Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

1921​—Kwiminyaka Elikhulu Eyadlulayo

1921​—Kwiminyaka Elikhulu Eyadlulayo

IMBONISELO kaJanuwari 1 1921, yabuza lo mbuzo kuBafundi BeBhayibhile, “Yintoni esifanele siyilindele kulo nyaka?” Impendulo yawo yayikuIsaya 61:1, 2 owayebakhumbuza ngomsebenzi wabo wokushumayela. Uthi: “UYehova undikhethile ukuba ndishumayele iindaba ezilungileyo kubantu abalulamileyo . . . , ukuvakalisa unyaka wokwaneliseka kukaYehova nomhla wempindezelo kaThixo wethu.”

ABASHUMAYELI ABANESIBINDI

ABafundi BeBhayibhile kwakufuneka babe nesibindi ukuze bawenze umsebenzi wokushumayela. Babengazukushumayela “iindaba ezilungileyo” qha kubantu abalulamileyo, babefanele bavakalise “nomhla wempindezelo” kubantu abenza izinto ezimbi.

UMzalwana uJ.  H. Hoskin owayehlala eKhanada, washumayela ngesibindi nangona abantu babengenamdla. Ngentwasahlobo yango-1921 wadibana nomfundisi waseWisile. UMzalwana uHoskin wancokola naye wathi: “Kuyafuneka sincokole ngeBhayibhile. Ukuba kukho izinto esingavumelaniyo ngazo loo nto ayithethi kuthi sixabene, sisengabahlobo.” Kodwa loo nto zange yenzeke. UMzalwana uHoskin uthi, “Sancokola nje imizuzu embalwa nalo mfundisi ndabona sel’ embakraza ucango, kwaba ngathi ifestile yolo cango iza kophuka.”

Lo mfundisi wamngxolisa esithi, “Kutheni ungayothetha nabantu abangengomaKristu?” UMzalwana uHoskin wamshiya engamphendulanga. Kodwa ngaphakathi wayesithi, ‘ingathi naye lo mfundisi ungomnye waba bantu andithumela kubo.’

Xa lo mfundisi wayeshumayela ecaweni kusuku olulandelayo, wathetha kakubi ngoMzalwana uHoskin kubantu ababelapho. UMzalwana uHoskin uthi, “Wathi ebantwini mna ndilelona xoki likhulu elakhe lafika kule dolophu, futhi kufuneka ndibulawe.” Kodwa uMzalwana uHoskin waqhubeka eshumayela ethetha nabantu abaninzi. Uthi, “Ndandikuthanda ukushumayela kule dolophu. Abanye abantu babede bathi, ‘Ungumntu kaThixo!’ Babendibuza nokuba ikhona na into abangandinceda ngayo.”

UKUZIFUNDELA IBHAYIBHILE NOKUYIFUNDA NENTSAPHO

ABafundi BeBhayibhile babesiba nemibuzo neempendulo kwimagazini, ngoku ekuthiwa nguVukani! Yayinceda abantu abanomdla bafunde ngoThixo. Kwakukho nemibuzo yeBhayibhile, abazali ababenokuthetha ngayo nabantwana babo. Abazali “babebuza abantwana le mibuzo baze babancede bakhangele iimpendulo zayo eBhayibhileni.” Imibuzo enjengothi “Zingaphi iincwadi zeBhayibhile?” yayifundisa abantwana izinto ezilula eziseBhayibhileni. Eminye enjengothi “Ngaba amaKristu afanele alindele ukuba aza kutshutshiswa?” yayinceda abantwana bangoyiki xa beshumayela.

Kanti ke kwakukho neminye imibuzo neempendulo zeBhayibhile zabo babesele beyiqonda into ethethwa liLizwi likaThixo. Iimpendulo zale mibuzo zazifumaneka kumqulu wokuqala wencwadi eyayisithi Studies in the Scriptures. Baninzi abantu abancedwayo yile mibuzo. Nge-21 kaDisemba 1921 uVukani! wathi ayizukuphinda ikhutshwe. Kwakutheni?

INCWADI ENTSHA!

Incwadi ethi Uhadi LukaThixo

Ikhadi elibhalwe iindawo amele afunde kuzo umntu onomdla

Ikhadi elinemibuzo

Abazalwana ababekhokela baqonda ukuba abantu kufuneka bayifunde ngokulandelelana kwemixholo iBhayibhile. NgoNovemba 1921 kwakhutshwa incwadi ethi, Uhadi LukaThixo. Abantu abanomdla babenikwa le ncwadi bazifundele. Loo nto yayibanceda bazi ukuba kutheni uThixo efuna ukunika abantu ubomi obungunaphakade. Yayifundwa njani le ncwadi?

Umntu onikwe le ncwadi wayefumana ikhadi elimchazela ukuba zeziphi iindawo afanele azifunde kuyo. Kwiveki elandelayo wayefumana elinye elinemibuzo emininzi ngezinto azifundileyo. Ekupheleni kweli khadi wayexelelwa ngendawo afanele afunde kuyo kwiveki elandelayo.

Qho ngeveki ibandla lalithumelela umfundi ikhadi elitsha. Le nto yayisenziwa kude kuphele iiveki eziyi-12. La makhadi ayesiwa ngabazalwana noodade abadala ebandleni okanye abantu abangakwaziyo ukuya kushumayela kwindlu ngendlu. UAnna K. Gardner, waseMillvale, ePennsylvania eUnited States uthi: “Xa kwakhutshwa incwadi ethi Uhadi LukaThixo usisi wam uThayle, ongakwazi kakuhle ukuhamba, waba nomsebenzi omninzi wokumane esisa la makhadi ebantwini.” Xa egqibile umfundi kwakubakho umzalwana oya kuye ukuze amncede aqonde nezinye izinto eBhayibhileni.

UThayle Gardner uhleli kwisitulo sabantu abangakwaziyo ukuhamba

UMSEBENZI OWAWUSEZA KWENZIWA

Ngasekupheleni konyaka, uMzalwana uJ. F. Rutherford wathumela ileta kuwo onke amabandla. Wathi “umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani owenziweyo kulo nyaka mkhulu futhi uncede abantu abaninzi kunawo nowuphi na owakhe wenziwa.” Waphinda wathi: “Usemkhulu umsebenzi ekusafuneka wenziwe. Khuthazani nabanye ukuba basincedise kulo msebenzi mhle.” Kuyacaca ke ukuba aBafundi BeBhayibhile bayenza le nto wayeyithetha. Ngo-1922 bashumayela kakhulu ngoBukumkani bengoyiki nto futhi bezimisele.