Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 24

Lumka Ungabanjiswa NguSathana

Lumka Ungabanjiswa NguSathana

‘Phuncuka kumgibe kaMtyholi.’—2 TIM. 2:26.

INGOMA 36 Masikhusele Iintliziyo Zethu

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Kutheni sisithi uSathana ufana nomzingeli?

EYONA nto ifunwa ngumzingeli kukubamba okanye ukubulala isilwanyana. Uye asebenzise iindlela ezininzi zokusibambisa, njengokuba yayitshilo enye yamadoda awayesenza ngathi athuthuzela uYobhi. (Yobhi 18:8-10) Ziintoni azenzayo ukuze asibambise okanye asibulale isilwanyana? Uyasibukela ukuba sithanda ukuhamba phi, sithanda ntoni nokuba yeyiphi eyona ndlela anokusibambisa ngayo singalindelanga. NoSathana unjalo. Uyasibukela, azazi iindawo esihamba kuzo nezinto esinomdla kuzo. Akuqiniseka ngezi zinto, usibambisa singalindelanga. Kodwa iBhayibhile ithi nokuba angasibambisa, singakwazi ukuphuncuka. Isifundisa nokuba singenza ntoni ukuze angasibambisi.

Ikratshi nokubawa zimsebenzele kakhulu uSathana ekubambiseni abantu (Jonga isiqendu 2) *

2. Zeziphi ezona ndlela asibambisa ngazo uSathana?

2 Ezona ndlela zimsebenzelayo asibambisa ngazo uSathana likratshi nokubawa. * Sekuyiminyaka zimsebenzela. Ufana nomntu obambisa iintaka. Kuloo nto afuna ukuzibambisa ngayo uye afake into eza kuzenza ziye kuyo. (INdu. 91:3) Thina uYehova usixelele iindlela asibambisa ngazo uSathana, ngoko akasoze akwazi ukusibambisa singalindelanga.—2 Kor. 2:11.

Sinokufunda kubantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni ukuze sikwazi ukuphepha iindlela uMtyholi asibambisa ngazo (Jonga isiqendu 3) *

3. Kutheni uYehova eye waqiniseka ukuba eBhayibhileni kuyabhalwa ngabanye abantu ababenekratshi nababebawa?

3 UYehova usixelela ngezinto ezenzeka kubakhonzi bakhe ababenekratshi nababebawa ukuze silumkele ukwenza izinto abazenzayo. Siza kubona indlela uSathana awababambisa ngayo nkqu nabantu ekwakukudala bekhonza uYehova. Ngaba le nto ithetha ukuba ayikho indlela yokuba singabi nalo ikratshi futhi singabawi? Ayithethi loo nto tu. UYehova waqiniseka ukuba kuyabhalwa ngaba bantu eBhayibhileni ukuze ‘silumke.’ (1 Kor. 10:11) Uyazi ukuba xa sizazi izinto ezenzeka kubo, siza kukwazi ukuzibaleka iindlela azama ukusibambisa ngazo uMtyholi.

IKRATSHI

Jonga isiqendu 4

4. Yintoni eza kwenzeka kuthi xa sinekratshi?

4 USathana ufuna sibe nekratshi. Uyazi ukuba xa sinokuba nalo, siza kufana naye, singabufumani ubomi obungunaphakade. (IMize. 16:18) Yiloo nto umpostile uPawulos wasilumkisa esithi umntu ‘unokukhukhumala aze afumane umgwebo ofanayo nokaMtyholi.’ (1 Tim. 3:6, 7) Loo nto inokwenzeka nakubani na, nokuba usand’ ukuba liNgqina okanye kudala elilo.

5. INtshumayeli 7:16, 20 ithi unjani umntu onekratshi?

5 Umntu onekratshi ngumntu ocingela isiqu sakhe. USathana uzama ukuba sicinge kakhulu ngeziqu zethu kunokucinga ngoYehova. Le ndlela uyisebenzisa kakhulu xa sineengxaki. Ngokomzekelo, ngaba wakhe watyholwa ngento ongayenzanga? Okanye wakhe waphathwa ngendlela engenabulungisa? USathana angakuvuyela ukukuva usola uYehova okanye abazalwana. Ufuna ucinge ukuba ingxaki onayo ungayilungisa ngendlela ofuna ngayo kunokuba wenze into oyixelelwa liLizwi LikaThixo.—Funda iNtshumayeli 7:16, 20.

6. Ufunda ntoni kwinto ethethwa ngudade waseNetherlands?

6 Khawuve into eyenzeka komnye udade oseNetherlands owayecatshukiswa ziimpazamo ezazisenziwa ngabanye abazalwana noodade. Wazixelela ukuba akanakukwazi ukubanyamezela. Uthi: “Ndandiziva ngathi ndidodwa kuba ndazixelela ukuba andinakukwazi ukubaxolela. Ndathi kumyeni masitshintshe ibandla.” Wabukela iJW Broadcasting kaMatshi 2016. Kuyo kwacetyiswa ngezinto onokuzenza xa abantu besenza iimpazamo. Lo dade uthi: “Ndabona ukuba ndimele ndithobeke ndize ndicinge ngeempazamo endizenzayo kunokuba ndizame ukutshintsha abazalwana noodade ebandleni. Loo JW Broadcasting yandinceda ndamamela uYehova onegunya lokusixelela into emasiyenze.” Eyona nto ithethwayo apha kukuba, xa unengxaki, hlala ucinga ngoYehova. Mcele akuncede ubone abazalwana noodadewenu ngendlela ababona ngayo. UTata wakho osezulwini uyazibona iimpazamo abazenzayo, kodwa ufuna ukubaxolela. Ufuna nawe ufane naye.—1 Yoh. 4:20.

Jonga isiqendu 7

7. Kwenzeka ntoni kuKumkani u-Uziya?

7 UKumkani u-Uziya waba nekratshi, akamamela xa wayenqandwa ngabanye abakhonzi bakaYehova, waza wenza into awayengayithunywanga nguYehova ngenxa yekratshi. Ngaphambi kokuba enze loo nto, wayesenza izinto ngendlela efunekayo, esoyisa ezimfazweni, esakha izixeko, enazo neefama. “UThixo wokwenene wamenza waphumelela.” (2 Kron. 26:3-7, 10) IBhayibhile ithi: “Kodwa ke, uthe nje akomelela waba nekratshi, intliziyo yakhe yamkhokelela ekonakaleni.” UYehova wayeyalele ukuba ibe ngababingeleli qha abatshisa isiqhumiso esiqholiweyo etempileni. Kodwa u-Uziya wenza into awayengafanele ayenze, waya kutshisa isiqhumiso esiqholiweyo etempileni. UYehova zange ayithande loo nto, wayibetha ngeqhenqa le ndoda yayingaziva likratshi. Waba nelo qhenqa de wasweleka.—2 Kron. 26:16-21.

8. Yintoni ethethwa kuma-1 Korinte 4:6, 7 esinceda singabi nekratshi?

8 Ngaba kunokwenzeka sibe nekratshi size sone njengoUziya? Khawuve into eyenzeka kuJosé. Ishishini lakhe laliqhuba kakuhle kakhulu futhi engumdala owayehlonitshwa ebandleni. Wayenikela iintetho kwiindibano ezincinci nezinkulu, nabaveleli becela amacebiso kuye. Uthi: “Ndazithemba kakhulu, ndamlibala uYehova. Ndandicinga ukuba ndomelele, andammamela xa endilumkisa naxa endilungisa.” UJosé wenza isono waza wakhutshelwa ngaphandle. Uye wabuyiselwa kule minyaka idlulileyo. Ngoku uthi: “UYehova undifundise ukuba eyona nto ibaluleke ngaphezu kokusetyenziswa yintlangano, kukwenza izinto athi zenze.” Masingayilibali into yokuba nguYehova osipha ingqondo nobulumko bokuzenza kakuhle izinto, nosinike imisebenzi esiyenzayo kwintlangano yakhe. (Funda ama-1 Korinte 4:6, 7.) Ukuba sinekratshi, akazukusisebenzisa.

UKUBAWA

Jonga isiqendu 9

9. Yintoni abayenzayo uSathana noEva ngenxa yokubawa?

9 Xa sicinga ngokubawa, umntu wokuqala othi qatha ezingqondweni zethu nguSathana uMtyholi. Wayeyingelosi kaYehova, ngoko inoba zazininzi izinto uYehova awayemnike zona. Kodwa wafuna ukufumana ezinye. Naye wafuna ukunqulwa njengoYehova. Ufuna nathi sifane naye, singoneli zizinto esinazo. Le nto waqala ukuyenza xa wathetha noEva. UYehova wayenike uAdam noEva ukutya okuninzi, ‘okwakukuyo yonke imithi yomyezo.’ Mnye qha umthi awathi mabangatyi kuwo. (Gen. 2:16) USathana wamqhatha uEva, emenza acinge ukuba kwakufuneka atye nakula mthi kwakuthiwe mabangatyi kuwo. UEva zange onele yinto awayeyinikiwe, wafuna nale wayengayinikwanga. Siyayazi into eyenzekayo. Waba nesono waza wafa.—Gen. 3:6, 19.

Jonga isiqendu 10

10. Yintoni awayenzayo uKumkani uDavide ngenxa yokubawa?

10 Ukubawa kwenza uKumkani uDavide wazilibala izinto awayezinikwe nguYehova. Ezinye zazo bubutyebi, udumo namandla okoyisa iintshaba ezininzi. Wayembulela uYehova ngezinto ‘ezininzi’ amphe zona. (INdu. 40:5) Kwafika ukubawa, wafuna nezinto awayengazinikwanga. Wayenabafazi abaninzi, kodwa warhalela umfazi kaUriya umHiti, uBhatshebha. Walala naye, wammithisa. Yaba mbi kakhulu loo nto. Waphinda wenza embi nakakhulu kunaleyo, wazama ukuba kubulawe u-Uriya. (2 Sam. 11:2-15) Wayecinga ntoni? Inoba wayecinga ukuba uYehova akamboni? Wayeneminyaka ethembekile kuYehova, kodwa wabawa, yaza loo nto yamfaka kwembi ingxaki. Into evuyisayo kukuba ekuhambeni kwexesha wazisola, wabuyela kuYehova. Wavuya kakhulu akuxolelwa nguYehova!—2 Sam. 12:7-13.

11. AmaEfese 5:3, 4 athi yintoni eza kusinceda singabawi?

11 Sifunda ntoni kuDavide? Sifunda ukuba into enokusenza singabawi kukuhlala simbulela uYehova ngazo zonke izinto asiphe zona. (Funda amaEfese 5:3, 4.) Masanele zizinto esinazo. Xa siqala ukufundisa umntu iBhayibhile, masizame ukumfundisa ukuba acinge ngento nje enye ayithandayo ayenzelwe nguYehova, aze ambulele. Ukuba uyenze iveki yonke loo nto, uya kube uthandazele izinto eziyi-7. (1 Tes. 5:18) Ngaba wena umbulela ngolo hlobo uYehova? Ukuba ucinga ngazo zonke izinto akwenzele zona uYehova, uza kukwazi ukumbulela. Xa umbulela, uza kwanela yiloo nto unayo. Xa usanela, awuzukubawela izinto ongenazo.

Jonga isiqendu 12

12. Yintoni awayenzayo uYudas Skariyoti ngenxa yokubawa?

12 Ukubawa kwenza uYudas Skariyoti wenza into embi kakhulu, wathengisa ngoYesu. Wayengengomntu umbi ekuqaleni. (Luka 6:13, 16) Yiloo nto uYesu wamkhetha wangumpostile wakhe. Wayemthemba kuba wamphathisa ibhokisi yemali. Loo mali yayinceda uYesu nabapostile kwiindleko zomsebenzi wokushumayela ababewenza. Kweli xesha lethu besiza kuthi yiminikelo yomsebenzi owenziwa ehlabathini lonke. Ekuhambeni kwexesha, uYudas wayiba le mali kodwa wayemva qho uYesu xa elumkisa abantu ngokubawa. (Marko 7:22, 23; Luka 11:39; 12:15) Zange azihoye zonke ezo zinto zazithethwa nguYesu.

13. Wabonakala nini uYudas ukuba uyabawa?

13 UYudas wabonakala ukuba uyabawa kwinto eyenzeka ngaphambi kokuba uYesu abulawe. UYesu, abafundi bakhe, uMariya nodadewabo uMarta, babeye kubona uSimon owayekade eneqhenqa. Kwathi kusatyiwa, uMariya waphakama wagalela ioli enuka kamnandi neyayibiza imali eninzi kwintloko kaYesu. Yamcaphukisa kakhulu le nto uYudas nabanye abafundi. Mhlawumbi abanye abafundi babecinga ukuba ngekubhetele ukuba imali yale oli ibisetyenziswe ukunceda abantu abasokolayo. Yena uYudas wayengacingi loo nto. Kaloku ‘wayelisela,’ wayefuna ukuba imali esebhokisini. Ekuhambeni kwexesha, ukubawa kwamenza wathengisa uYesu.—Yoh. 12:2-6; Mat. 26:6-16; Luka 22:3-6.

14. Omnye umzalwana nodade wakwakhe bawusebenzisa njani umbhalo kuLuka 16:13?

14 UYesu wathi kubalandeli bakhe: “Aninakuba ngamakhoboka kaThixo nawobuTyebi.” (Funda uLuka 16:13.) Iseyinyani nangoku loo nto. Khawubone indlela omnye umzalwana nodade wakwakhe abawusebenzisa ngayo lo mbhalo. Bafumana umsebenzi wexeshana kwilizwe elalimi kakuhle kwezoqoqosho. Bathi: “Sasifuna ukubhatala imali eninzi esasiyiboleke ebhankini. Ngoko saqala sacinga ukuba nguYehova osisikelela ngalo msebenzi.” Kodwa lo msebenzi wawuza kubenza bangabi nalo ixesha lokumkhonza kakuhle uYehova. Emva kokuba befunde inqaku leMboniselo ka-Agasti 15, 2008 elithi, “Qhubeka Unyanisekile Ngentliziyo Emanyeneyo,” bayazi into amabayenze. Bathi: “Ukuba sasiwuthathile lo msebenzi kuba sifuna ukuba nemali eninzi, sasiza kube sithi akubalulekanga kangako kuthi ukuba ngabahlobo bakaYehova. Sasiqinisekile ukuba ukholo lwethu aluzukuqina.” Zange bawuthathe loo msebenzi. Benza njani? Umyeni wafumana umsebenzi owawuza kumbhatala imali eyanele izinto abazidingayo kwilizwe akhulele kulo. Umfazi wakhe uthi: “UYehova akasoze abashiye abakhonzi bakhe.” Bavuyiswa kukuba iNkosi yabo zange ibe yimali, yaba nguYehova.

ZIBALEKE IINDLELA ASIBAMBISA NGAZO USATHANA

15. Kutheni siqinisekile ukuba sinokuphuncuka kwiindlela asibambisa ngazo uSathana?

15 Yintoni esimele siyenze xa sibona ukuba siba nekratshi okanye siyabawa? Masizame ukwahlukana nezi zinto. UPawulos wathi abantu ‘ababanjiswe nguMtyholi bephila’ banokuphuncuka. (2 Tim. 2:26) NoDavide waphuncuka. Wammamela uNatan xa wayemlungisa, wayeka ukubawa, waphinda wangumhlobo kaYehova. Masingalibali ukuba uYehova unamandla kunoSathana. Ukuba siyavuma asincede, sinokuphuncuka okanye siyibaleke indlela uSathana afuna ukusibambisa ngayo.

16. Yintoni eza kusinceda singabanjiswa nguSathana?

16 Kunokuba kufuneke siphuncuke sesibanjisiwe nguSathana, kufuneka sisebenzele ukuba angakwazi kwaukusibambisa. UYehova unokusinceda sikwazi ukuyenza loo nto. Masilumkele ukucinga ukuba thina soze sibe nekratshi okanye sibawe. Nabantu ekudala bemkhonza uYehova baye banazo ezi zinto. Ngoko mcele yonke imihla uYehova ukuba akuncede uzibone zisaqala ukungena. Uza kuzibona kwindlela ocinga nozenza ngayo izinto. (INdu. 139:23, 24) Ungaze uzivumele zikubambise.

17. Kuza kwenzeka ntoni kutshaba lwethu uSathana?

17 USathana kudala waba ngumzingeli. Kodwa alifikanga ligalelekile ixesha lokuba abotshwe, angakwazi ukwenza nto, aze ekugqibeleni abulawe. (ISityhi. 20:1-3, 10) Ingathi ayide yenzeke loo nto. De yenzeke, hlala uzilumkele iindlela asibambisa ngazo. Zama kakhulu ukuba ungaze ube nekratshi okanye ubawe. Zimisele ‘ukumchasa uMtyholi, uza kukubaleka.’—Yak. 4:7.

INGOMA 127 Uhlobo Lomntu Endifanele Ndibe Lulo

^ isiqe. 5 USathana ufana nomzingeli owazi kakuhle umsebenzi wakhe. Uyazama ukusibambisa nokuba sesinexesha elingakanani sikhonza uYehova. Eli nqaku liza kusixelela ukuba ulisebenzisa njani ikratshi nokubawa xa efuna siyeke ukuba ngabahlobo bakaThixo. Siza kufunda nokuba wazisebenzisa njani ezi zinto kwabanye abakhonzi bakaYehova, size sibone ukuba singenza ntoni thina ukuze angakwazi ukusibambisa ngazo.

^ isiqe. 2 AMAGAMA ACACISIWEYO: Ikratshi ekuthethwa ngalo kweli nqaku kuxa umntu ecinga ukuba ubhetele kunabanye, kanti ukubawa kona kuxa umntu ekufuna ngamandla ukuba nemali eninzi, igunya, isondo okanye ezinye izinto ezifana nezi.

^ isiqe. 53 INGCACISO YEMIFANEKISO: Ngenxa yekratshi umzalwana akavumi ukulungiswa. Udade onezinto ezininzi usafuna ezinye.

^ isiqe. 55 INGCACISO YEMIFANEKISO: Ingelosi noKumkani u-Uziya baba nekratshi. Ngenxa yokubawa uEva watya kumthi ekwakuthiwe mabangatyi kuwo, uDavide walala noBhatshebha, yena uYudas waba imali.