Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 28

Sukukhuphisana Nabantu—Yenza Kubekho Uxolo

Sukukhuphisana Nabantu—Yenza Kubekho Uxolo

“Masingaziphakamisi, singakhuphisani nabanye abantu, singamonelani.”​—GAL. 5:26.

INGOMA 101 Masisebenze Kunye Ngomanyano

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Kunokwenzeka ntoni xa abantu bekhuphisana nabanye?

NAMHLANJE abantu abaninzi bahlala bezama ukubonakala bebhetele kwabanye, abakhathali nokuba izinto abazenzayo zenzakalisa abantu. Ngokomzekelo, usomashishini angenza izinto ezenzakalisa abanye kuba efuna ishishini lakhe liwodlule onke amanye. Kwimidlalo, umdlali angenzakalisa omnye okwiqela akhuphisana nalo kuba efuna iqela lakhe liphumelele. Umfundi angakopa xa kubhalwa iimviwo kuba efuna ukungena kweyona yunivesithi idumileyo. Thina maKristu siyazi ukuba ezi zizinto ezingafunwayo nguYehova; ‘zizinto ezenziwa ngumzimba onesono.’ (Gal. 5:19-21) Kodwa ngaba ingenzeka into yokuba umkhonzi kaYehova azibhaqe sele ekhuphisana nabanye ebandleni okanye ebenza bathande ukhuphiswano? Lo ngumbuzo obalulekileyo kuba xa abazalwana noodade bekhuphisana, ebandleni akubikho manyano.

2. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

2 Kweli nqaku siza kuthetha ngezinto ezinokusenza sifune ukukhuphisana nabazalwana noodade. Siza kuthetha nangabakhonzi bakaYehova bamaxesha okubhalwa kweBhayibhile abangazange bakhuphisane nabanye. Makhe siqale sithethe ngokuba singabona njani ukuba izinto esizenzayo sizenza kuba sikhuphisana nabanye.

MASIJONGE ISIZATHU SEZINTO ESIZENZAYO

3. Yeyiphi imibuzo ekufuneka sizibuze yona?

3 Kuyafuneka simane sizijonga ukuba sizenziswa yintoni izinto esizenzayo. Sinokuzibuza le mibuzo: ‘Ngaba kuthi ngcoo ngaphakathi xa ndizibona ngathi ndibhetele kwabanye abantu? Ngaba ndisebenza kakhulu ebandleni kuba ndifuna ukodlula abazalwana noodade okanye kuba kukho endifuna ukubonakala ndibhetele kunabo? Okanye ndisebenza kakhulu kuba ndifuna ukuvuyisa uYehova?’ Kutheni kufuneka sizibuze le mibuzo? Khawuve into ethethwa liLizwi LikaThixo.

4. AmaGalati 6:3, 4 athi kutheni kungafuneki sizithelekise nabanye abantu?

4 IBhayibhile ithi masingazithelekisi namntu. (Funda amaGalati 6:3, 4.) Siyintoni isizathu sokuba itsho? Kaloku xa sicinga ukuba kukho into esibhetele ngayo kubazalwana bethu, sisenokuba nekratshi. Kanti ukuba sibona ngathi abazalwana bethu babhetele kunathi, sisenokutyhafa. Ukuba sicinga ngenye yezi ndlela, asilumkanga. (Roma 12:3) Omnye udade ohlala eGrisi, uKaterina, * uthi: “Ndandidla ngokuzithelekisa nabantu abahle, abaqhuba kakuhle entsimini nabakwaziyo ukuzenzela abahlobo. Loo nto yandenza ndabona ngathi ndingumntu njee ongabalulekanga nganto.” Masikhumbule ukuba uYehova akazange asitsalele kuye kuba sibahle, sithetha kakuhle okanye sithandwa ngabantu. Wasitsala kuba ebona ukuba sifuna ukumthanda nokumamela uNyana wakhe.​—Yoh. 6:44; 1 Kor. 1:26-31.

5. Sifunda ntoni kuHyun?

5 Omnye umbuzo ekufuneka sizibuze wona ngulo, ‘Ngaba ebandleni ndaziwa ndingumntu owenza kubekho uxolo okanye ohlala ephikisa?’ Khawuve into eyenzeka komnye umzalwana ongumdala ohlala kuMzantsi Korea, uHyun. Wayekade ecinga ukuba abazalwana abasetyenziswayo ebandleni bafuna ukubonakala bebhetele kunaye. Uthi, “Ndandibagxeka, ndihlala ndingazivumi izinto abazithethayo.” Kwenzeka ntoni? Uthi: “Ibandla laqhekeka.” Abanye abahlobo bakhe bamnceda wayibona ingxaki anayo, wayilungisa. Ngoku ngumdala ongasazithelekisi nabanye abazalwana. Ukuba sizibona ngathi siyakhuphisana nabanye kunokuba senze kubekho uxolo, masiyilungise ngoku loo nto.

SUKUBA NEKRATSHI NOMONA

6. AmaGalati 5:26 athi zeziphi iimpawu ezenza abantu bakhuphisane?

6 Funda amaGalati 5:26. Ziintoni ezinokusenza sikhuphisane nabantu? Likratshi. Umntu onekratshi akanaxesha lomnye umntu. Enye ngumona. Zimbini izinto ezifunwa ngumntu onomona, ufuna ukuba nento anayo omnye umntu nokuba yena loo mntu angabi nayo. Umntu omonela omnye umntu ngeliphandle uyamcaphukela. Thina asifuni ukuyiqala nokuyiqala le mikhwa.

7. Ingxaki eyenziwa kukuba nekratshi nomona inokuzekeliswa nantoni?

7 Ikratshi nomona sinokuzifanisa nezinto ezimdaka ezikwipetroli yenqwelo-moya. Le nqwelo-moya ingasuka kakuhle, ithi seyiphezulu ezi zinto zimdaka zingene kwimibhobho ehamba ipetroli, ipetroli ingakwazi ukungena kwiinjini zayo ize iwe, iqhushumbe. Nomntu onekratshi nomona unokumkhonza uYehova okwexeshana, kodwa ekuhambeni kwexesha, awe. (IMize. 16:18) Uyayeka ukukhonza uYehova, onzakalise yena nabanye. Yintoni ke esinokuyenza ukuze singabi nekratshi nomona?

8. Sinokwenza ntoni ukuze singabi nalo ikratshi?

8 Ukuze singabi nalo ikratshi nomona, masenze into umpostile uPawulos awayicebisa ibandla laseFilipi. Wathi: “Ningenzi nantoni na nikhuphisana okanye niqhayisa, kodwa nithobeke, nibajonga abanye njengababhetele kunani.” (Fil. 2:3) Ukuba abanye abantu sibabona bebhetele kunathi, asizukukhuphisana nabo ngezinto abazenza kakuhle kunathi. Siza kubavuyela, ingakumbi xa ezo zinto bezenzela uYehova ukuze azukiswe. Nabo, ukuba bayayenza into eyacetyiswa nguPawulos, baza kuzibona iimpawu ezintle esinazo. Loo nto iza kwenza kubekho uxolo nomanyano ebandleni.

9. Sinokwenza ntoni ukuze singabi nomona?

9 Ukuze singabamoneli abazalwana bethu, kufuneka sithobeke, sizazi ukuba zikhona izinto esingakwaziyo ukuzenza. Ukuba sithobeke ngolo hlobo, asizukuzama ukubonisa ukuba sazi kakhulu kunabo bonke abanye. Siza kujonga ukuba yintoni esinokuyifunda kwizinto abazenza kakuhle kunathi. Ngokomzekelo, masithi ebandleni kukho umzalwana onikela iintetho ezimnandi. Singambuza ukuba ulungiselela njani. Ukuba kukho udade opheka kamnandi, singamcela asiphe amacebiso. Ukuba umKristu osemtsha unengxaki yokuzenzela abahlobo, angacela umntu okwaziyo ukwenza abahlobo amcebise ukuba angenza njani. Ukuba senza ngolu hlobo, asizukuba nomona, siza kuzama ukwenza kakuhle ezo zinto sikwaziyo ukuzenza.

FUNDA KUBANTU EKUTHETHWA NGABO EBHAYIBHILENI

UGidiyon wahlalisana ngoxolo namaEfrayim kuba wayethobekile (Jonga isiqendu 10-12)

10. Enza ntoni amadoda akwaEfrayim kuGidiyon?

10 Khawucinge ngento eyenziwa nguGidiyon wesizwe sakwaManase namadoda esizwe sakwaEfrayim. UYehova wanceda uGidiyon namadoda akhe ayi-300 boyisa emfazweni. Loo nto yayinokubenza babe nekratshi. Amadoda akwaEfrayim aya kumgxeka uGidiyon endaweni yokumncoma ngento eyenzekileyo. Kuyacaca ukuba ayecaphukela into yokuba uGidiyon engakhange awabize xa eyokulwa neentshaba zikaThixo. Eyona nto ayeyifuna kukuba abantu bazukise isizwe sabo, elibele ukuba eyona nto yayibalulekile kuGidiyon kukuzukisa igama likaThixo nokukhusela abantu Bakhe.​—ABagwe. 8:1.

11. Wathini uGidiyon kumadoda akwaEfrayim?

11 UGidiyon wathi kumadoda akwaEfrayim: “Ayikho ncinci na le nto ndiyenzileyo xa ithelekiswa naleyo niyenzileyo nina?” Wawakhumbuza indlela uYehova awawanceda ngayo ukuze enze izinto ezinkulu. Watsho “wehla umsindo” awayenawo. (ABagwe. 8:2, 3) UGidiyon wazithoba efuna kuhlale kukho uxolo kubantu bakaThixo.

12. Sifunda ntoni kumadoda akwaEfrayim nakuGidiyon?

12 Sifunda ntoni kweli bali? Kumadoda akwaEfrayim sifunda ukuba masingasebenzeli ukuzukiswa, kodwa yonke into masiyenzele ukuba kuzukiswe uYehova. Badala neentloko-ntsapho ninokufunda kuGidiyon. Ukuba umntu ukhathazwe yinto eniyenzileyo, zamani ukuzifaka ezihlangwini zakhe. Ninokude nimncome ngento ayenze kakuhle. Loo nto ifuna ukuthobeka, ingakumbi ukuba nguloo mntu owenze impazamo. Kunokuba sifune ukubonisa ukuba asenzanga nto, kubhetele sisebenzele ukuba sihlale ngoxolo nabazalwana bethu.

UHana wayeka ukukhathazeka kuba wayethembe uYehova ukuba uza kumnceda (Jonga isiqendu 13-14)

13. Yintoni eyayicaphukisa uHana? Wenza ntoni?

13 Khawucinge ngento eyenziwa nguHana. Wayetshate nendoda engumLevi eyayimthanda nyhani, uElikana. Le ndoda yayinaye nomnye umfazi, uPenina. Yayithanda uHana ngaphezu koPenina. “UPenina wayenabantwana, kodwa uHana engenabo.” Ngenxa yaloo nto, uPenina ‘wayesoloko emgezela.’ Wathini uHana? Wakhathazeka, ‘elila engafuni nokutya.’ (1 Sam. 1:2, 6, 7) EBhayibhileni akukho nto ibonisa ukuba uHana wakha wazama ukuziphindezela kuPenina. Wasuka waxelela uYehova yonke into esentliziyweni yakhe, emthemba ukuba uza kumnceda. Ngaba uPenina wade wayeka ukumgezela? IBhayibhile ayitsho. Kodwa siyazi ukuba uHana wayeka ukukhathazeka, waxola, ‘nobuso bakhe batyhileka.’​—1 Sam. 1:10, 18.

14. Sifunda ntoni kuHana?

14 Yintoni esiyifundayo kuHana? Ukuba kukho umntu okhuphisana nawe, ikwanguwe onokwenza nihlalisane ngoxolo naloo mntu. Wena sukukhuphisana naye. Endaweni yokuba ubuyisele ububi ngobubi, zama ukwenza kubekho uxolo. (Roma 12:17-21) Nokuba akayiyeki into ayenzayo, wena uza kuhlala uzolile futhi wonwabile.

UApolo noPawulos zange bakhuphisane kuba babesazi ukuba bancedwa nguYehova kuwo wonke umsebenzi abawenzayo (Jonga isiqendu 15-18)

15. Ziintoni ababefana ngazo uApolo nompostile uPawulos?

15 Ngoku makhe sibone ukuba yintoni esinokuyifunda kumfundi uApolo nompostile uPawulos. Omabini la madoda ayezazi kakuhle iZibhalo. Ayesaziwa futhi ekwazi kakuhle ukufundisa. Omabini enza abafundi abaninzi. Kodwa akukho nenye eyakha yamonela enye kula madoda.

16. Khawusixelele ngoApolo?

16 UApolo ‘wazalelwa eAleksandriya.’ Ngaloo maxesha iAleksandriya yayiyeyona ndawo ababethanda ukufunda kuyo abantu abaninzi. UApolo wayezinikela kamnandi iintetho, ‘ezazi kakuhle neZibhalo.’ (IZe. 18:24) Xa wayeseKorinte, abanye ebandleni zange bayifihle into yokuba bathanda yena kunoPawulos nabanye abazalwana. (1 Kor. 1:12, 13) Ngaba wabavumela abo bantu babeqhekeza ibandla? Asiqondi. Kaloku uPawulos wamcela ukuba abuyele eKorinte emva kwexesha elide emkile. (1 Kor. 16:12) Wayengasoze ayenze loo nto ukuba uApolo wayeliqhekeza ibandla. Kucacile ukuba uApolo wayezenza kakuhle izinto awayekwazi ukuzenza, ukushumayela iindaba ezilungileyo nokomeleza abazalwana. Sinokuqiniseka nokuba wayethobekile. Ngokomzekelo, asiva kusithiwa wakhathazeka xa uAkwila noPrisila “bamcacisela ngokuchane ngakumbi indlela kaThixo.”​—IZe. 18:24-28.

17. Yintoni awayenzayo uPawulos eyayibonisa ukuba uthanda uxolo?

17 UPawulos wayezazi izinto ezintle ezenziwe nguApolo. Kodwa zange abe ecingana nokuba abantu baza kuthi uApolo wayebhetele kunaye. Xa sifunda indlela awalilungisa ngayo ibandla laseKorinte, siyabona ukuba wayethobekile futhi eyisebenzisa ingqondo. Kunokuba avuye xa abantu babesithi, “Mna ndingokaPawulos,” wabenza baqonda ukuba zonke izinto awayezenza wayencedwa nguYehova uThixo noYesu Kristu.​—1 Kor. 3:3-6.

18. Ama-1 Korinte 4:6, 7 athi sinokufunda ntoni kuApolo noPawulos?

18 Sinokufunda ntoni kuApolo noPawulos? Nokuba simsebenzela kangakanani uYehova, bangakanani abantu esibanceda babhaptizwe, nguYehova osinceda sikwazi ukuzenza ezi zinto. Ikhona nenye into esiyifundayo kuApolo noPawulos, xa sinemisebenzi esiyenzayo ebandleni, zininzi izinto esinokuzenza ukuze abazalwana noodade bavane, bahlalisane ngoxolo. Siyababulela abadala nezicaka zolungiselelo ezisinceda simanyane size sihlalisane ngoxolo. Aba bazalwana bayenza le nto ngokusebenzisa iLizwi LikaThixo xa besilungisa. Abazami ukuzenza abantu ababalulekileyo, banceda ibandla lithobele uKristu uYesu, lenze njengokuba wayesenza.​—Funda ama-1 Korinte 4:6, 7.

19. Yintoni esimele siyenze? (Jonga ibhokisi ethi “ Sukukhuphisana.”)

19 Akakho umntu ongenanto akwazi ukuyenza kakuhle. Sinokwenza ezo zinto sikwaziyo ukuzenza ‘ukuze sincede abanye.’ (1 Pet. 4:10) Sisenokucinga ukuba into esiyenzayo ayibalulekanga. Cinga ngale nto, ilaphu elikrazukileyo lidityaniswa yimithungo emincinci. Ngoko nokuba incinci kangakanani into oyenzayo, inceda lonke ibandla limanyane. Masizame ngamandla ukuba kungabikho nento encinci eyenza sibonakale ngathi sifuna ukuba bhetele kunabanye. Sonke masizimisele ukwenza yonke into esikwaziyo ukuyenza ukuze kubekho uxolo nomanyano ebandleni.​—Efe. 4:3.

INGOMA 80 ‘Ziboneleni Nizivele Ukuba UYehova Ulungile’

^ isiqe. 5 Ukukhuphisana kunokwenza ibandla lingaqini njengesitya sodongwe esichachambileyo. Ukuba ibandla aliqinanga futhi alimanyananga, soze lubekho uxolo endlini kaThixo. Eli nqaku liza kusixelela ukuba kutheni singamele sikhuphisane, nokuba singenza ntoni ukuze kubekho uxolo ebandleni.

^ isiqe. 4 Amanye amagama atshintshiwe.