Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Usakhumbula?

Ngaba Usakhumbula?

Uzifunde kakuhle iiMboniselo zalo nyaka? Khawubone ukuba ungayiphendula na le mibuzo:

INdumiso 103:8 isenza siqiniseke ngantoni xa isithi uYehova “uyabavela abantu” futhi “unenceba”?

Siyazi ukuba uYehova unenceba. Olu phawu lumenza asixolele xa senze iimpazamo. INdumiso 103:8 iyasiqinisekisa ukuba ufuna nyhani ukusinceda. Nathi masifane naye.​—w21.01, iphe. 21.

Kwakutheni ukuze uYehova anike abanye abantu igunya lokuba ziintloko?

Wabanika kuba eyithanda intsapho yakhe. Ngenxa yeli gunya, intsapho yakhe yenza izinto ngoxolo nangocwangco. Kwintsapho ethobela imithetho kaThixo yobuntloko, wonke umntu uyazi ukuba ngubani obeka imithetho aze aqiniseke ukuba iyenziwa.​—w21.02, iphe. 3.

Kutheni amaKristu emele alumke xa esebenzisa iiwebhsayithi zokuncokola?

Xa ucinga ngokusebenzisa ezi webhsayithi, kufuneka ubakhethe abantu oncokola nabo. Kodwa kunzima ukuyenza loo nto xa uncokola neqela elikhulu labantu. (1 Tim. 5:13) Kukho neengozi zokusasazwa kwezinto ekungaqinisekwanga ngazo nokwenza imali ngabazalwana.​—w21.03, iphe. 31.

Kwakutheni ukuze uThixo amyeke uYesu eve iintlungu aze afe?

Kwakufuneka axhonywe esibondeni ukuze amaYuda akhululeke kwisiqalekiso. (Gal. 3:10, 13) Okwesibini, wayemqeqeshela ukuba nguMbingeleli Omkhulu. Okwesithathu, ukufa kukaYesu ethembekile kwabonisa ukuba abantu banokuthembeka kuYehova naxa bevavanywa. (Yobhi 1:9-11)​—w21.04, iphe. 16-17.

Yintoni onokuyenza xa abantu bengafumaneki entsimini?

Usenokuzama ukuya entsimini ngexesha abakho ngalo emakhaya. Zama ukushumayela nakwezinye iindawo. Unokuzama nezinye iindlela, njengokubhala iileta.​—w21.05, iphe. 15-16.

Wayethetha ukuthini uPawulos xa wayesithi: “Ngenxa yomthetho, ndiye ndafa ndaza ndakhululeka emthethweni”? (Gal. 2:19)

UMthetho owabhalwa nguMoses wenza kwacaca ukuba abantu banesono waza wawanceda amaSirayeli akulungela ukufika kukaKristu. (Gal. 3:19, 24) Le nto yenza uPawulos wanokholo kuKristu. Ngoko ‘wafa waza wakhululeka emthethweni.’​—w21.06, iphe. 31.

Ziintoni aye wazinyamezela uYehova?

UYehova unyamezele ukungcoliswa kwegama lakhe, ukungafunwa kwendlela alawula ngayo, ukungathotyelwa ngabanye abantwana bakhe, ubuxoki bukaSathana, izinto ezibuhlungu ezenzeka kubakhonzi bakhe, ukwahlukaniswa nabahlobo bakhe abaye basweleka, izinto ezibuhlungu ezenziwa ngabantu ababi kwabanye abantu.​—w21.07, iphe. 9-12.

Yintoni esinokuyifunda kwindlela awayenomonde ngayo uYosefu?

Wanyamezela ukuphathwa kakubi ngabantakwabo. Bamthengisa eYiputa, apho watyholwa ngento angayenzanga waza wavalelwa kangangeminyaka.​—w21.08, iphe. 12.

Kokuphi ukugungqisa ekwaprofetwa ngako kuHagayi 2:6-9, 20-22?

Iintlanga aziwuthandi umsebenzi wethu, kodwa abantu abaninzi baye batsaleleka enyanisweni. Kungabanga xesha lide ukusuka ngoku, iintlanga ziza kugungqiswa okokugqibela xa zitshatyalaliswa.​—w21.09, iphe. 15-19.

Kutheni simele singayeki ukushumayela?

UYehova uyijongile imizamo esiyenzayo, futhi iyamvuyisa. Ukuba asidinwa okanye asiyeki, siza kufumana ubomi obungunaphakade.​—w21.10, iphe. 25-26.

ILevitikus isahluko 19 isinceda njani sikwazi ukuyenza le nto ithethwa ku-1 Petros 1:15: “Yibani ngcwele kuyo yonke into eniyenzayo”?

Kusenokwenzeka ukuba le vesi ithathwe kwiLevitikus 19:2. Isahluko 19 sithetha ngeendlela ezininzi esinokuyenza ngazo le nto ithethwa ku-1 Petros 1:15.​—w21.12, iphe. 3-4.