Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 33

Vuyiswa Zizinto Okwaziyo Ukuzenzela UYehova

Vuyiswa Zizinto Okwaziyo Ukuzenzela UYehova

“Kungcono ukonwabela into oyibona ngamehlo kunokufunana nezinto ozinqwenelayo.”​—INTSHU. 6:9.

INGOMA 111 Izizathu Zokuvuya Kwethu

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Ziintoni abafuna ukuzenzela uYehova abakhonzi bakhe abaninzi?

 NJENGOKUBA eli hlabathi seliza kutshatyalaliswa, mninzi umsebenzi ekufuneka siwenze. (Mat. 24:14; Luka 10:2; 1 Pet. 5:2) Sonke sifuna ukumkhonza ngawo onke amandla esinawo uYehova. Abanye basebenza kakhulu entsimini. Abanye bafuna ukuba ngoovulindlela. Abanye bafuna ukuya eBheteli okanye ukuya kwakha izakhiwo zentlangano. Kanti abazalwana abaninzi basebenzela ukuba zizicaka zolungiselelo okanye abadala. (1 Tim. 3:1, 8) Uvuya kakhulu uYehova xa ebona indlela abantu bakhe abafuna ukumsebenzela ngayo.​—INdu. 110:3; Isa. 6:8.

2. Yintoni enokwenzeka xa singakwazi ukwenza izinto esifuna ukuzenzela uYehova?

2 Xa sibona ukuba ixesha liyahamba singekazenzi ezinye izinto ebesingathanda ukuzenzela uYehova, sinokutyhafa. Enye into enokusityhafisa kukuba kubekho izinto esingenakuzenza ngenxa yeminyaka okanye ezinye izinto. (IMize. 13:12) Kwenzeke loo nto kanye kuMelissa. * Ebengathanda ukuya kusebenza eBheteli okanye aye kwiSikolo Sabavangeli BoBukumkani, kodwa uthi: “Iminyaka ayindivumeli. Zombini ezi zinto sezifana nephupha kum. Ngamanye amaxesha ndikhe ndizive ndityhafile.”

3. Ziintoni ekusenokufuneka bezenzile abanye abazalwana ukuze basetyenziswe entlanganweni?

3 Kusenokubakho iimpawu ekufuneka asebenzele kuzo amanye amaKristu asemancinci nangahlutshwa yimpilo ngaphambi kokuba akwazi ukwenza eminye imisebenzi kwintlangano kaYehova. Ngokomzekelo, abanye abazalwana basenokuba kleva kakhulu, bakwazi ukukhawuleza benze izigqibo ezifanelekileyo futhi bakhuthale, kodwa kusenokufuneka bafunde ukuba nomonde, bawenze ngale ndlela kuthiwe mabawenze ngayo umsebenzi, bahloniphe nabantu. Ukuba uzama ngandlela zonke ukusebenzela kwiimpawu ekufuneka ube nazo, usenokuthi ungalindelanga usetyenziswe entlanganweni. Khawuve into eyenzeka kuNick. Xa wayeneminyaka eyi-20 wadana kakhulu xa engazange enziwe isicaka solungiselelo. Uthi, “Ndandicinga ukuba ikho le nto ingathandekiyo kum.” Kodwa zange ayeke ukusebenzela iimpawu ekwakufuneka abe nazo. Wayesebenza kakhulu ebandleni nasentsimini. Ngoku ukwiKomiti YeSebe eBheteli.

4. Liza kuthetha ngantoni eli nqaku?

4 Ngaba utyhafiswa kukuba awude ukwazi ukuyenza into ofuna ukuyenzela uYehova? Ukuba uthi ewe, xelela uYehova indlela oziva ngayo. (INdu. 37:5-7) Unokucela nabazalwana ekudala bemsebenzela bakucebise ukuba wenze ntoni, uze uzame ngandlela zonke ukwenza ezo zinto bakucebisa zona. Ukuba uyazenza ezi zinto, usenokude ukwazi ukuyenza loo nto ufuna ukuyenzela uYehova. Kodwa kusenokwenzeka ukuba uyafana noMelissa ekukhe kwathethwa ngaye, iminyaka ayikuvumeli. Uza kuthini? Yintoni enokukwenza ungatyhafi? Ezi zinto zintathu liza kuthetha ngazo eli nqaku ziza kuwuphendula lo mbuzo: (1) Izinto ezinokukuvuyisa. (2) Unokuvuya ngaphezu kokuba uvuya. (3) Zeziphi izinto onokuzimisela ukuzenza ukuze uvuye kakhulu?

IZINTO EZINOKUKUVUYISA

5. Ukuze sonwabe, yintoni ekufuneka siyenze? (INtshumayeli 6:9a)

5 Umbhalo othathwe kuwo umxholo weli nqaku uthetha ngento enokusinceda sivuye. (Funda iNtshumayeli 6:9a.) Umntu owonwabela ‘into ayibona ngamehlo’ uyonela yinto anayo. Kanti yena ‘ofunana nezinto azinqwenelayo’ akoneli. Yintoni esiyifundayo? Ukuze sonwabe, kufuneka sicinge ngezinto esinokukwazi ukuzenza, siziyeke esingenakuzenza.

6. Ngowuphi umzekeliso esiza kuthetha ngawo, yintoni esiza kuyifunda kuwo?

6 Iyenzeka into yokuba umntu anele yiloo nto akwaziyo ukuyenza? Abantu abaninzi bacinga ukuba inzima loo nto kuba siyakuthanda ukwenza ezinye izinto. Kanti ungonela yiloo nto ukwaziyo ukuyenza. Sinokuzivuyela izinto esikwaziyo ukuzenza. Njani? Makhe sithethe ngomzekeliso kaYesu weetalente okuMateyu 25:14-30. Kulo mzekeliso, siza kufunda indlela izinto esikwaziyo ukumenzela zona uYehova ngoku ezinokusivuyisa ngayo nangaphezu kokuba sivuya.

UNOKUVUYA NGAPHEZU KOKUBA UVUYA

7. Ngamazwi akho khawusixelele ngokufutshane ngento eyenzeka kumzekeliso kaYesu weetalente.

7 Indoda ekuthethwa ngayo kulo mzekeliso kaYesu yayiza kuya kwelinye ilizwe. Ngaphambi kokuba ihambe, yabiza amakhoboka ayo yawanika iitalente ekwakufuneka enze imali ngazo. * Yayiwazi amakhoboka ayo ukuba amandla awo okusebenza awafani. Ngoko elinye yalinika iitalente ezintlanu, elinye ezimbini, elesithathu yanye. Elokuqala nelesibini asebenza nzima ukuze ayenzele imali eninzi inkosi yawo. Elesithathu lona zange lenze nto ngetalente elaliyinikiwe, inkosi yalo yaligxotha.

8. Inoba lavuyiswa yintoni ikhoboka lokuqala elikumzekeliso kaYesu?

8 Inoba lavuya kakhulu ikhoboka lokuqala lakuphathiswa iitalente ezintlanu yinkosi yalo. Yayiyimali eninzi kakhulu kaloku leyo. Layibona apho indlela inkosi yalo elithembe ngayo. Elesibini lona? Lalisenokutyhafiswa kukuba linganikwanga talente zininzi lona njengeli lokuqala. Kodwa lenza ntoni?

Yintoni esinokuyifunda kwikhoboka lesibini elikumzekeliso kaYesu? (1) Inkosi yalo yalinika iitalente ezimbini. (2) Lasebenza nzima ukuze lifumanele inkosi yalo imali eninzi. (3) Lafumana ezinye iitalente ezimbini (Jonga isiqendu 9-11)

9. Yintoni uYesu angazange ayithethe ngekhoboka lesibini? (Mateyu 25:22, 23)

9 Funda uMateyu 25:22, 23. UYesu zange athi ikhoboka lesibini lakhathazeka, lacatshukiswa kukuba lifumene iitalente ezimbini qha. Engazange atsho nokuba lakhalaza lathi: ‘Kutheni mna ndinikwe ezimbalwa kangaka? Ndisebenza njengeli linikwe ezintlanu nje! Xa inkosi yam icinga ukuba andikhuthalanga, ndiza kuyombela le mali yayo, ndiyeke ukuyisebenzela, ndizisebenzele.’

10. Ikhoboka lesibini lenza ntoni ngeetalente elalizinikiwe?

10 Ikhoboka lesibini lalifana nelokuqala. Laliyiqonda indlela obaluleke ngayo umsebenzi eliwunikwe yinkosi yalo, laza lazinikela kuwo. Nangoku lakwazi ukwenza ezinye iitalente ezimbini. Inkosi yalinika umvuzo walo ngenxa yendlela elisebenze nzima ngayo. Yavuya kakhulu yaza yalinika neminye imisebenzi.

11. Yintoni enokusenza sivuye ngaphezu kokuba sivuya?

11 Nathi, sinokuvuya ngaphezu kokuba sivuya xa sizinikela kuwo nawuphi na umsebenzi esiwenzayo entlanganweni. ‘Masixakeke kakhulu’ kumsebenzi wokushumayela, sisebenze ngamandla ebandleni. (IZe. 18:5; Heb. 10:24, 25) Masiye silungiselele kakuhle kwiintlanganiso ukuze iimpendulo zethu zibakhuthaze abazalwana noodade. Xa unentetho kwiintlanganiso zaphakathi evekini, sukwenza njee, yilungiselele kakuhle. Ukuba kukho umsebenzi ocelwe ukuba uwenze ebandleni, wenze ngexesha nangendlela ekufuneka uwenze ngayo. Makungabikho nomnye umsebenzi owunikwayo ocinga ukuba awubalulekanga, akunakude uchithe ixesha lakho kuwo. Zama ukuwenza kakuhle ngaphezu kokuba usenza umsebenzi owunikiweyo. (IMize. 22:29) Xa usiya umsebenzela ngamandla uYehova, niza kuba ngabahlobo. Loo nto iza kukuvuyisa kakhulu. (Gal. 6:4) Akuzukuba nzima nokuvuyela abanye abazalwana abafumene umsebenzi obuwufuna.—Roma 12:15; Gal. 5:26.

12. Yintoni eyanceda uMelissa noNick?

12 Usamkhumbula uMelissa ekuthethwe ngaye kwisiqendu 2, obefuna ukuya eBheteli okanye kwiSikolo Sabavangeli BoBukumkani? Iminyaka ibingasamvumeli, kodwa uthi: “Ndakhuthala kumsebenzi wobuvulindlela, ndishumayela ngazo zonke iindlela ezikhuthazwa yintlangano. Ndonwabe nyhani.” UNick owayedaniswe kukuba engazange enziwe isicaka solungiselelo yena wancedwa yintoni? “Ndazinikela kwizinto endandikwazi ukuzenza, njengokushumayela nokuphendula ngendlela eyakhayo ebandleni. Ndafaka nesicelo sokuya eBheteli, kunyaka olandelayo ndabizwa.”

13. Yintoni eza kwenzeka ukuba ukhuthele kumsebenzi owenzayo ngoku? (INtshumayeli 2:24)

13 Ukuba ukhuthele kumsebenzi owenzayo ngoku, ucinga ukuba unganikwa eminye imisebenzi kwixesha elizayo? Ungayifumana, njengoNick. Kodwa ukuba awuyifumani njengoMelissa, iza kukuvuyisa kakhulu into oyenzela uYehova ngoku. (Funda iNtshumayeli 2:24.) Eyona nto iza kukuvuyisa nakakhulu kukwazi ukuba uvuyisa iNkosi yethu uYesu Kristu.

ZIMISELE UKWENZA IZINTO EZIZA KUKUVUYISA

14. Yintoni esimele sizimisele ukuyenza xa sicinga ngezinto esifuna ukumenzela zona uYehova?

14 Ukuba simenzela yonke into esikwaziyo ukumenzela yona uYehova ngoku, ngaba simele sithi sigqibile? Hayi. Simele sizimisele ukwenza izinto eziza kusinceda sibe ngabashumayeli nabafundisi ababhetele size sibe luncedo kakhulu kubazalwana noodade. Siza kukwazi ukuyenza nale into ukuba sihlala sicinga ngabanye abantu kuneziqu zethu.—IMize. 11:2; IZe. 20:35.

15. Yeyiphi imisebenzi enokukwenza uvuye kakhulu?

15 Ziintoni omele uzimisele ukuzenza? Cela uYehova akuncede uzazi izinto onokukwazi ukuzenza, uzimisele ukwenza zona. (IMize. 16:3; Yak. 1:5) Ungakwazi ukwenza enye yezinto ekuthethwe ngazo  kwisiqendu 1 seli nqaku, ukuba nguvulindlela ongumncedani okanye othe ngxi, ukuya kusebenza eBheteli okanye ukuya kuncedisa kumsebenzi wokwakha? Mhlawumbi ungakwazi ukufunda olunye ulwimi okanye ukuya kushumayela kwenye indawo. Unokufunda izinto ezininzi ngezi ndlela zokusebenzela uYehova kwisahluko 10 sencwadi ethi Ukwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano nangokuthetha nabadala bebandla okulo. * Xa uzama ukumsebenzela ngezi ndlela uYehova, amanye amaKristu aza kuyibona imisebenzi oyenzayo, nawe uza kuvuya kakhulu.

16. Uza kuthini xa ungakwazi ukwenza nenye kwizinto ekuthethwe ngazo?

16 Uza kuthini xa ungakwazi ukwenza nenye kwezi zinto kuthethwe ngazo? Zimisele ukwenza nantoni na onokukwazi ukuyenza. Khawucinge ngezi zinto.

Yintoni omele uzimisele ukuyenza? (Jonga isiqendu 17) *

17. U-1 Timoti 4:13, 15 uthi umzalwana umele enze ntoni ukuze afundise kakuhle?

17 Funda u-1 Timoti 4:13, 15. Ukuba ungumzalwana obhaptiziweyo, zama ukuba sisithethi okanye umfundisi obhetele kunokuba unjalo ngoku. Ukuba uzama ngamandla ukwenza ezi zinto, uza kuba ngumfundisi nesithethi esiyazi kakuhle into esiyenzayo, ukwazi nokunceda abantu abakumameleyo. Zama ukuzimisela ukufunda nokwenza yonke into ethethwa yincwadana ethi Zimisele Ukufunda Nokufundisa. Funda isifundo sibe sinye ngexesha, zama ukuyenza ekhaya loo nto uyifundileyo ude uyiqhele ukuze uyenze kakuhle xa unikela intetho. Cela amacebiso kumluleki wangasese okanye kwabanye abadala ‘abasebenza nzima ekuthetheni nasekufundiseni.’ * (1 Tim. 5:17) Sukujonga ukuba uyakwazi na ukusisebenzisa eso sifundo nje qha, jonga nendlela onokubanceda ngayo abantu abakumameleyo baqinise ukholo lwabo okanye bayenze le nto bayifundayo. Loo nto iza kukuvuyisa kakhulu, nabo bavuye.

Yintoni omele uzimisele ukuyenza? (Jonga isiqendu 18) *

18. Yintoni enokusinceda siwenze kakuhle umsebenzi wokushumayela?

18 Sonke sinikwe umsebenzi wokushumayela nokwenza abafundi. (Mat. 28:19, 20; Roma 10:14) Uyafuna ukuwenza kakuhle ngaphezu kokuba usenza lo msebenzi ubaluleke kakhulu? Funda incwadana ethi Zimisele Ukufunda Nokufundisa uze uzenze izinto ezifundisayo. Zimisele ukwenza izinto eziza kukunceda ukwazi ukuzenza izinto ozifundayo. Enye into onokuyenza kukusebenzisa amacebiso akwiNcwadi Yentlanganiso Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela nakwiividiyo zendlela yokushumayela ezidlalwa kwiintlanganiso zaphakathi evekini. Zama iindlela ezahlukeneyo ude ufumane eyona ukwaziyo ukuyisebenzisa kakuhle. Xa uwasebenzisa amacebiso owafumana kwezi ncwadi neevidiyo, uza kuba ngumshumayeli nomfundisi owenza kakuhle kakhulu umsebenzi wakhe. Loo nto inokukuvuyisa.​—2 Tim. 4:5.

Yintoni omele uzimisele ukuyenza? (Jonga isiqendu 19) *

19. Unokwenza ntoni ukuze ube neempawu ezithandwa nguYehova?

19 Xa ucinga ngezinto ofuna ukuzenza, sukulibala ukuba eyona nto ibalulekileyo omele uzimisele ukuyenza kukuba neempawu azithandayo uYehova. (Gal. 5:22, 23; Kol. 3:12; 2 Pet. 1:5-8) Yintoni onokuyenza xa ufuna ukuba nazo? Ngokomzekelo, masithi ufuna ukuqinisa ukholo lwakho. Unokufunda amanqaku akwiincwadi zethu akucebisa ngeendlela onokuluqinisa ngazo. Ngokuqinisekileyo unokuncedwa nakukubukela iJW Broadcasting ebonisa indlela abazalwana noodade abaye banokholo ngayo xa bebeneengxaki. Emva koko cinga ukuba ungabalinganisa njani.

20. Yintoni esinokuyenza ukuze sivuye kakhulu, singatyhafi?

20 Ngokuqinisekileyo sonke sifuna ukumsebenzela ngaphezu kokuba sisenza uYehova. Siza kukwazi ukuyenza kakuhle kakhulu le nto kwihlabathi elitsha asithembisa lona. De lifike elo hlabathi, masizame ukuyenza ngamandla ethu onke nantoni na esikwaziyo ukuyenza, ukuze sivuye kakhulu, singatyhafi. Eyona nto ibalulekileyo kukuba, siza kuzukisa futhi sidumise uYehova, “uThixo [wethu] owonwabileyo.” (1 Tim. 1:11) Ngoko masiyivuyele imisebenzi esikwaziyo ukumenzela yona.

INGOMA 82 “Malukhanye Ukhanyiselo Lwenu”

^ isiqe. 5 Simthanda kakhulu uYehova kangangokuba sifuna ukumenzela yonke into esinokukwazi ukumenzela yona. Yiloo nto abanye bethu befuna ukusebenza kakhulu entsimini okanye ebandleni. Kodwa siza kuthini xa singakwazi ukude sizenze ezinye izinto esifuna ukuzenza nokuba sizama kangakanani? Yintoni enokusinceda sihlale sixakeke ngumsebenzi kaYehova futhi sihlale sivuya? Impendulo siyifumana kumzekeliso kaYesu weetalente.

^ isiqe. 2 Amanye amagama atshintshiwe.

^ isiqe. 7 AMAGAMA ACACISIWEYO: Italente yayilingana nemali eyamkelwe ngumntu osebenze iminyaka eyi-20.

^ isiqe. 15 Abazalwana ababhaptiziweyo bakhuthazwa ukuba basebenzele ukuba zizicaka zolungiselelo okanye abadala. Ukuze ubone izinto ezinokukwenza ufaneleke, funda isahluko 5 no-6 sencwadi ethi Ukwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano.

^ isiqe. 17 AMAGAMA ACACISIWEYO: Umluleki wangasese ngumdala onikwe umsebenzi wokulungisa nantoni na efuna ukulungiswa kumdala okanye kwisicaka solungiselelo ebesinikela intetho ebandleni.

^ isiqe. 64 INGCACISO YOMFANEKISO: Ukuze akwazi ukufundisa kakuhle kunokuba esenza, umzalwana ukhangela into anokuyenza kwiincwadi zethu.

^ isiqe. 66 INGCACISO YOMFANEKISO: Emva kokuba ezixelele ukuba uza kushumayela ngokungacwangciswanga, udade unika iweyitara ikhadi le-jw.org.

^ isiqe. 68 INGCACISO YOMFANEKISO: Udade ozimisele ukuba nophawu oluthandwa nguYehova, ububele, wothusa omnye udade ngokumnika isipho.