Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 32

Qinisa Ukholo Lokuba Ukho UMdali

Qinisa Ukholo Lokuba Ukho UMdali

Ukholo bubungqina obucacileyo bezinto zokwenene ezingabonwayo.’—HEB. 11:1.

INGOMA 11 Indalo Idumisa UThixo

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Yintoni oyifundisiweyo ngoMdali?

UKUBA ukhuliswe ngamaNgqina KaYehova, mhlawumbi wafunda ngoYehova usemncinci. Wafundiswa ukuba uYehova nguMdali, uneempawu ezenza simthande nokuba ufuna ukuwenza ube yiparadesi lo mhlaba.—Gen. 1:1; IZe. 17:24-27.

2. Bathini abantu abangakholelwayo ukuba izinto zadalwa?

2 Abantu abaninzi abakholelwa ukuba uThixo ukho, singasayithethi ke eyoba wadala zonke izinto. Bathi izinto ezikhoyo zazivelela, zavela izizinto ezincinci kakhulu, zaza zaba zizinto ezinkulu eziphilayo. Abanye kwaba bantu zizifundiswa. Bathi nesayensi iyangqina ukuba iBhayibhile ithetha izinto ezingekhoyo futhi abantu abakholelwa ukuba izinto zadalwa ngabantu abangafundanga nabaqhatheka lula.

3. Kutheni kubalulekile ukuba siqinise ukholo lwethu?

3 Ngaba izinto ezithethwa zizifundiswa zisenza singaqiniseki ukuba sadalwa nguYehova osithandayo? Kuxhomekeka ekubeni kutheni sikholelwa ukuba uYehova nguMdali. Ngaba kungenxa yokuba saxelelwa ukuba masikholelwe loo nto okanye sazifundela saza sazibonela ngokwethu ubungqina bokuba nguye owadala zonke izinto? (1 Kor. 3:12-15) Nokuba sesinexesha elingakanani singamaNgqina KaYehova, kufuneka singayeki ukuluqinisa ukholo. Ukuba siyayenza loo nto, soze silahlekiswe ‘bubulumko beli hlabathi obungancedi nganto nobuqhathayo,’ obufundiswa ngabantu abaphikisana neBhayibhile. (Kol. 2:8; Heb. 11:6) Eli nqaku liza kuthetha ngezi zinto zintathu ziza kusinceda: (1) Kutheni bebaninzi abantu abangakholelwayo ukuba izinto zadalwa? (2) Unokuluqinisa njani ukholo lwakho kuMdali wakho? (3) Yintoni onokuyenza ukuze luhlale luqinile?

KUTHENI ABANYE ABANTU BENGAKHOLELWA KUMDALI?

4. AmaHebhere 11:1 athi yintoni ukholo?

4 Abanye abantu bacinga ukuba ukholo kukuqiniseka ngento ongenabungqina bayo. Yona iBhayibhile ithi ayilokholo olo. (Funda amaHebhere 11:1.) Ithi ukuze ube nokholo kufuneka kubekho ubungqina. Nokuba asimboni uYehova noYesu, sinabo ubungqina bokuba bakho, kunjalo nangoBukumkani. (Heb. 11:3) Omnye usosayensi oliNgqina uyichaza kanje le nto: “Siqinisekile ngezinto esikholelwa kuzo, khange singayihoyi nesayensi.”

5. Kutheni abantu abaninzi bengakholelwa ukuba izinto ezikhoyo zadalwa?

5 Ukuba bukhona ubungqina obucacileyo bokuba izinto zadalwa nguThixo, kutheni abantu abaninzi bengakholelwa ukuba izinto ezikhoyo zadalwa? Kungenxa yokuba abanye khange baziphe ixesha lokuzifundela obo bungqina. URobert, oliNgqina uthi: “Esikolweni zange sifundiswe ngendalo, ngoko ndandicinga ukuba kuyaxokwa xa kusithiwa izinto zadalwa. Xa ndandineminyaka eyi-22, ndancokola namaNgqina KaYehova, ndeva ukuba iBhayibhile inezizathu ezivakalayo ezisenza sikholwe ukuba izinto zonke zadalwa nguThixo.” *​—Jonga ibhokisi ethi “ Umyalezo Obalulekileyo Oya Kubazali.”

6. Kutheni abanye abantu bengakholelwa kuMdali?

6 Abanye abakholelwa kuMdali kuba bathi bakholelwa kwinto abayibonayo. Into emangalisayo kukuba bayakholelwa ukuba ukhona umoya, kuba zikhona izinto ezibonisa ukuba ukho. Ukholo ethetha ngalo iBhayibhile lububungqina “bezinto zokwenene ezingabonwayo.” (Heb. 11:1) Kufuneka siziphe ixesha lokuzama ukufunda ngobu bungqina, abantu abaninzi abayenzi loo nto. Umntu ongazifundeliyo obu bungqina angaqiniseka ukuba akakho uThixo.

7. Ngaba zonke izifundiswa ziyaphika ukuba zonke izinto zadalwa nguThixo? Cacisa.

7 Emva kokuba bezifundele izinto ezibubungqina, abanye oososayensi baye baqiniseka ukuba nguThixo owadala zonke izinto. * NjengoRobert, ekuthethwe ngaye kwisiqendu 5, kusenokwenzeka ukuba abanye bacinga ukuba akho kwaMdali kuba bengazange bafundiswa ngaye eYunivesithi. Kodwa oososayensi abaninzi baye bamazi, emva koko bamthanda uYehova. Njengaba sosayensi, sonke kufuneka sikholwe kuThixo, nokuba esikolweni safundiswa okanye zange sifundiswe ngaye. Akakho omnye umntu onokusenzela loo nto.

UNOKULUQINISA NJANI UKHOLO LWAKHO?

8-9. (a) Uthini umbuzo esiza kuwuphendula? (b) Kuza kukunceda njani ukufunda ngendalo?

8 Unokuluqinisa njani ukholo lwakho kuMdali? Makhe sithethe ngeendlela ezine onokuluqinisa ngazo.

9Funda ngendalo. Unokuqinisa ukholo lwakho kuMdali ngokujonga izilwanyana, izityalo neenkwenkwezi. (INdu. 19:1; Isa. 40:26) Xa usiya ufunda ngezi zinto, uza kuqiniseka kakhulu ukuba uYehova nguMdali. Iincwadi neemagazini zethu zidla ngokuba namanqaku acacisa ngendalo. Wafunde la manqaku nokuba ubona ngathi anzima. Funxa loo nto unokukwazi ukuyifunxa kuwo. Ungalibali nokuphinda ubukele iividiyo ezintle ebesizibukele kwiindibano zengingqi kwiwebhsayithi yethu ujw.org.

10. Yenza umzekelo wento engqina ukuba izinto ezikhoyo zadalwa. (Roma 1:20)

10 Xa ufunda ngendalo, zama ukujonga ukuba izinto ozifundayo zikuxelela ntoni ngoMdali wethu. (Funda amaRoma 1:20.) Ngokomzekelo, ilanga lenza kube shushu liphinde lenze kukhanye kodwa kwalona liphinde libe yingozi. Njani? Umhlaba unegesi esikhusela ekonzakalisweni lilanga. Xa kusiya kutshisa, le gesi iya isiba ninzi. Mhlawumbi ngoku uyacinga ukuba le nto ayinakusuka njee yenzeke, inoba yadalwa nguMntu okwaziyo ukucinga nosithandayo.

11. Yintoni enokukwenza uqiniseke ukuba izinto zadalwa? (Jonga ibhokisi ethi “ Izinto Ezinokukunceda Uqiniseke Ukuba ukhona uMdali.”)

11 Enye into enokukwenza uqiniseke ukuba izinto zadalwa kukuphanda usebenzisa iWatch Tower Publications Index no-jw.org. Mhlawumbi ungaqala ngokufunda amanqaku, ubukele neevidiyo ezikwindawo ethi “Ngaba Yadalwa?” Zimfutshane futhi zibonisa izinto ezenza sibe nomdla kwizilwanyana nezityalo. Zichaza neendlela oososayensi abaye bazama ngayo ukukopa kwindalo.

12. Xa ufunda iBhayibhile, zeziphi ezinye izinto ofanele ucinge ngazo?

12Funda iBhayibhile. Usosayensi ekuthethwe ngaye kwisiqendu 4 wayekade engakholelwa ukuba izinto zadalwa. Kodwa ekuhambeni kwexesha wade wakholelwa ukuba ukhona uMdali. Uthi: “Andizange ndibe nokholo kuba nje ndiye ndaphanda ngesayensi, kodwa nokufundisisa iBhayibhile kwandinceda.” Mhlawumbi sowuyazi kakuhle iBhayibhile. Nokuba sowuyazi kangakanani, ukuze uqinise ukholo kuMdali, kufuneka ungayeki ukuyifunda. (Yosh. 1:8; INdu. 119:97) Ngokomzekelo, ngaba ukhe uyicinge indlela ezichaza kakuhle ngayo izinto ezenzeka kudala? Cinga ngezinto eyaprofeta ngazo, zenzeka kanye ngendlela eyatsho ngayo. Khawucinge nangendlela abavumelana ngayo abantu abayibhalayo. Xa uzenza ezi zinto, uza kutsho uqiniseke ukuba sadalwa ngumntu olumkileyo, ikwanguye nowaphefumlela iBhayibhile. *​—2 Tim. 3:14; 2 Pet. 1:21.

13. Yenza umzekelo obonisa ubulumko obukwiLizwi LikaThixo.

13 Xa ufunda iLizwi LikaThixo, jonga indlela amacebiso akulo angakunceda ngayo. Ngokomzekelo, iBhayibhile yalumkisa kudala ngokuthanda imali isithi kuyingozi, kwenza umntu abe ‘neentlungu ezininzi.’ (1 Tim. 6:9, 10; IMize. 28:20; Mat. 6:24) Ngaba lisafuneka elo cebiso nanamhlanje? Enye incwadi ithi: “Abantu abathanda izinto abonwabi, bahlala bekhathazekile. Nabo bafuna ukuba nemali eninzi abonwabanga, bayagula.” Ngoko iBhayibhile iyasinceda xa isithi masingayithandi imali. Zikhona ezinye izinto ezicetyiswa yiBhayibhile eziye zakunceda? Xa sicinga ngazo zonke izinto esicebisa zona, siza kubona ukuba uMdali wethu osithandayo uyazazi izinto ezinokusinceda, size sithethe naye xa sifuna uncedo. (Yak. 1:5) Ukuba senza loo nto, siza konwaba.—Isa. 48:17, 18.

14. Xa ufunda iBhayibhile iza kukuxelela ntoni ngoYehova?

14 Xa ufunda iBhayibhile, jonga ukuba ikuxelela ntoni ngoYehova. (Yoh. 17:3) Iza kukuxelela ngeempawu zakhe ezifanayo nezo uzivileyo xa ubufunda. Ezi mpawu zikwenza uqiniseke ukuba ukhona. (Eks. 34:6, 7; INdu. 145:8, 9) Xa usiya umazi, ukholo lwakho luza kuqina, umthande kakhulu kunakuqala, nibe ngabahlobo abangasoze balahlane.

15. Kuza kukunceda njani ukuxelela abanye abantu ngoThixo?

15 Xelela nabanye abantu ngoThixo. Loo nto iza kuluqinisa ukholo lwakho. Masithi umntu othetha naye uyathandabuza ukuba uThixo ukhona, wena awazi ukuba mawumphendule njani. Yintoni omele uyenze? Hamb’ okuphanda kwiincwadi zethu ukuba iZibhalo zithini, ubuye umphendule. (1 Pet. 3:15b) Unokucela nomnye umzalwana okanye udade ukuba akuncede. Nokuba loo mntu uye wayikholelwa indlela emphendula ngayo iBhayibhile okanye akayikholelwa, wena ukuphanda kukuncedile. Ukholo lwakho luza kuqina. Awuzuk’ uhamb’ ukholelwa ubuxoki obuthethwa ngabantu ababonakala bezizilumko kweli hlabathi okanye izifundiswa ezithi izinto zange zidalwe.

MALUHLALE LUQINILE UKHOLO LWAKHO

16. Yintoni enokwenzeka ukuba siyayeka ukuluqinisa ukholo lwethu?

16 Nokuba sinexesha elingakanani simkhonza uYehova, kufuneka singayeki ukuluqinisa ukholo lwethu. Ngoba? Kuba ukuba asilumkanga, luza kuphela. Kaloku ukholo bubungqina bezinto zokwenene ezingabonwayo. Into esingayiboniyo inokukhawuleza iphume kwiingqondo zethu. Yiloo nto uPawulos wathi ukungabi nakholo ‘sisono esisirhintyela lula.’ (Heb. 12:1) Yintoni ke esimele siyenze ukuze siqiniseke ukuba ukholo lwethu luhlala luqinile?​—2 Tes. 1:3.

17. Yintoni enokusinceda ukuze luhlale luqinile ukholo lwethu?

17 Into yokuqala emasiyenze kukumcela qho uYehova ukuba asiphe umoya oyingcwele. Siyenzela ntoni loo nto? Kaloku ngumoya oyingcwele osinceda sibe nolu phawu lulukholo. (Gal. 5:22, 23) Asinakukwazi ukuqinisa ukholo lokuba ukho uMdali size sihlale sinalo singakhange sincedwe ngumoya oyingcwele. Ukuba asiyeki ukuwucela kuYehova, uza kusinika. (Luka 11:13) Sinokude sithandaze sithi: “Sincede sibe nokholo olungaphezu kolu sinalo.”​—Luka 17:5.

18. INdumiso 1:2, 3 ibonisa ukuba yintoni esivuyiswa kukuba nayo?

18 Enye into masilifunde qho iLizwi LikaThixo. (Funda iNdumiso 1:2, 3.) Xa kwakubhalwa la mazwi, ayembalwa amaSirayeli awayenemisongo epheleleyo, phakathi kwalawo ambalwa ingookumkani nababingeleli. Qho xa kuphela iminyaka esixhenxe, kwakulungiselelwa ukuba ‘amadoda, abafazi, abantwana’ nabantu abahlala ezixekweni zakwaSirayeli bamamele xa kufundwa iLizwi LikaThixo. (Dut. 31:10-12) Ngemihla kaYesu, babembalwa abantu ababenemisongo. Emininzi yayigcinwa kwizindlu awayekhonzela kuzo amaYuda. Namhlanje, baninzi abantu abaneBhayibhile. Isivuyisa nyhani loo nto. Singabonisa njani ukuba siyambulela uYehova ngesi sipho sithandeka kangaka?

19. Yintoni ekufuneka siyenze ukuze luhlale luqinile ukholo lwethu?

19 Sinokubonisa ukuba siyambulela uYehova ngokusinika iLizwi lakhe ngokulifunda qho. Masibeke ecaleni ixesha esiza kulifunda ngalo, singalifundi njee kuba siske sanexesha. Ukuba silifunda qho ngexesha esizibekele lona, luza kuhlala luqinile ukholo lwethu.

20. Yintoni emasizimisele ukuyenza?

20 Thina asifani ‘nezilumko nezifundiswa’ zeli hlabathi, olwethu ukholo lwenziwa bubungqina esibufumene ngokufunda iLizwi LikaThixo. (Mat. 11:25, 26) Lisixelele ukuba kutheni kusiya kusiba kubi kweli hlabathi nento eza kwenziwa nguYehova. Ngoko, masizimisele ukuluqinisa ukholo lwethu, sincede nabanye babe nokholo kuMdali wethu. (1 Tim. 2:3, 4) Masiqhubeke sijonge kwixesha laxa bonke abantu abasemhlabeni beza kube bedumisa uYehova, besitsho la mazwi akwiSityhilelo 4:11: “Ufanele Yehova Thixo wethu onamandla, ukwamkela uzuko . . . kuba wadala zonke izinto.”

INGOMA 2 UYehova Ligama Lakho

^ isiqe. 5 IZibhalo ziyenza icace into yokuba uMdali wazo zonke izinto nguYehova uThixo. Kodwa abantu abaninzi abayikholelwa loo nto. Bathi ubomi bazivelela. Ngaba izinto abazithethayo zingasenza sithandabuze ukuba zonke izinto zadalwa nguYehova? Ukuba senza yonke into ekufuneka siyenze ukuze siqinise ukholo lwethu kuThixo naseBhayibhileni, soze. Eli nqaku liza kusixelela ukuba singaluqinisa njani ukholo lwethu.

^ isiqe. 5 Kwizikolo ezininzi, ootitshala abatsho nokuba kusenokwenzeka ukuba nguThixo owadala zonke izinto. Abanye bathi ukuba babaxelela loo nto abantwana, baza kuba bayabanyanzela ukuba bakholwe ukuba uThixo ukhona.

^ isiqe. 7 Izinto ezithethwa zezinye izifundiswa, ekukho noososayensi kuzo ungazifumana kwiSikhokelo Sokuphanda SamaNgqina KaYehova, kumxholo othi “Isayensi Neteknoloji,” ukhangele indawo ethi, “‘Udliwano-ndlebe.’ (Ungcelele Lwamanqaku AkuVukani!)

^ isiqe. 12 Ngokomzekelo, jonga inqaku elithi “Ngaba Inzululwazi NeBhayibhile Ziyavumelana?kuVukani! kaFebruwari 2011 nenqaku elikwiMboniselo kaJanuwari 1, 2008 elithi, “Oko UYehova Akuxela Kwangaphambili Kuyazaliseka.”