalulekileyo ezandincedayo kukuthetha noYehova qho. WayenguTata wam, ndithetha naye yonke imihla ndimxelela indlela endiziva ngayo.”

Ukumamela iBhayibhile neencwadi ezirekhodiweyo kunokubanceda abantu abaziva ngathi babodwa (Jonga isiqendu 8) *

8. Ukufunda iLizwi LikaThixo nokucingisisa ngezinto ozifundayo kukunceda njani wena?

8 Lifunde qho iLizwi LikaThixo, ucingisise ngeevesi ezibonisa indlela akuthanda ngayo uYehova. Omnye udade oye wanyamezela ukugxekwa ngabantu bakowabo, uBianca, uthi: “Ndincedwa kukufunda nokucingisisa ngezinto ezithethwa yiBhayibhile namabali obomi babakhonzi bakaYehova abakha baba nengxaki efana neyam.” Amanye amaKristu aye azama ukuzazi ngentloko izibhalo eziwathuthuzelayo, ezifana neNdumiso 27:10 kunye noIsaya 41:10. Abanye baye bamamele izinto ezirekhodiweyo xa belungiselela iintlanganiso okanye befunda iBhayibhile. Bathi loo nto iyabanceda bangaziva beshiywe bodwa.

9. Wena zikunceda njani iintlanganiso?

9 Zama ngazo zonke iindlela ukuba ungaphoswa ziintlanganiso. Izinto ezifundiswa kwiintlanganiso ziza kukunceda futhi uza kutsho ubazi kakuhle abazalwana noodade. (Heb. 10:24, 25) UMassiel ebekukhe kwathethwa ngaye uthi: “Ndandineentloni kakhulu, kodwa ndaye ndazixelela ukuba ndiza kuya kuzo zonke iintlanganiso futhi ndiphendule. Ndatsho ndabaqhela abazalwana noodade ebandleni.”

10. Kutheni kubalulekile ukuzenzela abahlobo ebandleni?

10 Zama ukuba nabahlobo abathanda uYehova. Ebandleni, zenzele abahlobo onokufunda izinto ezininzi kubo. Basenokuba ngabantu abadala okanye abancinci kuwe. Mhlawumbi ibe ngabazalwana noodade abathetha ulwimi olungafaniyo nolwakho. IBhayibhile ithi ubulumko bufunyanwa “kubantu abadala.” (Yobhi 12:12) Nabantu abadala banokufunda izinto ezininzi kubantu abasebancinci abamthandayo uYehova. UDavide wayemncinci kakhulu kuYonatan kodwa babengabahlobo. (1 Sam. 18:1) Bamkhonza uYehova naxa babeneengxaki kuba babekhuthazana. (1 Sam. 23:16-18) UIrina, udade oliNgqina yedwa kokwabo uthi: “Abazalwana noodade baye bafane nabazali, oosisi noobhuti bethu. Xa uYehova efuna sifumane izinto esizidingayo, usebenzisa bona.”

11. Yintoni omele uyenze ukuze ufumane abahlobo?

11 Kusenokungabi lula ukuzenzela abahlobo. Kuba nzima kakhulu xa uneentloni. Omnye udade oneentloni, uRatna, owayengazange ayeke ukufunda inyaniso naxa abanye babengafuni nokuyiva loo nto uthi: “Kwafuneka ndiqonde ukuba ndidinga uncedo lwabazalwana noodade.” Kusenokuba nzima ukuxelela omnye umntu indlela oziva ngayo, kodwa xa ukhululeka kuye, unokude abe ngumhlobo wakho. Abahlobo bakho bafuna ukukukhuthaza nokukunceda, kodwa kufuneka ubenze bayazi indlela abanokuzenza ngayo ezi zinto.

12. Yeyiphi enye yezona ndlela onokubafumana ngazo abahlobo abamthandayo uYehova? Cacisa.

12 Enye yezona ndlela onokubafumana ngazo abahlobo kukuba kunye nabazalwana noodade entsimini. UCarol ebekukhe kwathethwa ngaye uthi: “Ukuba sentsimini nokwenza eminye imisebenzi kaYehova nabanye oodade kundenze ndanabahlobo abaninzi. Kuyo yonke le minyaka, uYehova ebesebenzisa bona xa endinceda. Kumnandi ukuba nabahlobo abamthandayo uYehova. Xa utyhafile, ubona ngathi akukho mntu ukukhathaleleyo, uYehova usebenzisa bona ukuze bakukhuthaze.—IMize. 17:17.

NCEDA ABANYE BAZIVE BESEKHAYA XA BESEBANDLENI

13. Yintoni ekufuneka sisebenzele kuyo sonke ebandleni?

13 Sonke kufuneka sisebenzele ukuba ibandla libe yindawo enoxolo, sibathande bonke abazalwana noodade ukuze kungabikho mntu uziva ngathi akahoywanga. (Yoh. 13:35) Izinto esizenzayo nesizithethayo zingabakhuthaza kakhulu abanye. Omnye udade wakha wathi: “Ndathi ndakuyazi inyaniso, ndanentsapho engabazalwana noodade. NgendingeloNgqina ngoku ukuba babengandincedanga.” Yintoni onokuyenza ukuze uncede abantu abangamaNgqina bodwa kumawabo babone ukuba bayathandwa ebandleni?

14. Ziintoni onokuzenza ukuze abazalwana noodade abasand’ ufika ebandleni babe ngabahlobo bakho?

14 Benze abahlobo bakho abazalwana noodade abasand’ ufika ebandleni. Unokuqala ngokubamkela ngezandla ezishushu xa befika. (Roma 15:7) Kodwa awuzukuphelela apho. Kaloku ufuna bade babe ngabahlobo bakho. Ngoko kufuneka ube nomdla kubo, babone ukuba ubakhathalele. Zama ukuqonda iingxaki abanazo, kodwa ungade ubabuze izinto eziza kubenza babe neentloni. Abanye basenokungakwazi ukukuxelela indlela abaziva ngayo, ungabenzi bazive ngathi kunyanzelekile ukuba bakuphendule. Babuze imibuzo abangazukuba nengxaki yokuyiphendula, uze ubamamele kakuhle. Ngokomzekelo, unokubabuza ukuba badibene njani namaNgqina KaYehova.

15. AmaKristu amkhonza kakuhle uYehova anokubanceda njani abanye ebandleni?

15 Luza kuqina ukholo lwethu sonke ebandleni xa sikhathalelene. Luza kuqina nakakhulu xa abadala namaKristu ekudala emkhonza kakuhle uYehova ebakhathalele abazalwana noodade abakhonza nabo. UMelissa owakhuliswa ngumama oliNgqina uthi: “Ndibabulela kakhulu abazalwana abebengootata kum, bechitha ixesha nam futhi bendihoyile. Xa ndifuna ukuthetha, bendisazi ukuba kukho umntu oza kundimamela.” Omnye umzalwana osemtsha, uMauricio, waziva ngathi ulahliwe emva kokuba umzalwana owayemfundela eshiye uYehova. Uthi: “Indlela ababendikhathalele ngayo abadala yandinceda kakhulu. Babencokola nam qho, besebenza nam entsimini. Babendibalisela nezinto ezikhuthazayo abazifunde eBhayibhileni, senze izinto ezisonwabisayo.” UMelissa noMauricio bakwinkonzo yexesha elizeleyo.

Ukhona umntu ebandleni onokuvuya xa ummema? (Jonga isiqendu 16-19) *

16-17. Zeziphi iindlela esinokubanceda ngazo abanye abazalwana noodade?

16 Benzele izinto abazidingayo. (Gal. 6:10) ULeo ongumthunywa wevangeli kwilizwe elikude nakowabo uthi: “Udinga nje umntu oza kukwenzela into oyidingayo kanye ngexesha oyidinga ngalo. Ndikhumbula mhla ndafumana ingozi yemoto. Ndafika endlini ndinestres. Kanye ngelo xesha omnye umzalwana nomfazi wakhe bandimema ndaya kutya nabo. Andisayikhumbuli nento esayityayo, eyona nto ndisayikhumbulayo kukuba bandimamela. Emva koko istres endandinaso sehla.”

17 Kuba mnandi xa sikwiindibano ezincinci nezinkulu kuba siba kunye namanye amaNgqina, sincokole ngeentetho ebezinikelwa. Kodwa uCarol ekuthethwe ngaye kwiziqendu ezidlulileyo yena uthi, “Xa ndikwiindibano, iba ngathi akukho mntu unexesha lam.” Kutheni esitsho? Uthi: “Naxa ndiphakathi kwabazalwana noodade abaninzi, akukho mntu undihoyayo, bonke bahoya iintsapho zabo, bancokola nazo. Xa ndibabona, ndiye ndirhale ndithi akwaba nam bendifana nabo.” Kanti kuba nzima kwabanye ukuya endibanweni emva kokuba beswelekelwe yindoda okanye ngumfazi. Ukhona umntu omaziyo oneengxaki ezifana nezi? Kutheni ungamceli ahlale nani kwindibano elandelayo?

18. Unokuwasebenzisa njani ama-2 Korinte 6:11-13 xa umema abazalwana noodade?

18 Ziphe ixesha lokonwaba nabo. Zama ukonwaba nabazalwana noodade abahlukahlukeneyo, kakhulu yiba kunye nabo baziva ngathi abanamntu. Sifuna ‘ukuzivula [kakhulu] iintliziyo zethu’ kumaKristu anjalo. (Funda ama-2 Korinte 6:11-13.) UMelissa ekuthethwe ngaye kwiziqendu ezidlulileyo uthi: “Kwakuba mnandi xa simenywe ngabazalwana noodade ukuba siye emizini yabo okanye besicela sihambe nabo xa besiya kubona iindawo.” Ebandleni lakho ngaba ukhona umzalwana okanye udade onokummema?

19. Kunini apho anokuvuya kakhulu khona amanye amaKristu xa sisonwaba nawo?

19 Kusenokubakho amaxesha apho amanye amaKristu anokuvuya kakhulu xa sisonwaba nawo. Kusenokuba yingxaki kwabanye ukuba kunye neentsapho zabo xa zisonwabela iiholide zehlabathi. Kanti abanye basenokuba buhlungu kakhulu ngosuku awasweleka ngalo umntu abebemthanda. Xa sizipha ixesha lokuba nabo, sibabonisa indlela ‘esibahoye’ ngayo.—Fil. 2:20.

20. Into eyathethwa nguYesu kuMateyu 12:48-50 inokusinceda njani xa siziva ngathi sishiywe sodwa?

20 Zininzi izinto ezenza amanye amaKristu akhe azive ngathi awodwa, akukho mntu uwahoyileyo. Singaze silibale ukuba uYehova uyazi kakuhle indlela esiziva ngayo. Usebenzisa abazalwana noodade ukuze asincede sifumane into esiyidingayo. (Funda uMateyu 12:48-50.) Nathi simbonisa indlela esimbulela ngayo ngabazalwana noodade asiphe bona xa sibanceda ngeendlela zonke esikwazi ngazo. Nokuba siziva njani ngamanye amaxesha, masiqiniseke ukuba uYehova akasoze asishiye, uza kuhlala enathi.

INGOMA 46 Enkosi Yehova

^ isiqe. 5 Ngaba ukhe uzive ngathi uwedwa, bonke abantu bahambela kude kuwe? Ukuba ukhe uzive ngolo hlobo, qiniseka ukuba uYehova uyayazi loo nto, ufuna ukukunceda. Kweli nqaku uza kuva izinto onokuzenza xa uziva ngolu hlobo. Uza kuva nokuba unokubakhuthaza njani abanye abazalwana noodade abaziva ngolu hlobo.

^ isiqe. 5 Amanye amagama atshintshiwe.

^ isiqe. 60 INGCACISO YEMIFANEKISO: Umzalwana oswelekelwe ngumfazi uncedwa kukumamela iBhayibhile nezinto ezirekhodiweyo.

^ isiqe. 62 INGCACISO YEMIFANEKISO: Umzalwana nentombazana yakhe baye kubona umzalwana okhulileyo abakunye naye ebandleni, bamphathele izinto ezimnandi.