Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Athetha ukuthini amazwi akwiLevitikus 19:16 athi, “ungazami ukuthatha ubomi” bomnye umntu? Yintoni esinokuyifunda kuwo?

UYehova waxelela amaSirayeli ukuba abe ngcwele. Ukuze awancede abe ngcwele wathi kuwo: “Uze ungahambi ungcolisa igama lomntu kubantu bakowenu. Umele ungazami ukuthatha ubomi bomnye umntu. NdinguYehova.”—Lev. 19:2, 16.

Amagama athi “ungazami ukuthatha ubomi” ayitolika kakuhle eyona nto yayithethwa yile vesi ngesiHebhere. Athetha ukuthini? Enye incwadi yamaYuda ethetha ngeLevitikus ithi: “La mazwi ale vesi . . . kunzima ukuwaqonda kuba kunzima ukuqonda eyona nto ayithethayo ngesiHebhere.”

Abanye abaphandi badibanisa la mazwi nalawo akwivesi 15 athi: “Nize ningenzi izinto ezingezozabulungisa xa nigweba. Uze ungabi namkhethe kwihlwempu, okanye ukhethe isityebi. Uze ugwebe ngobulungisa.” (Lev. 19:15) Kule meko, amazwi akwivesi 16 athi “uze ungazami ukuthatha ubomi bomnye umntu,” ayenokuthetha ukuba abantu bakaThixo kwakufuneka bangenzi nto engeyoyabulungisa kwabanye xa bekwiinkundla zamatyala, kumashishini nakwiintsapho. Kwakufuneka bangaqhathi kuyo nantoni na abayenzayo kuba befuna kuncedakale bona. Nathi asimele sizenze ezo zinto. Kodwa ke ikhona enye indlela esinokuwaqonda bhetele ngayo amazwi akwivesi 16.

Khawuve indlela eqala ngayo le vesi. UThixo uthi abantu bakhe mabangahambi bengcolisa amagama abantu. Ukuhleba nako kunokwenza kubekho ingxaki, kodwa ukungcolisa igama lomntu, kwenza umonakalo omkhulu. (IMize. 10:19; INtshu. 10:12-14; 1 Tim. 5:13-15; Yak. 3:6) Umntu ongcolisa igama lomntu udla ngokuthetha into engekhoyo ngaye kuba efuna abanye abantu bamjonge kakubi. Loo nto uyithetha engakhathali nokuba ingambulalisa loo mntu. Usalikhumbula ibali likaNabhoti? Amany’ amadoda angcolisa igama lakhe waza wabethwa ngamatye engenzanga nto. (1 Kum. 21:8-13) Le nto ibonisa ukuba umntu ongcolisa igama lomnye umntu unokuthatha ubomi baloo mntu njengokuba kusitshiwo kwiLevitikus 19:16.

Umntu usenokungcolisa igama lomnye umntu kuba emcaphukela. U-1 Yohane 3:15 uthi: “Nabani na ocaphukela umzalwana wakhe ungumbulali, ibe niyazi ukuba akukho mbulali uza kufumana ubomi obungunaphakade.” Emva kokuba uThixo ethe: “Umele ungazami ukuthatha ubomi bomnye umntu,” kwivesi elandelayo uthi: “Uze ungamcaphukeli umzalwana wakho entliziyweni.”—Lev. 19:17.

Ngoko umthetho ongaqhelekanga okwiLevitikus 19:16 usisilumkiso esibalulekileyo kumaKristu. Masingaze singcolise igama lomnye umntu okanye simcingele kakubi. Ukuba loo nto siyenza kuba singamthandi okanye simmonela, sifana ‘nabathatha ubomi bakhe,’ loo nto isenokubonisa ukuba siyamcaphukela. AmaKristu amele angayenzi tu loo nto.—Mat. 12:36, 37.