Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 26

Ngaba Nawe Uza Kunceda Abantu Babe Ngabafundi?

Ngaba Nawe Uza Kunceda Abantu Babe Ngabafundi?

‘UThixo unenza nibe nomnqweno namandla okwenza izinto azithandayo.’​—FIL. 2:13.

INGOMA 64 Masincedise Ekuvuneni Sivuya

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Yintoni aye wayenza uYehova kuwe?

YINTONI eyakwenza waliNgqina LikaYehova? Mhlawumbi waqala ukuva “iindaba ezilungileyo” kubazali bakho, kumntu osebenza naye, kumntu ofunda naye okanye kwafika amaNgqina awayeshumayela kwindlu ngendlu ekhayeni lakho. (Marko 13:10) Emva kokuba uzivile iindaba ezilungileyo kwabakho umntu owachitha ixesha elininzi ekufundisa iBhayibhile. Nithe xa niqhubeka nifunda, waya umthanda uYehova, weva nokuba naye uyakuthanda. UYehova uye wakutsalela enyanisweni, ngoku ungumfundi kaYesu Kristu onethemba lokuphila ngonaphakade. (Yoh. 6:44) Ngokuqinisekileyo umbulela kakhulu ngokuba enze kwakho umntu okufundise inyaniso waza wangumkhonzi wakhe.

2. Liza kuthetha ngantoni eli nqaku?

2 Ngoku uyayazi inyaniso, nawe kufuneka uncede abanye abantu bahambe nathi kule ndlela iya ebomini. Usenokuba uyakuthanda ukushumayela, kodwa ingxaki kukucela umntu ukuba ufunde naye iBhayibhile okanye umqhubele isifundo. Ukuba unale ngxaki, mhlawumbi aza kukunceda amacebiso oza kuwafumana kweli nqaku. Liza kuthetha ngento esenza sifune ukwenza abafundi. Lisixelele nangento esinokuyenza xa sineengxaki ezisenza singabi namdla wokufundisa. Makhe siqale sive ukuba kutheni kufuneka sibe ngabashumayeli nabafundisi beendaba ezilungileyo.

UYESU WATHI MASISHUMAYELE SIZE SIFUNDISE

3. Kutheni sishumayela?

3 Xa uYesu wayelapha emhlabeni, wanika abalandeli bakhe umsebenzi owawufuna benze izinto ezimbini. Kwakuza kufuneka baqale bashumayele iindaba ezilungileyo zoBukumkani. Wababonisa indlela ababeza kushumayela ngayo. (Mat. 10:7; Luka 8:1) Wabaxelela nezinto ababemele bazenze xa abantu benomdla wokumamela umyalezo woBukumkani naxa bengenamdla. (Luka 9:2-5) Wabaxelela nendlela owawuza kuba mkhulu ngayo lo msebenzi xa waprofeta wathi iindaba ezilungileyo zaziza kushunyayelwa ‘kuzo zonke iintlanga.’ (Mat. 24:14; IZe. 1:8) Nokuba abantu babeza kuba nomdla wokuziva okanye bangabi nawo, abafundi bakhe kwakufuneka babaxelele ngoBukumkani BukaThixo nezinto obuza kubenzela zona.

4. UMateyu 28:18-20 uthi emva kokuba sishumayele ngoBukumkani, yintoni esimele siyenze?

4 Yintoni awathi mabayenze emva kokuba beshumayele? Wathi mabafundise abantu abasenokuba ngabafundi bangomso ukuba bazenze zonke izinto athe mazenziwe. Abanye abantu basenokuthi uYesu wayeyalela amaKristu exesha lakhe. Ngaba kunjalo nyhani? Hayi, kaloku wathi lo msebenzi ubalulekileyo wawuza kwenziwa “de kube sekuphelisweni kweli hlabathi.” (Funda uMateyu 28:18-20.) Kusenokwenzeka ukuba wathetha ngawo naxa wabonakala kubafundi bakhe abangaphezu kwe-500. (1 Kor. 15:6) Kwisityhilelo awasinika uYohane, wayenza yacaca into yokuba ufuna bonke abafundi bakhe bafundise abantu ngoYehova.​—ISityhi. 22:17.

5. Kuma-1 Korinte 3:6-9, uPawulos uwuzekelisa ngantoni umsebenzi wokushumayela nokufundisa?

5 Umpostile uPawulos ufanisa umsebenzi wokwenza abafundi nokulima, ebonisa ukuba masingasongi izandla emva kokuba sityalile, sizixelele ukuba sigqibile, umsebenzi usaqhubeka. Xa wayethetha namaKristu aseKorinte wathi: ‘Mna ndatyala, uApolo wankcenkceshela. Nina niyintsimi yakhe elinywayo, isakhiwo sikaThixo.’ (Funda ama-1 Korinte 3:6-9.) Thina sisebenza ‘kwintsimi kaThixo,’ siyatyala, sinkcenkceshele, size simane sijonga ukuba iyakhula na imbewu esiyityalileyo. (Yoh. 4:35) Yonke le nto siyenza sisazi ukuba nguThixo oza kukhulisa loo mbewu.

6. Ziintoni esimele sibancede kuzo abantu esibafundisa iBhayibhile?

6 Sikhangela ‘abantu abazimisele ukufumana ubomi obungunaphakade.’ (IZe. 13:48) Ukuze babe ngabafundi, simele sibancede (1) baziqonde, (2) bazikholelwe baze (3) bazenze izinto abazifunda eBhayibhileni. (Yoh. 17:3; Kol. 2:6, 7; 1 Tes. 2:13) Indlela amaKristu asebandleni anokubanceda ngayo abantu abafundelwayo kukubabonisa ukuba bayabathanda, babenze bazive besekhaya xa beye kwiintlanganiso. (Yoh. 13:35) Kusenokufuneka abavakalisi abafunda nabo babe nexesha elininzi befunda nabo baze benze konke okusemandleni abo bebanceda bancothule iinkolelo ‘ezendeleyo’ okanye bade bayeke izinto abaziqhelileyo nabazithandayo ezingafunwayo nguThixo. (2 Kor. 10:4, 5) Kusenokuthatha ixesha ukunceda umntu azenze ezi zinto ukuze ade abhaptizwe, kodwa xa ezenza, uza kuncedeka.

SENZA ABAFUNDI KUBA SITHANDA ABANTU

7. Yintoni esenza sifune ukushumayela size senze abafundi?

7 Kutheni sishumayela size senze abantu babe ngabafundi? Isizathu sokuqala kukuba siyamthanda uYehova. Xa siwenza ngentliziyo yonke umsebenzi wokushumayela nokwenza abafundi, sibonisa indlela esimthanda ngayo uThixo. (1 Yoh. 5:3) Nawe ngoku ushumayela kwindlu ngendlu kuba uyamthanda uYehova. Bekulula ukuyenza loo nto? Mhlawumbi uthi hayi. Xa wawunkqonkqoza kwindlu yokuqala ngqa, wawungoyiki? Siqinisekile wawusoyika. Kodwa kuba wawusazi ukuba uthunywe nguYesu, wayenza loo nto. Mhlawumbi ngokuya lihamba ixesha ushumayela, luye lwehla uvalo. Uziva njani ke ngoku xa ucinga ukuba kuza kufuneka ufundise abantu iBhayibhile okanye ubaqhubele isifundo? Ngaba uthi wakuyicinga le nto luphinde lubethe? Kusenokwenzeka. Kodwa xa ucela uYehova akuncede ube nesibindi sokucela umntu ukuba nifunde kunye iBhayibhile, uza kukunceda.

8. UMarko 6:34 uthi yeyiphi enye into esenza sifune ukufundisa abantu iBhayibhile?

8 Esesibini, kuba sibathanda abantu sifuna ukubafundisa inyaniso. Ngenye imini uYesu nabafundi bakhe babediniwe bevel’ okushumayela. Bathi xa befuna indawo abanokuphumla kuyo, babona abantu abaninzi. UYesu wabasizela, wabafundisa “izinto ezininzi.” (Funda uMarko 6:34.) Wabafundisa edinwe enjalo. Kwakutheni? Wayefuna ukubanceda kuba wayeyazi indlela abaziva ngayo nendlela abamfuna ngayo umntu oza kubenza babe nethemba. Nabantu esiphila nabo namhlanje banjalo. Sukuqhathwa yindlela ababonakala ngayo. Bafana neegusha ezilahlekileyo ezingenamalusi. Umpostile uPawulos wathi aba bantu abamazi uThixo, abanathemba lanto. (Efe. 2:12) Basendleleni “eya entshabalalweni.” (Mat. 7:13) Xa sicinga ngabantu abakwintsimi yethu abangamaziyo uThixo, indlela esibathanda ngayo nesibasizela ngayo isenza sifune ukubanceda. Ayikho enye indlela esinokubanceda ngayo ke ngaphandle kokucela ukuba sibafundise iBhayibhile.

9. AmaFilipi 2:13 athi uThixo unokusinceda njani?

9 Mhlawumbi uyoyika ukucela ukufundisa umntu iBhayibhile kuba ucinga ukuba kuza kufuneka ube nexesha lokulungiselela nokumfundisa. Ukuba ucinga loo nto, xelela uYehova. Mcele akuncede ungoyiki ukufumana umntu oza kuba nomdla wokuba umfundise iBhayibhile. (Funda amaFilipi 2:13.) Umpostile uYohane uthi masiqiniseke ukuba uThixo uza kuyiphendula imithandazo yethu xa sicela nantoni na evumelana nokuthanda kwakhe. (1 Yoh. 5:14, 15) Nawe qiniseka ukuba uYehova uza kukunceda ube nomdla wokwenza abafundi.

IZINTO ESINOKUZENZA XA SINEZINYE IINGXAKI

10-11. Yintoni enokwenza kube nzima ukuwenza ngendlela ebesifuna ngayo umsebenzi wokwenza abafundi?

10 Siyayazi indlela obaluleke ngayo umsebenzi wokwenza abafundi, kodwa kusenokuba nzima ukuwenza ngendlela esifuna ngayo. Makhe sibone ukuba ziintoni ezinokwenza kube nzima, nokuba yintoni esinokuyenza.

11 Sisenokungakwazi ukuwenza ngendlela ebesifuna ngayo umsebenzi wokwenza abafundi. Ngokomzekelo, abanye abavakalisi sebebadala kakhulu okanye bayagula. Ngaba ungomnye wabo? Ukuba uthi ewe, khawucinge ngale nto sifunde ukuyenza kweli xesha lekhorona. Sifunde ukuba sinokukwazi ukuqhuba izifundo ngeefowuni okanye ngezinye izixhobo ze-elektroniki. Ngoko unokukwazi ukuqhuba isifundo uhleli ekhaya. Nantsi enye into enceda kuyo le ndlela yokuqhuba izifundo: Kukho abantu abangakuvuyela nyhani ukufundiswa iBhayibhile, kodwa ababikho emakhaya ngexesha abavakalisi abasentsimini ngalo. Mhlawumbi babakho ekuseni okanye ebusuku. Ungakwazi ukufundisa umntu iBhayibhile ngaloo maxesha? Kwakusebusuku xa uYesu wayefundisa uNikodemo, kuba yayilixesha awayefumaneka ngalo elo.​—Yoh. 3:1, 2.

12. Ziintoni ezikwenza uqiniseke ukuba unokukwazi ukufundisa kakuhle?

12 Sisenokucinga ukuba asikwazi ukufundisa kakuhle. Mhlawumbi ucinga ukuba umele uqale wazi izinto ezininzi okanye ukwazi kakuhle ukufundisa ngaphambi kokuba ufundise abantu. Ukuba ucinga njalo, nazi izinto ezintathu ezinokukwenza uzithembe. Eyokuqala, uYehova ukwenze wafaneleka ukuba ufundise. (2 Kor. 3:5) Eyesibini, nguYesu ‘onegunya ezulwini nasemhlabeni’ othe hamba uyokufundisa abantu. (Mat. 28:18) Eyesithathu, bakhona abazalwana noodade, nabo baza kukunceda. UYesu wathetha izinto awayezifundiswe nguYise, nawe unokwenza loo nto. (Yoh. 8:28; 12:49) Unokucela nomveleli weqela lentsimi, uvulindlela okanye umvakalisi okwazi kakuhle ukufundisa akuncede akubonise indlela yokusiqala isifundo nokusiqhuba. Enye into enokukunceda kukucela ukuhamba nomnye waba bavakalisi xa eyokuqhuba isifundo.

13. Yintoni eza kwenzeka xa ude wakwazi ukufundisa iBhayibhile ngendlela ekufundiswa ngayo ngoku?

13 Kusenokuba nzima ukusebenzisa iindlela ezintsha zokufundisa nezixhobo ekufundiswa ngazo. Indlela esifundisa ngayo itshintshile. Incwadi esifundisa ngayo ngoku ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade! ifuna silungiselele ngaphambi kokuba siye kufundisa, futhi isenza sifundise ngendlela eyahlukileyo kwebesikade sifundisa ngayo. Zimbalwa iziqendu esizifundayo xa siqhuba isifundo, eyona nto siyenzayo kukuncokola. Sisebenzisa kakhulu iividiyo nezinye izixhobo zokufundisa ezinjengezikwi-JW Library®. Ukuba awukakwazi ukusebenzisa ezi zixhobo, cela umntu okwaziyo akuncede. Akukho lula ukuyeka into ebesesiyiqhelile, senze entsha. Kodwa qiniseka ukuba nawe uza kude ukwazi ukusebenzisa le ndlela intsha uncedwa nguYehova namanye amaKristu. Xa ukwazi, kuza kuba mnandi nyhani ukufundisa abantu iBhayibhile. Omnye uvulindlela wakha wathi, le ndlela sifundisa ngayo ngoku “yenza umfundi nomntu omfundisayo bangadikwa.”

14. Yintoni esifanele siyikhumbule xa sikwintsimi ekunzima ukufumana abantu abanomdla kumyalezo esibaphathele wona? Ama-1 Korinte 3:6, 7 athini xa esikhuthaza?

14 Kusenokwenzeka ukuba kwintsimi yethu kunzima ukufumana abantu abafuna nyhani ukufundiswa iBhayibhile. Abanye abantu abanamdla kumyalezo esibaphathele wona, mhlawumbi abafuni nokuwuva. Yintoni enokusinceda sihlale sinethemba lokuba ngenye imini sakufika benomdla? Kaloku iimeko zabantu zitshintsha bengalindelanga kweli hlabathi ligcwele iingxaki. Loo nto inokwenza abantu abebekade bengenamdla babone ukuba bayamdinga uThixo. (Mat. 5:3) Abanye abebekade bengazifuni iincwadi zethu baye banomdla wokufundiswa iBhayibhile. Enye into esiyaziyo kukuba uMphathi wesivuno nguYehova. (Mat. 9:38) Ufuna sityale, sinkcenkceshele, yena uza kukhulisa. (1 Kor. 3:6, 7) Kukhuthaza nyhani ukuhlala sikhumbula ukuba nokuba asikabi namntu simfundisa iBhayibhile ngoku, uYehova uyasisikelela xa sizinikele kumsebenzi asithume wona. *

KUVUYELE UKWENZA ABAFUNDI

Khawubone into enokwenzeka emntwini xa siye samshumayeza saza samfundisa iBhayibhile (Jonga isiqendu 15-17) *

15. Uziva njani uYehova xa umntu esiba ngumfundi aze axelele abanye izinto azifunde eBhayibhileni?

15 UYehova uyavuya xa umntu esiba ngumfundi aze axelele abanye izinto azifunde eBhayibhileni. (IMize. 23:15, 16) Inoba uvuya nyhani xa ebona abantu bakhe bekhuthele kumsebenzi wokushumayela nokufundisa. Ngokomzekelo, kunyaka wenkonzo ka-2020 ikhorona ibiliphethe kakubi ihlabathi lonke, kodwa kuqhutywe izifundo zeBhayibhile eziyi-7 705 765, abantu abayi-241 994 bazahlulela kuYehova, babhaptizwa. Nabo aba bafundi batsha baza kwenza abanye abantu babe ngabafundi. (Luka 6:40) Siqinisekile ukuba siyamvuyisa uYehova xa sisenza abantu babe ngabafundi.

16. Yintoni esimele sizimisele ukuyenza?

16 Awukho lula lo msebenzi wokwenza abafundi, kodwa uTata wethu osezulwini uza kusinceda sikwazi ukufundisa abantu ukuba bamthande. Masizimisele ukufundisa nokuba ngumntu omnye iBhayibhile. Inokusothusa into enokwenzeka xa sisebenzisa lonke ixesha esilifumanayo sicela abantu esidibana nabo ukubafundisa iBhayibhile. Masingayithandabuzi into yokuba uYehova uza kuzisikelela iinzame esizenzayo.

17. Siza kuziva njani xa sikwazi ukufundisa abantu iBhayibhile?

17 Simbulela nyhani uYehova ngomsebenzi asinike wona wokushumayela nokufundisa. Lo msebenzi usivuyisa ngeyona ndlela. Umpostile uPawulos wanceda abantu abaninzi eTesalonika baba ngabafundi. Uthi: “Ngoobani abalithemba lethu, abasivuyisayo nabasenza sibe nebhongo phambi kweNkosi yethu uYesu ngexesha lobukho bayo? Ayinini na? Ngokuqinisekileyo sinebhongo ngani yaye niyasivuyisa.” (1 Tes. 2:19, 20; IZe. 17:1-4) Abaninzi kuthi baziva njengalo mpostile. Udade onguStéphanie, oye yena nomyeni wakhe banceda abantu abaninzi babhaptizwa uthi, “Ayikho into evuyisa ngaphezu kokunceda umntu azahlulele kuYehova.”

INGOMA 57 Shumayela Kwiintlobo Zonke Zabantu

^ isiqe. 5 UYehova usinike umsebenzi ovuyisayo wokushumayela nokufundisa abantu ukuba bazenze zonke izinto eziyalelwe nguYesu. Yintoni esenza sibe nomdla wokufundisa abantu? Zeziphi iingxaki esinokuba nazo xa sishumayela naxa sisenza abafundi? Yintoni esinokuyenza xa sinezo ngxaki? Eli nqaku liza kuphendula le mibuzo.

^ isiqe. 14 Ukuze ufunde ezinye izinto ngendlela abanye abavakalisi ebandleni abanokunceda ngayo ekwenzeni abafundi, jonga inqaku elithi “Lonke Ibandla Linokuzinceda Izifundo ZibhaptizwekwiMboniselo kaMatshi 2021.

^ isiqe. 53 INGCACISO YOMFANEKISO: Umntu ofundiswa iBhayibhile unokuyitshintsha indlela aphila ngayo: Ekuqaleni, kubonakala ngathi le ndoda ayizazi into eyiphilelayo, akukho kwanto iyicingayo ngoYehova. Kufika amaNgqina ayishumayeze, iyavuma ukufundiswa iBhayibhile. Izinto ezifundiswayo ziyenza izahlulele kuYehova ize ibhaptizwe. Emva koko nayo yenza abafundi. Ekugqibeleni bonke bonwabile eParadesi.