Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 34

“Ziveleni” Ukuba UYehova Ulungile

“Ziveleni” Ukuba UYehova Ulungile

“Ziveleni, nizibonele ukuba uYehova ulungile; iyavuya indoda ebalekela kuye.”​—INDU. 34:8.

INGOMA 117 Uphawu Lokulunga

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1-2. INdumiso 34:8 ithi simele senze ntoni ukuze sibone ukuba uYehova ulungile?

KHAWUBE nombono wakho unikwa ukutya oza kuqala ukukutya. Unokwazi izinto ezininzi ngoku kutya, ivumba lako, indlela okwenziwa ngayo, kanti nangokubuza kwabanye abantu ukuba bayakuthanda na. Kodwa ukuze wazi ukuba kunjani kanye kanye, kufuneka ukutye.

2 Sinokufunda ngoYehova eBhayibhileni, kwiincwadi zethu, naxa sisiva abanye bethetha ngendlela abasikelele ngayo. Kodwa ukuze siyazi kakuhle indlela alunge ngayo, kufuneka ‘sizivele’ ngokwethu ukuba ulungile. (Funda iNdumiso 34:8.) Makhe siyizekelise ngolu hlobo le nto. Masithi ufuna ukuba nguvulindlela, kodwa ukuze ukwazi, kufuneka uncame izinto ezininzi. Mhlawumbi uyifunda qho into eyathenjiswa nguYesu esithi, ukuba uBukumkani yeyona nto ibalulekileyo ebomini bakho, uYehova uza kukunika izinto ozidingayo, kodwa zange uyibone isenzeka kuwe le nto. (Mat. 6:33) Ngenxa yokuba umthembile uYesu, utshintsha indlela ophila ngayo, awuthengi yonk’ into le iphambi kwakho nezinto ongazidingiyo, uphangela iiyure ezimbalwa ukuze ube nexesha elininzi entsimini. Le nto ikwenza uzibonele ukuba nyhani uYehova uyabanika abakhonzi bakhe izinto abazidingayo. ‘Uyazivela’ ukuba uYehova ulungile.

3. INdumiso 16:1, 2 ithi ngabantu abenza ntoni abasikelela kakhulu uYehova?

3 UYehova ubenzela “izinto ezilungileyo bonke” abantu, nkqu nabo bangamkhonziyo. (INdu. 145:9; Mat. 5:45) Kodwa abona abasikelela kakhulu ngabantu abamthandayo nabamkhonza ngazo zonke iindlela abanokukwazi ngazo. (Funda iNdumiso 16:1, 2.) Makhe sithethe ngezinye izinto ezilungileyo asenzele zona.

4. UYehova uyibonisa njani indlela alunge ngayo kubantu abafuna ukuba ngabahlobo bakhe?

4 Qho sisenza into esiyifundiswa nguYehova, siyancedakala. Xa sifunda ngaye size simthande, uyasinceda siyeke ukucinga nokwenza izinto angazifuniyo. (Kol. 1:21) Sithi sakuzinikela, sibhaptizwe, siyibone kakhulu indlela alunge ngayo kuba usenza sibe nesazela esilungileyo, sibe ngabahlobo bakhe.​—1 Pet. 3:21.

5. Siyibona njani indlela alunge ngayo uYehova xa sisentsimini?

5 Xa sisentsimini siyayibona indlela uYehova alunge ngayo. Ngaba uneentloni? Baninzi abakhonzi bakaYehova abanazo. Kusenokwenzeka ukuba ungekabi liNgqina zange uyicinge into yokuba kungaze kufuneke uye kunkqonkqoza kumzi womntu ongamaziyo umxelele ngeBhayibhile. Kodwa ngoku uyayenza loo nto. UYehova uye wakunceda kwizinto ezininzi. Ukuncedile wakwazi ukuzola xa kukho umntu othetha kakubi nawe entsimini. Wakunceda wasazi isibhalo omawusisebenzise xa udibana nomntu onomdla kumyalezo owuphetheyo. Ukunike namandla okuqhubeka ushumayela nokuba abantu abafuni ukumamela.​—Yer. 20:7-9.

6. Kutheni sisithi indlela asifundisa ngayo uYehova ibonisa ukuba ulungile?

6 UYehova usibonise indlela alunge ngayo nangokusifundisa iindlela zokushumayela. (Yoh. 6:45) Kwiintlanganiso zaphakathi evekini, sifundiswa iindlela esinokuncokola ngazo nabantu entsimini, futhi siyakhuthazwa ukuba sizisebenzise. Ekuqaleni kusenokungabi lula ukuzisebenzisa, kodwa xa sizisebenzisa sisenokufumanisa ukuba zezona ziwutsalayo umdla wabantu. Kwiintlanganiso nakwiindibano sikhuthazwa ukuba sizame iindlela ezahlukeneyo zokushumayela, mhlawumbi esingazange sazisebenzisa. Naleyo into ayikho lula, kodwa xa siyenza, uYehova uza kusisikelela. Makhe sithethe ngezinye iintsikelelo esizifumanayo xa simthemba size sizame ngamandla ethu onke ukuzisebenzisa nokuba kunzima. Emva koko siza kuthetha ngokuba yintoni esinokuyenza ukuze sikwazi ukumsebenzela nangezinye iindlela.

UYEHOVA UYABASIKELELA ABANTU ABAMTHEMBAYO

7. Yintoni aza kuyenza uYehova xa uzimisela ukumsebenzela nangezinye iindlela?

7Uya esithanda. Makhe sive into ethethwa ngomnye umdala, uSamuel, * okunye nenkosikazi yakhe eColombia. Kwibandla labo babengoovulindlela, kodwa bafuna ukuya kunceda kwibandla elidinga abavakalisi. Ukuze bakwazi, kwafuneka bancame ezinye izinto ababezithanda. Uthi: “Sasebenzisa icebiso elikuMateyu 6:33, sayeka ukuthenga izinto esingazidingiyo. Kodwa eyona nto yayinzima kukushiya umzi wethu. Kaloku wawuyile nto siyifunayo, sesiwabhatale sawagqiba onke amatyala awo.” Bafudukela kwibandla elitsha. Apho bakwazi ukuphila ngemali encinci kakhulu kunakuqala. USamuel uthi: “Siyibonile indlela uYehova asinceda ngayo xa sizenza izinto athi masizenze, nendlela ayiphendula ngayo imithandazo yethu. Usenzela izinto angazange wasenzela zona. Loo nto isenza siqiniseke ukuba uyayivuyela into esiyenzayo futhi usithanda kakhulu.” Wena, ungakwazi ukumsebenzela nangezinye iindlela uYehova? Ukuba uyavuma, qiniseka ukuba uza kukuthanda ngaphezu kokuba ekuthanda futhi uza kukunika izinto ozidingayo.​—INdu. 18:25.

8. Yintoni esiyifundayo kwinto ethethwa nguIvan noViktoria?

8Siyavuya xa sisebenzela uYehova. Khawuve into ethethwa nguIvan nomfazi wakhe uViktoria, abangoovulindlela eKyrgyzstan. Bahlala bengenazinto zininzi ukuze bakwazi ukuya kuncedisa kumsebenzi wentlangano ovelayo, nokuba ngowuphi. UIvan uthi: “Sasizinikela kuyo yonke imisebenzi esiyenzayo. Nokuba siphume emsebenzini sidinwe kangakanani, sasivuyiswa kukuba sidinwe ngenxa yokuba besisebenzela uYehova. Enye into eyayisivuyisa kukufumana abahlobo abatsha nezinye izinto ezimnandi ezazisenzeka ebomini bethu.”​—Marko 10:29, 30.

9. Yintoni encede uMirreh okhathazwa sisifo samathambo wamsebenzela ngazo zonke iindlela akwazi ngazo uYehova? Ukushumayela kakhulu kwakhe kumenze wafumana ntoni?

9 Siyavuya xa sikwazi ukumsebenzela uYehova nokuba sineengxaki. Ngokomzekelo, omnye udade ongumakhulu nongumhlolokazi waseNtshona Afrika, uMirreh, wayengugqirha waza wathatha umhlala-phantsi. Emva koko waba nguvulindlela. Ukhathazwa sisifo samathambo esimenza ahambe nzima. Xa ekwindlu ngendlu, ithi iphela iyure abe sediniwe. Ushumayela kakhulu xa ekwindawo enabantu abaninzi. Ufumene amabuyelo nezifundo ezininzi. Abanye kwaba bantu uncokola nabo ngefowuni. Yintoni emenze wafuna ukumsebenzela ngazo zonke ezi ndlela uYehova? Uthi: “Ndimthanda kakhulu uYehova noKristu uYesu. Qho xa ndithandaza, ndiyamcela andincede ndenze yonke into endinokukwazi ukumenzela yona.”​—Mat. 22:36, 37.

10. U-1 Petros 5:10 uthi yintoni abenzela yona uYehova abantu abancama izinto ukuze bamsebenzele kakhulu?

10UYehova usiqeqesha ngeendlela ezininzi. Uvulindlela oseMauritius, uKenny, uyayingqina le nto. Wathi akumazi uYehova, wayeka eyunivesithi, wabhaptizwa, emva koko wanguvulindlela. Uthi, “Ndizama ukuphila njengomprofeti uIsaya owathi: ‘Ndikhona! Thuma mna!’” (Isa. 6:8) Uye wancedisa kwimisebenzi emininzi yokwakha, wancedisa nasekuguquleleni iincwadi zethu ngolwimi lwakhe. Uthi: “Ndifundiswe iindlela zokuyenza kakuhle imisebenzi yam.” Akafundanga loo nto qha. Uthi: “Nditsho ndazazi nezinto endingenakukwazi ukuzenza, ndafunda neempawu ekufuneka ndisebenzele ukuba nazo ukuze ndithandwe nguYehova.” (Funda u-1 Petros 5:10.) Mhlawumbi nawe zingakhona izinto ozincamayo ebomini bakho, unike uYehova ithuba lokuba akuqeqeshe nangezinye iindlela.

Indoda nomfazi wayo bashumayela kwindawo ekufuneka abavakalisi boBukumkani abaninzi; udade osemtsha uncedisa kwisakhiwo seHolo YoBukumkani; indoda esele ikhulile ishumayela nomfazi wayo ngefowuni. Bonke aba bavakalisi benza umsebenzi kaYehova bevuya (Jonga isiqendu 11)

11. Yintoni eyenziwe ngoodade baseMzantsi Korea ukuze bakwazi ukushumayela, ibancede benza ntoni loo nto? (Jonga umfanekiso ongaphandle.)

11 Nabantu ekudala bengamaNgqina kufuneka bafundiswe ukusebenzisa iindlela ezintsha zokushumayela. Abadala belinye ibandla laseMzantsi Korea babhala bechaza into eyenzeka ngexesha lekhorona. Bathi: “Abavakalisi ababekade becinga ukuba abanakukwazi ukuya kushumayela njengakuqala ngenxa yempilo, ngoku bashumayela ngevideoconferencing. Oodade abathathu abakwiminyaka yee-80 bafunde ukusebenzisa ikhompyutha, ngoku bashumayela phantse yonke imihla.” (INdu. 92:14, 15) Uyafuna ukushumayela nangezinye iindlela ukuze uyibone kakhulu indlela alunge ngayo uYehova? Nazi izinto onokuzenza.

ZIINTONI OMELE UZENZE?

12. UYehova ubathembisa ntoni abantu abamthembileyo?

12Mthembe uYehova. Usithembisa ukuba uza kusisikelela kakhulu xa simthemba, sizinikele emsebenzini wakhe. (Mal. 3:10) Omnye udade waseColombia, uFabiola, wazibonela intsikelelo kaYehova. Wayefuna ukuba emva kokuba ebhaptiziwe, angalibazisi, abe nguvulindlela. Kodwa umyeni nabantwana bakhe babexhomekeke kuye. Xa wayeza kuthatha umhlala-phantsi, wathandaza kakhulu kuYehova ecela amncede. Uthi: “Abantu badla ngokulinda ixesha elide ngaphambi kokuba bafumane iimali zabo zomhlala-phantsi, kodwa eyam yangena emva nje kwenyanga. Yandimangalisa nyhani loo nto!” Kwiinyanga ezimbini emva koko, waba nguvulindlela. Ngoku ukwiminyaka yee-70, sekudlule eyi-20 enguvulindlela. Uncede abantu abayi-8 babhaptizwa. Uthi: “Ngamanye amaxesha ndikhe ndiphelelwe ngamandla, kodwa yonke imihla uYehova uyandinceda ndingayeki ukushumayela.”

Yintoni eyenziwa nguAbraham noSara, uYakobi nababingeleli abawela uMlambo iYordan eyabonisa ukuba bamthembile uYehova? (Jonga isiqendu 13)

13-14. Ngoobani esinokufunda kubo ukuthemba uYehova size sibe nomdla wokumsebenzela nangezinye iindlela?

13Funda kubantu abaye bamthemba uYehova. IBhayibhile ithetha ngabantu abaninzi abaye bamsebenzela ngamandla uYehova. Ngamanye amaxesha uYehova wayebasikelela emva kokuba benze into ebonisa ukuba bayamthemba. Ngokomzekelo, uAbraham wamsikelela emva kokuba eshiye umzi wakhe, wahamba, ‘engazi ukuba uyaphi.’ (Heb. 11:8) UYakobi yena wamsikelela emva kokuba ejijisene nengelosi. (Gen. 32:24-30) Xa amaSirayeli ayeza kungena kwiLizwe Lesithembiso, abantu bakwazi ukunqumla kuMlambo iYordan owawuphuphuma emva kokuba ababingeleli befake iinyawo kuwo.​—Yosh. 3:14-16.

14 Unokufunda nakwamanye amaNgqina aye amthemba aze amsebenzela ngezinye iindlela uYehova. Ngokomzekelo, uPayton nomfazi wakhe uDiana, bayakuthanda ukufunda ngabazalwana noodade abaye bamsebenzela ngeendlela ezininzi uYehova kumanqaku athi “Bazinikela Bengaqhutywa Mntu.” * UPayton uthi: “Xa sifunda ngezinto ezenzeke kubo, iba ngathi sibukele umntu otya ukutya okumnandi. Siye sirhalele ‘ukuzivela nokuzibonela ukuba uYehova ulungile.’” Ekugqibeleni uPayton noDiana baye baya kukhonza apho kufuneka abavakalisi abaninzi khona. Ukhe wawafunda la manqaku? Uzibukele zona iividiyo eziku-jw.org, ethi Ukushumayela Emaphandleni​—EOstreliya nethi Ukushumayela Emagqagaleni—​EIreland? La manqaku, nezi vidiyo zingakunceda ufumane ezinye iindlela onokumsebenzela ngazo uYehova.

15. Ukuba nabahlobo abathanda ukusebenzela uYehova kungasinceda njani?

15Yiba nabahlobo abathanda ukusebenzela uYehova. Siba nomdla wokuva ukutya esingazange sakutya xa sihleli nabantu abakuthandayo. Ngoko xa sihlala sikunye nabantu abasebenzela uYehova ngazo zonke iindlela abanokukwazi ngazo, siye sibe nomdla wokumsebenzela nangezinye iindlela. Kwenzeka loo nto kuKent nomfazi wakhe uVeronica. UKent uthi: “Abahlobo nentsapho yethu basikhuthaza ukuba khe sizame ukumsebenzela nangezinye iindlela uYehova. Sabona ukuba xa sihlala sikunye nabantu obuza kuqala uBukumkani ebomini babo, siba nesibindi sokwenza into esingazange siyenze.” Ngoku uKent noVeronica ngoovulindlela abakhethekileyo eSerbia.

16. Umzekeliso kaYesu okuLuka 12:16-21 ubonisa ukuba kutheni kufuneka sibe nomdla wokuba nezinto esizincamayo?

16Yiba nezinto ozincamayo ngenxa kaYehova. Akunyanzelekanga ukuba sincame yonke into esiyithandayo ukuze uYehova asithande. (INtshu. 5:19, 20) Ukuba kunzima ukusebenzela uYehova nangezinye iindlela kuba singafuni ukuncama nto, siza kufana nendoda ekumzekeliso kaYesu eyasebenza nzima ukuze iphile tofotofo, ayamkhathalela uThixo. (Funda uLuka 12:16-21.) Umzalwana ohlala eFransi, uChristian, uthi, “Ndandingenalo ixesha lokusebenzela uYehova nelokuba kunye nentsapho yam.” Yena nomfazi wakhe bagqiba ekubeni babe ngoovulindlela, kodwa kwakuza kufuneka bayeke ukuphangela. Ngoko ukuze baziphilise, bazivulela ishishini lokuklina, bafunda nokwanela yimali encinci ababeyifumana. Ngaba bayazisola? UChristian uthi, “Sonwabe kakhulu entsimini, sivuyiswa nakukubona amabuyelo nabantu esibafundelayo befunda ngoYehova.”

17. Yintoni enokwenza kube nzima ukusebenzisa iindlela ezintsha zokushumayela?

17Yiba nomdla wokuzama iindlela ezintsha zokushumayela. (IZe. 17:16, 17; 20:20, 21) Ngexesha lekhorona uShirley, onguvulindlela eUnited States, kwafuneka atshintshe indlela ashumayela ngayo. Ekuqaleni, wayengafuni ncam ukuzama ukushumayela ngefowuni. Ngotyelelo lomveleli wesiphaluka, wafundiswa ukushumayela ngale ndlela. Emva koko, zange ayiyeke. Uthi: “Ndandisoyika ekuqaleni, kodwa ngoku kumnandi nyhani. Abantu esibafumanayo ngoku baninzi ngaphezu kwabo besibafumana kwindlu ngendlu!”

18. Yintoni enokusinceda xa kuvela ingxaki eyenza kube nzima ukwenza into esizixelele ukuba siza kumenzela yona uYehova?

18Yiba nento ozixelela ukuba uza kuyenza, uze uyenze. Xa sineengxaki, sicela uYehova asincede size sicinge ngento emasiyenze. (IMize. 3:21) USonia, onguvulindlela eYurophu nosebenza neqela elithetha isiRomany uthi: “Ndithanda ukuzibhala ephepheni izinto endifuna ukuzenza, elo phepha ndiligcine kwindawo endiza kulibona msinya kuyo. Phezu kwetafile yam ndinomzobo weendlela ezimbini, enye inqumla kwenye. Xa ndisenza isigqibo, ndijonga apho zinqumla khona ezi ndlela ndize ndicinge ukuba esi sigqibo ndisenzayo siza kundisa kweliphi icala.” Uyazama ukuba iingxaki anazo zingamtyhafisi. Uthi: “Ndiye ndicinge ukuba ngaba le ngxaki ivelayo ndiza kuyivumela ibe ludonga oluza kundenza ndiyiyeke into endizimisele ukuyenza, okanye ibe yibhulorho eza kundinceda ndide ndifike kuyo okanye ndikwazi ukuyenza?”

19. Yintoni esifanele sizimisele ukuyenza?

19 UYehova usisikelela ngeendlela ezininzi. Sinokumbonisa indlela esimbulela ngayo ngokumdumisa ngazo zonke iindlela esinokukwazi ngazo. (Heb. 13:15) Sinokumsebenzela nangezinye iindlela ezininzi. Loo nto inokumenza asisikelele ngaphezu kokuba esisikelela. Yonke imihla, masizame ukwenza izinto eziza kusenza ‘sizivele size sizibonele ukuba uYehova ulungile.’ Ukuba siyayenza loo nto, siza kufana noYesu owathi: “Ukutya kwam kukwenza ukuthanda kwaLowo undithumileyo.”​—Yoh. 4:34.

INGOMA 80 ‘Ziboneleni Nizivele Ukuba UYehova Ulungile’

^ isiqe. 5 Zonke izinto ezilungileyo zivela kuYehova. Uzinika bonke abantu, nkqu nabo benza izinto ezimbi. Kodwa abona bantu abenzela izinto ezilungileyo ngabakhonzi bakhe abathembekileyo. Kweli nqaku siza kuthetha ngendlela abenzela ngayo izinto ezilungileyo. Siza kubona nendlela abanika ngayo izinto ezilungileyo abakhonzi bakhe abamsebenzela nangezinye iindlela.

^ isiqe. 7 Amanye amagama atshintshiwe.

^ isiqe. 14 La manqaku ebekade efumaneka kwiMboniselo, kodwa ngoku afumaneka ku-jw.org/xh. Yiya kwindawo ethi INKCAZELO ENGAKUMBI NGATHI > AMAVA > IZINTO OZIMISELE UKUMENZELA ZONA UYEHOVA.