Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 49

ILevitikus Isifundisa Ukuba Sibaphathe Njani Abantu

ILevitikus Isifundisa Ukuba Sibaphathe Njani Abantu

“Umele uthande omnye umntu ngendlela ozithanda ngayo nawe.”​—LEV. 19:18.

INGOMA 109 Masithandane Ngokusuka Entliziyweni

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1-2. Sifunde ngantoni kwinqaku lale veki ipheliyo? Siza kufunda ngantoni namhlanje?

KWINQAKU lale veki iphelileyo siye safunda ngamacebiso anokusinceda akwiLevitikus isahluko 19. Ngokomzekelo, kwivesi 3 sifunde ukuba uYehova waxelela amaSirayeli ukuba ahloniphe abazali bawo. Siye safunda ngendlela esinokulisebenzisa ngayo eli cebiso. Singanceda abazali bethu ngezinto abazidingayo, sibakhuthaze, sibathuthuzele size sibancede bangayeki ukuba ngabahlobo bakaYehova. Kwakule vesi, amaSirayeli axelelwa ukuba kubalulekile ukuba agcine iSabatha. Siye safunda ukuba nangona singasawugcini umthetho weSabatha, yonk’ imihla simele sizibekele ixesha lokwenza izinto ezifunwa nguYehova. Xa sisenza loo nto, sibonisa ukuba sizama ukuba ngcwele njengokuba kusitshiwo kwiLevitikus 19:2 naku-1 Petros 1:15.

2 Kweli nqaku siza kuthetha ngezinye iivesi zeLevitikus isahluko 19. Esi sahluko sisifundisa ntoni ngokubacingela abantu abaneendawo ezingasebenziyo emizimbeni yabo, ngokunyaniseka xa sinamashishini, nangokuthanda abantu? Makhe sibone ukuba yintoni esinokuyifunda kwesi sahluko, kuba sifuna ukuba ngcwele ngenxa yokuba uThixo ungcwele.

YIBA NOBUBELE KUBANTU ABANEENDAWO EZINGASEBENZIYO EMIZIMBENI

ILevitikus 19:14 ithi masimphathe njani umntu ongevayo okanye ongaboniyo? (Jonga isiqendu 3-5) *

3-4. ILevitikus 19:14 ithi babemele baphathwe njani abantu abangevayo nabangaboniyo?

3 Funda iLevitikus 19:14. UYehova wayelindele ukuba abantu bakhe babe nobubele kubantu abaneendawo ezingasebenziyo emizimbeni yabo. Ngokomzekelo, amaSirayeli ayemele angamqalekisi umntu ongevayo. Eso siqalekiso yayisenokuba kukumoyikisa okanye ukuthetha kakubi ngaye. Umntu owayenokwenza loo nto kumntu ongevayo wayeza kuba ukhohlakele nyhani. Kaloku wayengazukwazi ukuzithethelela kuba wayengazukuyiva into ethethwa ngaye.

4 Kwivesi 14, uThixo waxelela abantu bakhe ukuba ‘bangabeki phambi komntu ongaboniyo into anokukhubeka kuyo.’ Eny’ incwadi ethetha ngabantu abaneendawo ezingasebenziyo emizimbeni yabo ithi: “Kudala, kuMbindi Mpuma babephathwa kakubi aba bantu.” Omnye umntu okhohlakeleyo wayebeka into eza kumkhubekisa umntu ongaboniyo, kuba nje efuna onzakale okanye efuna ahlekwe. Kwakudlalwa ngabo nyhani. UYehova wayefuna abantu bakhe babacingele abantu abaneendawo ezingasebenziyo emizimbeni yabo, yiloo nto wabanika lo mthetho.

5. Yintoni esinokuyenza ebonisa ukuba siyabacingela abantu abaneendawo ezingasebenziyo kwimizimba yabo?

5 UYesu wayebacingela abantu abaneendawo ezingasebenziyo emizimbeni yabo. Usayikhumbula into awathi mayixelelwe uYohane uMbhaptizi? Wathi: “Abantu abangaboniyo bayabona, abaziziqhwala bayakwazi ukuhamba, abaneqhenqa bayaphiliswa, abangevayo bayeva, abafileyo bayavuswa.” Emva kokuba abantu bebone imimangaliso eyenziwa nguYesu, bonke “badumisa uThixo.” (Luka 7:20-22; 18:43) NamaKristu afuna ukufana noYesu, abacingele abantu abaneendawo ezingasebenziyo emizimbeni yabo. Ngoko anobubele nomonde kubo. Thina uYehova akasinikanga amandla okwenza imimangaliso njengoYesu. Ngoko sinenyhweba yokubaxelela ngeparadesi abantu abangaboniyo nabangekaziva iindaba ezilungileyo. Apho bonke abantu baza kube bephile qete, bengabahlobo bakaThixo. (Luka 4:18) Ezi ndaba zilungileyo sezinceda abaninzi badumise uThixo.

NYANISEKA XA UNESHISHINI

6. ILevitikus isahluko 19 isinceda njani siyiqonde bhetele into eyathethwa kwiMithetho Elishumi?

6 Ezinye iivesi zeLevitikus isahluko 19 zicacisa into eyathethwa kwiMithetho Elishumi. Ngokomzekelo, umthetho we-8 wawusithi: “Uze ungebi.” (Eks. 20:15) Umntu wayesenokuthi uyawuthobela lo mthetho, kuba zange wathatha nto ingeyoyakhe. Kodwa zikhona iindlela ekusenokwenzeka ukuba wayesiba ngazo.

7. Usomashishini wayenokubonisa njani ukuba akawuthobeli umthetho we-8 othi “uze ungebi”?

7 Usomashishini usenokuzingomba isifuba, esithi yena zange wathatha nto yamntu. Kodwa usebenzisana njani nabantu? KwiLevitikus 19:35, 36, uYehova wathi: “Nimele ningaqhathi xa nikala ubude, ubunzima okanye ubukhulu bento. Nifanele nisebenzise izikali ezichanileyo, amatye okukala achanileyo nezikhongozelo zokukala ezichanileyo.” Usomashishini owayesebenzisa izikali okanye izikhongozelo ezingachananga ukuze aqhathe abantu, wayesiba. Ezinye iivesi ezikwiLevitikus isahluko 19 ziyicacisa kakuhle le nto.

Xa umKristu ecinga ngeLevitikus 19:11-13, yintoni amele azibuze yona ngezinto azenzayo kwishishini lakhe? (Jonga isiqendu 8-10) *

8. ILevitikus 19:11-13 yawanceda njani amaYuda ayiqonda eyona nto yayithethwa ngumthetho we-8? Thina inokusinceda njani?

8 Funda iLevitikus 19:11-13. Amazwi eqala ngawo iLevitikus 19:11 athi “Nize ningebi.” Ivesi 13 ithi: “Uze ungamqhathi omnye umntu.” Ngoko usomashishini onganyanisekanga ulisela. Umthetho we-8 wawusithi “uze ungebi,” kodwa iivesi ezikwiLevitikus zawanceda amaYuda aqonda ukuba anokwenza ntoni ukuze anyaniseke kuyo yonke into ayenzayo. Kunokusinceda ukucinga ngento ethethwa nguYehova ngokunganyaniseki nokuba. Sisenokuzibuza: ‘Xa ndicinga ngeLevitikus 19:11-13, ngaba ikhona nto ekufuneka ndiyiyeke, ingakumbi kwizinto endizenzayo xa ndishishina?

9. Umthetho okwiLevitikus 19:13 wawubanceda njani abantu abaqeshiweyo?

9 Ikhona nenye indlela anokunyaniseka ngayo umKristu oneshishini. ILevitikus 19:13 ithi: “Ufanele ungahlali kuwe ubusuku bonke kude kuse umvuzo womntu oqeshiweyo.” KwaSirayeli, abantu abaninzi ababesebenza ezifama babefanele babhatalwe qho xa kuphela usuku. Ngosuku angabhatalwanga ngalo umntu wayengazukwazi ukuthengela intsapho yakhe ukutya. UYehova wathi: “Uyadinga yaye ubomi bakhe buxhomekeke kuloo mvuzo.”​—Dut. 24:14, 15; Mat. 20:8.

10. Yintoni esinokuyifunda kwiLevitikus 19:13?

10 Kule mihla abantu abaninzi abaqeshiweyo ababhatalwa ngosuku, babhatalwa kanye okanye kabini ngenyanga. Kodwa eyona nto ithethwa kwiLevitikus 19:13 isasebenza nangoku. Abanye abaqeshi baqhatha abasebenzi ngokubabhatala imali encinci kakhulu. Bayazi ukuba akukho nto baza kuyenza aba basebenzi, baza kunyamezela loo nto babanika yona. Xa besenza loo nto aba baqeshi, ‘bahlala nomvuzo womntu oqeshiweyo.’ UmKristu oneshishini umele aqiniseke ukuba uyabacingela abantu abaqeshileyo. Ngoku, makhe sibone ukuba yeyiphi enye into esinokuyifunda kwiLevitikus isahluko 19.

THANDA ABANYE NJENGOKUBA UZITHANDA

11-12. Yintoni eyathethwa nguYesu ebonisa ukuba amazwi akwiLevitikus 19:17, 18 asabalulekile?

11 UThixo akapheleli njee ekusixeleleni ukuba singabaphathi kakubi abanye abantu. Loo nto siyibona kwinto awayithetha kwiLevitikus 19:17, 18. (Yifunde.) Wathi: “Umele uthande omnye umntu ngendlela ozithanda ngayo nawe.” UmKristu ofuna ukumvuyisa, umele enze loo nto.

12 UYesu wabonisa ukuba umthetho okwiLevitikus 19:18 ubaluleke nyhani. Omnye umFarisi wakhe wambuza wathi: “Nguwuphi owona myalelo ubalulekileyo eMthethweni?” UYesu wathi umyalelo “wokuqala nowona ubalulekileyo” ngothi thanda uYehova ngentliziyo yakho yonke, ngomphefumlo wakho wonke nangengqondo yakho yonke. Emva koko wathetha ngamazwi akwiLevitikus 19:18, esithi: “Nanku owesibini onjengalo: ‘Umele umthande ummelwane wakho ngendlela ozithanda ngayo nawe.’” (Mat. 22:35-40) Zininzi iindlela zokubonisa uthando kummelwane. Ezinye zazo sinokuzifunda kwiLevitikus isahluko 19.

13. Ngaba uYosefu wayenza into ethethwa kwiLevitikus 19:18? Cacisa.

13 Enye indlela esinokubonisa ngayo ukuba siyamthanda ummelwane kukwenza into esiyixelelwa kwiLevitikus 19:18. Le vesi ithi: “Uze ungaziphindezeli okanye ube nenqala.” Abaninzi kuthi, bayabazi abantu abaye bazonda abantu abasebenza nabo, abafunda nabo, nkqu nabazalwa okanye abazalana nabo. Abanye kuye kwaphela iminyaka bengade babaxolele. Usayikhumbula indlela ababemzonda ngayo uYosefu abantakwabo abayi-10? (Gen. 37:2-8, 25-28) Loo nzondo yabenza bamcaphukela baza bafuna ukumbulala. Kodwa yena zange abaphathe kakubi tu. Xa wayesisikhulu, enokukwazi nokuziphindezela kubantakwabo, waba nenceba. Kunokuba abazonde, wenza into ekuthiwa masiyenze kwiLevitikus 19:18.​—Gen. 50:19-21.

14. Yintoni eyathethwa nguYesu noPawulos, ebonisa ukuba nangoku kusafuneka siyenze eyona nto ithethwa ngumthetho okwiLevitikus 19:18?

14 AmaKristu afuna ukuthandwa nguThixo amele alinganise uYosefu, owabaxolelayo abantakwabo kunokuba aziphindezele. Yiloo nto eyathethwa nguYesu kumthandazo okuMateyu 6, xa wathi masibaxolele abantu abasikhathazayo. (Mat. 6:9, 12) Nompostile uPawulos wathi: “Sanukuziphindezela, bazalwana bam.” (Roma 12:19) Waphinda wabakhuthaza, esithi: “Qhubekani ninyamezelana yaye nixolelana ngokusuka entliziyweni nokuba omnye unesizathu sokukhalazela omnye.” (Kol. 3:13) Indlela uYehova afuna siziphathe ngayo ayitshintshi. Nanamhlanje kusafuneka siyenze eyona nto yayithethwa ngumthetho okwiLevitikus 19:18.

Njengokuba kukunceda ukungahlali ulithunuka inxeba, kuza kukunceda nokungahlali ucinga ngezinto ezikukhathazileyo. Zama ukuzilibala (Jonga isiqendu 15) *

15. Zekelisa indlela ekubaluleke ngayo ukuxolela.

15 Makhe senze umzekelo. Ukukhathazeka sinokukufanisa nenxeba. Amanye amanxeba aba mancinci, amanye abe makhulu. Ngokomzekelo, xa unqunqa ikhaphetshu, usenokuzisika kancinci ngemela emnweni. Elo nxeba lisenokuba buhlungu, kodwa likhawuleza liphole. Mhlawumbi kuthi kuphela usuku okanye olwesibini sibe sesilibele nokuba besikhe sasikwa yimela. Ngokufanayo, ezinye izinto ezisikhathazayo azinamsebenzi. Ngokomzekelo, umhlobo usenokuthetha into esikhathazayo, kodwa kuba lula ukumxolela. Kodwa ukuba sinenxeba elikhulu kusenokufuneka ugqirha alithunge aze alibophe ngebhandeji. Ukuba siza kuhlala silithunuka elo nxeba sizivisa ubuhlungu. Into ebuhlungu kukuba, umntu unokwenza into enjalo xa ekhathazwe kakhulu. Usenokuhlala ecinga ngaloo nto imkhathazileyo. Kodwa umntu onenzondo uzivisa ubuhlungu. Into enokumnceda kukwenza into ethethwa yiLevitikus 19:18.

16. ILevitikus 19:33, 34 ithi amaSirayeli ayemele abaphathe njani abantu bezinye iintlanga? Sifunda ntoni thina?

16 Xa uYehova wayesithi amaSirayeli amele abathande abantu, wayengathi mawathande amanye amaSirayeli qha. Kwakufuneka athande nabantu bezinye iintlanga awayehlala nabo. Itsho njalo iLevitikus 19:33, 34. (Yifunde.) Umntu ongengomSirayelli ayemele amphathe “njengenzalelwane” yawo, amthande njengokuba nawo ezithanda. Ngokomzekelo, uMthetho wawusithi amaSirayeli mawayeke abantu bezinye iintlanga nabasokolayo bacholachole isivuno esishiyekileyo emasimini awo. (Lev. 19:9, 10) Eyona nto yayithethwa ngulo Mthetho isasebenza nakumaKristu namhlanje. (Luka 10:30-37) Njani? Emhlabeni wonke, abantu abaninzi abahlali kumazwe abo. Mhlawumbi khona ngoku abanye ngabamelwane bakho. Kubalulekile ukuba la madoda, abafazi nabantwana sibahloniphe.

UMSEBENZI OBALULEKILEYO ONGABHALWANGA KWILEVITIKUS 19

17-18. (a) Yintoni esikhuthazwa ukuba siyenze kwiLevitikus 19:2 naku-1 Petros 1:15? (b) Ngowuphi umsebenzi obalulekileyo umpostile uPetros awasikhuthaza ukuba siwenze?

17 KwiLevitikus 19:2 naku-1 Petros 1:15 kuthiwa abantu bakaThixo mababe ngcwele. Zininzi nezinye iivesi ezikwiLevitikus isahluko 19 ezisinceda sibone ukuba yintoni esinokuyenza ukuze uYehova asithande. Sithethe ngeevesi ezisixelela ngezinye izinto esimele sizenze nezinto esimele singazenzi. * NeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike zibonisa ukuba uYehova usafuna sizenze ezi zinto zibhalwe kwezi vesi. Kodwa kukho nenye into ethethwa ngumpostile uPetros.

18 Sinokuhlala sikhonza uYehova futhi sisenzela abantu izinto ezintle. Kodwa ikhona enye into ebalulekileyo uPetros awathi amaKristu amele ayenze. Ngaphambi kokuba asikhuthaze ukuba sibe ngcwele kuyo yonke into esiyenzayo, wathi: “Lungisani iingqondo zenu, nizilungiselela umsebenzi onzima.” (1 Pet. 1:13, 15) Ngowuphi loo msebenzi? UPetros wathi amaKristu athanjisiweyo ayeza ‘kushumayela kuyo yonke indawo ngeempawu ezimangalisayo’ zikaThixo. (1 Pet. 2:9) Phofu onke amaKristu ayawenza lo msebenzi ubalulekileyo, obanceda kakhulu abantu. Aba bantu bangcwele bakaThixo, banenyhweba yokushumayela nokufundisa abantu futhi bakhuthele kulo msebenzi! (Marko 13:10) Xa sizimisela ukuyenza into esiyifunda kwiLevitikus 19, sibonisa ukuba siyamthanda uThixo wethu nabanye abantu. Sibonisa nokuba sifuna ukuba “ngcwele” kuyo yonke into esiyenzayo.

INGOMA 111 Izizathu Zokuvuya Kwethu

^ isiqe. 5 Akunyanzelekanga ukuba amaKristu athobele uMthetho owabhalwa nguMoses. Kodwa lo Mthetho uthetha ngezinto ezininzi esimele sizenze nesimele singazenzi. Xa sizifunda, siza kuncedakala sithande abantu sivuyise noYehova. Eli nqaku liza kusinceda siqonde ukuba sinokuzisebenzisa njani izinto esizifunda kwiLevitikus isahluko 19 ebomini bethu.

^ isiqe. 17 Iivesi ekungathethwanga ngazo kweli nqaku nakwelidlulileyo zithetha ngokungabi namkhethe, ukungcolisa amagama abanye abantu, ukutya igazi, ukusebenzelana needemon, ukuchaza izinto kwangaphambili, nokuziphatha kakubi ngokwesondo.​—Lev. 19:15, 16, 26-29, 31.​—Jonga inqaku elikule Mboniselo elithi “Imibuzo Evela Kubafundi.

^ isiqe. 52 INGCACISO YEMIFANEKISO: INgqina litolikela umzalwana ongevayo othetha nogqirha.

^ isiqe. 54 INGCACISO YEMIFANEKISO: Umzalwana oneshishini lokupeyinta ubhatala umntu amqeshileyo.

^ isiqe. 56 INGCACISO YEMIFANEKISO: Udade unokulilibala msinya inxeba elincinci elisemnweni. Ngaba uza kukhawuleza alilibale nenxeba elikhulu?