Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 42

Qiniseka Ukuba Uyifumene Inyaniso

Qiniseka Ukuba Uyifumene Inyaniso

“Qinisekisani zonke izinto, nize nibambelele kwezo zilungileyo.”​—1 TES. 5:21.

INGOMA 142 Masibambelele Nkqi Kwithemba Lethu

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Kutheni abantu abaninzi bebhidekile nje?

 ZININZI iinkonzo ezithi zingamaKristu ibe zimkhonza ngendlela ayifunayo uYehova. Yiloo nto abantu abaninzi bebhidekile. Bade babuze bathi: “Ikhona inkonzo ekhonza uThixo ngendlela ayifunayo okanye ngaba zonke ziyamvuyisa?” Ngaba thina maNgqina KaYehova siqinisekile ukuba sifundisa inyaniso futhi indlela esimkhonza ngayo uYehova iyamvuyisa? Ngaba singaze siqiniseke ngezi zinto? Makhe sibone.

2. Ama-1 Tesalonika 1:5 athi yintoni eyayisenza umpostile uPawulos aqiniseke ngenyaniso?

2 Umpostile uPawulos wayeqinisekile ukuba uyayazi inyaniso. (Funda ama-1 Tesalonika 1:5.) Wayengayisekelanga kwindlela aziva ngayo. Wayezimisela xa efunda iBhayibhile. Wayesazi ukuba “sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo.” (2 Tim. 3:16) Yintoni ke awayifundayo eBhayibhileni? Wafunda izinto ezamenza waqiniseka ukuba uYesu nguMesiya ekwakuthiwe uyeza nokuba abefundisi bamaYuda babengafuni nokuyiva loo nto. Abo befundisi babesithi bafundisa inyaniso ngoThixo kodwa besenza izinto angazifuniyo. (Tito 1:16) Kodwa yena uPawulos wayengafani nabo. Wayengakhethi izinto amakazikholelwe eBhayibhileni aze ezinye aziyeke. Wayefuna ukufundisa, enze “yonke injongo kaThixo.”​—IZe. 20:27.

3. Ngaba sifanele siphenduleke kuyo yonke imibuzo yethu ukuze siqiniseke ukuba siyifumene inyaniso? (Jonga nebhokisi ethi “ Izinto Ozicingayo Nemisebenzi Yakho Yehova—‘Mikhulu Kakhulu.’

3 Abanye abantu bathi iinkonzo zifanele zikwazi ukuphendula yonke imibuzo nkqu nezinto ekungathethwanga ngazo eBhayibhileni. Ingaze yenzeke loo nto? Nanku umzekelo. UPawulos wavuma ukuba zikhona izinto angazaziyo naye kodwa amaKristu ‘mawaqinisekise zonke izinto.’ (1 Tes. 5:21) Wathi “ulwazi esinalo aluphelelanga, sibona luzizi ngokungathi sijonge esipilini sesinyithi.” (1 Kor. 13:9, 12) Wayengazi yonke into kodwa wayeqinisekile ukuba uyifumene inyaniso. Nathi ke sinjalo.

4. Yintoni enokusinceda siqiniseke ukuba siyifumene inyaniso? Eli nqaku liza kusifundisa ntoni ngamaKristu okwenene?

4 Indlela esinokuqiniseka ngayo ukuba siyifumene inyaniso kukujonga ukuba uYesu wayemkhonza njani uYehova. Sijonge nokuba amaNgqina KaYehova ayayenza na wona loo nto. Eli nqaku liza kusifundisa ukuba amaKristu okwenyaniso (1) akhonza uYehova yedwa, (2) ayalihlonipha igama likaThixo, (3) ayayithanda inyaniso, (4) awazenzisi, athandana nyhani.

SIKHONZA UYEHOVA YEDWA

5. Yeyiphi indlela yokukhonza uThixo uYesu awasifundisa yona? Sinokuyenza njani?

5 Xa wayesezulwini nalapha emhlabeni, uYesu wakhonza uYehova yedwa kuba wayemthanda kakhulu. (Luka 4:8) Nabafundi bakhe wabafundisa ukuba benze loo nto. Xa bebonke, uYesu nabafundi bakhe babengaguqi kwimifanekiso xa bekhonza. UThixo akabonakali, ngoko akho mntu unokwenza umfanekiso ofana naye. (Isa. 46:5) Kodwa ke ngaba abantu banokuyenza imifanekiso yabantu abacinga ukuba bangcwele baze bathandaze kuyo? Kowesibini kwiMithetho Elishumi uYehova wathi: “Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo okanye into efana nayo nantoni na esemazulwini phezulu, esemhlabeni phantsi . . . Uze ungaqubudi kuzo okanye uzikhonze.” (Eks. 20:4, 5) Abantu abafuna ukuvuyisa uYehova bayayazi ukuba akafuni sikhonze izithixo.

6. AmaNgqina KaYehova amkhonza njani uThixo?

6 Abantu abafunde ngezinto zakudala bathi ngexesha labapostile, amaKristu ayezinikele kuThixo qha. Ngokomzekelo, enye incwadi yakudala ithi loo maKristu, “ayengazukufuna nokuyiva” into yokuba kukhonzwe imifanekiso endaweni kaThixo. Nanamhlanje amaNgqina KaYehova enza kanye loo nto. Asithandazi kwimifanekiso “yabantu ekuthiwa bangcwele.” Kaloku asithandazi nditsho nakuYesu. Futhi asiqubudi kwiflegi okanye nantoni na eza kwenza sikhonze urhulumente okanye ilizwe lethu. Noba umntu angenza ntoni, thina sizimisele ukuthobela amazwi kaYesu athi: “Umele ukhonze uYehova uThixo wakho kuphela.”​—Mat. 4:10.

7. Ziintoni ezenza amaNgqina KaYehova angafani nezinye iicawa?

7 Abantu abaninzi namhlanje bathanda ukumamela abefundisi abadumileyo. Babathanda kakhulu kangangokuba bade bafune nokubakhonza. Baya kwiicawa zabo, bathenge iincwadi zabo, banikele nangemali eninzi kwimibutho yaba befundisi. Abanye bade bamamele yonke into abayithethayo. Abantu bayabathanda aba befundisi. Kuba ngathi babona uYesu xa bebabona. Kodwa wona amaKristu okwenene awanaye umfundisi. Ewe kona siyabahlonipha abantu abaphetheyo, kodwa sithobela amazwi kaYesu athi: “Nonke nina ningabazalwana.” (Mat. 23:8-10) Asikhonzi kwamntu, nokuba ngumfundisi okanye ngumlawuli wepolitiki. Futhi asihambisani nezinto abazithethayo. Sihlala singakhethi cala ibe asizenzi izinto ezenziwa kweli hlabathi. Ezi zinto zisenza singafani nezinye iicawa ezithi zingamaKristu.​—Yoh. 18:36.

SIYALIHLONIPHA IGAMA LIKATHIXO

AmaKristu okwenene ayakuvuyela ukuxelela abanye ngoYehova (Jonga isiqendu 8-10) *

8. Sazi njani ukuba uYehova ufuna silizukise igama lakhe sixelele bonke abantu ngalo?

8 UYesu wakhe wathandaza wathi: “Tata, lizukise igama lakho.” UYehova wawuphendula ngokwakhe loo mthandazo ngelizwi elikhulu, esithi uza kulizukisa. (Yoh. 12:28) Kuwo wonke umsebenzi awayewenza uYesu apha emhlabeni, walizukisa igama likaTata wakhe. (Yoh. 17:26) Ngoko kuyinyhweba nakumaKristu okwenene ukusebenzisa igama elithi Yehova xa ebiza uThixo. Axelele nabanye ngalo.

9. AmaKristu exesha labapostile abonisa njani ukuba ayalihlonipha igama likaThixo?

9 Emva kokuba ibandla lamaKristu liqalisile ukubakho, uYehova ‘wakhetha ezintlangeni abantu abaza kubizwa ngegama lakhe.’ (IZe. 15:14) Loo maKristu akuvuyela ukusebenzisa igama likaThixo, nokuxelela abanye ngalo. Alisebenzisa xa eshumayela ebantwini naxa ayebhala iincwadi zeBhayibhile. * Ngaloo ndlela, ayebonisa ukuba ayalimela igama likaThixo.​—IZe. 2:14, 21.

10. Yintoni ebonisa ukuba amaNgqina KaYehova ngabantu abamela igama likaThixo?

10 Ngaba amaNgqina KaYehova ngabantu abamela igama likaThixo? Khawucinge ngale nto. Abefundisi namhlanje bazame ngazo zonke iindlela ukuze igama likaThixo lingaziwa ngabantu. Baye balisusa kwiiBhayibhile zabo futhi abavuma ukuba lisetyenziswe ngabantu ezicaweni zabo. * Ukhona ke umntu onokuyiphikisa into yokuba ngamaNgqina KaYehova alihloniphayo igama likaThixo? Sithi abona bantu baxelela abanye ngegama likaThixo. Sizama kangangoko ukubonisa ukuba singamaNgqina KaYehova. (Isa. 43:10-12) Sineekopi ezingaphezu kwe-240 miliyon zeNguqulelo Yehlabathi Elitsha ezisebenzisa igama likaThixo kwiindawo elikhutshiweyo kuzo ngabanye abaguquleli. Senza neencwadi zeBhayibhile ezinegama likaThixo ngeelwimi ezingaphezu kwe-1 000.

SIYAYITHANDA INYANISO

11. AmaKristu exesha labapostile abonisa njani ukuba ayayithanda inyaniso?

11 UYesu wayeyithanda inyaniso ethetha ngoYehova nezinto aza kuzenza kwixesha elizayo. Indlela awayephila ngayo yayibonisa ukuba uyazikholelwa ezi zinto ibe ufuna ukuxelela nabanye ngazo. (Yoh. 18:37) Nabalandeli bakhe babeyithanda inyaniso. (Yoh. 4:23, 24) Umpostile uPetros wade wathi amaKristu ‘akwindlela yenyaniso.’ (2 Pet. 2:2) Kuba beyithanda babengahambisani nezinto ezifundiswa ecaweni, izinto ezenziwa ekuhlaleni, nezinto ezicingwa ngabantu ezingavumelaniyo neBhayibhile. (Kol. 2:8) NamaKristu ke, azama ‘ukubambelela enyanisweni,’ ngokukholelwa izinto ezithethwa yiBhayibhile nangokuphila ngayo.​—3 Yoh. 3, 4.

12. IQumrhu Elilawulayo liye lenze ntoni xa lifumanisa ukuba indlela esiyiqonda ngayo into kufuneka itshintshwe? Liyenzela ntoni loo nto?

12 AmaNgqina KaYehova akahambi esithi ayazi yonke into ethethwa eBhayibhileni. Akhe azenza iimpazamo kwindlela ayicacisa ngayo iBhayibhile nendlela ibandla elisebenza ngayo. Loo nto ayifanelanga isothuse. IBhayibhile ithi abantu baza kuya beyazi inyaniso ngokuhamba kwexesha. (Kol. 1:9, 10) UYehova akazicacisi ngexesha elinye zonke izinto. Ngoko kufuneka silinde kufike ixesha lokuba siyazi kakuhle inyaniso. (IMize. 4:18) Xa iQumrhu Elilawulayo lifumanisa ukuba kufuneka litshintshe indlela esiyiqonda ngayo into, liyenza ngokukhawuleza loo nto. Iicawe ezininzi zitshintsha iimfundiso zazo ukuze zivuyise abantu bazo okanye zidume kakuhle ehlabathini. AmaNgqina KaYehova wona azitshintsha iimfundiso zawo kuba efuna ukunceda abantu basondele ngakumbi kuThixo baze bamkhonze ngendlela awayichazayo uYesu. (Yak. 4:4) Indlela esiyiqonda ngayo iBhayibhile asiyitshintshi ngenxa yezinto ezicingwa ngabantu beli hlabathi, siyitshintsha kuba siyazi bhetele kunakuqala. Siyayithanda inyaniso.—1 Tes. 2:3, 4.

SITHANDANA NGOKUSUKA ENTLIZIYWENI

13. Loluphi olona phawu luphambili olwaboniswa ngamaKristu? Lubonakala njani kumaNgqina KaYehova namhlanje?

13 AmaKristu exesha labapostile ayesaziwa ngokuba neempawu ezintle, olona luphambili yayiluthando. UYesu wathi, “Bonke baza kutsho bazi ukuba ningabafundi bam, ukuba niyathandana.” (Yoh. 13:34, 35) Namhlanje amaNgqina KaYehova ehlabathini lonke amanyene futhi ayathandana. Asifani neminye imibutho, siyintsapho nangona sisuka kwiindawo ezingafaniyo, sithetha iilwimi ezahlukeneyo, singafani nangebala. Olu thando lucaca kakhulu xa sikwiintlanganiso, iindibano ezincinci nezinkulu. Loo nto isenza siqiniseke ukuba sikhonza uYehova ngendlela ayifunayo.

14. AmaKolose 3:12-14 athi sinokubonisa njani ukuba sithandana ngokusuka entliziyweni?

14 IBhayibhile ithi ‘masithandane ngokusuka entliziyweni.’ (1 Pet. 4:8) Indlela esinokuyenza ngayo le nto kukuxolelana nokunyamezelana xa senze iimpazamo. Sifanele sincedane ebandleni, sibe nobubele nakwabo basikhathazileyo. (Funda amaKolose 3:12-14.) Xa sithandana ngale ndlela sibonisa nyhani ukuba singamaKristu okwenene.

“LUNYE UKHOLO”

15. Zeziphi ezinye iindlela esimkhonza ngazo uYehova ezazisenziwa ngamaKristu exesha labapostile?

15 UYehova simkhonza njengamaKristu exesha labapostile nangezinye iindlela. Ngokomzekelo intlangano yethu inabaveleli abahambahambayo, abadala nezicaka zolungiselelo. Le yindlela awayesenza ngayo namaKristu exesha labapostile. (Fil. 1:1; Tito 1:5) Njengabo, siyayithobela imithetho kaYehova engokwabelana ngesondo, umtshato, igazi, ibe siyalikhusela ibandla kubantu abangafuniyo ukumthobela uYehova kwezi zinto.—IZe. 15:28, 29; 1 Kor. 5:11-13; 6:9, 10; Heb. 13:4.

16. Sifunda ntoni kumazwi akumaEfese 4:4-6?

16 UYesu wathi abantu abaninzi baza kuthi bangabafundi bakhe kodwa abanye babe bengayenzi into efunwa nguYehova. (Mat. 7:21-23) NeBhayibhile ithi ngemihla yokugqibela abantu abaninzi baza kuba ‘ngathi bakhonza uThixo.’ (2 Tim. 3:1, 5) Iyenza icace into yokuba “lunye ukholo” aluthandayo uThixo.​—Funda amaEfese 4:4-6.

17. Ngoobani namhlanje abalandela uYesu nabakhonza uYehova ngendlela ayifunayo?

17 Ngoobani abakhonza uYehova ngendlela ayifunayo namhlanje? Zininzi izinto esithethe ngazo. Sithethe ngendlela yokukhonza uYehova eyafundiswa nguYesu neyayisenziwa ngamaKristu exesha labapostile. Inye impendulo esinayo, ngamaNgqina KaYehova akhonza uThixo ngendlela ayifunayo. Sisikelelwe nyhani ngokuba ngamaNgqina KaYehova, ukwazi inyaniso nokwazi izinto aseza kuzenza kwixesha elizayo. Masiqiniseke ukuba siyifumene inyaniso, sihlale sibambelele kuyo.

INGOMA 3 Nguwe Olithemba Namandla Ethu

^ isiqe. 5 Kweli nqaku siza kufunda ngendlela uYesu awamkhonza ngayo uYehova, sibone nokuba abafundi bakhe bamlinganisa njani. Siza kuthetha nangezinto ezibonisa ukuba namaNgqina KaYehova amkhonza njengoYesu uYehova.

^ isiqe. 9 Jonga nebhokisi ethi, “Izinto Ezenza Kube Nzima Ukumazi Ngegama UThixokwiMboniselo kaJulayi 1, 2010, iphe. 6.

^ isiqe. 10 Ngokomzekelo, ngo-2008 uPopu uBenedict XVI wathi amaKatolika “makangalisebenzisi” igama likaThixo xa ecula okanye ethandaza.

^ isiqe. 63 INGCACISO YOMFANEKISO: Intlangano kaYehova ineNguqulelo Yehlabathi Elitsha eyiguqulele ngeelwimi ezingaphezu kwe-200. Loo nto yenza abantu bakwazi ukuzifundela iBhayibhile enegama likaThixo ngolwimi lwabo.