Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 38

Ungayeki Ukuthanda UYehova Namanye AmaKristu

Ungayeki Ukuthanda UYehova Namanye AmaKristu

“Ndiya kuTata wam okwanguTata wenu.”​—YOH. 20:17.

INGOMA 3 Nguwe Olithemba Namandla Ethu

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Yeyiphi indlela esinokumbiza ngayo uYehova?

 UYESU ‘ekwaqala kwadalwa yena kuyo yonke indalo,’ neengelosi bakwintsapho ekhonza uYehova. (Kol. 1:15; INdu. 103:20) Xa uYesu wayelapha emhlabeni, wathi abantu banokumbiza Tata uYehova. Wathi xa wayethetha ngoYehova kubafundi bakhe ‘uTata wam okwanguTata wenu.’ (Yoh. 20:17) Nathi xa sizinikela kuYehova size sibhaptizwe, siba kwintsapho yabazalwana noodade enothando.​—Marko 10:29, 30.

2. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

2 Abanye abayikholelwa into yokuba uYehova nguTata obathandayo abantu. Abanye bona, abayazi ukuba bangabonisa njani ukuba bayabathanda abazalwana noodade wabo. Kweli nqaku siza kufunda indlela uYesu asinceda ngayo sibone ukuba uYehova nguTata osithandayo nesinokusondela kuye. Siza kufunda nangendlela esinokwenza ngayo ukuze siphathe abazalwana noodade wethu njengaye.

UYEHOVA UFUNA USONDELE KUYE

3. Umthandazo uYesu awawufundisa abafundi bakhe usisondeza njani kuYehova?

3 UYehova nguTata obathandayo abantu. UYesu ufuna sazi ukuba uYehova unobubele nothando ibe sinokuthetha naye nanini na. Ayingomntu owoyikekayo ofuna sithobele imithetho yakhe qha. Le nto siyibona kwindlela awathi mabathandaze ngayo abafundi bakhe. Wababonisa indlela yokuthandaza ngokuqala ngamazwi athi: “Tata wethu.” (Mat. 6:9) Ethanda ngewayethe ‘Somandla,’ ‘Mdali,’ okanye ‘Kumkani kanaphakade,’ kuba xa iBhayibhile ithetha ngoYehova, iyawasebenzisa nala amagama. (Gen. 49:25; Isa. 40:28; 1 Tim. 1:17) Kodwa uYesu, wathi masithi “Tata” xa sibiza uYehova.

4. Sazi njani ukuba uYehova ufuna sisondele kuye?

4 Ngaba kunzima kuwe ukuyivuma into yokuba uYehova uyabathanda abantu? Kwabanye kunzima. Ukuba ukhule ungathandwa, kunganzima ukuqonda ukuba ukhona uTata obathandayo abantu. Kusenza sixole ukwazi ukuba uYehova uyayiqonda loo nto. Ufuna ukusondela abe ngumhlobo wethu. Yiloo nto iBhayibhile isithi: “Sondelani kuThixo, naye uza kusondela kuni.” (Yak. 4:8) UYehova uyasithanda ibe uthi uza kuba ngoyena Tata usihoyileyo.

5. ULuka 10:22, uthi uYesu angasinceda njani sisondele kuYehova?

5 UYesu angasinceda sisondele kuYehova. Umazi kakuhle uYehova ibe uyakwazi nokwenza izinto njengaye. Yiloo nto wathi: “Lowo undibonileyo mna umbonile noTata.” (Yoh. 14:9) UYesu ufana nobhuti wethu omdala osifundisa indlela yokuhlonipha nokuthobela uTata wethu. Usixelela izinto angazifuniyo uYehova, nezo azifunayo. Indlela uYesu awayephila ngayo apha emhlabeni ibonisa indlela anothando ngayo uYehova. (Funda uLuka 10:22.) Nantsi imizekelo.

UYehova wasebenzisa ingelosi ukuze iqinise uNyana wakhe kuba emthanda (Jonga isiqendu 6) *

6. UYehova wammamela njani uYesu? Khawenze umzekelo.

6 UYehova uyabamamela abantu bakhe. Khawucinge nje ngendlela awayemmamela ngayo uYesu. Mininzi imithandazo yakhe awayimamelayo xa wayelapha emhlabeni. (Luka 5:16) UYehova wayemmamele uNyana wakhe xa wayethandazela enye yezinto ezibalulekileyo, ukukhethwa kwabapostile abayi-12. (Luka 6:12, 13) Wamva uYesu naxa wayethandaza ekhathazeke kakhulu. Ngaphambi kokuba ajikelwe nguYudas, wathandaza kuTata wakhe ecela amandla okunyamezela izinto ezaziza kumehlela. UYehova akazange amamele nje umthandazo kaYesu kuphelele apho, wathumela ingelosi ukuze imqinise.​—Luka 22:41-44

7. Ukwazi ukuba uYehova uyayimamela imithandazo yethu kukwenza uzive njani?

7 Nanamhlanje, uYehova usayimamela imithandazo yabakhonzi bakhe. Uyiphendula ngexesha elifanelekileyo nangendlela efunekayo. (INdu. 116:1, 2) Omnye udade waseIndia wayibona indlela uYehova awayiphendula ngayo imithandazo yakhe. Wayehlutshwa kukuba nexhala kakhulu. Wayithandazela kuYehova le ngxaki. Uthi “Ndancedwa yiJW Broadcasting kaMeyi 2019 eyayithetha ngezinto ezinokusinceda singabi nexhala kakhulu. Le yindlela uYehova awayiphendula ngayo imithandazo yam.”

8. UYehova wayebonisa njani ukuba uyamthanda uYesu?

8 UYehova wayebonisa ukuba uyamthanda futhi umkhathalele uYesu kumsebenzi wakhe onzima walapha emhlabeni. Nathi usithanda ngaloo ndlela. (Yoh. 5:20) Wayeqiniseka ukuba uYesu unayo yonke into ayidingayo ukuze aqine elukholweni aze aqhubeke ephila, emkhuthaza naxa ekhathazekile. Wamncoma uNyana wakhe emxelela nokuba uyamthanda. (Mat. 3:16, 17) UYesu zange akhe azive eyedwa kuba wayesazi ukuba uTata wakhe wasezulwini uza kuhlala emnceda.​—Yoh. 8:16.

9. Yintoni esenza siqiniseke ukuba uYehova uyasithanda?

9 NjengoYesu nathi siyibonile indlela uYehova asithanda ngayo. Usivumele ukuba sibe ngabahlobo bakhe. Usinike intsapho engabazalwana noodade abasonwabisayo baze basikhuthaze xa sinengxaki. (Yoh. 6:44) Uphinda asinike yonke into esiyidingayo ukuze ukholo lwethu luqine. Uyasinceda sifumane izinto esingenazo ukuze siqhubeke siphila. (Mat. 6:31, 32) Xa sicinga ngendlela asithanda ngayo uYehova, nathi sitsho simthande kakhulu.

WAPHATHE NJENGOYEHOVA AMANYE AMAKRISTU

10. Singafunda ntoni kwindlela uYehova abaphatha ngayo abazalwana noodade?

10 UYehova uyabathanda abazalwana noodade wethu. Kodwa kusenokuba nzima kuthi ukubathanda nokubenzela izinto. Kaloku sisuka kwiindawo ezingafaniyo ibe sikhule ngeendlela ezingafaniyo. Senza neempazamo ezinokubakhathaza abanye. Kodwa ke ikhona into esinokuyenza ukuze sihlale sithandana nabazalwana noodade. Yintoni leyo? Kukubathanda njengoYehova. (Efe. 5:1, 2; 1 Yoh. 4:19) Makhe sibone ukuba yintoni esinokuyifunda kuYehova.

11. UYesu wabonisa njani ukuba uYehova ‘unobubele’?

11 UYehovaunobubele (Luka 1:78) Umntu onobubele uyakhathazeka xa ebona abanye besokola. Ude azimisele ukubanceda. NoYesu, indlela awayebaphatha ngayo abantu yayibonisa ukuba uYehova ubahoyile. (Yoh. 5:19) Wakhe wathi ebona abantu abaninzi ‘wabasizela kuba babephethwe kakubi, bengahoywanga oku kweegusha ezingenamalusi.’ (Mat. 9:36) Zange aphelele ekubasizeleni, wabanceda. Waphilisa abantu ababegula waza wanceda abo ‘babesindwa ngumthalo.’​—Mat. 11:28-30; 14:14.

Velana nabazalwana noodade uze ubancede njengoYehova (Jonga isiqendu 12-14) *

12. Singabonisa njani ukuba sinobubele kubazalwana noodade?

12 Xa sicinga ngeengxaki abanazo abazalwana noodade wethu siza kutsho sikwazi ukuba nobubele kubo. Masithi udade uyagula. Akadli ngokuthetha ngale ngxaki kwabanye kodwa angavuya kakhulu xa enokuncedwa. Ikhona indlela esingamnceda ngayo ukuze akwazi ukunika intsapho yakhe izinto ezidingayo? Asinakumnceda ngokumphekela okanye sikline kwindawo ahlala kuyo? Okanye masithi umzalwana uphelelwe ngumsebenzi. Mhlawumbi singampha imali aza kube eyisebenzisa ade afumane umsebenzi. Kodwa singamxeleli ukuba isuka kuthi.

13-14. Sinokubanceda njani abanye ngezinto abazidingayo njengoYehova?

13 UYehova unesisa. (Mat. 5:45) Nathi masingalindi abazalwana noodade wethu ukuba bade bacele sibancede. Sinokuqala ngokwethu ukubanceda njengoYehova. Wenza ilanga liphume yonke imihla, singamcelanga nokumcela. Elo langa lifudumala kuye wonke umntu nakwabo bangayaziyo nokuba livela kuye. Sitsho sibone ukuba uyasithanda kuba uyasinika izinto esingenazo. Siyamthanda uYehova kuba unobubele futhi usinika yonke into esiyidingayo.

14 Abazalwana noodade nabo banceda abantu ngezinto abazidingayo njengoYehova. Ngokomzekelo ngo-2013, inkanyamba enkulu uHaiyan yamosha kakhulu kwiiPhilippines. Abazalwana noodade abaninzi bashiyeka bengenamakhaya. Kodwa intsapho yabo engamaKristu esehlabathini lonke, yabanceda ngokukhawuleza. Abanye banikela ngemali okanye bancedisa kumsebenzi wokwakha owawusenziwa. Kwalungiswa amakhaya aphantse abeyi-750 kungaphelanga nonyaka lo. Nakweli xesha lekhorona, amaNgqina KaYehova aye anceda abanye abazalwana noodade. Xa sikhawuleza sibancede abanye abazalwana noodade sibonisa ukuba siyabathanda.

15-16. ULuka 6:36 uthi yeyiphi indlela esinokumlinganisa ngayo uYehova?

15 UYehova uyaxolela. (Funda uLuka 6:36.) Yonke imihla uTata wethu wasezulwini uye asixolele kwiimpazamo zethu. (INdu. 103:10-14) Nabalandeli bakaYesu babezenza iimpazamo kodwa uYesu wayebaxolela. Wade wancama nobomi bakhe ukuze izono zethu zixolelwe. (1 Yoh. 2:1, 2) Ukusixolela kukaYehova noYesu kusenza sibathande nyhani.

16 Xa ‘sixolelana ngokusuka entliziyweni’ nabazalwana noodade, sitsho sithandane kakhulu. (Efe. 4:32) Kuba nzima kona ukuxolela abanye ngamanye amaxesha kodwa masingayeki. Omnye udade uthi, inqaku leMboniselo elinomxholo othi “Xolelanani Ngesisa” lamnceda wakwazi ukuxolela abanye. * Uthi, “Eli nqaku landenza ndabona ukuba ukuxolela abanye kundinceda njani. Lalisithi, ukuxolela abanye akuthethi kuthi ayindikhathazanga le nto bayenzileyo. Kuthetha ukuthi andisabaqumbelanga, ndibaxolele.” Xa sibaxolela abazalwana noodade wethu sibonisa ukuba siyabathanda futhi sifana noYehova oxolelayo.

VUYISWA KUKUBA KWINTSAPHO KAYEHOVA

Abantu abadala nabancinci baye babonisa ukuba bayabathanda abanye abazalwana noodade (Jonga isiqendu 17) *

17. UMateyu 5:16 uthi singenza ntoni ukuze uYehova azukiswe?

17 Kusivuyisa nyhani ukuba nentsapho yabazalwana noodade abathandanayo emhlabeni wonke. Futhi singavuya kakhulu xa kukho nabanye abafuna ukumkhonza. Ngoko masingaze senze nantoni na eza kungcolisa igama likaYehova nabantu bakhe. Masizimisele ukwenza izinto ngendlela efunwa nguYehova ukuze abantu bafunde ngaye baze bamkhonze.​—Funda Mateyu 5:16.

18. Yintoni enokusinceda sishumayele sinesibindi?

18 Ngamanye amaxesha sinokugxekwa okanye siphathwe kakubi kuba sithobela uYehova. Simele senze ntoni xa sisoyikiswa kuba sishumayela kwabanye? Masithembele kuYehova noNyana wakhe ukuba baza kusinceda. UYesu wathi kubafundi bakhe mabangabi naxhala ngento abaza kuyithetha. Ngoba? Wathi, “Niza kuyinikwa ngelo xesha into emaniyithethe, kuba akuzukuthetha nina kuphela, kodwa ngumoya kaTata wenu oza kuthetha esebenzisa nina.”​—Mat. 10:19, 20.

19. Khawenze umzekelo womntu owashumayela ngesibindi.

19 URobert waseMzantsi Afrika wayesisifundo esingekazi nto. Kwafuneka acacisele inkundla ukuba kutheni engafuni ukuya emkhosini. Wayixelela ukuba uyabathanda abazalwana bakhe, ngoko akakhethi cala. Wayefuna ukubamela abazalwana noodade. Umantyi wambuza wathi, “Ngoobani abazalwana bakho?” URobert wayengawulindelanga loo mbuzo. Wakhumbula itekisi yangaloo mini. Yayithathwe kuMateyu 12:50 othi: “Nabani na owenza ukuthanda kukaTata osezulwini, nguye ongumntakwethu, udadewethu nomama.” Nangona wayengekayazi kakuhle iBhayibhile, umoya kaYehova wamnceda wakwazi ukuphendula loo mbuzo neminye awayengayilindelanga. Inoba yamvuyisa nyhani uYehova le nto yenziwa nguRobert. Nathi, xa simthemba uYehova size sishumayele ngesibindi noba sekunzima, iyamvuyisa loo nto.

20. Yintoni esifanele sizimisele ukuyenza? (Yohane 17:11, 15)

20 Kusivuyisa kakhulu ukuba kwintsapho yamaKristu enothando. SinoTata osithandayo kunye nabazalwana noodade abazinikeleyo. Asifanelanga siyidelele loo nto. USathana nabantu bakhe bafuna ukusenza singamthembi uYehova size siyeke nokuthandana. Kodwa uYesu wasithandazela ecela uYehova asikhusele ukuze sihlale sithandana. (Funda uYohane 17:11, 15.) UYehova uyawuphendula lo mthandazo. NjengoYesu masihlale siqinisekile ukuba uYehova uyasithanda futhi uza kusinceda. Masizimisele nokuhlala sithandana nabazalwana noodade.

INGOMA 99 Izigidi Zabazalwana

^ isiqe. 5 Kumnandi nyhani ukuba kwintsapho yabazalwana noodade wethu. Sonke sizimisele ukuhlala sithandana kakhulu. Singayenza njani loo nto? Ngokubathanda abazalwana noodade wethu njengoYehova, size senze izinto njengoYesu namanye amaKristu.

^ isiqe. 57 INGCACISO YOMFANEKISO: UYehova wathuma ingelosi ukuba iyokuqinisa uYesu kwigadi yaseGetsemane.

^ isiqe. 59 INGCACISO YOMFANEKISO: Kweli xesha lekhorona, abazalwana noodade abaninzi baye baphathela abanye ukutya.

^ isiqe. 61 INGCACISO YOMFANEKISO: Umama uncedisa intombi yakhe xa ithumela ileta ekhuthaza umzalwana ovalelweyo.