Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Sebenzela Ukuphinda Ube Ngumhlobo KaYehova

Sebenzela Ukuphinda Ube Ngumhlobo KaYehova

QHO ngonyaka kubakho izimvu ezibuyiselwa ebandleni. Khawucinge indlela ‘ekuvuywa ngayo ezulwini’ qho kukho umKristu obuyiselwayo. (Luka 15:7, 10) Ukuba ubuyiselwe, qiniseka ukuba uYesu, iingelosi noYehova bavuya kakhulu xa bekubona ubuyele kuYehova. Kodwa njengokuba usebenzela ukuphinda ube ngumhlobo kaYehova, usenokuba neengxaki. Zeziphi ezinye zezo ngxaki?

IINGXAKI ONOKUBA NAZO

Abazalwana noodade abaninzi abayeki ukuzisola naxa sebebuyele entlanganweni. Mhlawumbi uyayiqonda indlela uKumkani uDavide awayeziva ngayo nasemva kokuba zixolelwe izono zakhe. Wathi: “Ndlela le ezininzi ngayo iziphoso zam.” (INdu. 40:12; 65:3) Umntu usenokuziva enetyala okanye eneentloni nasemva kweminyaka ebuyele kuYehova. UIsabelle wakhutshelwa ngaphandle iminyaka engaphezu kweyi-20. * Wathi, “Kwakunzima kum ukwamkela ukuba uYehova angandixolela.” Ukuba uyatyhafa unokuphinda uphelelwe lukholo. (IMize. 24:10) Zama ukuba ingenzeki loo nto.

Abanye boyikiswa ngumsebenzi ekufuneka bawenze ukuze baphinde babe ngabahlobo bakaYehova. Emva kokuba ebuyiselwe, uAntoine wathi, “Ndandilibele izinto ezininzi endandizifundile nendandizenza ndingekakhutshwa.” Abantu abafana noAntoine basenokungakhululeki ncam xa kufuneka benze izinto ezenziwa ngamaKristu.

Ngokomzekelo, umntu onomzi omoshwe sisaqhwithi esikhulu, usenokoyika xa ecinga ngomsebenzi ekufuneka awenze xa ewulungisa. Ngokufanayo, ukuba uye wammosha uYehova ngokwenza isono esinzulu, usenokubona ngathi mkhulu kakhulu umsebenzi ekufuneka uwenze ukuze niphinde nibe ngabahlobo. Ungoyiki, uza kulufumana uncedo.

UYehova uthi: “Khanize silungise izinto phakathi kwethu.” (Isa. 1:18) Sowusebenze nzima kakhulu ukuze ‘ulungise izinto.’ Uyakuthanda uYehova ngaloo nto. Kaloku ukubuyela kwakho kuye kumenze wakwazi ukuphendula uSathana omgxekayo!​—IMize. 27:11.

Kuba wenze loo nto, uye wasondela kuYehova, naye uthembisa ukuba uza kwenza njalo. (Yak. 4:8) Abantu bayakubona ukuba ubuyele ebandleni, kodwa kusekho nezinye izinto ekusafuneka uzenze. Kusafuneka usebenzele ukumthanda kakhulu uTata onguMhlobo wakho, uYehova. Ungayenza njani le nto?

ZIMISELE UKWENZA IZINTO ONOKUKWAZI UKUZENZA

Zama ukwenza izinto onokukwazi ukuzenza. Mhlawumbi usazikhumbula izinto owazifundiswa xa wawusaqala ukufunda ngoYehova nangezinto athi uza kusenzela zona kwixesha elizayo. Kodwa ngoku kusafuneka uzikhumbuze indlela aphila ngayo amaKristu, njengokuya entsimini nakwiintlanganiso qho, nokuba kunye nabazalwana noodade. Nazi izinto onokuzimisela ukuzenza.

Thandaza qho. UTata wakho uyaqonda ukuba xa uhlala uzisola ngento oyenzileyo, kuza kuba nzima ukuthetha naye. (Roma 8:26) Kodwa ‘hlala uthandaza,’ umxelele indlela ofuna ngayo ukuba ngumhlobo wakhe. (Roma 12:12) UAndrej uthi: “Ndandizisola kakhulu futhi ndineentloni. Kodwa qho xa ndigqib’ okuthandaza, ndandiba bhetele, ndizole.” Ukuba awuyazi into omele uyithandazele, jonga imithandazo kaKumkani uDavide ekwiNdumiso 51 no-65.

Yifunde qho iBhayibhile. Le nto iza kuluqinisa ukholo lwakho, ikwenze umthande kakhulu uYehova. (INdu. 19:7-11) UFelipe uthi: “Into eyandenza ndaphelelwa lukholo ndaza ndamphoxa uYehova, kukuba ndandingayifundi qho iBhayibhile. Zange ndifune ukuyiphinda loo mpazamo, ngoko ndandiqiniseka ukuba ndiyifunda qho iBhayibhile.” Nawe ungayenza loo nto. Ukuba awuyazi into omawufunde ngayo, kutheni ungaceli umKristu onokholo oluqinileyo akuncede?

Zama ukuphinda ube ngumhlobo wabazalwana noodade. Abanye ababuyiselweyo boyika ukuba baza kujongwa kakubi ngabanye abazalwana noodade. ULarissa uthi: “Ndandineentloni nyhani. Yayingathi ndibakhathazile futhi ndibaphoxile abazalwana noodade ebandleni. Ndaba njalo ixesha elide.” Qiniseka ukuba abadala nabanye abazalwana noodade abamthandayo uYehova bafuna ukukunceda uphinde ube ngumhlobo kaYehova. (Jonga ibhokisi ethi “ Yintoni Abanokuyenza Abadala?”) Iyabavuyisa into yokuba ubuyele entlanganweni, baza kukunceda wonwabe.​—IMize. 17:17.

Yintoni enokukwenza uphinde uqhelane nabazalwana noodade? Yenza izinto abazenzayo, njengokuya qho kwiintlanganiso nokushumayela. Iza kukunceda entwenini le nto? UFelix uthi: “Kwakukudala abazalwana befuna ndibuyele entlanganweni. Ndabona ukuba ndiyathandwa. Bandinceda ndabona ukuba ndiphinde ndangomnye wentsapho kaYehova, uYehova undixolele nokuba ndingakwazi ukuqhubeka ndimkhonza.”​—Jonga ibhokisi ethi “ Yintoni Onokuyenza?

UNGATYHAFI!

Ekubeni uzama ukuphinda ube ngumhlobo kaYehova, uSathana uza kuhlala ezama ukukwenzela iingxaki ezifana nesaqhwithi, ukuze lungaqini ukholo lwakho. (Luka 4:13) Hlala umlindile ngokuluqinisa ngoku ukholo lwakho.

UYehova uthembisa izimvu zakhe esithi: “Elahlekileyo ndiza kuyikhangela, ebhaduleyo ndiza kuyibuyisa, eyenzakeleyo ndiza kuyibopha, nengenamandla ndiza kuyomeleza.” (Hez. 34:16) Uncede abantu abaninzi babuyela kuye. Qiniseka ukuba nawe ufuna ukukunceda ubambelele nkqi kuye.

^ isiqe. 4 Amagama akweli nqaku atshintshiwe.