Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 27

Nyamezela NjengoYehova

Nyamezela NjengoYehova

“Ukunyamezela kuza kuninceda nisinde.”​—LUKA 21:19.

INGOMA 114 “Masibe Nomonde”

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1-2. KuIsaya 65:16, 17 yintoni ethethwa nguYehova esenza singanikezeli?

UMXHOLO wendibano yengingqi ka-2017 owawunika umdla wawusithi “Unganikezeli!” Iintetho ezanikelwa apho zasibonisa indlela esinokuzinyamezela ngayo iingxaki esinazo. Sesikunyaka wesine ngoku emva kwaloo ndibano, kodwa sisanyamezele.

2 Ngaba sowunyamezele ukuswelekelwa ngumntu wakowenu okanye umhlobo? Ukuba nesifo esibulalayo? Iingxaki zokwaluphala? Intlekele, ubundlobongela okanye ukuphathwa kakubi ngenxa yokuba uliNgqina? Ngaba usentlungwini eyenziwe sisifo esifana nekhorona? Ingathi alide lifike ixesha eziya kuphela ngalo zonke ezi zinto, singacingi nokucinga ngazo.​—Funda uIsaya 65:16, 17.

3. Yintoni ekufuneka siyenze, ngoba?

3 Kunzima kule mihla, mhlawumbi kuseza kuba nzima kakhulu. (Mat. 24:21) Kuyabonakala ukuba kufuneka sizame ukunyamezela ngaphezu kokuba sisenza. Ngoba? Kuba uYesu wathi: “Ukunyamezela kuza kuninceda nisinde.” (Luka 21:19) Xa sicinga indlela abanye abazalwana noodade abaye bakwazi ngayo ukunyamezela iingxaki ezifana nezethu, sinokutsho sinyamezele kakhulu.

4. Kutheni sisithi uYehova ngoyena mntu simele sifunde kuye ukunyamezela?

4 Ngubani oyena mntu simele sifunde kuye ukunyamezela? NguYehova uThixo. Iyakothusa loo nto? Isenokukothusa de uyicinge kakuhle. Zininzi iingxaki esinazo kweli hlabathi lilawulwa nguMtyholi. UYehova angaziphelisa nje ngokuqhwanyaza kweliso kuba unawo amandla okuyenza loo nto. Kodwa ulinde ixesha alibekileyo. (Roma 9:22) Ngoku lingekafiki, uThixo wethu unyamezele. Makhe sithethe ngezinto eziyi-9 azinyamezeleyo.

ZIINTONI AZINYAMEZELEYO UYEHOVA?

5. Lingcoliswe njani igama likaThixo, wenza ntoni wena xa uliva lingcoliswa?

5 Indlela elingcoliswe ngayo igama lakhe. UYehova uyalithanda igama lakhe, ufuna bonke abantu balihloniphe. (Isa. 42:8) Kodwa sekudlule iminyaka eyi-6 000 ngoku lingcoliswa. (INdu. 74:10, 18, 23) Laqala ukungcoliswa egadini e-Eden xa uMtyholi (igama elithetha “uMhlebi”) watyhola uThixo esithi uvimba uAdam noEva into eza kubenza bonwabe. (Gen. 3:1-5) Ukuqala ngelo xesha, uYehova uye watyholwa kusithiwa uvimba abantu into abayidinga nyhani. Zazimkhathaza kakhulu uYesu ezi zityholo wayetyabekwa zona uYise, kangangokuba wade wafundisa abafundi bakhe ukuba bathandaze bathi: “Tata wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho.”​—Mat. 6:9.

6. Kutheni uYehova eyeke abantu balawula ixesha elide ngaphambi kokuba abonise ukuba nguye ofanele alawule?

6 Ukungafunwa kwendlela alawula ngayo. NguYehova qha ofanele alawule ezulwini nasemhlabeni. Ulawula ngendlela ezodlula zonke ezabantu abakha balawula nabalawulayo ngoku. (ISityhi. 4:11) Kodwa uMtyholi uye wazama ukuqhatha iingelosi nabantu efuna bacinge ukuba uThixo akakwazi ukulawula kakuhle. Le yingxaki eyayingenakulungiswa ngokukhawuleza. UThixo osisilumko uyeke abantu balawula ixesha elide ukuze kucace ukuba umntu akanakukwazi ukulawula omnye umntu. (Yer. 10:23) Ngenxa yokuba eye wanomonde, akakho umntu oza kuthandabuza ukuba nguye ofanele alawule ezulwini nasemhlabeni. Bonke baza kwazi ukuba indlela alawula ngayo izodlula zonke, nokuba buBukumkani bakhe qha obuza kwenza abantu bahlale ngoxolo, bekhuselekile.

7. Ngoobani abaye abamthobela uYehova, uza kubenza ntoni?

7 Ukungathotyelwa ngabanye abantwana bakhe. UYehova wadala abantwana bakhe abasezulwini nabasemhlabeni bengenasono. Ingelosi engazange imthobele, uSathana (igama elithetha “uMchasi”), yenza uAdam noEva abamthobela uThixo. Zange iphelele kubo, kodwa yenza ezinye iingelosi nabanye abantu abamthobela. (Yuda 6) Ekuhambeni kwexesha, namaSirayeli, uhlanga awayelukhethile aluzange lumthobele, lakhonza oothixo bobuxoki. (Isa. 63:8, 10) UYehova uye wajikelwa ngabantwana bakhe. Kodwa unyamezele, futhi akazukuyeka ukunyamezela de kufike ixesha alibekileyo lokuba abatshabalalise bonke aba bantwana bangevayo. Emva koko kuza kutsho kuthi huu kubo bonke abantu abangagungqiyo ekumkhonzeni, abanyamezele izinto ezimbi ezenzeka kweli hlabathi lilawulwa nguSathana.

8-9. Abefundisi baye baxoka bathini ngoYehova? Simele senze ntoni thina?

8 Ubuxoki bukaMtyholi. USathana watyhola umkhonzi kaYehova uYobhi esithi yena nabanye abantu bakhonza uYehova kuba nje befuna abenzele izinto. (Yobhi 1:8-11; 2:3-5) Usabatyhola nanamhlanje abantu. (ISityhi. 12:10) Masibonise indlela alixoki ngayo ngokunyamezela iingxaki esinazo, sibambelele kuYehova esimkhonza kuba simthanda. Ukuba siyanyamezela, uYehova uza kusisikelela njengokuba wamsikelelayo noYobhi.​—Yak. 5:11.

9 USathana usebenzisa abefundisi beecawa ukuba baxelele abantu indlela akhohlakele ngayo uYehova kuba nguye obenza babe kwezi ntlungu bakuzo. Abanye bade bathi xa umntwana eswelekile uthathwe nguThixo kuba ufuna iingelosi ezininzi ezulwini. Uyayibona indlela amnyelisa ngayo uYehova? Thina xa sigula kakhulu okanye siswelekelwe soze sithi nguThixo osenze sakwezi ntlungu kuba siyayazi indlela abathanda ngayo abantu. Siqinisekile ukuba iyeza imini aza kubaphilisa ngayo abantu abagulayo, avuse nabaswelekileyo. Simele sixelele bonke abantu abafuna ukusimamela indlela uYehova abathanda ngayo abantu. Ukuba siyayenza le nto, uThixo wethu uza kumphendula kakuhle lowo umgxekayo.​—IMize. 27:11.

10. Ithini iNdumiso 22:23, 24 ngoYehova?

10 Izinto ezibuhlungu ezenzeka kubakhonzi bakhe abathandayo. UYehova nguThixo obavelayo abantu. Uyacaphuka xa ebona iintlungu esizinyamezeleyo njengaxa siphethwe kakubi ngenxa yegama lakhe, sigula okanye sineentlungu ezenziwa kukuba sinesono. (Funda iNdumiso 22:23, 24.) Uzazi kakuhle zonke iintlungu esinazo; ufuna ukuziphelisa futhi akukho nto iza kumnqanda. (Thelekisa iEksodus 3:7, 8; Isa. 63:9.) Liyeza ixesha laxa eza ‘kuzosula zonke iinyembezi emehlweni ethu, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu.’​—ISityhi. 21:4.

11. Uziva njani uYehova ngabakhonzi bakhe abaswelekileyo?

11 Ukwahlukaniswa nabahlobo bakhe abaye basweleka. Uziva njani uYehova ngabantu abebethembekile kuye abaye basweleka? Ufuna ukuphinda ababone! (Yobhi 14:15) Khawucinge indlela anoba umkhumbula ngayo umhlobo wakhe uAbraham? (Yak. 2:23) Unjani ukumkhumbula yena uMoses owayethetha naye “ubuso ngobuso”? (Eks. 33:11) Inoba ukufuna nyhani ukuva uDavide nabanye abadumisi becula iingoma ezimnandi, bemdumisa. (INdu. 104:33) Aba bahlobo bakhe basweleka, kodwa akabalibalanga. (Isa. 49:15) Ukhumbula yonke into ngabo. IBhayibhile ithi “bonke bayaphila kuye.” (Luka 20:38) Uza kubavusa, aphinde eve imithandazo yabo esuka ezintliziyweni, amkele nendlela abamkhonza ngayo. Ukuba uswelekelwe ngumntu, siyathemba ukuba uza kuthuthuzeleka xa ucinga ezi zinto.

12. Ziintoni ezimkhathaza kakhulu uYehova kula maxesha okugqibela?

12 Izinto ezibuhlungu ezenziwa ngabantu ababi kwabanye abantu. Wathi akuvukelwa e-Eden, uYehova waqonda ukuba kuza kuba kubi kakhulu ngaphambi kokuba abantu bonwabe. Uyazicaphukela izinto ezimbi ezenziwa ngabantu, ukungabikho kobulungisa nobundlobongela obukhoyo namhlanje. Uhlala ebakhathalele kakhulu abantu abangenamandla okuzenzela nto nawokuzikhusela, njengeenkedama nabahlolokazi. (Zek. 7:9, 10) Ukhathazeka kakhulu xa ebona abakhonzi bakhe abathembekileyo bephethwe kakubi, bevalelwa nasezitrongweni. Qinisekani ukuba unithanda kakhulu nonke nina ninyamezele kunye naye.

13. Baziphethe njani abantu namhlanje? Yintoni aza kuyenza uYehova?

13 Indlela abantu abaya bekuthanda ngayo ukuziphatha kakubi ngesondo. USathana uyathanda ukwenza abantu abadalwe ngokomfanekiso kaThixo benze izinto ezimbi. Ngexesha likaNowa, uThixo ‘wabona ukuba abantu baqatsele ekwenzeni izinto ezimbi. Wazisola ngokuba ebenzile abantu emhlabeni, yaza yaba buhlungu intliziyo yakhe.’ (Gen. 6:5, 6, 11) Ngaba izinto ziye zabhetele? Khange. UMtyholi uvuya nyhani xa ebona ukuba akukho hlobo lokuziphatha kakubi ngesondo lungenziwayo, njengokulala kwendoda nenye indoda okanye komfazi nomnye umfazi. (Efe. 4:18, 19) Uvuya nakakhulu xa esenza nabakhonzi bakaYehova benze isono esikhulu. Umonde kaYehova uza kuphela. Ukuphela kwawo, siza kuyibona indlela akucaphukela ngayo ukuziphatha kakubi xa etshabalalisa bonke abantu ababi abangafuniyo ukuziyeka izinto ezimbi abazenzayo.

14. Yintoni eyenziwa ngabantu kwindalo kaThixo?

14 Ukonakaliswa kwendalo yakhe. Umntu khange anele ‘kukulawula omnye aze amenzakalise,’ uye akahoya nezinto awayethe uThixo makazihoye, umhlaba nezilwanyana. (INtshu. 8:9; Gen. 1:28) Abanye oososayensi bathi kwiminyaka embalwa ezayo izinto ezenziwa ngabantu zinokubulala iintlobo zezilwanyana nezityalo eziyimiliyoni. Yiloo nto besithi indalo isengxakini. Siyavuya kuba uYehova uthembise ukuba uza ‘kubatshabalalisa abo bonakalisa umhlaba,’ aze wonke umhlaba awenze ube yiparadesi.​—ISityhi. 11:18; Isa. 35:1.

SIFUNDA NTONI KWINDLELA ANYAMEZELE NGAYO UYEHOVA?

15-16. Yintoni emele isenze sinyamezele njengoYehova? Yenza umzekelo.

15 Khawucinge ngazo zonke ezi zinto zibuhlungu kudala ezinyamezele uTata wethu osezulwini. (Jonga ibhokisi ethi “ Izinto Azinyamezeleyo UYehova.”) UYehova unokulitshabalalisa eli hlabathi libi nanini na, kodwa indlela alinyamezele ngayo iye yasinceda. Makhe siyizekelise ngolu hlobo le nto. Masithi indoda nomfazi wayo baxelelwe ukuba usana lwabo luza kuzalwa lugula yinto eza kulenza lisweleke liselincinci. Xa luzalwa, bayaluvuyela ngoxa besazi ukuba kuza kuba nzima kakhulu ukulikhulisa. Indlela abaluthanda ngayo iza kubenza banyamezele zonke iingxaki abaza kuba nazo, bazame ukulenzela yonke into oluyidingayo.

16 Nabantwana baka-Adam noEva bazalwa benesono bonke, kodwa uYehova uyabathanda futhi ubakhathalele. (1 Yoh. 4:19) Yena akafani nabazali esizekelise ngabo, unokuziphelisa zonke iintlungu esinazo. Ulibekile ixesha lokuyenza loo nto. (Mat. 24:36) Indlela asithanda ngayo ayimele isenze nathi sinyamezele de kufike elo xesha?

17. Ngaba indlela ekuthethwa ngayo ngoYesu kumaHebhere 12:2, 3 inokusenza sinyamezele nathi?

17 Sifanele sinyamezele njengoYehova. UYesu wenza kanye loo nto. Xa wayelapha emhlabeni, wanyamezela izinto ezikhohlakeleyo ezazithethwa, ukuhlazeka nesibonda sokungcungcutheka ngenxa yethu. (Funda amaHebhere 12:2, 3.) Ngokuqinisekileyo into eyamenza wakwazi ukuzinyamezela zonke ezi zinto, kukubona indlela uYehova anyamezele ngayo. Nathi sinokukwazi ukunyamezela xa sicinga ngendlela uYehova anyamezele ngayo.

18. U-2 Petros 3:9 usinceda njani siyiqonde into eyenziwe kukuba nomonde kukaYehova?

18 Funda u-2 Petros 3:9. UYehova ulazi kakuhle ixesha aza kulitshabalalisa ngalo eli hlabathi. Ukuba nomonde kwakhe kwenze abantu abaninzi bafumana ixesha lokumazi. Ngoku ukhonzwa futhi udunyiswa ngabantu abaninzi abavuyiswa kukuba eye wanyamezela de bazalwa, bafunda ngaye baza bamthanda, emva koko bazinikela kuye. Xa iimiliyoni zabantu ziye zakwazi ukunyamezela, siya kutsho sonke ukuba isigqibo sikaYehova sokunyamezela ibingekokudlala ngexesha.

19. Yintoni esimele sizimisele ukuyenza, ukuba siyayenza kuza kwenzeka ntoni kuthi?

19 Sifunda kuYehova ukuba singanyamezela njani sivuya. Izinto ezininzi ezibuhlungu ezenziwe nguSathana, khange zimenze ayeke ukuba ‘nguThixo owonwabileyo.’ (1 Tim. 1:11) Nathi sinokuhlala sivuya ngoxa sililinde ngomonde ixesha laxa eza kulicoca igama lakhe, athethelele indlela alawula ngayo, aphelise zonke izinto ezimbi, singaze siphinde sibe neengxaki. Masizimisele ukunyamezela, sithuthuzelwa nakukwazi ukuba noTata wethu osezulwini unyamezele. Ukuba siyanyamezela, iza kwenzeka kuthi le nto ithethwa nguYakobi: “Wonwabile umntu oqhubeka enyamezela isilingo, kuba akuphumelela kuso uza kufumana isithsaba sobomi, uYehova asithembisa abo baqhubeka bemthanda.”​—Yak. 1:12.

INGOMA 139 Zibone Ukwihlabathi Elitsha

^ isiqe. 5 Sonke sineengxaki. Okwangoku, ezininzi kuzo akukho ndlela yokuzilungisa, kuza kufuneka nje sinyamezele. Ayisithi sodwa ekufuneka benyamezele. NoYehova unyamezele izinto ezininzi. Ngoku siza kufunda ngezinto eziyi-9 azinyamezeleyo. Siza kubona ukuba ziintoni ezenzekileyo ngenxa yokuba enyamezele, nendlela okusinceda ngayo ukunyamezela kwakhe.