Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 50

Limamele Ilizwi Lomalusi

Limamele Ilizwi Lomalusi

“Ziza kumamela ilizwi lam.”​—YOH. 10:16.

INGOMA 3 Nguwe Olithemba Namandla Ethu

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Kwakutheni ukuze uYesu afanise abalandeli bakhe nezimvu?

UYESU wafanisa ubuhlobo anabo nabalandeli bakhe kunye nobomalusi nezimvu zakhe. (Yoh. 10:14) Wayenyanisile. Izimvu ziyamazi umalusi wazo futhi ziyayenza into azixelela yona. Enye indoda eyayihambele kwenye indawo yayibona le nto isenzeka. Ithi: “Sasifuna ukufota iigusha, ngoko sazama ukuzenza zisondele kuthi. Kodwa zange zize kuba zazingawazi amazwi ethu. Kwafika umalusi oyinkwenkwana, wathi akuzibiza zamlandela ngoko nangoko.”

2-3. (a) Abalandeli bakaYesu babonisa njani ukuba bayalimamela ilizwi lakhe? (b) Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku nakwelilandelayo?

2 Eli bali lale ndoda lisikhumbuza into eyathethwa nguYesu ngabafundi bakhe. Wathi: ‘Baza kulimamela ilizwi lam.’ (Yoh. 10:16) Kodwa uYesu usezulwini. Sinokummamela njani? Simmamela ngokuthi sizenze izinto awasifundisa zona.​—Mat. 7:24, 25.

3 Kweli nqaku nakwelilandelayo, siza kuthetha ngezinye zezinto ezazifundiswa nguYesu. Njengokuba siza kubona, uYesu wathi masizenze ezinye izinto kodwa singazenzi ezinye. Ngoku masithethe ngezinto ezimbini awathi masiziyeke.

“YEKANI UKUZIKHATHAZA KANGAKA”

4. ULuka 12:29 uthi yintoni enokusenza ‘sizikhathaze kakhulu’?

4 Funda uLuka 12:29. UYesu waxelela abafundi bakhe ukuba ‘bayeke ukuzikhathaza’ kakhulu ngezinto abazidingayo. Siyazi ukuba uYesu usoloko enyanisile futhi esinika icebiso lobulumko. Siyakufuna ukulisebenzisa kodwa ngamanye amaxesha kusenokuba nzima ukuyenza loo nto. Ngoba?

5. Kutheni abanye besenokuzikhathaza ngezinto abangenazo?

 5 Abanye basenokuba nexhala lokuba baza kukufumana njani ukutya, into yokunxiba, nendawo yokuhlala. Kusenokwenzeka bahlala kwilizwe elinabantu abasokolayo nekunzima ukufumana umsebenzi kulo. Kusenokuba nzima ukufumana imali eyaneleyo yokondla intsapho. Okanye mhlawumbi umntu obesebenza kuloo ntsapho uye wasweleka, ngoku abashiyekileyo abasakwazi ukuzifumana izinto abazidingayo. Enye into, abantu abaninzi baye baphelelwa yimisebenzi ngenxa yesifo sekhorona. (INtshu. 9:11) Ukuba enye yezi zinto iye yenzeka kuthi, singawusebenzisa njani umyalelo kaYesu wokuyeka ukuzikhathaza ngezi zinto?

Endaweni yokuzikhathaza ngezinto esizidingayo, kufuneka sisebenzele ukuthemba uYehova (Jonga isiqendu 6-8) *

6. Khawubalise into eyakhe yenzeka kuPetros.

6 Umpostile uPetros nabanye abapostile babesesikhepheni kuLwandle LwaseGalili. Kolo lwandle kwakukho umoya omkhulu. Babona uYesu ehamba phezu kwaloo manzi. UPetros wathi: “Nkosi, ukuba nguwe, yithi mandize kuwe ndihamba phezu kwamanzi.” Emva kokuba uYesu ethe “yiza,” uPetros wehla esikhepheni “wahamba phezu kwamanzi, waya kuYesu.” Wathi “akujonga kwisaqhwithi, woyika, waza akuqalisa ukutshona, wakhala esithi: ‘Nkosi, ndisindise.’” UYesu wolula isandla sakhe wamtsala. Kufuneka sihlale siyikhumbula into yokuba uPetros wakwazi ukuhamba emanzini kuba ejonge kuYesu. Wathi akujonga kula moya wawumkhulu woyika, waqalisa ukutshona.​—Mat. 14:24-31.

7. Yintoni esinokuyifunda kuPetros?

7 Sinokufunda kuPetros. Xa wayesehla esikhepheni, zange ayicinge into yokuba uza koyika aze atshone. Wayefuna ukuhamba phezu kwamanzi ade afike kwiNkosi yakhe. Kodwa zange ajonge kuYesu, wazikhathaza ngomoya. Namhlanje kufuneka sibe nokholo njengoPetros owahamba phezu kwamanzi ukuba sifuna ukunyamezela iingxaki. Ukuba asimthembi uYehova kwizinto athe uza kusenzela zona, siza kuphelelwa lukholo. Nokuba sineengxaki ezinkulu kangakanani, masimthembe uYehova ukuba uza kusinceda. Singayenza njani loo nto?

8. Yintoni enokusinceda singazikhathazi ngezinto esizidingayo?

8 Kungasinceda ukuthembela ngoYehova kunokuba sibe sizikhathaza ngeengxaki esinazo. Kaloku uTata wethu uYehova uthembisa ukuba uza kusinika izinto esizidingayo xa simkhonza. (Mat. 6:32, 33) Usoloko ezenza izinto azithembisileyo. (Dut. 8:4, 15, 16; INdu. 37:25) Ukuba uYehova uzihoyile iintaka neentyatyambo, nathi uza kusinika into yokutya neempahla zokunxiba. (Mat. 6:26-30; Fil. 4:6, 7) Uthando lwenza abazali banike abantwana babo izinto abazidingayo. NoYehova ke lumenza asinike izinto esingenazo. Siqinisekile, uYehova uza kusihoya.

9. Yintoni esinokuyifunda kwinto eyenzeka kwenye intsapho?

9 Nanku umzekelo onokusinceda sibone ukuba uYehova uyasinceda ngezinto esizidingayo. Enye intsapho esebenzela uYehova ixesha elizeleyo yahamba ngemoto yayo endala ixesha elingaphezu kweyure. Yayiye kulanda oodade abahlala kwindawo yabantu ababaleke kumazwe abo, iza kubasa kwiintlanganiso. Umzalwana uthi, “Emva kweentlanganiso, sabamemela emzini wethu. Kodwa safumanisa ukuba akho kutya siza kubenzela kona.” Yenza njani le ntsapho? Lo mzalwana uthi: “Sathi xa sifika ekhaya, kwabe kukho iibhegi ezimbini zokutya emnyango. Asazi ukuba zashiywa ngubani. UYehova wasinika izinto esasizidinga.” Le ntsapho yaphinda yonakalelwa yimoto. Yayibanceda xa besiya entsimini. Kodwa ke babengenayo imali yokuyilungisa. Bayisa egaraji ukuze bazi ukuba iza kubiza malini. Kwathi kusenjalo, kwangena indoda yathi, “Yekabani le moto?” Lo mzalwana wathi yeyakhe qha ifuna ukulungiswa. Yathi: “Ayongxaki leyo. Umfazi wam ufuna imoto enje ngqo. Ungandibiza malini xa ndinokuyithenga?” Wayithengisela, yaza yamnika imali eyaneleyo ukuba akwazi ukuthenga enye. Lo mzalwana uthi: “Le nto yasivuyisa nyhani. Siyazi ukuba zange yenzeke ngamabonandenzile. Sancedwa nguYehova.”

10. Sikhuthazwa njani kwiNdumiso 37:5 ukuba singazikhathazi ngezinto esizidingayo?

10 Xa simamela umalusi olungileyo, siyeke ukuzikhathaza kakhulu ngezinto esizidingayo, uYehova uza kusinceda. (Funda iNdumiso 37:5; 1 Pet. 5:7) Cinga ngeengxaki ekuthethwe ngazo  kwisiqendu 5. Kusenokwenzeka ukuba uYehova usebenzisa intloko-ntsapho okanye umntu osiqeshileyo ukuze sikwazi ukufumana izinto esizidingayo. Ukuba intloko-ntsapho ayisasebenzi okanye ukuba siphelelwe ngumsebenzi, uYehova uza kusinceda ngenye indlela. Eyona nto simele siqiniseke ngayo kukuba soze asiyeke njee. Ngoku makhe sithethe ngenye into umalusi olungileyo athi masiyeke ukuyenza.

“YEKANI UKUGWEBA”

Xa sijonga izinto ezintle kwabanye siza kutsho siyeke ukubagweba (Jonga isiqendu 11, 14-16) *

11. KuMateyu 7:1, 2 wathini uYesu, ibe kutheni le nto isenokuba yingxaki?

11 Funda uMateyu 7:1, 2UYesu wayesazi ukuba abantu banesono, loo nto ibenza bahlale bejonga iimpazamo zabanye. Yiloo nto wathi, “Yekani ukugweba.” Sinokuzama ngazo zonke iindlela ukungabagwebi abazalwana noodade, kodwa singabantu abanesono. Ukuba siye safumanisa ukuba ngamanye amaxesha sizijonga kakhulu iimpazamo zabanye, yintoni esifanele siyenze? Masimamele uYesu sizame ngamandla ukungagwebi.

12-13. Ukucinga ngento uYehova awayenza kuKumkani uDavide kungasinceda njani siyeke ukugweba abanye?

12 Ukucinga ngoYehova kunokusinceda kakhulu. Ujonga izinto ezintle ebantwini. Le nto siyibona kwinto awayenzayo xa uKumkani uDavide wenza iimpazamo ezinkulu. Ngokomzekelo, walala noBhatshebha, wade wabulalisa nomyeni wakhe. (2 Sam. 11:2-4, 14, 15, 24) Ngenxa yale nto, abantwana nabanye abafazi bakaDavide baba neengxaki. (2 Sam. 12:10, 11) Nantsi eny’ into, uDavide wakhe akamthemba uYehova. Wenza into awayengayithunywanga nguYehova, wathi makubalwe umkhosi wamajoni akwaSirayeli. Mhlawumbi wayebone indlela omkhulu ngayo lo mkhosi wacinga ukuba ungamkhusela. Kwenzeka ntoni emva koko? AmaSirayeli amalunga ne-70 000 abulawa sisifo.​—2 Sam. 24:1-4, 10-15.

13 Ukuba wawuphila kwaSirayeli ngela xesha, wawuza kuthini? Ngaba wawuza kumgweba uDavide usithi akafanelanga axolelwe? UYehova zange ayenze loo nto. Wacinga ngezinto ezininzi awayethembeke kuzo, wabona nokuba wayeguquke nyhani. Loo nto yamenza wamxolela. Wayesazi ukuba uDavide umthanda kakhulu futhi ufuna ukuzenza kakuhle izinto. Kuyasivuyisa ukwazi ukuba uYehova ujonga izinto ezintle kuthi.​—1 Kum. 9:4; 1 Kron. 29:10, 17.

14. Yintoni encede amaKristu ayeka ukugweba abanye?

14 UYehova uyayazi ukuba asizukuzenza kakuhle zonke izinto. Ngoko nathi masingalindeli ukuba abanye bazenze kakuhle zonke izinto. Masijonge izinto ezintle kubo. Kulula ukuzibona iimpazamo zabanye size sibagxeke. Kodwa umntu owenza izinto njengoYehova uyasebenzisana nabanye nokuba uyabona ukuba benza iimpazamo. Idayimani engekenziwa nto ayikho ntle. Kodwa umntu olumkileyo uyazi ukuba iza kuba ntle xa seyilungiswe kakuhle yapolishwa. NjengoYehova noYesu, masingajongi iimpazamo zabantu kodwa masikhangele izinto abazenza kakuhle.

15. Ukucinga ngeemeko zabantu kungasinceda njani singabagwebi?

15 Yintoni enye enokusinceda singabagwebi abanye? Zama ukucinga ukuba bunjani ubomi babo. Ngokomzekelo, uYesu wakhe wabona umhlolokazi osokolayo ephosa amaqosha amabini emali encinci kwibhokisi yeminikelo. Zange abuze ukuba kutheni engafakanga enye. Kunokuba abe ecinga ngokuba ingakanani imali anikele ngayo, wacinga ngesizathu sokuba anikele nangeemeko zakhe. Wamncoma ngokunikela ngayo yonke imali ebenayo.​—Luka 21:1-4.

16. Unokufunda ntoni kwinto eyenzeka kuVeronica?

16 Into eyenzeka kudade ekuthiwa nguVeronica isinceda sibone indlela ekubaluleke ngayo ukucinga ngeemeko zabanye abantu. Kwibandla awayekulo kwakukho umama ongatshatanga nonyana wakhe. UVeronica uthi, “Ndandibona ngathi bamane bengabikho entsimini nakwiintlanganiso. Loo nto yandenza ndacinga kakubi ngabo. Kodwa ngenye imini ndaya nomama walo mfana entsimini. Wandixelela ukuba unyana wakhe unesigulo sengqondo. Wayezama ngamandla akhe onke ukuba bafumane izinto abazidingayo futhi bahlale bengabahlobo bakaYehova. Ngamanye amaxesha kuba unyana wakhe egula kwakuye kufuneke baye kwelinye ibandla.” UVeronica uthi: “Ndandingazi ukuba ubomi bakhe bunzima kangaka. Ngoku ndiyamhlonipha futhi ndimthanda kakhulu lo dade ngenxa yezinto azenzayo ukuze akhonze uYehova.”

17. UYakobi 2:8 uthi masenze ntoni? Sinokuyenza njani loo nto?

17 Yintoni esifanele siyenze ukuba sibona ngathi siye samgweba omnye umKristu? Masikhumbule ukuba sifanele sibathande abazalwana bethu. (Funda uYakobi 2:8.) Enye into masithandaze simcele uYehova asincede siyeke ukugweba. Nathi sinokusebenzela kuloo nto siyithandazelayo, ngokuthi siye kuncokola naloo mntu besimgweba. Loo nto inokusinceda simazi kakuhle. Singamcela ukuba asebenze nathi entsimini okanye simmemele emakhayeni ethu. Xa simazi bhetele loo mzalwana okanye udade, sakutsho sikwazi ukwenza njengoYehova noYesu, sijonge izinto ezintle kuye. Ngale ndlela sakuba simamela umalusi olungileyo, othi masiyeke ukugweba.

18. Sinokubonisa njani ukuba siyalimamela ilizwi lomalusi olungileyo?

18 Njengeegusha ezimamela ilizwi lomalusi wazo, abalandeli bakaYesu bayalimamela ilizwi lakhe. Ukuba sizama ngamandla ukungazikhathazi ngezinto esizidingayo, siyeke nokugweba abanye, uYehova noYesu baza kusisikelela. Nokuba ‘singabomhlambi omncinci’ okanye ‘abezinye izimvu,’ masiqhubeke simmamela umalusi olungileyo. (Luka 12:32; Yoh. 10:11, 14, 16) Kwinqaku elilandelayo siza kuthetha ngezinto ezimbini awathi uYesu abalandeli bakhe bafanele bazenze.

INGOMA 101 Masisebenze Kunye Ngomanyano

^ isiqe. 5 Xa uYesu wayesithi izimvu ziza kulimamela ilizwi lakhe, wayethetha ukuthi abafundi bakhe baza kuzimamela izinto azifundisayo, bazenze ebomini babo. Kweli nqaku siza kuthetha ngezinto ezimbini uYesu awazifundisayo, ukungabi naxhala lezinto esingenazo nokungabagwebi abanye. Siza kubona ukuba singalisebenzisa njani icebiso asinika lona.

^ isiqe. 51 INGCACISO YEMIFANEKISO: Umzalwana uphelelwe ngumsebenzi, akanayo imali yokondla intsapho ufuna nendawo yokuhlala. Ukuba akalumkanga ezi ngxaki zinokumphazamisa ade alibale nangokukhonza uYehova.

^ isiqe. 53 INGCACISO YEMIFANEKISO: Umzalwana ufika seziqalile iintlanganiso. Kodwa wenza izinto ezintle, ushumayela kubantu adibana nabo, unceda umntu omdala, uyaqiniseka nokuba iHolo YoBukumkani ihlala iklini.